Ukunyuka Ngamaphiko Njengeenkozi
UVAKALELWA njani umntu emva kokungcungcutheka iminyaka emihlanu kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi? Ngaba uziva edandathekile? Enobutshaba? Efuna ukuziphindezela?
Nakuba kusenokuba ngumnqa, enye indoda eyayilapho yabhala: “Ubomi bam baphucuka ngakumbi gqitha.” Kwakutheni ukuze ivakalelwe ngaloo ndlela? Yachaza: “Ndazimela ngaphantsi kwamaphiko Osenyangweni, yaye amazwi omprofeti uIsaya athi: ‘Abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Bahambe bangatyhafi,’ azaliseka kum.’”—Isaya 40:31.
Le ndoda ingumKristu, eyangcungcuthekiswa ngendlela engathethekiyo, ngaphakathi yayinomoya owawuyomeleza, umoya owawungenakoyiswa yinkohlakalo yamaNazi. NjengoDavide yazimela kwithunzi ‘lamaphiko’ kaThixo. (INdumiso 57:1) Lo mKristu wasebenzisa isafobe esasetyenziswa ngumprofeti uIsaya, ethelekisa amandla akhe okomoya nawokhozi olubhabhela emajukujukwini.
Ngaba ukhe uzive uxinezelekile ngenxa yeengxaki? Ngokungathandabuzekiyo nawe unokukuvuyela ukuzimela ngaphantsi kwamaphiko Osenyangweni, ‘unyuke ngamaphiko njengeenkozi.’ Ukuze siyiqonde indlela ekunokwenzeka ngayo oku, kuya kusinceda ukwazi okuthile ngokhozi, ekuzekeliswa ngalo izihlandlo eziliqela eZibhalweni.
Ngaphantsi Kwebhanile Yokhozi
Kuzo zonke iintaka ezazithandwa ngabantu bamandulo, mhlawumbi ukhozi lwaluyeyona ibalaseleyo ngenxa yamandla nendlela elibhabha ngayo. Imikhosi emininzi yamandulo, kuquka eyaseBhabhiloni, ePersi naseRoma, yayisebenzisa ibhanile yokhozi. Umkhosi kaKoreshi Omkhulu wawungomnye yawo. IBhayibhile yaprofeta isithi lo kumkani wamaPersi wayeza kuba njengentaka edla inyama esuka empuma ukuze itshabalalise uBukhosi baseBhabhiloni. (Isaya 45:1; 46:11) Kwiminyaka engamakhulu amabini emva kokubhalwa kweso siprofeto, imikhosi kaKoreshi, eyayinokhozi kwiibhanile zawo zomkhosi, yahlasela isixeko saseBhabhiloni ngokungathi lukhozi luhlasela ixhoba lalo.
Kutshanje, abaphumi-mkhosi abanjengoCharlemagne noNapoleon namazwe anjengeUnited States neJamani ebekhetha ukhozi njengomqondiso wawo. AmaSirayeli ayalelwa ukuba angayinquli imifanekiso yeenkozi okanye yezinye izidalwa. (Eksodus 20:4, 5) Ukanti, ababhali beBhayibhile babezisebenzisa iimpawu zokhozi xa bezekelisa ngezigidimi zabo. Ngoko ukhozi, intaka ekhankanywa ngokufuthi eZibhalweni, lusetyenziselwa ukufuzisela izinto ezinjengobulumko, inkuselo kaThixo namendu.
Iliso Lokhozi
Iliso lokhozi elibukhali belisoloko lisetyenziswa kwimizekeliso. Nangona ukhozi olumbala ugolide lingafane libe nobunzima obungaphezu kweekhilogram ezintlanu, iliso lalo likhulu kunelomntu, yaye libukhali ngakumbi. Xa uYehova, wayechazela uYobhi ngobuchule obusetyenziswa lukhozi xa lufuna ukutya, wathi: “Amehlo alo ondele kude.” (Yobhi 39:27, 29) Kwincwadi yakhe ethi All the Birds of the Bible, uAlice Parmelee uthi “olunye ukhozi lwabona intlanzi efileyo kwidike elikumgama weemayile ezintathu [iikhilomitha ezintlanu] laza lasinga kuloo ndawo. Olu khozi aluzange lukwazi nje ukubona intlanzi encinane ekude kuphela, kodwa lwaqhubeka luyijongile ngoxa lwalubhabha ezo mayile zintathu [iikhilomitha ezintlanu].”
Ngenxa yokuba luneliso elibukhali, ukhozi libufanekisela kakuhle ubulumko, olunye lweempawu zikaYehova eziphambili. (Thelekisa uHezekile 1:10; ISityhilelo 4:7.) Kutheni kunjalo nje? Ubulumko bukwathetha ukuyibona kusengaphambili imiphumo yamanyathelo esiwathabathayo. (IMizekeliso 22:3) Ukhozi, olukwaziyo ukubona izinto ezikude, lunokuyibona isekude ingozi luze luyiphephe, kanye njengendoda eyingqondi kumzekeliso kaYesu, eyabona kwangaphambili ukuba kusenokubakho isichotho yaza yayakha elulwalweni indlu yayo. (Mateyu 7:24, 25) Okubangel’ umdla kukuba, kulwimi lweSpanish, ukuthi umntu lukhozi kuthetha ukuba unolwazi okanye ubulumko.
Ukuba ungaze ube nethuba lokulibonela kufutshane ukhozi, uboze ujonge indlela eliwasebenzisa ngayo amehlo alo. Alukukrwaquli nje kuphela; kunoko, luba ngathi luhlolisisa zonke iinkcukacha zenkangeleko yakho. Ngokufanayo, indoda esisilumko iwuhlolisisa ngenyameko umbandela ngaphambi kokwenza isigqibo kunokusuka ikholose ngethuku okanye ngeemvakalelo zayo. (IMizekeliso 28:26) Ngoxa iliso lokhozi elibukhali lilenza likufanelekele ukufuzisela ubulumko obuluphawu lobuthixo, ababhali beBhayibhile bayazekelisa nangendlela olubhabha ngayo.
“Indlela Yokhozi Emazulwini”
“Indlela yokhozi emazulwini” iyamangalisa ngenxa yesantya nendlela olubonakala lubhabha ngokulula ngayo, alulandeli mzila uthile yaye alushiyi namnye ngemva. (IMizekeliso 30:19, NW) KwiZililo 4:19 kuzekeliswa ngamendu okhozi, kuloo ndinyana amajoni aseBhabhiloni achazwa ngale ndlela: “Abasisukelayo banamendu ngaphezu [kweenkozi zamazulu, NW]; basisukela ezintabeni ngokushushu.” Ngokutsho kwezinye iingxelo, xa ukhozi olusesibhakabhakeni lubona ixhoba lalo, lulungelelanisa amaphiko alo luze lubhabhe buxwesa, yaye ebudeni boko lunokubhabha ngesantya seekhilomitha ezili-130 ngeyure. Akumangalisi ngoko ukuba iZibhalo zisebenzisa ukhozi ukufuzisela amendu, ngokukodwa xa kuthethwa ngomkhosi wamajoni.—2 Samuweli 1:23; Yeremiya 4:13; 49:22.
Kwelinye icala, uIsaya uzekelisa ngendlela olubhabha ngokulula ngayo ukhozi. “Abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.” (Isaya 40:31) Yintoni eyenza ukhozi lubhabhe ngokulula? Ukuze lubhabhele phezulu ukhozi aluxhamleki kangako kuba lusebenzisa umsinga womoya ofudumeleyo obheka phezulu. Lo msinga awubonakali, kodwa ukhozi luyakwazi ukuwufumana lula. Xa luwufumene, ukhozi lusuka lwaneke amaphiko nesisila salo luze lujikeleze kuloo msinga womoya ofudumeleyo, othi ulunyusele phezulu kakhulu. Xa lufikelele phezulu ngokwaneleyo, luye luntingele komnye umsinga womoya ofudumeleyo, luze lwenze into efanayo. Ngale ndlela ukhozi lunokuhlala lubhabha kangangeeyure lusebenzisa amandla amancinane gqitha.
KwaSirayeli, ngokukodwa kwiRift Valley eqala e-Ezion-geber kunxweme loLwandle Olubomvu nephelela emantla akwaDan, iinkozi zixhaphakile. Zininzi ngokukodwa entwasahlobo nasekwindla xa zifuduka. Kwiminyaka edlulileyo kwafunyaniswa ukuba kukho iinkozi ezimalunga ne-100 000. Xa ilanga lasekuseni lifudumeza umoya, unokubona amakhulu eentaka ezidla inyama ebhabha ngaphaya kwamawa angumda weRift Valley.
Ukubhabha kokhozi ngokulula kuyizekelisa kakuhle indlela amandla kaYehova anokusomeleza ngayo ngokomoya nangokweemvakalelo ukuze siqhubeke nomsebenzi wethu. Kanye njengokuba ukhozi lungenako ukubhabhela phezulu ngamandla alo, nathi asinakuphumelela ukuba sikholose ngamandla ethu. Umpostile uPawulos wachaza: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Ngokufanayo nokhozi olusoloko lufuna umsinga womoya ofudumeleyo ongabonakaliyo, ‘siqhubeka sicela’ amandla kaYehova asebenzayo nangabonakaliyo ngokuthandaza ngokusuka entliziyweni.—Luka 11:9, 13.
Ngokufuthi iinkozi ezifudukayo umsinga womoya ofudumeleyo ziwufumana ngokujonga ezinye iintaka ezidla inyama. Isazi ngezemvelo uD. R. Mackintosh wanikela ingxelo yokuba ngesinye isihlandlo iinkozi namaxhalanga angama-250 abonwa ebhabhela phezulu ngokusebenzisa umsinga womoya ofudumeleyo omnye. Ngokufanayo namhlanje amaKristu anokufunda ukukholosa ngamandla kaYehova ngokuxelisa imizekelo yokuthembeka yabanye abakhonzi aboyik’ uThixo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 11:1.
Kwithunzi Lamaphiko Okhozi
Elinye lawona maxesha ayingozi kubomi bokhozi kuxa lufunda ukubhabha. Zininzi iinkozi ezifa xa zizama ukubhabha. Nohlanga lakwaSirayeli olwalungenamava lwalusengozini xa lwalunduluka eYiputa. Ngoko amazwi kaYehova kumaSirayeli ayefaneleke gqitha: “Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum.” (Eksodus 19:4) Iingxelo zibonisa ukuba iinkozi ziye ziwabeleke amantshontsho azo ukuze angawi xa eqalisa ukuzama ukubhabha. Egqabaza kwincwadi ethi Palestine Exploration Quarterly yeengxelo ezinjalo, uG. R. Driver wathi: “Ngoko lo mzekeliso [weBhayibhile] awuyongcamango nje ingachananga kodwa usekelwe kwinto eyenzekayo.”
Iinkozi zingabazali abayimizekelo nangezinye iindlela. Azilondli rhoqo nje kuphela elo ntshontsho kodwa imazi yokhozi iye iyicukuceze inyama eza nenkunzi ukuze intshontsho likwazi ukuyiginya. Ekubeni ngokufuthi izindlu zazo zisakhiwa emaweni okanye kwimithi emide, ezi ntaka ziselula ziqhelene nemozulu yalapho. (Yobhi 39:27, 28) Ilanga eligqatsayo, elixhaphakileyo kwimimandla eyabhalelwa kuyo iBhayibhile, belinokuyibulala intaka esencinane ukuba ibinganyanyekelwa ngabazali bayo. Ukhozi oludala lwaneka amaphiko alo, maxa wambi kangangeeyure eziliqela, ukuze intshontsho lalo lifumane umthunzi.
Ngoko kufaneleke ngokwenene ukuba eZibhalweni kusetyenziswe amaphiko okhozi ukufanekisela inkuselo kaThixo. IDuteronomi 32:9-12 ichaza indlela uYehova awawakhusela ngayo amaSirayeli ebudeni bohambo lwawo entlango: “Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, uYakobi licandelo lelifa lakhe. Wamfumana ezweni eliyintlango, enyanyeni, enkangala ebhombolozayo; wamwola, wamondla, wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe. Njengokhozi lususela, lundanda phezu kwamathole alo, wawolula amaphiko akhe, wamthabatha, wamthwala ngamaphiko akhe. Wamkhokela uYehova yedwa.” Ngokufanayo uYehova uya kusikhusela ngothando ukuba sikholosa ngaye.
Ikroba Lokuphuncula
Maxa wambi sisenokuziva sinqwenela ukuntinga sizishiye iingxaki zethu xa sijamelene nobunzima. Leyo yindlela awayevakalelwa ngayo uDavide. (Thelekisa INdumiso 55:6, 7.) Kodwa nangona uYehova esithembise ngokusinceda xa sijamelana nezilingo nokubandezeleka kule nkqubo, akavuli ikroba lokuphuncula ngokupheleleyo. IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini. Kodwa uThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza kwanendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.
‘Indlela yokuphuma’ okanye “ikroba lokuphuncula” (TE) liquka ukufunda ukukholosa ngoYehova. Oku koko uMax Liebster wakufumanisayo, owabhala amazwi acatshulwe ekuqaleni kweli nqaku. Ebudeni beminyaka awayichithela kwiinkampu zoxinaniso, wafikelela ekumazini nasekukholoseni ngoYehova. Njengoko uMax wafumanisayo, uYehova usomeleza ngeLizwi lakhe, ngomoya wakhe nangentlangano yakhe. Kwanakwezo nkampu, amaNgqina ayewakhangela amanye amakholwa aze awancede ngokomoya, abelane ngeemfundiso zeZibhalo nangalo naluphi na uncwadi lweBhayibhile awayenalo. Yaye njengoko abathembekileyo abasindayo baye bakungqina izihlandlo ngezihlandlo, uYehova wayebomeleza. UMax uyachaza: “Ndandiqhubeka ndimcela uYehova ukuba andincede, ibe umoya wakhe wandomeleza.”
Enoba sijamelene nasiphi na isilingo, nathi sinokukholosa ngomoya oyingcwele kaThixo, lo gama nje siqhubeka siwucela. (Mateyu 7:7-11) Ngokomelezwa ngala “mandla angaphaya koko kuqhelekileyo,” siya kuntingela phezulu kunokuba sixinzelelwe phantsi ziingxaki zethu. Siya kuqhubeka sihamba endleleni kaYehova, yaye asisayi kutyhafa. Siya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi.—2 Korinte 4:7; Isaya 40:31.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]
Alukukrwaquli nje kuphela
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
Foto: Cortesía de GREFA
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Foto: Cortesía de Zoo de Madrid