“Landelani Ikhondo Lokubuk’ Iindwendwe”
“Yabelanani nabo bangcwele ngokweemfuno zabo. Landelani ikhondo lokubuk’ iindwendwe.”—ROMA 12:13.
1. Ngokusisiseko yiyiphi imfuno yomntu, yaye ibonakala njani?
UKUHAMBA wedwa kwisitrato esingenabantu kwindawo ongayiqhelanga ezinzulwini zobusuku kunokuba yinto eyoyikisayo kule mihla. Kodwa usenokungonwabi naxa uphakathi kwesihlwele ube ungazi namnye umntu apho okanye kungekho namnye ukwaziyo. Ngenene, ngokusisiseko wonke umntu uyakuthanda ukukhathalelwa, ukwamkelwa nokuthandwa. Akukho namnye ukuthandayo ukuphathwa njengomntu ongaziwayo okanye ivezandlebe.
2. UYehova usilungiselele njani ngokuphathelele ukufuna kwethu ukudlelana nabanye?
2 UYehova uThixo, uMenzi noMdali wezinto zonke, wazi kakuhle ukuba abantu bayakufuna ukuba nobudlelane nabanye. NjengoMyili wezidalwa zakhe ezingabantu, kwasekuqalekeni uThixo wayesazi ukuba “akulungile ukuba umntu abe yedwa,” waza wenza okuthile ukulungisa oko. (Genesis 2:18, 21, 22) Ingxelo yeBhayibhile inemizekelo emininzi yobubele obabonakaliswa kwabanye abantu nguYehova nangabakhonzi bakhe. Oku kusenza sifunde indlela ‘yokulandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe,’ size sivuyise abanye yaye nathi sifumane ulwaneliseko.—Roma 12:13.
Ukuthanda Abantu Esingabaziyo
3. Chaza intsingiselo esisiseko yegama elithi ukubuk’ iindwendwe.
3 Igama elithi “ukubuk’ iindwendwe” elisetyenziswa eBhayibhileni lisuka kwigama lesiGrike elithi phi·lo·xe·niʹa, elisekelwe kumagama amabini abhekisela ‘kuthando’ ‘nakumntu ongaziwayo.’ Ngoko ke, ngokusisiseko ukubuk’ iindwendwe kuthetha “ukuthanda abantu ongabaziyo.” Noko ke, oku akuthethi ukwenza nje ngokwesiko okanye ukubonakalisa ubuntu. Kubandakanya iimvakalelo nomsa womntu. Ngokutsho kwe-Exhaustive Concordance of the Bible kaJames Strong, isenzi esithi phi·leʹo, sithetha “ukuba ngumhlobo (ukuthanda [umntu okanye into ethile]), oko kukuthi, ukuba nomsa (obonakalisa ukusondelelana ngokobuqu, ubonakalisa uthando okanye uvelwano).” Ngoko, ukubuk’ iindwendwe kubandakanya okungakumbi kunothando olusekelwe kumgaqo, olusenokubonakaliswa kuba ubani enyanzelekile okanye kungekho ndlela mbini. Ngokuqhelekileyo kuthetha ukubonakalisa uthando, umsa nobuhlobo bokwenene.
4. Ufanele ubonakaliswe kubani umoya wokubuk’ iindwendwe?
4 Umntu ofumana olu thando nalo msa ‘ngumntu ongaziwayo’ (ngesiGrike, kuthiwa yi-xeʹnos). Isenokuba ngubani lowo? IConcordance kaStrong ikwabonisa ukuba igama elithi xeʹnos libhekisela ‘kowelinye ilizwe (okanye umphambukeli, okanye umntu ongazange wabonwa ngaphambili); okanye lisenokubhekisela kundwendwe okanye (kungenjalo) kumntu wasemzini.’ Ngoko ukubuk’ iindwendwe, esikubona eBhayibhileni, kunokubhekisela kububele esinokububonakalisa kumntu esimthandayo, okanye kumntu esingamaziyo konke konke. UYesu wachaza: “Ukuba nithanda abo banithandayo, nguwuphi na umvuzo eninawo? Abenzi into efanayo na nabaqokeleli berhafu? Yaye ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, yintoni na into engaqhelekanga eniyenzayo? Abenzi into efanayo na nabantu beentlanga?” (Mateyu 5:46, 47) Umoya wokubuk’ iindwendwe wokwenene uyawuvala umsantsa nekhethe elibangelwa kukukhawuleza ubagwebe abantu naluloyiko.
UYehova, Umamkeli Ndwendwe Ogqibeleleyo
5, 6. (a) UYesu wayecinga ngantoni xa wathi, ‘UYihlo wasemazulwini ugqibelele’? (b) Sibonakala njani isisa sikaYehova?
5 Emva kokuthetha ngamakhwiniba othando olubonakaliswa ngabantu kwabanye, njengoko kubonisiwe ngasentla, uYesu wongezelela la mazwi: “Ngako oko nimele nigqibelele, njengoko uYihlo wasemazulwini egqibelele.” (Mateyu 5:48) Kakade ke, uYehova ugqibelele ngandlela zonke. (Duteronomi 32:4) Noko ke, uYesu wayebalaselisa inkalo ekhethekileyo yokugqibelela kukaYehova, njengoko ngaphambilana wathi: “[UThixo ulenza] liphume ilanga lakhe kubantu abangendawo nabalungileyo esenza kune nemvula kubantu abangamalungisa nakwabangengomalungisa.” (Mateyu 5:45) Xa kufikelelwa ekuboniseni ububele, uYehova akakhethi buso.
6 NjengoMdali, uYehova ngumnini nto zonke. UYehova uthi: “Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, neenkomo ezisezintabeni eziliwaka. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, nento edakasa endle inam.” (INdumiso 50:10, 11) Sekunjalo, akukho nto ayirhwiphilizela kuye. Ngenxa yokuba enesisa, uyazilungiselela zonke izidalwa zakhe. Umdumisi wathi ngoYehova: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.”—INdumiso 145:16.
7. Sinokufunda ntoni kwindlela uYehova abaphatha ngayo abantu abangamaziyo okanye abo basweleyo?
7 UYehova ubanika oko bakufunayo abantu—kwanabantu abangamaziyo, abafana nabantu basemzini kuye. UPawulos noBharnabhas babakhumbuza abanquli-zithixo besixeko saseListra ukuba uYehova “[akazange] azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wathi wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu zizale kukutya nakukuchwayita.” (IZenzo 14:17) UYehova unobubele nesisa ngokukodwa kwabasweleyo. (Duteronomi 10:17, 18) Sinokufunda lukhulu kuYehova ngokubonakalisa ububele nesisa—ukubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe—kwabanye.
8. UYehova usibonakalise njani isisa ngokuphathelele iintswelo zethu zokomoya?
8 Ukongezelela kwintabalala yamalungiselelo okwenyama awenzele izidalwa zakhe, uYehova uyazanelisa neentswelo zazo zokomoya. UYehova wabonakalisa isisa esingummangaliso ngokuphathelele intlalo-ntle yethu yokomoya, kwangaphambi kokuba namnye kuthi abone ukuba sikwimeko elusizi ngokomoya. KweyabaseRoma 5:8, 10, sifunda oku: “UThixo uncomela uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu wasifela. . . . Xa sasiziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe.” Elo lungiselelo lenza abantu abanesono bakwazi ukuba nolwalamano oluhle lwentsapho noBawo wethu wasezulwini. (Roma 8:20, 21) Kwakhona uYehova waqinisekisa ukuba sifumana ukhokelo nolwalathiso olufanelekileyo ukuze siphile ubomi obonwabileyo nangona sinesono yaye singafezekanga.—INdumiso 119:105; 2 Timoti 3:16.
9, 10. (a) Kutheni sinokuthi uYehova ngumamkeli ndwendwe ogqibeleleyo? (b) Abanquli bokwenyaniso bafanele bamxelise njani uYehova kule nkalo?
9 Xa sicinga ngezi zinto, sinokuthi uYehova ungumamkeli ndwendwe ogqibeleleyo ngokwenene ngeendlela ezininzi. Akabatyesheli abasweleyo, abakumgangatho ophantsi nabathobekileyo. Ubonakalisa umdla wokwenene kubantu abangamaziyo yaye uyabaxhalabela, kwaneentshaba zakhe, yaye akafuni mbuyekezo ngoko. Ngaba ezi zinto azimenzi abe ngumzekelo obalaseleyo wokubuk’ iindwendwe?
10 NjengoThixo onobubele bothando nesisa ngolo hlobo, uYehova ufuna abanquli bakhe bamxelise. Kuyo yonke iBhayibhile, sibona imizekelo ebalaseleyo yolu phawu lobubele. IEncyclopaedia Judaica ithi “kuSirayeli wamandulo, ukubuk’ iindwendwe kwakungengombandela wokubonakalisa ubuntu, kodwa kwakusisithethe . . . Izithethe zamaxesha okubhalwa kweBhayibhile zokwamkela umhambi odiniweyo nokwamkela umntu ongaziwayo ekhayeni likabani zakhokelela ekubeni ukubuk’ iindwendwe nelungelo elihamba nako kube yinxalenye ebalulekileyo yesithethe samaYuda.” Ngaphandle kokuba luphawu olufanisa isizwe okanye uhlanga oluthile, ukubuk’ iindwendwe kufanele kube luphawu lwabo bonke abanquli bokwenyaniso bakaYehova.
Umamkeli Ndwendwe Weengelosi
11. Nguwuphi umzekelo obalaseleyo obonisa ukuba ukubuk’ iindwendwe kwazisa iintsikelelo ezazingalindelwanga? (Bona neGenesis 19:1-3; ABagwebi 13:11-16.)
11 Enye yezona ngxelo zeBhayibhile zaziwayo zokubonakaliswa komoya wokubuk’ iindwendwe yeka-Abraham noSara xa babemise iintente ngakwimithi emikhulu yaseMamre, kufutshane neHebron. (Genesis 18:1-10; 23:19) Ngokungathandabuzekiyo umpostile uPawulos wayecinga ngesi siganeko xa wadlulisela esi sikhuthazo: “Musani ukulibala ukubuk’ iindwendwe, kuba ngako bambi, bengazi bona, baye babungezelela iingelosi.” (Hebhere 13:2) Ukuyifundisisa le ngxelo kuya kusenza sibone ukuba ukubuk’ iindwendwe akungombandela nje wesithethe okanye wendlela akhule ngayo ubani. Kunoko, luphawu lobuthixo oluzisa iintsikelelo ezimangalisayo.
12. UAbraham walubonakalisa njani uthando ngabantu angabaziyo?
12 IGenesis 18:1, 2 ibonisa ukuba uAbraham wayengazazi yaye engazilindelanga ezo ndwendwe, mhlawumbi sinokuthi yayingabantu nje abathathu ababezihambela indlela yabo. Ngokutsho kwabanye abahlalutyi, abantu baseMpuma babenesithethe esithi umhambi okwilizwe angalaziyo unelungelo lokulindela ukuba abukwe njengondwendwe nokuba akazi mntu apho. Kodwa uAbraham akazange alinde de abo bantu angabaziyo basebenzise ilungelo labo; wathabatha inyathelo lokuqala. “Wagidima” ehlangabeza aba bantu angabaziyo ababemganyana ukusuka kuye—konke oku uAbraham wakwenza “ekufudumaleni kwemini,” yaye eneminyaka engama-99 ubudala! Ngaba oku akusenzi sidandalaze isizathu sokuba uPawulos abhekisele kuAbraham njengomzekelo esifanele siwuxelise? Ukubuk’ iindwendwe kuthetha oko, ukuthanda abantu ongabaziyo, kuthetha ukuxhalabela iintswelo zabo. Kuluphawu oluhle.
13. Kwakutheni ukuze uAbraham “aqubude” kwiindwendwe zakhe?
13 Le ngxelo ikwabonisa ukuba emva kokuhlangabeza abo bantu, uAbraham “waqubuda emhlabeni.” Kwakutheni ukuze aqubude kubantu angabaziyo? Kaloku, ukuqubuda okwenziwa nguAbraham, kwakuyindlela yokubulisa undwendwe olubekekileyo okanye umntu okwisikhundla esiphezulu, oku akufanele kuphazanyiswe nokuqubuda konqulo, okufanele kwenziwe kuThixo kuphela. (Thelekisa IZenzo 10:25, 26; ISityhilelo 19:10.) Ngokuqubuda, kungekhona ngokunqwala ngentloko kodwa aguqe phantsi “emhlabeni,” uAbraham wayebagqala njengeendwendwe ezibekekileyo aba bantu angabaziyo. Wayeyintloko yentsapho enkulu netyebileyo yexesha loosolusapho, sekunjalo wayenemvo yokuba ezi ndwendwe zazibekeke ngaphezu kwakhe. Hayi indlela okwahluke ngayo oku ekukrokrelweni kwabantu abangaziwayo okwandileyo, isimo sengqondo sokungabathembi! UAbraham wayizalisekisa ngokwenene intsingiselo yala mazwi: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.”—Roma 12:10.
14. Wenza wuphi umgudu uAbraham xa wayebonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kwabo bantu angabaziyo?
14 Le ngxelo ityhila ukuba iimvakalelo zika-Abraham zazisuk’ entliziyweni. Isidlo sisodwa nje sasisemagqabini. Kwanakwintsapho enkulu enemfuyo eninzi, “ithole lenkomo, lithambile, lilungile” alityiwa mihla le. Ngokuphathelele izithethe ezixhaphakileyo kuloo mmandla, iDaily Bible Illustrations kaJohn Kitto ithi: “Izibiliboco zityiwa ngamaxesha akhethekileyo kuphela, okanye xa kufike umntu ongaziwayo; yaye inyama ityiwa ngezo zihlandlo kuphela, kwanangabantu abanemfuyo nemihlambi emininzi.” Imozulu efudumeleyo yayisenza kube nzima ukugcina ukutya okunokonakala ngenxa yobushushu, ngoko xa kuza kubakho isidlo esinjalo, yonke into yayisenziwa ngamini nye. Akumangalisi ngoko ukuba kule ngxelo imfutshane, igama elithi “khawuleza” okanye “wakhawuleza” livela izihlandlo ezithathu, yaye uAbraham “wagidima” ngokoqobo ukulungiselela eso sidlo!—Genesis 18:6-8.
15. Yiyiphi imbono efanelekileyo ngezinto eziphathekayo xa ubani ebuk’ iindwendwe, njengoko uAbraham wenzayo?
15 Noko ke, injongo yoku ayikokwenza itheko elikhulu ukuze ucel’ injezu. Nangona uAbraham noSara bawa bevuka belungiselela eso sidlo, phawula indlela awasichaza ngayo uAbraham ngaphambilana: “Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo; ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu.” (Genesis 18:4, 5) Kwathi kanti elo “qhekeza lesonka” sisidlo sethole elityetyisiweyo namaqebengwana omgubo ocoliweyo, ibhotolo nobisi—isidlo esifanele ukumkani. Sifunda ntoni koku? Xa kubonakaliswa umoya wokubuk’ iindwendwe, into ebalulekileyo, okanye into efanele ibalaseliswe, asiyondlela oxhome ngayo umgangatho wokutya neziselo, okanye ulonwabo oluza kubakho apho, njalo njalo. Ukubuk’ iindwendwe akuxhomekekanga ekubeni umntu unayo kusini na imali yezinto zodidi. Kunoko, kuxhomekeke kwinkxalabo yokwenene ngentlalo-ntle yabanye nakumnqweno wokubenzela okulungileyo abanye ngokwamandla omntu ngamnye. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando, ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo,” yaye lowo ngundoqo kumoya wokubuk’ iindwendwe wokwenene.—IMizekeliso 15:17.
16. UAbraham walubonakalisa njani uxabiso ngezinto zokomoya ngoko wakwenzela iindwendwe zakhe?
16 Noko ke, sifanele siphawule ukuba esi siganeko sasinentsingiselo yokomoya. Ngandlel’ ithile uAbraham wayeqonda ukuba ezi ndwendwe zazithunywe nguYehova. Oku sikubona kumbuliso wakhe othi: “Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.”a (Genesis 18:3; thelekisa iEksodus 33:20.) Ekuqaleni uAbraham wayengazi enoba zazimphathele isigidimi okanye zazizidlulela kusini na. Sekunjalo, wayeqonda ukuba zaziphumeza ukuthanda kukaYehova. Aba bantu babethunywe nguYehova. Ukuba wayenokwenza okuthile ukufak’ isandla koko, wayeza kukuvuyela ukwenjenjalo. Wayeqonda ukuba abakhonzi bakaYehova babefanelwe kokona kulungileyo, yaye wayeza kwenza konke okusemandleni akhe ukufezekisa oko. Ngokwenjenjalo, uthile wayeza kufumana intsikelelo yokomoya, enoba nguye okanye omnye umntu. Ngokomphumo, uAbraham noSara basikelelwa kakhulu ngomoya wabo wokubuk’ iindwendwe osuk’ entliziyweni.—Genesis 18:9-15; 21:1, 2.
Abantu Abanomoya Wokubuk’ Iindwendwe
17. Ngokuphathelele abantu abangaziwayo nabasweleyo, uYehova wayefuna ntoni kumaSirayeli?
17 Umzekelo obalaseleyo ka-Abraham wawungafanele ulityalwe luhlanga olwaba yinzala yakhe. UMthetho owawunikwe amaSirayeli nguYehova wawuquka amalungiselelo okubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kubantu abangaziwayo. “Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.” (Levitikus 19:34) Abantu babefanele babaxhalabele ngokukhethekileyo abafuna ukuxhaswa ngezinto eziphathekayo yaye bangabatyesheli. Xa uYehova wayebasikelela ngentabalala yesivuno, xa babevuya ebudeni bemithendeleko yabo, xa babephumla kwimisebenzi yabo ebudeni beminyaka yeSabatha, nangezinye izihlandlo, abantu babefanele babakhumbule abasweleyo—abahlolokazi, iinkedama nabaphambukeli.—Duteronomi 16:9-14; 24:19-21; 26:12, 13.
18. Kubaluleke kangakanani ukubuk’ iindwendwe ukuze ubani afumane inkoliseko nentsikelelo kaYehova?
18 Ukubaluleka kokubonakalisa ububele, isisa nomoya wokubuk’ iindwendwe kwabanye, ngokukodwa kwabo basweleyo, kunokubonwa kwindlela uYehova awayeqhubana ngayo namaSirayeli xa ayekutyeshela ukubonakalisa ezi mpawu. UYehova walenza lacaca elokuba ububele nesisa kubantu abangaziwayo nakwabasweleyo zezinye zezinto ezazifuneka ukuze baqhubeke befumana iintsikelelo abantu bakhe. (INdumiso 82:2, 3; Isaya 1:17; Yeremiya 7:5-7; Hezekile 22:7; Zekariya 7:9-11) Xa olo hlanga lwaluzibonakalisa ngenkuthalo ezi mpawu, lwaluphumelela yaye lufumana izinto eziphathekayo nezokomoya ngokuyintabalala. Xa lwaluzixakekisa gqitha ngosukelo lobuqu nolokuzingca luze lukutyeshele ukubonakalisa ezi mpawu zintle kwabasweleyo, uYehova wayelushiya, yaye ekugqibeleni walugweba ngokuqatha.—Duteronomi 27:19; 28:15, 45.
19. Yintoni esimele siyixubushe ngokulandelayo?
19 Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sizihlolisise size sibone enoba siyamkholisa kusini na uYehova kule nkalo! Kubaluleke ngokukodwa oku namhlanje ekubeni kukho umoya wehlabathi wokuzingca nophelisa imvisiswano. Sinokuwubonakalisa njani umoya wokubuk’ iindwendwe njengamaKristu kwihlabathi elahluleleneyo? Kuxutyushwa loo mbandela kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho ezeleyo ngalo mbandela, bona inqaku elithi “Ngaba Ukho Owakha Wambona UThixo?” kwiMboniselo kaMeyi 15, 1988, iphepha 21-3.
Uyakhumbula Na?
◻ Lithetha ukuthini igama leBhayibhile eliguqulelwe ngokuthi “ukubuk’ iindwendwe”?
◻ Kungaziphi iindlela uYehova angumzekelo ogqibeleleyo wokubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe?
◻ UAbraham wawubonakalisa ukusa kuwuphi umkhamo umoya wokubuk’ iindwendwe?
◻ Kutheni bonke abanquli bokwenyaniso befanele ‘balandele ikhondo lokubuk’ iindwendwe’?