Ukukhonza UYehova Njengentsapho Emanyeneyo
NGOKUBALISWA NGUANTONIO SANTOLERI
Utata wayeneminyaka eli-17 ubudala xa washiya i-Itali ngowe-1919. Wafudukela eBrazil efuna ukuphila ubomi obubhetele. Ethubeni, waba neshishini lokucheba iinwele kwidolophana ekumbindi welizwana laseSão Paulo.
NGENYE IMINI ngowe-1938, xa ndandineminyaka esixhenxe ubudala, uTata wafumana inguqulelo yeBhayibhile yeBrasileira kwindoda ethile eyadlula kwishishini lakhe. Emva kweminyaka emibini uMama wagula gqitha waza akakwazi ukuzenzela nto de wafa. NoTata wagula, ngoko sonke—mna, uMama, uTata nodadewethu uAna—saya kuhlala nezalamane kwisixeko saseSão Paulo.
Xa ndandisesikolweni eSão Paulo, ndaba nomdla gqitha ekufundeni, ngokukodwa iincwadi zembali. Yandichukumisa into yokuba ziman’ ukukhankanya iBhayibhile. Incwadi yamabali, endandiyiboleke kumzi kawonke-wonke wogcino-zincwadi waseSão Paulo, yakhankanya iNtshumayelo yaseNtabeni kangangezihlandlo eziliqela. Kulapho ndafikelela kwisigqibo sokuzifumanela iBhayibhile ukuze ndizifundele loo ntshumayelo. Ndakhangela laa Bhayibhile yayize noTata kwiminyaka eyadlulayo ndaza ekugqibeleni ndayifumana ngaphantsi ebhokisini, eyayigcinwe kuyo kangangeminyaka esixhenxe.
Intsapho yethu yayingamaKatolika, ngoko ndandingazange ndikhuthazwe ukuba ndifunde iBhayibhile. Ngoko ndandizifundela ngokwam ukutyhila izahluko neendinyana. Kwakuluyolo ukufunda kungekuphela nje iNtshumayelo yaseNtabeni kodwa nayo yonke incwadi kaMateyu nezinye iincwadi zeBhayibhile. Eyona nto yandichukumisa nangaphezulu yayikukuvakala kweemfundiso nemimangaliso kaYesu ziyinyaniso.
Ndakuphawula umahluko owawukho phakathi konqulo lwamaKatolika noko ndandikufunde eBhayibhileni, ndaqalisa ukungena kwiCawa yaseRhabe, yaye uAna wandilandela. Sekunjalo, andizange ndaneliseke. UThixo ndandimfune ngamehlo abomvu kangangeminyaka emininzi. (IZenzo 17:27) Ngobunye ubusuku obuzolileyo, xa ndandicinga nzulu, ndazibuza, ‘Kutheni ndilapha? Iyintoni injongo yobomi?’ Ndakhangela indawo efihlakeleyo ngasemva kwendlu, ndaguqa ndaza ndathandaza, ‘Nkosi Thixo! Ungubani? Ndingenza njani ukuze ndikwazi?’ Impendulo yafika ngokukhawuleza emva koko.
Ukufunda Inyaniso YeBhayibhile
Ngenye imini ngowe-1949, ibhinqa elithile eliselula laya kuTata njengoko wayesihla kwisithuthi. Lamnika iphephancwadi IMboniselo noVukani! Wenza umrhumo weMboniselo waza walicela ukuba lityelele kwikhaya lethu, elicacisela ukuba wayenabantwana ababini ababehamba iCawa yaseRhabe. Ebudeni botyelelo lweli bhinqa, lashiya incwadi ethi Children kuAna laza laqalisa isifundo seBhayibhile naye. Kamva ndathelela kweso sifundo.
NgoNovemba wowe-1950 sasiqala ukuya kwindibano yamaNgqina kaYehova. Apho kwakhutshwa incwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso,” yaye saqhubeka nesifundo sethu seBhayibhile sikhokelwa yiloo ncwadi. Kamsinya emva koko saqonda ukuba sasiyifumene inyaniso, yaye ngoAprili 1951 sabhaptizwa sifuzisela uzahlulelo lwethu kuYehova. UTata wazahlulela kwiminyaka ethile kamva waza wafa ethembekile kuThixo ngowe-1982.
Ukonwaba Kwinkonzo Yexesha Elizeleyo
NgoJanuwari wowe-1954, xa ndandiseneminyaka engama-22 ubudala, ndamkelwa ukuba ndiye kukhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, ebizwa ngokuba yiBheteli. Ekufikeni kwam apho, ndamangaliswa kukufumanisa ukuba indoda eyayindishiya ngeminyaka emibini kuphela, uRichard Mucha, yayingumveleli wesebe. Ngowe-1955, xa kwabakho imfuneko yezicaka zesiphaluka, njengoko abaveleli abahambahambayo babebizwa njalo ngelo xesha, ndandiphakathi kwamadoda amahlanu awacelwayo ukuba abe nesabelo kule nkonzo.
Isabelo sam sasikwilizwana laseRio Grande do Sul. Ekuqaliseni kwam kwakukho amabandla amaNgqina kaYehova asi-8 kuphela, kodwa kwisithuba seenyanga ezili-18 kwamiselwa amabandla ama-2 namaqela akwanti angama-20. Namhlanje, kulo mmandla kukho iziphaluka zamaNgqina kaYehova ezili-15, isiphaluka ngasinye sinamabandla angama-20! Ekupheleni kowe-1956, ndachazelwa ukuba isiphaluka sam sasahlulwe saba ziziphaluka ezine ezincinane ezaziza kujikelezwa zizicaka ezine zeziphaluka. Ngelo xesha kwathiwa mandibuyele eBheteli ukuze ndifumane isabelo esitsha.
Into eyandothusayo neyandivuyisayo kukuba ndabelwa kumntla Brazil njengesicaka sesithili, umlungiseleli ohambahambayo okhonza iqela leziphaluka. Ngelo xesha iBrazil yayinabalungiseleli abali-12 000 abangamaNgqina kaYehova, yaye elo lizwe lalinezithili ezimbini. URichard Wuttke wayekhonza kumzantsi, mna ndandikwisithili esikumntla. EBheteli saqeqeshelwa ukusebenzisa umatshini wokubonisa imifanekiso ukuze sibonise umfanekiso oshukumayo owawuveliswe ngamaNgqina kaYehova, othi The New World Society in Action nothi The Happiness of the New World Society.
Ngaloo mihla ukuthabatha uhambo kwakwahluke gqitha. Lalingekho iNgqina elalinenqwelo-mafutha, ngoko ndandihamba ngephenyane, inqwelo etsalwa ziinkomo, ndikhwele ihashe, inqwelo, ilori yaye ngesinye isihlandlo ndakhwela inqwelo-moya. Kwakubangel’ imincili ukubhabha ngenqwelo-moya phezu kwehlathi leAmazon ize iye kuhlala kumhlaba waseSantarém, isixeko esiphakathi kweBelém esekungeneni komlambo iAmazon neManaus elwandle, ikomkhulu leLizwana leAmazonas. Ngelo xesha izicaka zesithili zazikhonza iindibano zesiphaluka ezimbalwa, ngenxa yoko ixesha lam elininzi ndandilichitha ndibonisa imifanekiso eshukumayo yoMbutho. Kwizixeko ezikhudlwana, kwakubakho amakhulu abantu.
Eyona nto yandichukumisayo kumntla weBrazil yayingummandla weAmazon. Ngoxa ndandikhonza apho ngoAprili 1957, uMlambo iAmazon nemingenela yawo yazala yada yatyekeza. Ndafumana ilungelo lokubonisa omnye wemifanekiso eshukumayo ehlathini, ndaxhoma iscreen sikazenzele phakathi kwemithi emibini. Umbane owawusetyenziswa nguloo matshini wawuvela kwiphenyane elalimiswe kumlambo owawukude kufuphi nalapho. Inkoliso yabaphulaphuli yayiqala ukubona umfanekiso oshukumayo.
Kamsinya emva koko ndabuyela kwinkonzo yaseBheteli, yaye kunyaka olandelayo, ngowe-1958, ndafumana ilungelo lokuya kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe YamaNgqina KaYehova “Yokuthanda KukaThixo,” kwisiXeko saseNew York. Iindwendwe ezazivela kumazwe ali-123 zaziphakathi kwabangama-253 922 ababezalise iYankee Stadium kunye nePolo Grounds ekude kufuphi nayo ngosuku lokugqibela lwaloo ndibano yeentsuku ezisibhozo.
Ukuguquka Kobomi Bam
Kungekudala emva kokuba ndibuyele eBheteli, ndaqhelana noClara Berndt, yaye ngoMatshi 1959 satshata. Sabelwa kumsebenzi wesiphaluka kwilizwana laseBahia, apho sakhonza khona kangangonyaka. Mna noClara sisavuya xa sikhumbula ukuthobeka, ukubuk’ iindwendwe, inzondelelo nothando lwabazalwana balapho; babengamahlwempu ngokwezinto eziphathekayo kodwa bezizityebi kwiziqhamo zoBukumkani. Sandula ke satshintshelwa kwiLizwana laseSão Paulo. Kulapho inkosikazi yam yakhulelwa khona ngowe-1960, ibe kwafuneka sibushiye ubulungiseleli bexesha elizeleyo.
Sagqiba kwelokuba sifudukele kwindawo ethile ekwilizwana laseSanta Catarina, apho umfazi wam wayezalelwe khona. Unyana wethu, uGerson, wayelizibulo kubantwana bethu abahlanu. Walekelwa nguGilson ngowe-1962, uTalita ngowe-1965, uTárcio ngowe-1969 noJanice ngowe-1974. Ngenxa kaYehova kunye nesiluleko esihle asinikelayo, sakwazi ukujamelana nocelomngeni lokubakhulisela “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—Efese 6:4.
Ngamnye kubantwana bethu simgqala njengoxabisekileyo. Umdumisi wayichaza kakuhle indlela esivakalelwa ngayo: “Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana.” (INdumiso 127:3) Phezu kwazo nje iingxaki, siye sabanyamekela abantwana bethu kangangoko sasinokwenza kulo naliphi na “ilifa likaYehova,” sikhumbula imiyalelo eseLizwini lakhe. Siye savuna lukhulu. Savuya ngendlela engathethekiyo xa bobahlanu, ngokulandelelana kwabo yaye ngokuzithandela bavakalisa umnqweno wabo wokubhaptizwa befuzisela ukuzahlulela kwabo kuYehova.—INtshumayeli 12:1.
Ukhetho Lwabantwana Bethu
Savuya kakhulu xa uGerson, emva nje kokuba egqibe izifundo awayezenza zekhompyutha, wathi ufuna ukuya kukhonza eBheteli, ngaloo ndlela ekhetha ubulungiseleli bexesha elizeleyo kunempangelo. Kodwa ekuqaleni ubomi baseBheteli abuzange bube lula kuGerson. Emva kokumtyelela xa wayeneenyanga ezine eseBheteli, ndothuswa kukukhathazeka endandikubona ebusweni bakhe xa sasihamba. Kwisipili senqwelo-mafutha yethu, ndambona esijongile de saya kusithela kwigophe lokuqala laloo ndlela. Amehlo am ayezele ziinyembezi kangangokuba kwafuneka ndimise ecaleni kwendlela ngaphambi kokuba ndiqhubeke nolo hambo lwethu lugodukayo lweekhilomitha ezingama-700.
UGerson wada wonwaba eBheteli. Emva kokuhlala apho iminyaka emalunga nemithandathu, watshata noHeidi Besser, ibe bakhonza kunye eBheteli eminye iminyaka emibini. Emva koko uHeidi wakhulelwa, ibe kwafuneka bahambe. Intombi yabo, uCintia, ngoku oneminyaka emithandathu ubudala, uyabapheleka xa besenza imisebenzi yabo yoBukumkani.
Kungekudala emva kokuba sityelele uGerson eBheteli, uGilson, owayesandul’ ukugqiba unyaka wakhe wokuqala kwizifundo zokuphatha ishishini, wathi naye ufuna ukuya kukhonza apho. Wayezimisele ukuphinda aqhubeke nezifundo zakhe zoshishino emva kokuba ekhonze eBheteli kangangonyaka. Kodwa yonke loo nto yatshintsha, ibe wahlala kwinkonzo yaseBheteli. Ngowe-1988 watshata uVivian Gonçalves, owayenguvulindlela, njengoko bebizwa njalo abalungiseleli bexesha elizeleyo. Ukususela ngoko bebekhonza kunye eBheteli.
Savuya ngakumbi xa umntwana wethu wesithathu, uTalita, wakhetha ukungenela inkonzo yobuvulindlela ngowe-1986 emva kokufundela ukuzoba iiplani zezakhiwo. Naye emva kweminyaka emithathu wabizwa eBheteli. Ngowe-1991 watshata noJosé Cozzi, owayeneminyaka elishumi eseBheteli. Basaqhubeka belapho njengesibini esitshatileyo.
Mna nenkosikazi yam saphinda sachulumanca xa uTárcio, owalekela lowo, wacula loo ngoma inye esasisele siyive izihlandlo ezithathu, “Tata, ndifuna ukuya eBheteli.” Isicelo sakhe samkelwa, yaye ngowe-1991 naye waqalisa inkonzo yaseBheteli, athe wahlala kuyo de kwangowe-1995. Siyavuya ekubeni esebenzise amandla akhe obutsha ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani bukaYehova ngaloo ndlela iminyaka engaphezu kwemithathu.
Untondo wethu, uJanice, wenza isigqibo sokukhonza uYehova waza wabhaptizwa eneminyaka eli-13 ubudala. Xa wayesesesikolweni, wakhonza njengovulindlela ongumncedani kangangonyaka. Wandula ke, ngoSeptemba 1, 1993, waqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi kwibandla lethu elikwesi sixeko saseGaspar.
Indlela Yempumelelo
Yintoni imfihlelo yokugcina intsapho imanyene ekunquleni uYehova? Andiqondi ukuba ifuna ubugqi loo nto. UYehova ulungiselele isiluleko kwiLizwi lakhe ukuze abazali abangamaKristu basilandele, ngoko lonke uzuko lumele luye kuye ngemiphumo emihle esiye sayifumana. Siye sazama nje ukulandela ulwalathiso lwakhe. (IMizekeliso 22:6) Bonke abantwana bethu bafuze mna ngobuLatini baza bafuza nonina ngobuJamani. Kodwa eyona nto ibalulekileyo abaye bayizuza kuthi lilifa lokomoya.
Ubomi bethu basekhaya babujikelezwe zizilangazelelo zoBukumkani. Ukugcina ezi zilangazelelo zikwindawo yokuqala kwakungeyondlwan’ iyanetha. Ngokomzekelo, sasinengxaki yokuqhuba isifundo seBhayibhile sentsapho ngokuthe rhoqo, kodwa asizange siyekelele. Kususela kwiintsuku zakhe zokuqala zobomi, mntwana ngamnye wayesiya kwiintlanganiso zamaKristu nakwiindibano. Yayisiba kukugula okanye ingxaki ethile engxamisekileyo kuphela eyayisenza singakwazi ukuya. Ukongezelela, besebancinane, aba bantwana babesipheleka kubulungiseleli bamaKristu.
Xa babemalunga neminyaka elishumi ubudala, aba bantwana babeqalisa ukunikela iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Sasibanceda ukulungiselela iintetho zabo zokuqala, sibakhuthaza ukuba basebenzise ulwandlalo kunokusebenzisa umbhalo-ngqangi. Ethubeni ngamnye wabo wayezilungiselela intetho yakhe. Kwakhona, xa babekubudala obuphakathi kweminyaka eli-10 neli-12, ngamnye wabo waqalisa ukuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli. Kwakukuphela kwendlela yokuphila ababeyazi leyo.
Inkosikazi yam, uClara, yaba nendima ebaluleke gqitha ekukhuliseni abantwana bethu. Ubusuku ngabunye, xa babesebancinane kakhulu—ixesha umntwana afunxa ngalo njengesiponji yonke into ayifundiswayo—uClara wayebafundela ibali leBhayibhile aze athandaze nomntwana ngamnye. Wayisebenzisa kakuhle incwadi ethi Ukusuka kwiParadesi Ilahlekile kuye kwiParadesi Ibe Yazuzeka, nethi Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu, nethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.a Kwakhona sasebenzisa iteyiphu kunye nemifanekiso eyayilungiselelwe ngamaNgqina kaYehova xa yathi yafumaneka.
Amava ethu njengabazali abangamaKristu aqinisekisa ukuba abantwana bafuna ingqalelo yemihla ngemihla. Uthando olunzulu, umdla wobuqu nexesha elininzi zezinye zezinto eziyintloko ezifunwa ngabaselula. Asizange sikujonge njengembopheleleko yethu njengabazali ukwanelisa ezi mfuno kangangoko kunokwenzeka kuphela kodwa sasikuvuyela gqitha ukwenjenjalo.
Enyanisweni, kuyabavuyisa abazali ukubona ukuzaliseka kwamazwi akwiNdumiso 127:3-5 athi: “Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, umvuzo sisiqhamo sesizalo. Njengeentolo esandleni segorha, banjalo oonyana bobutsha. Hayi, uyolo lomfo ozalise umphongolo wakhe ngabo!” Ngokwenene ukukhonza uYehova njengentsapho emanyeneyo kuye kwasivuyisa!
[Umbhalo osemazantsi]
a Zonke zipaphashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UAntonio Santoleri nentsapho yakhe