Inyaniso NgoYesu
ZIBONAKALA zingapheli iingcamango noqikelelo loko uYesu wayekuko noko wakuphumezayo. Kodwa kuthekani ngeBhayibhile? Isixelela ntoni ngoYesu Kristu?
Oko IBhayibhile Ikutshoyo
Xa uyifundisisa ngenyameko iBhayibhile, uya kuphawula ezi zibakala ziyintloko:
◻ UYesu ukuphela koNyana ozelwe nguThixo, izibulo layo yonke indalo.—Yohane 3:16; Kolose 1:15.
◻ Kwiminyaka emalunga namawaka amabini eyadlulayo, uThixo wadlulisela ubomi bukaYesu kwisizalo sentombi enyulu engumYuda ukuze azalwe engumntu.—Mateyu 1:18; Yohane 1:14.
◻ UYesu wayengeyondoda nje ezilungeleyo kuphela. Ngandlela zonke wayeyimbonakaliso yobuntu obuhle bukaYise, uYehova uThixo.—Yohane 14:9, 10; Hebhere 1:3.
◻ Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, ngothando uYesu wanyamekela iintswelo zabacinezelekileyo. Waphilisa abagulayo waza wavusa nabafileyo ngemimangaliso.—Mateyu 11:4-6; Yohane 11:5-45.
◻ UYesu wavakalisa uBukumkani bukaThixo njengekuphela kwethemba labantu abaxhwalekileyo, ibe waqeqesha abafundi bakhe ukuze baqhubeke nalo msebenzi wokushumayela.—Mateyu 4:17; 10:5-7; 28:19, 20.
◻ NgoNisan 14 (malunga noAprili 1), ngowama-33 C.E., uYesu wabanjwa, wasiwa enkundleni, wagwetywa waza wabulawa ngesityholo sobuxoki sokuqhwaya imvukelo.—Mateyu 26:18-20, 26:48–27:50.
◻ Ukufa kukaYesu kuyintlawulelo, kukhulula uluntu olukholwayo kwimeko yalo yesono kuze ngolo hlobo kuvule indlela esa kubomi obungunaphakade kubo bonke abaqhelisela ukholo kuye.—Roma 3:23, 24; 1 Yohane 2:2.
◻ NgoNisan 16, uYesu wavuswa, ibe kamsinya emva koko wabuyela ezulwini ukuze anikele intlawulelo yobomi bakhe njengomntu ofezekileyo kuYise.—Marko 16:1-8; Luka 24:50-53; IZenzo 1:6-9.
◻ NjengoKumkani omiselwe nguYehova, uYesu ovusiweyo unegunya elipheleleyo lokuphumeza injongo kaThixo yantlandlolo ngomntu.—Isaya 9:6, 7; Luka 1:32, 33.
Ngaloo ndlela, iBhayibhile ichaza uYesu njengomntu ophambili ekuphunyezweni kweenjongo zikaThixo. Kodwa unokuqiniseka njani ukuba lo nguYesu wokwenene—uYesu wasembalini, owazalelwa eBhetelehem waza waphila kulo mhlaba kwiminyaka emalunga nama-2 000 eyadlulayo?
Isizathu Sokuqiniseka
Amathandabuzo amaninzi anokupheliswa ngokufunda iZibhalo zamaKristu zesiGrike ngengqondo ephangaleleyo. Ngokwenjenjalo, uya kufumanisa ukuba ingxelo yeBhayibhile asiyombali yeziganeko ezingacacanga, njengokuba kunjalo ngeentsomi. Kunoko, ithetha ngamagama abantu, amaxesha athile neendawo zokwenene. (Ngokomzekelo, bona uLuka 3:1, 2.) Ngaphezu koko, abafundi bakaYesu bachazwa njengokuba benjalo, ngendlela ephandle ebangela intembelo kumlesi. Ababhali abazange bathethe izinto ezingekhoyo ngamntu—kwanangeziqu zabo—kuba befuna ukwenza ingxelo ethembekileyo. Ewe, uya kubona ukuba iBhayibhile inenyaniso.—Mateyu 14:28-31; 16:21-23; 26:56, 69-75; Marko 9:33, 34; Galati 2:11-14; 2 Petros 1:16.
Noko ke akuphelelanga apho. Izinto ezifunyenwe ngabembi bezinto zakudala ziye zayingqinela ngokuphindaphindiweyo ingxelo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, ukuba utyelela kwiMyuziyam yakwaSirayeli eYerusalem, unokubona ilitye ekukrolwe kulo igama likaPontiyo Pilato. Ezinye izinto ezifunyenwe ngabembi bezinto zakudala ziqinisekisa ukuba uLisaniyo noSergiyo Pawulos abakhankanywa yiBhayibhile babengabantu bokwenene kungekhona abantu basentsomini abayilwa ngamaKristu okuqala. Iziganeko ezibhalwe kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike (iTestamente Entsha) zinentaphane yobungqina obufumaneka kubabhali bamandulo, abaquka uJuvenal, uTacitus, uSeneca, uSuetonius, uPliny Omncinane, uLucian, uCelsus nombhali-mbali ongumYuda uJosephus.a
Iingxelo ezikwiZibhalo zamaKristu zesiGrike zamkelwa ngaphandle kwamathandabuzo ngamawaka abantu ababephila ngenkulungwane yokuqala. Kwaneentshaba zobuKristu azizange zibuphikise ubunyaniso boko kwakusithiwa uYesu wakuthetha waza wakwenza. Kwinto yokuba iimpawu zobuntu bukaYesu zafakelelwa ngabafundi bakhe emva kokufa kwakhe, uNjingalwazi F. F. Bruce ugqabaza enjenje: “Kwakungayi kuba lula njengoko abanye ababhali becinga ukufakela amagama nezenzo zikaYesu ngaloo minyaka yangaphambili, xa uninzi lwabafundi Bakhe lwalusaphila, lusakukhumbula okwenzekayo nokungazange kwenzeke. . . . Abafundi babengenakuzibeka engozini ngokuthetha izinto ezingachananga (singasathethi ke ngokujika izibakala), nto leyo eyayisenokubhencwa ziintshaba ezazinokukuvuyela ukwenjenjalo.”
Isizathu Sokuba Bangakholelwa
Sekunjalo, abanye abaphengululi basathandabuza. Ngoxa ingxelo yeBhayibhile beyigqala njengeyintsomi, bayiphengulula ngomdla imibhalo yeapocrypha (imibhalo engaphefumlelwanga) ibe bayamkela njengechanileyo! Ngoba? Kuyacaca ukuba ingxelo yeBhayibhile iqulethe izinto ezingafuni kuzikholelwa izifundiswa zale mihla.
Kwincwadi yakhe ethi Union Bible Companion, eyapapashwa ngowe-1871, uS. Austin Allibone wacel’ umngeni abo bathandabuzayo. Wabhala: “Buza nabani na othi uyabuthandabuza ubunyaniso bembali yeencwadi zeVangeli ukuba ziziphi izizathu ezimenza akholelwe kwelokuba uCæsar wafela kwizakhiwo zeNdlu Yowiso-mthetho, okanye uMlawuli uCharlemagne wamiselwa njengoMlawuli waseNtshona nguPopu Leo III. ngowama-800? . . . Sizikholelwa zonke izinto esizivayo . . . ngokuphathelele la madoda; ibe oko kungenxa yokuba sinobungqina obungokwembali benyaniso yazo. . . . Ukuba, nangona kukho ubungqina obufana nobu, kukho abathile abangekavumi ukukholelwa, sibagqala njengoontamo-lukhuni abazizidenge okanye abantu abaswele ulwazi ngendlela engathembisiyo. Ngoko, sifanele sithini ngabo bathi, nangona ngoku kukho ubungqina obuninzi obuvelayo bokuchana kweZibhalo Ezingcwele, bathi abakholelwa? . . . Abafuni kuyikholelwa into ethoba ikratshi labo, neya kubanyanzela ukuba baphile ubomi obahlukileyo.”
Ewe, abanye abathandabuzayo baneentshukumisa ezahlukileyo zokuchasa iZibhalo zamaKristu zesiGrike. Ingxaki yabo asikokuchana kwazo kodwa yimilinganiselo yazo. Ngokomzekelo, uYesu wathi ngabalandeli bakhe: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:14) Noko ke, abaninzi abathi bangamaKristu babandakanyeke ngokunzulu kwimicimbi yezobupolitika yeli hlabathi, bade babandakanyeke nakwiimfazwe eziphalaza igazi. Kunokuzivisisanisa nemilinganiselo yeBhayibhile, abantu abaninzi bafuna ukuba iBhayibhile ivisisane nemilinganiselo yabo.
Kwakhona, cinga ngombandela wemilinganiselo yokuziphatha. UYesu waliluleka kabukhali ibandla laseTiyatira ngenxa yokuvumela uhenyuzo. Walixelela oku: “Ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, kwaye ndiza kuninika elowo ngokwezenzo zenu.”b (ISityhilelo 2:18-23) Kodwa, ngaba akuyonyaniso ukuba abaninzi abathi bangamaKristu bayiphosa kwesinomhlwa imilinganiselo yokuziphatha? Bakhetha ukuchasa oko uYesu wakutshoyo kunokuchasa ihambo yabo yokuziphatha okubi.
Ekubeni betyekele ekungamamkelini uYesu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni, abaphengululi bazenzela owabo uYesu. Banetyala lokwenza intsomi nto leyo abathi yenziwa ngababhali beencwadi zeVangeli bexoka. Babambelela kwiindawo ezithile zobomi bukaYesu abafuna ukuzamkela, bachase eziseleyo, yaye bafakelele iinkcukacha ezimbalwa zabo. Enyanisweni, inyange elalibhadula okanye umguquli wentlalo wabo akanguye uYesu wasembalini abathi bayamfuna; kunoko, ungumntu nje ocingwe ngabaphengululi ngenxa yokuzingca.
Ukufumana UYesu Wokwenene
UYesu wayezabalazela ukufikelela iintliziyo zabo babelambele inyaniso nobulungisa ngokunyanisekileyo. (Mateyu 5:3, 6; 13:10-15) Abanjalo basabela kwisimemo sikaYesu: “Yizani kum, nonke nina nixhamlekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathelani kuni idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali ibe ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
UYesu wokwenene akanakufumaneka kwiincwadi ezibhalwe ngabaphengululi bale mihla; engenakufumaneka nakwiicawa zeNgqobhoko, ekugquba kuzo amasiko abantu. UYesu wasembalini unokumfumana kumbhalo wakho weBhayibhile. Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi ngaye? AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda wenjenjalo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, isahluko 5, iphepha 55-70, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b EBhayibhileni, maxa wambi izintso zifanekisela iingcamango neemvakalelo ezinzulu zomntu.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
BEZIGXEKWA KANGANGEENKULUNGWANE EZININZI
Ukugxekwa kweZibhalo zamaKristu zesiGrike kwaqalisa kwiminyaka engaphezu kwama-200 eyadlulayo, xa isithandi sobulumko saseJamani uHermann Samuel Reimarus (1694-1768) sathi: “Senza kakuhle xa sikwahlukanisa ngokupheleleyo oko kwafundiswa ngabaPostile kwiincwadi zabo noko kwathethwa nokwafundiswa nguYesu Ngokwakhe ngexesha Lakhe.” Emva koReimarus, abaphengululi abaninzi baye bafundiswa ukuba babe nezimvo ezifanayo.
Incwadi ethi The Real Jesus ithi abahlalutyi abaninzi bexesha elidluleyo babengazigqali njengabawexuki. Kunoko, “babezibona bengawona maKristu okwenyaniso kuba bephuncule kumakhamandela eengcamango neenkolelo.” Babevakalelwa kukuba ukuhlalutya iBhayibhile “kwakuluhlobo olusulungekileyo lobuKristu.”
Okulusizi kukuba kwiNgqobhoko kuye kwagquba amasiko abantu. Imfundiso yokungafi komphefumlo, uBathathu Emnye neyesihogo somlilo zezinye zeemfundiso ezingqubanayo neBhayibhile. Kodwa asingabo ababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike ababangele oku kugqwethwa kwenyaniso. Kunoko, baye balwa nazo kwasekuqaleni iimfundiso zobuxoki phakathi kwenkulungwane yokuqala, xa uPawulos wabhala esithi uwexuko phakathi kwabo babesithi bangamaKristu ‘lwalusele lusebenza.’ (2 Tesalonika 2:3, 7) Sinokuqiniseka ukuba oko kuqulethwe ziZibhalo zamaKristu zesiGrike yingxelo engokwembali nemfundiso eyinyaniso.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
ZABHALWA NINI IINCWADI ZEVANGELI?
Uninzi lwabahlalutyi beTestamente Entsha luthi iincwadi zeVangeli zabhalwa sekukudala zadlulayo iziganeko ezizichazayo yaye ngoko zimele zibe ziqulethe iingxelo ezingachananga.
Noko ke, ubungqina bubonisa ukuba incwadi kaMateyu, kaMarko nekaLuka zabhalwa ngaphambilana. Iimpawu ezikweminye imibhalo-ngqangi yencwadi kaMateyu zibonisa ukuba yabhalwa emva phaya ngowama-41 C.E. Incwadi kaLuka mhlawumbi yabhalwa phakathi kowama-56 nowama-58 C.E., kuba incwadi yeZenzo (esenokuba yagqitywa ngowama-61 C.E.) ibonisa ukuba umbhali, uLuka, wayesele eyibhalile ‘ingxelo yakhe yokuqala,’ incwadi yeVangeli. (IZenzo 1:1) Incwadi yeVangeli kaMarko igqalwa njengebhalwe eRoma ebudeni bokubanjwa kokuqala okanye kwesibini kompostile uPawulos—mhlawumbi phakathi kowama-60 nowama-65 C.E.
UNjingalwazi Craig L. Blomberg uyavumelana nokubhalwa ngaphambilana kwezo ncwadi zeVangeli. Uthi kwanokuba sifakela incwadi yeVangeli kaYohane, eyabhalwa ekupheleni kwenkulungwane yokuqala, “sisekufutshane gqitha kwezo ziganeko kuneencwadi ezininzi zamandulo ezazibalisa ngobomi babantu abathile. Ngokomzekelo, abantu bokuqala ukubhala iincwadi ezingobomi buka-Alesandire Omkhulu, uArrian noPlutarch, bazibhala kwiminyaka engaphezu kwamakhulu amane emva kokufa kuka-Alesandire ngowama-323 B.C., kodwa ababhali-mbali ngokubanzi bazigqala njengezinokuthenjwa. Iintsomi ezingummangaliso ezingobomi buka-Alesandire zabakho ekuhambeni kwexesha, kodwa ubukhulu becala oko kwenzeka kuphela ebudeni beenkulungwane eziliqela emva kwaba babhali.” Iinxalenye ezingokwembali ezikwiZibhalo zamaKristu zesiGrike ngokuqinisekileyo zifanele zamkelwe ubuncinane njengeencwadi zembali yehlabathi.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Uvuyo luya kwesamela kubo bonke kwiParadisi ezayo yasemhlabeni