“Imfanelo Yoluntu Lonke”
“Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.”—INTSHUMAYELI 12:13.
1, 2. Kutheni kufanelekile ukuqwalasela imfanelo yethu kuThixo?
“YINTONI ayibizayo uYehova kuwe?” Lo mbuzo waphakanyiswa ngumprofeti wamandulo. Wandula ke wachaza oko uYehova akufunayo—ukwenza okusesikweni, ukuthanda inceba, nokuhamba noThixo ngokuthozamileyo.—Mika 6:8.
2 Kule mihla kazimele-geqe nenkululeko, abaninzi abayithandi ingcamango yokuba uThixo ufuna okuthile kubo. Abafuni kubopheleleka. Kodwa kuthekani ngesigqibo awafikelela kuso uSolomon kwiNtshumayeli? “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.”—INtshumayeli 12:13.
3. Kutheni sifanele sicinge nzulu ngencwadi yeNtshumayeli?
3 Enoba zinjani na iimeko zethu nendlela esibujonga ngayo ubomi, sinokungenelwa gqitha ukuba siqwalasela imvelaphi yeso sigqibo. UKumkani uSolomon, umbhali wale ncwadi iphefumlelweyo, waqwalasela ezinye zezinto eziyinxalenye yobomi bethu bemihla ngemihla. Bambi basenokungxama ngokugqiba ngelithi ngokusisiseko indlela awuphicotha ngayo lo mba ayakhi. Kodwa yaphefumlelwa nguThixo yaye inokusinceda siphonononge imisebenzi nezinto ezibalulekileyo kuthi, sibe novuyo olungakumbi ngenxa yoko.
Ukuhlangabezana Nezinto Eziyintloko Ezisixhalabisayo Ebomini
4. Yintoni eyahlolisiswa yaza yaxutyushwa nguSolomon kwiNtshumayeli?
4 USolomon wawuhlolisisa ngokunzulu ‘umzamo woonyana babantu.’ “Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu.” Xa wayethetha ‘ngomzamo’ uSolomon wayengathethi ngomsebenzi, okanye ingqesho, kunoko wayethetha ngayo yonke into amadoda nabafazi abaxakeke yiyo ukutyhubela ubomi babo. (INtshumayeli 1:13) Makhe siqwalasele izinto eziyintloko ezisixhalabisayo, okanye imizamo, size sizithelekise neyethu imisebenzi nezinto eziza kuqala.
5. Nguwuphi omnye wemizamo ephambili yabantu?
5 Ngokuqinisekileyo imali ingundoqo kwizinto ezisixhalabisayo nakwimisebenzi yabantu. Akakho umntu onokutsho ngokufanelekileyo ukuthi uSolomon wayengayixhomelanga mehlo imali njengoko zinjalo ezinye izigwili. Wayivuma ngokulula into yokuba imali iyafuneka; ukuba nemali eyaneleyo kulungile kunokuphila ubomi bokuba sisixhwitha-ntamo okanye ukuba lihlwempu. (INtshumayeli 7:11, 12) Kodwa umele ukuba uyiphawule into yokuba imali, ikunye nezinto ezinokuthengwa ngayo, inokuba lolona sukelo luyintloko ebomini—kumahlwempu nakwizityebi.
6. Yintoni esinokuyifunda ngokuphathelele imali komnye wemizekeliso kaYesu nakumava obuqu kaSolomon?
6 Khumbula umzekeliso kaYesu wendoda eyayisisityebi eyathi, inganelisekanga, yasebenzela ukufumana okungakumbi. UThixo wayigweba njengomntu ongenangqiqo. Ngoba? Ngenxa yokuba ‘ubomi bethu abuphumi kwizinto esinazo.’ (Luka 12:15-21) Amava kaSolomon—mhlawumbi angaphezulu lee kunawethu—aqinisekisa amazwi kaYesu. Funda inkcazelo ekwiNtshumayeli 2:4-9. Kangangexesha elithile uSolomon wazibhokoxa ukuze afumane ubutyebi. Wakha amakhaya nemiyezo emihle. Wayenako ukufumana iimbelukazi ibe wenjenjalo. Ngaba ubuncwane kunye noko babumenza akwazi ukukwenza bamzisela ulwaneliseko olunzulu, imvakalelo yokwenene yokufeza okuthile, nentsingiselo ebomini bakhe? Waphendula ngokungafihlisiyo: “Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.”—INtshumayeli 2:11; 4:8.
7. (a) Amava angqina ntoni ngokuphathelele ixabiso lemali? (b) Yintoni okhe wayibona engqinelana nesigqibo sikaSolomon?
7 Kusengqiqweni oko, kuyinyaniso eye yangqinwa ngabantu abaninzi. Simele sivume ukuba ukuba nemali eninzi akuzicombululi zonke iingxaki. Kunokuzicombulula ezinye, ezinjengokufumana ukutya nempahla yokunxiba ngokulula. Kodwa umntu unokunxiba isinxibo esinye ngexesha aze anandiphe umkhamo othile wokutya nesiselo. Kwaye ukhe wafunda ngezityebi ezithile eziphila ubomi obuthwaxwa luqhawulo-mtshato, ukusebenzisa kakubi utywala neziyobisi, kunye nokuxabana nezalamane. Usozigidi uJ. P. Getty wathi: “Imali ayinxibelelananga tu kwaphela nolonwabo. Mhlawumbi inxibelelene nokungonwabi.” Ngesizathu esihle, uSolomon wafanisa ukuthanda isilivere nokusukela ilize. Thelekisa eso sibakala namazwi kaSolomon athi: “Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.”—INtshumayeli 5:10-12.
8. Kutheni singafanele siyigqale njengebaluleke ngokugqithisileyo imali?
8 Kwakhona imali nezinto esinazo azisiziseli imvo yolwaneliseko ngokuphathelele ikamva. Ukuba ubunemali nezinto ezininzi, ngokunokwenzeka ubuya kuxhalaba ngakumbi ngokuzikhusela, yaye sekunjalo ubungayi kulazi ukuba ingomso likuphathele ntoni na. Ngaba usenokulahlekelwa zizo zonke, kunye nobomi bakho? (INtshumayeli 5:13-17; 9:11, 12) Ekubeni kunjalo, kumele kube lula ukubona isizathu sokuba ubomi bethu, okanye umzamo, bumele bube nentsingiselo ephakame ngakumbi, nehlala ixesha elide kunemali nezinto esinazo.
Intsapho, Udumo Negunya
9. Kutheni ubomi bentsapho bakhankanywa ngokufanelekileyo kuhlolisiso lukaSolomon?
9 Indlela uSolomon awabuphicotha ngayo ubomi yayibandakanya umbandela wokuxakeka yintsapho. IBhayibhile iyabubalaselisa ubomi bentsapho, kuquka uvuyo lokuba nabantwana nokubakhulisa. (Genesis 2:22-24; INdumiso 127:3-5; IMizekeliso 5:15, 18-20; 6:20; Marko 10:6-9; Efese 5:22-33) Noko ke, ngaba le yeyona nkalo ibalulekileyo ebomini? Kubonakala ngathi abaninzi bacinga njalo, xa sicinga ngendlela umtshato, ukuba nabantwana namaqhina entsapho ezibalaseliswa ngayo kwezinye iindawo. Kodwa INtshumayeli 6:3 ibonisa ukuba kwanokuba nabantwana abalikhulu akusosikhokelo sokufumana ulwaneliseko ebomini. Khawuthelekelele inani labazali abaye bazincama ukuze benzele abantwana babo isiqalo esihle nokuze benze ubomi babo bube lula. Nangona iyinto entle gqitha leyo, ngokuqinisekileyo uMdali wethu wayengathethi kuthi eyona nto ibalulekileyo ebomini bethu kukudlulisela ubomi kwesinye isizukulwana, njengoko izilwanyana zisenza ngethuku lemvelo ukuze ziqhubeke zikho.
10. Kutheni ukunikel’ ingqalelo ngokungafanelekanga entsatsheni kunokuba lilize?
10 Ngobulumko uSolomon waveza iinyaniso ezithile ezingobomi bentsapho. Ngokomzekelo, indoda isenokunikela ingqalelo ekulungiseleleni abantwana nabazukulwana bayo. Kodwa ngaba baya kuba ngabalumkileyo? Okanye baya kukuphatha ngobuyatha oko izabalazele ukubagcinela kona? Ukuba baba ziziyatha, anjani wona “amampunge nobubi obukhulu” ekuya kuba kuko oko!—INtshumayeli 2:18-21; 1 Kumkani 12:8; 2 Kronike 12:1-4, 9.
11, 12. (a) Luluphi usukelo ebomini abanye abaye banikel’ ingqalelo kulo? (b) Kutheni kunokutshiwo ukuba ukufuna ukubaluleka ‘kukusukelana nomoya’?
11 Kwelinye icala, abaninzi baye batyeshela ukuphila ubomi obuqhelekileyo bentsapho benyeke ukufumana udumo okanye ukulawula abanye. Oku kusenokuba yingxaki eqhelekileyo kumadoda. Ngaba ukhe wayibona le nto kwabo ufunda nabo, osebenza nabo, okanye kubamelwane? Abaninzi bakuzabalazela gqitha ukugqalwa, ukuba nguthile, okanye ukuba negunya phezu kwabanye. Kodwa ngokwenene inentsingiselo kangakanani loo nto?
12 Khawucinge ngendlela abanye abazama ukuduma ngayo, enoba kungomlinganiselo ophantsi okanye ophakamileyo. Oku sikubona esikolweni, elumelwaneni, nakumaqela ahlukeneyo entlalo. Kwakhona kuyimpembelelo enamandla kwabo bafuna ukwaziwa kwezobugcisa, ezolonwabo nezobupolitika. Noko ke, ngaba ngokusisiseko akungomgudu oba lilize? USolomon wakuchaza kakuhle esithi ‘kukusukelana nomoya.’ (INtshumayeli 4:4) Kwanokuba oselula uye waba phambili kumbutho othile, kwiqela lemidlalo, okanye kwiqela lomculo—okanye indoda okanye ibhinqa elithile lizenzele udumo kwinkampani ethile okanye kwibutho labantu—bangaphi abantu abamazi ngokwenene? Ngaba inkoliso yabantu abakwelinye icala lebhola engumhlaba (okanye kwanakwilizwe lakhe) iyazi ukuba kukho umntu onjengaye? Okanye ngaba bayaqhubeka nje nobomi babo bengalwazi kwaphela olo dumo luncinane analo? Ibe kunokuthethwa into efanayo ngawo nawaphi na amandla okanye igunya umntu anokuba nalo emsebenzini, kwidolophu ethile okanye kwiqela elithile.
13. (a) INtshumayeli 9:4, 5 isinceda njani sibe nembono efanelekileyo ngokuzabalazela ukubaluleka okanye ukuba negunya? (b) Ziziphi izibakala esifanele sijamelane nazo ukuba obu bomi buphelele apha? (Bona umbhalo osemazantsi.)
13 Oko kubalasela okanye ukuba negunya kuphelela phi ekugqibeleni? Njengoko kusimka esinye isizukulwana kuze kufike esinye, abantu ababalaseleyo okanye abanegunya bathi shwaka baze balityalwe. Kunjalo kanye ngabakhi, iimvumi namanye amagcisa, abahlaziyi bentlalo, njalo njalo, njengoko kunjalo ngenkoliso yezobupolitika neenkokeli zomkhosi. Kule misebenzi, bangaphi abantu abakhethekileyo obaziyo abebephila phakathi kweminyaka ye-1700 neye-1800? USolomon wawuqikelela kakuhle lo mbandela, esithi: “Ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo. Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, . . . abasakhunjulwa nganto.” (INtshumayeli 9:4, 5) Ibe ukuba obu bomi buphelele apha, ngoko ukuzabalazela ukuba ngobalaseleyo okanye ukuba namandla ngokwenene kulilize.a
Ingqalelo Nembopheleleko Yethu
14. Kutheni incwadi yeNtshumayeli ifanele isincede?
14 USolomon akazange agqabaze ngemisebenzi emininzi, usukelo, neziyolo abantu ababujolisa kuzo ubomi babo. Sekunjalo, oko wakubhalayo kwanele. Le ncwadi asifanele siyijonge ngeliso eligxekayo, kuba siye sahlolisisa ngokwezibakala incwadi yeBhayibhile uYehova uThixo awayiphefumlela ukuze kungenelwe thina. Inokunceda ngamnye wethu alungise imbono yakhe ngobomi noko sinikela ingqalelo kuko. (INtshumayeli 7:2; 2 Timoti 3:16, 17) Oko kunjalo ngokukodwa xa sicinga ngezigqibo uYehova awanceda uSolomon ukuba azifikelele.
15, 16. (a) Yiyiphi imbono awayenayo uSolomon ngokunandipha ubomi? (b) Yiyiphi imfuneko eyabekwa ngokufanelekileyo nguSolomon ngokuphathelele ukunandipha ubomi?
15 Enye ingongoma uSolomon awayeyiveza ngokuphindaphindiweyo yayikukuba abakhonzi boThixo oyinyaniso bafanele bavuyiswe yimisebenzi yabo emehlweni Akhe. “Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo. Kwanokuba wonke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso.” (INtshumayeli 2:24; 3:12, 13; 5:18; 8:15) Phawula ukuba uSolomon wayengakhuthazi ukuthanda izisusa; engazange avumele isimo sengqondo esithi “masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:14, 32-34) Wayethetha ukuthi sifanele sinandiphe izinto eziqhelekileyo eziyolisayo, ezinjengokutya nokusela, njengoko ‘sizizuzela okulungileyo ebomini bethu.’ Ngokuqinisekileyo oko kusenza siphilele ukwenza ukuthanda koMdali, ogqibayo ngoko kulunge ngokwenene.—INdumiso 25:8; INtshumayeli 9:1; Marko 10:17, 18; Roma 12:2.
16 USolomon wabhala: “Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.” (INtshumayeli 9:7-9) Ewe, indoda okanye ibhinqa elinobomi obutyebileyo nobanelisayo ngokwenene liyikhuthalele imisebenzi ayoliswa yiyo uYehova. Oko kuthetha ukuba sifanele sicinge ngaye ngokuzingisileyo. Hayi indlela eyahluke ngayo le mbono kuleyo yenkoliso yabantu, ejonga ubomi ngokusekelwe kwingqiqo yabantu!
17, 18. (a) Abantu abaninzi basabela njani kwizibakala zobomi? (b) Nguwuphi umphumo esifanele sisoloko sicinga ngawo?
17 Nangona ezinye iinkonzo zifundisa ngobomi obubakho emva kokufa, abantu abaninzi bakholelwa kwelokuba obu bomi ngokwenene bukuphela kobomi abanokuqiniseka ngabo. Usenokuba ukhe wayibona indlela abasabela ngayo njengoko uSolomon ecacisa: “Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.” (INtshumayeli 8:11) Kwanabo bangangeni nzulu kwizenzo ezingcolileyo babonisa ukuba ngokuyintloko baxhalabele eli xesha baphila kulo. Esi sesinye sezizathu zokuba imali, izinto abanazo, udumo, ukuba negunya kwabanye, intsapho, okanye ezinye izinto ezinomtsalane zibaluleke ngokubaxiweyo kubo. Noko ke, uSolomon akazange aphelele apho ngalo mbandela. Wongezelela esithi: “Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe; kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.” (INtshumayeli 8:12, 13) Kuyacaca ukuba, uSolomon wayeyisekile kukuba izinto ziya kusilungela ukuba ‘siyamoyika uThixo.’ Ziya kusilungela njani? Impendulo sinokuyifumana kumahluko awawubonisayo. UYehova ‘unokuyolula imihla yethu.’
18 Ngokukodwa abo baselula bafanele bacamngce ngesibakala esinokuthenjwa ngokupheleleyo sokuba izinto ziya kubalungela ukuba bayamoyika uThixo. Njengoko usenokuba ukhe wazibonela, eyona mbaleki inamendu isenokukhubeka ize ingaluphumeleli ugqatso. Umkhosi onamandla usenokoyiswa. Usomashishini onobulumko usenokuzifumanisa elihlwempu. Zikho nezinye izinto ezininzi ongaqinisekiyo ngazo ezenza ukuba ingomso lingaziwa ukuba liza nantoni na. Kodwa unokuqiniseka ngokupheleleyo ngoku: Elona khondo lobulumko neliqinisekileyo kukunandipha ubomi ngoxa usenza okulungileyo phantsi kwemithetho yokuziphatha kaThixo nangokuvisisana nokuthanda kwakhe. (INtshumayeli 9:11) Oku kuquka ukufunda eBhayibhileni oko ukuthanda kukaThixo kukuko, ukwahlulela ubomi bukabani kuye, nokuba ngumKristu obhaptiziweyo.—Mateyu 28:19, 20.
19. Abaselula banokubusebenzisa njani ubomi babo, kodwa liliphi ikhondo lobulumko?
19 UMdali akayi kulunyanzela ulutsha okanye abanye abantu ukuba balandele ulwalathiso lwakhe. Lusenokuzifica ngemfundo, mhlawumbi lude lufunde ngobulumko babantu ubomi balo bonke. Ekugqibeleni oko kuya kudina ngokwenyama. Okanye lunokulandela ikhondo lentliziyo yalo engafezekanga okanye luzenzele unothanda. Oko ngokuqinisekileyo kuya kulukhathaza, yaye ubomi obuchithwe ngaloo ndlela ethubeni buya kuba lilize. (INtshumayeli 11:9–12:12; 1 Yohane 2:15-17) Ngoko uSolomon uyalubongoza ulutsha—isibongozo esifanele sisithabathe ngokunzulu, enoba sibadala kangakanani na: “Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele.”—INtshumayeli 12:1.
20. Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngesigidimi esikwiNtshumayeli?
20 Sifanele sigqibe ngelithini ke? Kaloku, sithini isigqibo awafikelela kuso uSolomon? Wabona, okanye wahlolisisa, “zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 1:14) Kwincwadi yeNtshumayeli asifumani mazwi endoda engumgxeki okanye enentliziyo ende. Ayinxalenye yeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo ibe sifanele siwaqwalasele.
21, 22. (a) Ziziphi iinkalo zobomi awaziqwalaselayo uSolomon? (b) Sisiphi isigqibo sobulumko awafikelela kuso? (c) Kukuchaphazele njani ukuhlolisisa okuqulethwe yiNtshumayeli?
21 USolomon wahlolisisa ukubulaleka, imizabalazo kunye nokuzibekela usukelo oluphezulu kwabantu. Wacinga ngendlela izinto ezihamba ngayo ngokuqhelekileyo, umphumo odanisayo nophuthileyo ofunyanwa ngabantu abaninzi gqitha. Wahlolisisa izibakala eziyinyaniso zokungafezeki kwabantu nokufa okungumphumo. Ibe waquka ulwazi oluvela kuThixo ngokuphathelele imeko yabafi namathemba abo nabuphi na ubomi bexesha elizayo. Konke oku kwaphononongwa yindoda eyayinobulumko obungokobuthixo, ewe, omnye wabona bantu balumkileyo abakhe baphila. Ngoko isigqibo awafikelela kuso safakwa kwiZibhalo Ezingcwele ukuze kungenelwe bonke abafuna ubomi obunentsingiselo yokwenene. Ngaba asifanele sivumelane naye?
22 “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.”—INtshumayeli 12:13, 14.
[Imibhalo esemazantsi]
a IThe Watchtower yakha yanikela la magqabaza asengqiqweni: “Obu bomi asifanele sibuchithe kwizinto ezililize . . . Ukuba obu bomi buphelele apha, ayikho into ebalulekileyo. Obu bomi bufana nebhola ephoswa phezulu emoyeni ethi kungekudala iwele emhlabeni kwakhona. Busisithunzi esidlula ngokukhawuleza, intyatyambo ebunayo, igqabi lengca eliza kunqunyulwa lize libune kungekudala. . . . Xa sibuthelekisa nobomi obungunaphakade ubude bobomi bethu bulisuntswana nje elijongelwa phantsi. Xa sibuthelekisa nexesha bungaphantsi nakwithontsi eliqhelekileyo. Ngokuqinisekileyo [uSolomon] uchan’ ucwethe xa ehlola izinto ezixhalabisa abantu nemisebenzi emininzi yabo aze azichaze njengezililize. Siphel’ emehlweni ngokukhawuleza de kube ngathi asizange sibekho, singabanye bamawaka ezigidi afika aze adlule, saziwa ngabantu abambalwa gqitha ukuba sikhe saphila. Ukujonga izinto ngolu hlobo asikokugxeka okanye ukuba nembono emfiliba okanye elusizi okanye ukuba nedyudyu. Yinyaniso le, sisibakala ekumelwe kujanyelwane naso, yimbono esebenzisekayo, ukuba obu bomi buphelele apha.”—Agasti 1, 1957, iphepha 472.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Yiyiphi imbono yobulumko ngokuphathelele izinto onazo ebomini bakho?
◻ Kutheni singafanele siyibalaselise ngokungafanelekanga intsapho, udumo okanye ukuba negunya kwabanye?
◻ Sisiphi isimo sengqondo esingokobuthixo esakhuthazwa nguSolomon ngokuphathelele ukunandipha izinto?
◻ Uye wangenelwa njani ngokuqwalasela incwadi yeNtshumayeli?
[Pictures On Page 15]
Imali nezinto esinazo aziluqinisekisi ulwaneliseko
[Picture On Page 17]
Abaselula banokuqiniseka ukuba bolungelwa ukuba bayamoyika uThixo