Lunokufunyanwa Phi Ulonwabo Lokwenene?
ABANTU abaninzi bavakalelwa kukuba ulonwabo lokwenene banokulufumana ngokuba nezinto eziphathekayo. Kuthekani ngawe? Ngoxa ngokuqinisekileyo izinto eziphathekayo zinokufak’ isandla kulonwabo lwethu, aziluqinisekisi; ibe ubutofotofo bezinto eziphathekayo abulwakhi ukholo okanye buzalise iintswelo zokomoya.
KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, ekubeni ubukumkani bamazulu ibobabo.” (Mateyu 5:3) Kwakhona uYesu wathi: ‘Zilindeni ngokunxamnye nalo lonke uhlobo lwenkanuko, ngenxa yokuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.’—Luka 12:15.
Abaninzi bafuna ulonwabo ngokubandakanyeka kwiintlobano zesini esingekho mthethweni nakweminye “imisebenzi yenyama.” (Galati 5:19-21) Noko ke, ukuyekelela umxakatho ekuziyoliseni ngesini akuzisi lonwabo lokwenene noluhlala luhleli. Eneneni, abo benza izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo.—1 Korinte 6:9, 10.
Xa befuna ulonwabo, abanye banikela ingqalelo kwiziqu zabo ngokuzama ukwakha ukuzihlonela kwabo. Imizi yogcino-zincwadi neevenkile ezithengisa iincwadi zizaliswe ziincwadi ezinokuba luncedo, kodwa iimpapasho ezinjalo azibanikanga lonwabo oluhlala luhleli abantu. Ngoko ke, sinokulufumana phi ulonwabo lokwenene?
Ukuze sonwabe ngokwenene, simele siyiqonde intswelo yokomoya esizalwe sinayo. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” Kambe ke, akusayi kusinceda nganto ukuyiqonda le ntswelo ukuba siyasilela ukwenza okuthile ngayo. Ngokomzekelo: Bekuya kwenzeka ntoni kwimbaleki yomgama omde ethe emva kogqatso yasilela ukupha umzimba wayo amanzi owafunayo? Ngaba ibingayi kuthi ngokukhawuleza iphelelwe ngamanzi emzimbeni yaye ibe neminye imiphumo enzulu? Ngokufanayo, ukuba siyasilela ukuzondla ngokomoya, ekugqibeleni siya kubuna ngokomoya. Oku kuya kuphumela ekubeni siphulukane novuyo nolonwabo.
UYesu wayeyiqonda ngokupheleleyo intswelo yakhe yokomoya, efundisisa aze acamngce rhoqo ngeLizwi likaThixo. Wayekwazi ukutyhila aze afunde ngokulula iindinyana zeZibhalo Ezingcwele, ibe wafundisa abanye ukwenza okufanayo. (Luka 4:16-21; thelekisa eyabase-Efese 4:20, 21.) Kwakhona uYesu wafanisa ukwenziwa kokuthanda kukaYise wasezulwini nokutya. Ukwenza ukuthanda kukaThixo kwamzisela ulonwabo olungathethekiyo.—Yohane 4:34.
Ewe, ulonwabo lokwenene alunakufunyanwa ngokuba nezinto eziphathekayo; lungenakufunyanwa nangokwanelisa inyama enesono. Ulonwabo lokwenene yimeko yentliziyo, esekelwe kukholo lokwenene nakulwalamano oluhle noYehova uThixo. Ngoko ngokufanelekileyo umdumisi uDavide wavuma: “Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!”—INdumiso 144:15b.
[Picture On Page 23]
Ukholo nolwalamano oluhle noThixo luya kukuzisela ulonwabo lokwenene