“Ingubo Engcwele YaseTrier”
ITRIER, embali yayo isusela kwiminyaka engama-2000 eyadlulayo, isesona sixeko sidala eJamani.a Kangangeenkulungwane iTrier ibinobudlelane obuqinileyo neCawa yamaKatolika. Ngowe-1996 kwindlu yecawa ehlala umfundisi yaseTrier kwenziwa umboniso ngento ethile yakudala ekucingelwa ukuba ilingana neso sixeko ubudala. Loo nto ibizwa ngokuba yiNgubo Engcwele yaseTrier.
Le ngubo iziimitha ezisisi-1,57 ubude yaye ububanzi buziimitha ezisisi-1,09 yaye inemikhono emifutshane. Yenziwe ngomqhaphu yaye, ngokutsho kukaHans-Joachim Kann kwincwadi yakhe ethi Wallfahrtsführer Trier und Umgebung (Isalathiso Sohambo Lwezonqulo Oluya ETrier Nakwiindawo Eziyingqongileyo), mhlawumbi yayinxitywa njengengubo yangaphezulu. Abanye baqikelela ukuba le ngubo yamandulo—inkoliso yayo eye yathungwa yaza yafakelwa amanye amalaphu ukutyhubela iinkulungwane—yathungwa ngenkulungwane yesibini okanye yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Ukuba banyanisile, oko kuya kuyenza ibe sisinxibo esinqabileyo, into ebangela umdla kwimyuziyam.
Noko ke, bambi bemi ngelithi le ngubo asinto enqabileyo nje kuphela kodwa ikwayinto engcwele—kungoko kusithiwa yiNgubo Engcwele. Oku kungenxa yokuba ayinamthungo, njengengubo yangaphantsi eyayinxitywa nguYesu Kristu. (Yohane 19:23, 24) Bambi bathi enyanisweni le “Ngubo Engcwele” yayiyekaMesiya.
Akuqinisekwanga ngendlela le ngubo eyeza ngayo eTrier. Enye incwadi yeembekiselo ithi “yanikelwa njengesipho kweso sixeko yinkosazana uHelena, unina kaConstantine Omkhulu.” UKann uthi ingxelo yokuqala enokuthenjwa yobukho bale ngubo eTrier yeyowe-1196.
Le ngubo, egcinwe kwindlu yecawa ehlala umfundisi, iye yabekwa ukuze ibonwe ngamaxesha athile ukususela ngenkulungwane ye-16. Ngokomzekelo, oku kwenziwa ngowe-1655, kamsinya nje emva kweMfazwe Yeminyaka Engamashumi Amathathu, mfazwe leyo eyayithwaxa kanobom iTrier. Ukuthengiswa kwezikhumbuzo zohambo lonqulo ngaxa lithile kuye kwaba nengeniso eninzi.
Kule nkulungwane kuye kwathatyathwa uhambo lonqulo “lweNgubo Engcwele” kangangezihlandlo ezithathu—ngowe-1933, 1959 nangowe-1996. Ngowe-1933 olu hambo lonqulo lwaziswa ngosuku lokumiselwa kukaHitler njengomlawuli woBukhosi baseJamani. UKann uthi ukungqamana kwezi ziganeko zibini ngosuku olunye kubalaselisa iimeko ezingqonge olo hambo. Amajoni amaNazi anxibe izinxibo zawo ayesenza ungcelele lokubonakalisa imbeko kubahambi bonqulo ngaphandle kwendlu yecawa ehlala umfundisi. Bazizigidi ezibini ezinesiqingatha abantu ababona le ngubo ngaloo nyaka.
UHerbert, obehlala eTrier kangangeminyaka emininzi, wathelekisa uhambo lonqulo lowe-1959 nolowe-1996. “Ngowe-1959 kwakuyinkungu nelanga ezitratweni, phantse kwikona yesitrato ngasinye kukho iitafilana ekuthengiswa kuzo izikhumbuzo. Kulo nyaka yonke le nto izolile.” Eneneni, bangama-700 000 kuphela abantu ababuke le ngubo ngowe-1996, bangaphantsi ngesigidi kwinani lowe-1959.
Kutheni Besiya Kubona Le Ngubo?
Icawa ibethelela ukuba le ngubo ayifanele ijongwe njengento yokuhlonelwa. Ingubo engenamthungo igqalwa njengefuzisela umanyano lwecawa. IFrankfurter Allgemeine Zeitung ithi xa wayesenza isaziso ngolu hambo, uBhishophu Spital wathi: “Imeko engaqhelekanga kwihlabathi lethu icel’ umngeni thina maKristu ukuba sifumane iimpendulo ezingaqhelekanga. Kufuneka sijamelane nentiyo, inkohlakalo nogonyamelo olwandayo.” Lo bhishophu wacacisa ukuba ukubona loo ngubo kwakuya kukhumbuza ubani ngomanyano.
Kodwa yintoni ebangela ukuba ubani ade afune “iNgubo Engcwele” ukuze akhumbule umanyano lwecawa? Kuthekani ukuba le ngubo inokonakala okanye ikrazuke okanye ibhencwe njengeyinkohliso? Ngaba ngoko umanyano lwecawa lungaba sengozini? Kuthekani ngabantu abangakwaziyo ukuthabatha uhambo oluya eTrier? Ngaba abanaxesha lalo naluphi na umanyano ngaphakathi kwecawa?
IZibhalo Ezingcwele aziyikhankanyi into yokuba amaKristu okuqala ayefuna izinto ezithile ukuze ziwakhumbuze ngemfuneko yomanyano lwamaKristu. Eneneni, umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ngala mazwi: “Sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona.” (2 Korinte 5:7) Ngaloo ndlela umanyano analo amaKristu okwenyaniso luchazwa ngokuthi ‘bubunye bokholo.’—Efese 4:11-13.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona iAwake! ka-Aprili 22, 1980, iphepha 21-3.