“UThixo Woxolo” Ubakhathalele Ababandezelekileyo
IBHAYIBHILE yenza licace mhlophe elokuba uDavide wamandulo wakha wathwaxwa kukubandezeleka. Waba yimbacu kangangeminyaka emininzi, ezingelwa ngukumkani ongendawo nonguntamo-lukhuni, owayezungula ubomi bakhe. Ebhuqwa koku kubandezeleka nje, kwakufuneka uDavide angcuchalaze ezimela ezingqaqeni. Kodwa ikho enye into awayenzayo. Wathandaza ngokunyanisekileyo kuYehova ngeenzingo ezazimthwaxa. Kamva wabhala wathi ngeshwangusha awayekulo: “Ndikhunga uYehova ngezwi lam. Ndiphalaza inkalazo yam phambi kwakhe, ndixela imbandezelo yam phambi kwakhe.”—INdumiso 142:1, 2.
Namhlanje, bambi basenokuhlekisa ngokwayama kukaDavide ngoThixo. Basenokuthi ukuthandaza kukuqhatha nje ingqondo yakho yaye ngeliphandle kuyinkcitha xesha. Ukanti, uDavide wayengaphazami ngokuthembela kwakhe kuThixo, kuba ekugqibeleni iintshaba zakhe zoyiswa. Ekhumbula loo mava akhe, uDavide wabhala wathi: “Usizana lwadanduluka, weva uYehova, walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.” (INdumiso 34:6) Lo Thixo uyinyaniso uDavide wayekholose ngaye kwenye indawo ubizwa ngokuba ‘nguThixo woxolo.’ (Filipi 4:9; Hebhere 13:20) Ngaba uya kuze asikhulule ekubandezelekeni, nto leyo eya kusizisela uxolo?
UYehova Ukukhathalele
UYehova akazivali iindlebe zakhe kwiinzingo abakuzo abantu bakhe. (INdumiso 34:15) Akaneli nje ukunikela ingqalelo kwiintswelo zabakhonzi bakhe njengeqela kodwa ukwayinikela nakwezomntu ngamnye omoyikayo. Xa wayenikezela itempile kwiYerusalem yamandulo, uSolomon wabongoza uYehova ukuba aphulaphule “ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe.” (2 Kronike 6:29, akekeliswe sithi.) Njengokuba noSolomon wakuvumayo oko, mntu ngamnye unembandezelo eyahlukileyo amele ayinyamezele. Komnye umntu isenokuba kukugula. Komnye, isenokuba kukunxunguphala. Bambi basenokuba babandezeleke ngenxa yokufa komntu abamthandayo. Ukungaqeshwa, ukutsala nzima kwezoqoqosho neengxaki zentsapho zezinye iimbandezelo ezixhaphakileyo kula maxesha anobunzima.
Khawucingisise okomzuzwana ‘ngesibetho nesingqala sakho.’ Mhlawumbi ngamathub’ athile ukhe uvakalelwe njengomdumisi uDavide, owabhala wathi: “Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; nokuthuthuzelwa, andakufumana.” Sekunjalo, unokuqiniseka ngelokuba uThixo uyikhathalele imeko okuyo, kuba kwakwindumiso enye, uDavide wabhala wathi: “UYehova uyaweva amahlwempu, akabadeli ababanjiweyo bakhe.”—INdumiso 69:20, 33.
Xa sinaba nzulu ngala mazwi kaDavide, sinokuqiniseka ukuba uMdali woluntu uyayiphulaphula imithandazo yabo, singathi, babanjwe ziimbandezelo abakuzo. Ngaphezu koko, wenza okuthile ngengxaki abakuyo. Khawuqwalasele la mazwi alandelayo abonisa uvelwano uYehova analo ngababandezelekileyo.
“Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli. Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo; uvuthe umsindo wam.”—Eksodus 22:22-24.
“Akayi kuthi na uThixo abangele ukuba okusesikweni kwenziwe kwabo banyuliweyo bakhe abadanduluka ngamandla kuye imini nobusuku, kwanakuba enokuzeka kade umsindo ngabo?”—Luka 18:7.
“Uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, nabaziintsizana abangenaluncedo; abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu; akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; linqabile emehlweni akhe igazi lawo.”—INdumiso 72:12-14.
“Onichukumisayo [nina bantu bakaThixo abasemhlabeni], uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.”—Zekariya 2:8.
Le mizekelo imbalwa isizobela indlela uMdali anomdla onzulu ngayo kwimpilo-ntle yabantu bakhe. Ngenxa yoko, sinesizathu esivakalayo sokuba silandela isibongozo sompostile uPetros esithi: “Niphosa lonke ixhala lenu kuye, ngenxa yokuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Kodwa uThixo uya kusinceda njani ngamaxesha embandezelo?
Indlela UThixo Abanceda Ngayo Ababandezelekileyo
Njengokuba sesibonile, xa uDavide wayebandezelekile, wathandazela ukhokelo lukaThixo ngokunyanisekileyo. Kwangaxeshanye, akazange ahlale esong’ izandla, wenza amatiletile okuphuncula kubasukeli bakhe. Ngaloo ndlela, ukukholosa ngoYehova kunye nemigudu yobuqu yanceda uDavide wanyamezela iinzingo ezazimthwaxa. Sinokufunda ntoni koku?
Xa singcungcuthekiswa kukubandezeleka, ngokuqinisekileyo akuphosakelanga ukwenza imigudu esengqiqweni yokucombulula loo ngxaki. Ngokomzekelo, ukuba umKristu uphulukene nomsebenzi, ngaba akayi kwenza umgudu wokufuna umsebenzi? Okanye ukuba uphethwe sisigulo esithile, ngaba akayi kufuna unyango? Eneneni, noYesu, owayenamandla okuphilisa zonke iintlobo zezigulo, wavuma ukuba ‘ugqirha uyafuneka kwabagulayo.’ (Mateyu 9:12; thelekisa eyoku-1 kuTimoti 5:23.) Kambe ke, zikho iinzingo ezingenakuze zishenxiswe; esimele nje sizinyamezele. Sekunjalo, umKristu wokwenyaniso akakujongi ukubandezeleka njengento ebalaselisa ubunyulu bakhe, njengokuba abanye benjalo. (Thelekisa eyoku-1 yooKumkani 18:28.) Kunoko, wenza konke okusemandleni akhe ukuze amelane nembandezelo akuyo.
Nangona sisenza oko, kusengqiqweni ukuba loo mbandela siwuphose kuYehova ngomthandazo. Ngoba? Okokuqala, ngokukholosa ngoMdali wethu, uyasinceda ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Ngokomzekelo, xa sifuna umsebenzi, ukukholosa ngoThixo ngomthandazo kuya kusinceda singamkeli umsebenzi ongqubanayo nemigaqo yeBhayibhile. Kwakhona siya kukuphepha ‘ukulahlekaniswa nokholo’ kukuthanda imali. (1 Timoti 6:10) Eneneni, xa sisenza izigqibo ezinzulu—ezinokuthanani nomsebenzi okanye ezinye izinto ebomini—kufuneka silandele isibongozo sikaDavide esithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.”—INdumiso 55:22.
Kwakhona umthandazo usenza sihlale silungelelene engqondweni, ukuze ukubandezeleka kungasongameli. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Kuyo yonk’ into zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo kunye nombulelo.” Uba yintoni umphumo? “Uxolo lukaThixo olugqwesa yonke ingcamango luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ewe, uxolo, uxolo lukaThixo. Olo xolo “lugqwesa yonke ingcamango,” ngoko lunokusenza singagungqi xa sinomthwalo omkhulu weemvakalelo ezidimazayo. Luya ‘kuzilinda iintliziyo namandla ethu engqondo,’ ngaloo ndlela lusincede siphephe ukwenza izinto singacinganga yaye singalumkanga, nto leyo enokongezelela kwimbandezelo esikuyo.—INtshumayeli 7:7.
Kukho nokunye okunokwenziwa ngumthandazo. Unokuba luncedo kwimiphumo yemeko leyo. Khawuqwalasele lo mzekelo weBhayibhile. Xa umpostile uPawulos wayesentolongweni eRoma, wakhuthaza amaKristu awayekhonza nawo ukuba amthandazele. Kwakutheni? Wawabhalela wathi: “Ndinibongoza ngokukodwa ngakumbi ukuba nenze oku, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinya ngakumbi.” (Hebhere 13:19) UPawulos wayesazi ukuba ukuthandaza ngokuzingisileyo kwabo akholwa nabo kwakuya kulichaphazela ixesha akhululwa ngalo.—Filemon 22.
Ngaba umthandazo ungayiguqula imiphumo yembandezelo okuyo? Ewe usenako. Noko ke, sifanele siqonde ukuba uYehova akasoloko eyiphendula imithandazo yethu ngendlela esisenokuba silindele ngayo. Ngokomzekelo, uPawulos wayethe gqolo ethandazela “iliva enyameni” yakhe—mhlawumbi yingxaki eyayinokuthanani namehlo akhe. Kunokuba alishenxise, uThixo waxelela uPawulos oku: “Ububele bam obunganifanelanga bukulingene; kuba amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.”—2 Korinte 12:7-9.
Ngoko ngamaxesha athile iinzingo esikuzo zinokungashenxiswa. Kunoko, siya kuba nethuba lokuzingqina sikholose ngoMdali wethu. (IZenzo 14:22) Ngaphezu koko, sinokuqinisekiswa ukuba kwanaxa uYehova engakushenxisi ukubandezeleka, uya ‘kwenza kwanendlela yokuphuma ukuze [sikwazi] ukukunyamezela.’ (1 Korinte 10:13) Ewe, kufanelekile ukuba uYehova abizwe ngokuba ‘nguThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Usinika amandla okunyamezela noxolo oluthile.
Kungekudala—Kuya Kubakho Ihlabathi Elingenakubandezeleka!
UMdali uthembisa ukuba ngoBukumkani bakhe, kungekudala uza kuzitshayela kuthi tu zonke iimbandezelo zabantu. Uza kukwenza njani oku? Ngokushenxisa uSathana uMtyholi, osisizekabani sokubandezeleka notshaba olukhulu loxolo, iBhayibhile embiza ngokuba ‘nguthixo wale nkqubo yezinto.’ (2 Korinte 4:4) Kodwa kungekudala uza kuyeka ukulawula abantu. Ukutshatyalaliswa kwakhe kuya kuvula ithuba lokuba abo bamoyikayo uThixo bafumane intabalala yeentsikelelo. IBhayibhile ithembisa ukuba uYehova uya ‘kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’—ISityhilelo 21:1-4.
Ngaba ihlabathi elingenakubandezeleka livakala liyintsomi? Sikuqhele gqitha ukuphila kwezi nzingo kangangokuba kunzima gqitha ukucinga ukuba ziya kuze zingabikho. Kodwa ukukhululeka kuloyiko, ixhala nentlekele kwakuyinjongo kaThixo ngoluntu kwasekudalweni kwalo, ibe injongo yakhe iya kuphumelela.—Isaya 55:10, 11.
Eli lithemba elafunyanwa nguSonia, uFabiana noAna abakhankanywe kwinqaku lokuqala. USonia, onoonyana ababini ababulawa nguGawulayo, unoxolo olukhulu ngenxa yethemba elinikelwe eBhayibhileni—uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa. (IZenzo 24:15) Uthi: “Inye into endiqiniseke ngayo, ithemba esinalo lingaphezu kwayo nayiphi na intlungu.”
Ngoxa wayesekwikhaya leenkedama, uAna watyelelwa ngomnye wamaNgqina kaYehova. UAna uthi: “Wandibonisa igama likaYehova eBhayibhileni, yaye zathi waxa iinyembezi luvuyo. Ndandingumpha ochutywe walahlwa, yaye ndafumanisa ukuba kukho uThixo osikhathaleleyo.” Ukuphuma kwakhe kwelo khaya leenkedama, uAna wamkela isifundo seBhayibhile yaye wafunda okuthe chatha ngamadinga kaYehova. Emva koko wazahlulela kuYehova waza wakufuzisela oko ngokubhaptizwa. “Ukususela ngoko ndiye ndaqhubeka ndikholose ngoYehova ngomthandazo, yaye kuyandithuthuzela ukuqiniseka ukuba uya kundinceda.”
UFabiana naye wathuthuzeleka ngeyona ndlela ibe waba noxolo lwengqondo kwimbandezelo awayekuyo xa wafunda ngamadinga kaThixo ngekamva. “Ukufunda inyaniso eBhayibhileni kufana nokuphuma kwintsunguzi yobumnyama uze ungene kwindawo enokukhanya okuqaqambileyo.”—Thelekisa INdumiso 118:5.
Kodwa uxolo lokoqobo luya kubakho nini yaye njani emhlabeni wonke? Makhe sibone kula manqaku alandelayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Iimbandezelo Ezahlukahlukeneyo
▪ Abantu abamalunga nekota yabemi behlabathi babhuqwa linxele likaKhetsekile, ibe abazizigidi baphila kubugxwayiba obusisisongelo kubomi babo.
▪ Abantwana abangaphezu kwezigidi ezingama-200 abondlekanga.
▪ Nyaka ngamnye isifo sorhudo sishiya itshoba lilel’ umbethe kubantwana abazizigidi ezithathu abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala.
▪ Ngowe-1993 kuphela izifo ezasulelayo zabulala abantu abamalunga nezigidi ezili-16,5. Ekubeni ingafani indlela ezichazwa ngayo izifo kwamanye amazwe, eli nani lisenokuba lingaphezulu lee kweli.
▪ Kuqikelelwa ukuba abantu abazizigidi ezingama-500 baphethwe ziintlobo ezahlukeneyo zezigulo zengqondo.
▪ Inani lolutsha oluzibulalayo lande ngesantya esiphakame gqitha kunabantu abakubudala obahlukeneyo.
▪ IThe Unesco Courier ithi: “Indlala nokungaqeshwa yingxaki egqugqise kulo lonke ihlabathi. Kukho abantu abazizigidi ezingama-35 abangaqeshwanga kumazwe asixhenxe angawona ami kakuhle ehlabathini, yaye eBrazil kuphela kukho abantu abazizigidi ezingama-20 abasebenzayo kodwa abangenakutya kwaneleyo.”
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Umthandazo unokusinceda sijolise ingqalelo kwidinga likaThixo lehlabathi elitsha elingenakubandezeleka