Ulawulo LobuThixo Ngexesha LamaKristu
‘Ivumelana nenkoleko yakhe yokuba kuhlanganiselwe zonke izinto ndawonye kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’—EFESE 1:9, 10.
1, 2. (a) Bekuqhutywa njani ukuhlanganiselwa ndawonye ‘kwezinto ezisemazulwini,’ ukususela ngowama-33 C.E.? (b) AmaKristu athanjisiweyo aye awubonakalisa njani umoya ofana nokaMoses noEliya ukususela ngowe-1914?
OKU kuhlanganiselwa ndawonye ‘kwezinto ezisemazulwini’ kwaqalisa ngowama-33 C.E., xa kwazalwa “uSirayeli kaThixo.” (Galati 6:16; Isaya 43:10; 1 Petros 2:9, 10) Emva kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ukuhlanganiselwa ndawonye kwaqhubeka ngesantya esiphantsi njengoko amaKristu okwenene (awabizwa nguYesu ngokuthi ‘yingqolowa’) aminxwa ‘lukhula’ lwabawexuki olwaluhlwayelwe nguSathana. Kodwa njengoko “ixesha lokuphela” lalisondela, uSirayeli wokwenene kaThixo waphinda wabonakala ebantwini yaye ngowe-1919 wamiselwa phezu kwayo yonke impahla kaYesu.a—Mateyu 13:24-30, 36-43; 24:45-47; Daniyeli 12:4.
2 Ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, amaKristu athanjisiweyo enza imisebenzi yamandla, kanye njengoko uMoses noEliya benzayo.b (ISityhilelo 11:5, 6) Ukususela ngowe-1919 aye ashumayela iindaba ezilungileyo kwihlabathi elinentiyo, ekwenza oko ngenkalipho efana nekaEliya. (Mateyu 24:9-14) Yaye ukususela ngowe-1922 aye avakalisa imigwebo kaYehova kuluntu, kanye njengokuba uMoses wazisa izibetho zikaThixo kwiYiputa yamandulo. (ISityhilelo 15:1; 16:2-17) Namhlanje intsalela yala maKristu athanjisiweyo isisiseko sebutho lehlabathi elitsha lamaNgqina kaYehova.
Ukusebenza Kwequmrhu Elilawulayo
3. Ziziphi iziganeko ezibonisa ukuba ibandla lamaKristu okuqala lalilungelelaniswe kakuhle?
3 Zisuka nje, abalandeli abathanjisiweyo bakaYesu balungelelaniswa. Njengoko inani labafundi laliphindaphindeka, kwasekwa amabandla kwaza kwamiselwa abadala. (Tito 1:5) Emva kowama-33 C.E., abapostile abali-12 basebenza njengequmrhu elilawulayo elalisesazulwini. Ngenxa yoko, bawalathisa ngokungenaloyiko umsebenzi wokunikela ubungqina. (IZenzo 4:33, 35, 37; 5:18, 29) Balungelelanisa ukwabiwa kokutya kwabasweleyo, baza bathumela uPetros noYohane eSamariya ukuba baye kubantu ababenomdla. (IZenzo 6:1-6; 8:6-8, 14-17) UBharnabhas wasa uPawulos kubo ukuze abaqinisekise ukuba lo wayesakuba ngumtshutshisi ngoku wayengumlandeli kaYesu. (IZenzo 9:27; Galati 1:18, 19) Kwaye emva kokuba uPetros eshumayele kuKorneli nendlu yakhe, wabuyela eYerusalem waza wacacisela bonke abapostile nabanye abazalwana abangamaYuda indlela umoya oyingcwele owawuyibonakalise ngayo inkoliseko kaThixo kuloo mbandela.—IZenzo 11:1-18.
4. Liliphi ilinge elenziwayo lokubulala uPetros, kodwa ubomi bakhe basindiswa njani?
4 Emva koko iqumrhu elilawulayo lahlaselwa kabuhlungu. UPetros wavalelwa entolongweni, ibe ubomi bakhe basindiswa kukungenelela kwengelosi. (IZenzo 12:3-11) Ngoku okwesihlandlo sokuqala, mntu uthile ongenguye omnye wabapostile abali-12 waba kwisikhundla esiphambili eYerusalem. Xa uPetros wakhululwa entolongweni, walixelela oku iqela elalihlanganisene kwindlu kanina kaYohane ekuthiwa nguMarko: “Zixeleni ezi zinto kuYakobi [umninawa kaYesu ngonina] nakubazalwana.”—IZenzo 12:17.
5. Yatshintsha njani indlela elaliyilwe ngayo iqumrhu elilawulayo emva kokubulawa kukaYakobi?
5 Ngaphambilana, emva kokuzibulala kukaYuda Sikariyoti, umpostile owayengumngcatshi, kwaqondakala ukuba kwakufuneka “isikhundla sakhe sobuveleli” njengompostile sinikwe omnye umntu owayehamba noYesu ebudeni bobulungiseleli bakhe nowayekho xa wayebulawa naxa wayevuswa. Noko ke, xa uYakobi, umzalwana kaYohane, wabulawayo, wayengekho umntu owayenokungena ezihlangwini zakhe njengomnye wabali-12. (IZenzo 1:20-26; 12:1, 2) Nangona kunjalo, iSibhalo esilandelayo esithetha ngequmrhu elilawulayo sibonisa ukuba lalandisiwe. Xa kwavuka imbambano ngokuba abeeNtlanga ababelandela uYesu babefanele bathobele uMthetho kaMoses kusini na, lo mbandela waphoswa ezandleni ‘zabapostile namadoda amakhulu eYerusalem’ ukuze benze isigqibo. (IZenzo 15:2, 6, 20, 22, 23; 16:4) Kutheni ngoku kubonakala ngathi kwakukho “namadoda amakhulu” kwiqumrhu elilawulayo? IBhayibhile ayisichazi isizathu, kodwa ingenelo yoko yayicacile. Ukufa kukaYakobi nokuvalelwa entolongweni kukaPetros kwenza kwabonakala ukuba ngenye imini abapostile babeya kuvalelwa entolongweni okanye babulawe. Ekubeni into enjalo yayinokwenzeka, ubukho babanye abadala abafanelekayo, ababenamava kwiinkqubo zequmrhu elilawulayo, kwakuya kuqinisekisa ukuba umsebenzi wokuvelela wawuya kuqhubeka ulungelelanisiwe.
6. Iqumrhu elilawulayo laqhubeka njani lisebenza eYerusalem, kwanaxa amalungu alo okuqala ayengasekho kweso sixeko?
6 Xa uPawulos waya eYerusalem malunga nonyaka wama-56 C.E., wanikela ingxelo kuYakobi, ibe iBhayibhile ithi, “ayekho onke amadoda amakhulu.” (IZenzo 21:18) Kutheni bungakhankanywa ubukho babapostile kule ntlanganiso? Kwakhona, iBhayibhile ayisichazi isizathu. Kodwa umbhali-mbali uEusebius kamva wanikela ingxelo yokuba ngaxa lithile ngaphambi kowama-66 C.E., “abapostile ababesasele, babephila ubomi bentshontsho ngenxa yamayelenqe okubabulala, basaba kwelakwaYuda. Kodwa ukuze bashumayele isigidimi sabo bahamba kuwo onke amazwe ngamandla kaKristu.” (Eusebius, Incwadi III, V, v. 2) Kuyinyaniso ukuba, amazwi kaEusebius akayonxalenye yengxelo ephefumlelweyo, kodwa ayevisisana noko kuthethwa yiloo ngxelo. Ngokomzekelo, ngowama-62 C.E., uPetros wayeseBhabhiloni—kude lee neYerusalem. (1 Petros 5:13) Sekunjalo, ngowama-56 C.E., ibe kunokwenzeka ukuba de kuye kutsho ngowama-66 C.E., kuyacaca ukuba iqumrhu elilawulayo lalisasebenza eYerusalem.
Ulawulo Kule Mihla
7. Xa lithelekiswa nequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala, nguwuphi umahluko obalaseleyo okhoyo kwindlela elibunjwe ngayo iQumrhu Elilawulayo namhlanje?
7 Ukususela ngowama-33 C.E. ukuya kutsho kwixesha lembandezelo eYerusalem, kubonakala ukuba iqumrhu elilawulayo laliyilwa ngamaKristu angamaYuda. Ebudeni botyelelo lwakhe ngowama-56 C.E., uPawulos wabona ukuba amaKristu amaninzi angamaYuda eYerusalem, phezu kwako nje ‘ukuluphatha ukholo lweNkosi yethu uYesu Kristu,’ ‘ayesenenzondelelo ngoMthetho [kaMoses].’c (Yakobi 2:1; IZenzo 21:20-25) Kusenokuba kwakunzima kuloo maYuda ukuba nomfanekiso-ngqondweni womntu weeNtlanga ekwiqumrhu elilawulayo. Noko ke, kula maxesha kuye kwakho olunye utshintsho kwindlela eliyilwe ngayo eli qumrhu. Namhlanje, lonke liyilwe ngamaKristu athanjisiweyo eeNtlanga, ibe uYehova uye wawusikelela kakhulu umsebenzi walo wobuveleli.—Efese 2:11-15.
8, 9. Luluphi utshintsho oluye lwakho kwiQumrhu Elilawulayo kula maxesha?
8 Ukususela ekusekweni kweWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ngowe-1884 ukuya kutsho ngowe-1972, umongameli woMbutho ebenegunya elikhulu kwintlangano kaYehova, ngoxa iQumrhu Elilawulayo lalinxulunyaniswa ngokusondeleyo nebhodi yabalathisi boMbutho. Iintsikelelo ezafunyanwa ebudeni baloo minyaka zingqina ukuba uYehova wayelamkela elo lungiselelo. Phakathi kowe-1972 nowe-1975, iQumrhu Elilawulayo landiswa laba namalungu ali-18. Izinto zaziphantse zafana nelungiselelo lenkulungwane yokuqala xa eli qumrhu landisiweyo lanikwa igunya elingakumbi, bambi kulo bengabalathisi beWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
9 Ukususela ngowe-1975 uninzi lwaba bali-18 luye lwaligqiba ikhondo lalo lasemhlabeni. Luye lwaloyisa ihlabathi lwaza ‘lwahlala noYesu kwitrone yakhe yasezulwini.’ (ISityhilelo 3:21) Ngenxa yoku nezinye izizathu, iQumrhu Elilawulayo ngoku linamalungu alishumi, kuquka nelinye elongezelelwe ngowe-1994. Inkoliso yawo sele yaluphele kakhulu. Noko ke, aba bazalwana bathanjisiweyo baxhaswa kakuhle njengoko bephumeza imisebenzi yabo enzima. Ifumaneka phi loo nkxaso? Ukuphosa iliso kwizinto ezenzeke kule mihla kubantu bakaThixo kuya kuwuphendula loo mbuzo.
Ukuxhaswa KoSirayeli KaThixo
10. Ngoobani abathelele abathanjiswa enkonzweni kaYehova kule mihla yokugqibela, ibe oku kwakuprofetwe njani?
10 Emva phayaa ngowe-1884 phantse bonke ababenxulumana noSirayeli kaThixo babengamaKristu athanjisiweyo. Noko ke, ngokuthe ngcembe kwaqalisa ukuvela kwelinye iqela, ibe ngowe-1935 eli qela lafaniswa ‘njengesihlwele esikhulu’ seSityhilelo isahluko 7. Ekubeni linethemba lokuphila emhlabeni, limela ‘izinto ezisemhlabeni’ uYehova anenjongo yokuzihlanganisela ndawonye kuKristu. (Efese 1:10) Limela “ezinye izimvu” zomzekeliso kaYesu weentlanti zezimvu. (Yohane 10:16) Ukususela ngowe-1935, ezinye izimvu ziye zathontelana kwintlangano kaYehova. Ziye ‘zeza zibaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo.’ (Isaya 60:8) Ngenxa yokwanda kwesihlwele esikhulu nokuncipha kodidi lwabathanjiswa njengoko uninzi lwalo luligqiba ikhondo lasemhlabeni ngokufa, ezinye izimvu ezifanelekayo ziye zaba nendima eyandayo kwimisebenzi yamaKristu. Ngaziphi iindlela?
11. Ngawaphi amalungelo, ngaphambili awayengawamaKristu athanjisiweyo kuphela, aye anikwa ezinye izimvu?
11 Ukuvakalisa ngokubanzi iimbalasane zikaYehova bekusoloko kuyimbopheleleko ekhethekileyo ‘kuhlanga olungcwele’ lukaThixo. UPawulos wakuchaza oku njengedini lasetempileni, ibe kwabo babeza kuba ‘bububingeleli basebukhosini,’ uYesu wanikela uthumo lokushumayela nokufundisa. (Eksodus 19:5, 6; 1 Petros 2:4, 9; Mateyu 24:14; 28:19, 20; Hebhere 13:15, 16) Noko ke, inkupho yeMboniselo (yesiNgesi) ka-Agasti 1, 1932, yabakhuthaza ngokukhethekileyo abo bafuziselwa nguYonadabhi ukuba babe nesabelo kulo msebenzi. Eneneni, uninzi lwabo bezinye izimvu babesele besenjenjalo kakade. Namhlanje, phantse wonke umsebenzi wokushumayela wenziwa ngabezinye izimvu njengenxalenye ephambili ‘yokunikela inkonzo engcwele [kuThixo] imini nobusuku etempileni yakhe.’ (ISityhilelo 7:15) Ngokufanayo, ngasekuqaleni komsebenzi wale mihla wabantu bakaYehova, abadala bamabandla babengamaKristu athanjisiweyo, ‘iinkwenkwezi’ ezikwisandla sokunene sikaYesu Kristu. (ISityhilelo 1:16, 20) Kodwa inkupho yeMboniselo (yesiNgesi) kaMeyi 1, 1937, yakhupha isaziso sokuba abezinye izimvu abafanelekayo babenokuba ngabakhonzi beqela (abaveleli abongamelayo). Kwanokuba amadoda angabathanjiswa ayekho, abezinye izimvu babenokusetyenziswa ukuba amadoda athanjisiweyo ayengakwazi ukuthwala le mbopheleleko. Namhlanje, phantse bonke abadala bamabandla bangabezinye izimvu.
12. Yiyiphi imizekelo yangaphambili ekhoyo engokweZibhalo elandelwa zezinye izimvu ezifanelekayo ezifumana iimbopheleko ezinzima zokulungelelanisa?
12 Ngaba kuphosakele ukunika abezinye izimvu imbopheleleko enzima kangaka? Hayi, kwakunjalo namandulo. Bambi kwabo babengamaguquka (abaphambukeli) babekwizikhundla eziphakamileyo kuSirayeli wamandulo. (2 Samuweli 23:37, 39; Yeremiya 38:7-9) Emva kokuthinjwa eBhabhiloni, amaNethinim (abakhonzi basetempileni ababengengomaSirayeli) afanelekayo anikwa amalungelo enkonzo yasetempileni awayengawabaLevi kuphela ngaphambili. (Ezra 8:15-20; Nehemiya 7:60) Ukongezelela koko, uMoses, owabonwa kumbono wokwenziwa kumila kumbi enoYesu, walamkela icebiso elihle elanikelwa nguYitro owayengumMidiyan. Kamva, wacela unyana kaYitro uHobhabhi ukuba abakhokele ukutyhubela intlango.—Eksodus 18:5, 17-24; Numeri 10:29.
13. Ngokwabela ezinye izimvu ezifanelekayo iimbopheleleko ezithile ngokuthobeka, abathanjiswa baxelisa umoya omhle kabani?
13 Ngasekupheleni kweminyaka engama-40 besentlango, uMoses, esazi ukuba wayengayi kufika kwiLizwe Ledinga, wathandaza kuYehova ukuba alungiselele oza kungena ezihlangwini zakhe. (Numeri 27:15-17) UYehova wamxelela ukuba agunyazise uYoshuwa phambi kwabo bonke abantu, ibe uMoses wenza ngolo hlobo, nangona wayesomelele ngokwasemzimbeni ibe engazange ayeke ngoko nangoko ukukhonza uSirayeli. (Duteronomi 3:28; 34:5-7, 9) Benomoya ofanayo wokuthobeka, abathanjiswa sele benikela amalungelo angakumbi kumadoda afanelekayo ezinye izimvu.
14. Ziziphi iziprofeto ezalatha kwindima ekhulayo yokulungelelanisa yezinye izimvu?
14 Indima ekhulayo yokulungelelanisa yezinye izimvu ikwangumbandela ongokwesiprofeto. UZekariya waxela kwangaphambili ukuba umFilisti ongengomSirayeli wayeza kuba “njengenkosana kwaYuda.” (Zekariya 9:6, 7) Iinkosana zazingabathetheli bezizwe, ngoko uZekariya wayesithi umntu owayefudula elutshaba lukaSirayeli wayeza kwamkela unqulo lokwenyaniso aze abe njengomthetheli wesizwe kwiLizwe Ledinga. Ngaphezu koko, xa wayethetha noSirayeli kaThixo, uYehova wathi: “Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu, oonyana bezinye iintlanga babe ngabalimi bomhlaba wenu, nabezidiliya zenu. Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa kuni, ningababingeleli boThixo wethu.” (Isaya 61:5, 6) ‘Abasemzini noonyana bezinye iintlanga’ zezinye izimvu. Ziye zabelwa iimbopheleleko ukuze zithwale umsebenzi ongakumbi njengoko intsalela ethanjisiweyo eyaluphalayo igqibezela ikhondo layo lasemhlabeni yaye isiya kukhonza ngokupheleleyo ezulwini ‘njengababingeleli kuYehova,’ ijikeleze itrone yobungangamsha kaYehova ‘njengabalungiseleli boThixo wethu.’—1 Korinte 15:50-57; ISityhilelo 4:4, 9-11; 5:9, 10.
‘Isizukulwana Sabaya Kuza’
15. Kweli xesha lesiphelo, liliphi iqela lamaKristu eliye lafikelela “ebuxhegweni,” ibe liliphi iqela elimela ‘isizukulwana sabaya kuza’?
15 Intsalela yabathanjiswa ibizimisele ukuqeqesha ezinye izimvu ukuze zithwale iimbopheleleko ezongezelelekileyo. INdumiso 71:18 ithi: “Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini; ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha, nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.” Igqabaza ngale ndinyana, IMboniselo (yesiNgesi) kaDisemba 15, 1948, yabethelela ukuba ibandla lamaKristu athanjisiweyo ngokuqinisekileyo lalisaluphala. Yongezelela isithi abathanjiswa ngovuyo “babejonge phambili ekukhanyeni kwesiprofeto seBhayibhile baze babone isizukulwana esitsha.” Oku kubhekiselwa koobani ngokukhethekileyo? LeMboniselo yathi: “UYesu wabachaza aba ‘njengezinye izimvu’ zakhe.” Ibinzana elithi ‘isizukulwana sabaya kuza’ libhekisela kubantu abaya kuphila phantsi kolawulo lwasemhlabeni oluya kwalathiswa buBukumkani bamazulu.
16. Yiyiphi intsikelelo esikhangele phambili ngomdla kuyo ‘isizukulwana sabaya kuza’?
16 IBhayibhile ayilitsolisi elokuba amaKristu athanjisiweyo aya kubashiya nini abazalwana bawo besi ‘sizukulwana sabaya kuza’ baze baye kuzukiswa kunye noYesu Kristu. Kodwa aba bathanjiswa banentembelo yokuba elo xesha liyasondela. Iziganeko ezaxelwa kwangaphambili kwisiprofeto esibalaseleyo sikaYesu ngokuphathelele “ixesha lokuphela” bezizaliseka ukususela ngowe-1914, zibonisa ukuba ukutshatyalaliswa kweli hlabathi kusemnyango. (Daniyeli 12:4; Mateyu 24:3-14; Marko 13:4-20; Luka 21:7-24) Kungekudala, uYehova uya kukhokelela ‘isizukulwana sabaya kuza’ kwihlabathi elitsha apho siya ‘kubudla ilifa ubukumkani [ummandla womhlaba] obalungiselelwa sona ukususela ekusekweni kwehlabathi.’ (Mateyu 25:34) Sinemincili njengoko silindele ngomdla ukubuyiselwa kweParadesi nokuvuswa kwezigidi zabafileyo eHadesi. (ISityhilelo 20:13) Ngaba abathanjiswa baya kube bekho ukuze bamkele abavusiweyo? Emva phayaa ngowe-1925, IMboniselo (yesiNgesi) kaMeyi 1, yathi: “Asifanele sizigqibele ngoko uThixo aya kukwenza okanye angayi kukwenza. . . . [Kodwa] salathiselwa kwisigqibo sokuba amalungu eCawa [amaKristu athanjisiweyo] aya kuzukiswa ngaphambi kovuko lwabaxabisekileyo bamandulo [amangqina athembekileyo awayephila ngaphambi kwexesha lamaKristu].” Ixubusha ngendlela efanayo ngokuba abathanjiswa baya kubakho ukuze bamkele abavusiweyo kusini na, IMboniselo kaSeptemba 1, 1989, yathi: “Oku akusayi kuba yimfuneko.”d
17. Ngawaphi amalungelo amangalisayo aya kunanditshwa ngabathanjiswa njengeqela, noKumkani obekwe etroneni, uYesu Kristu?
17 Kuyinyaniso ukuba, asiyazi into eya kwenzeka kumKristu ngamnye othanjisiweyo. Kodwa ubukho bukaMoses noEliya noYesu kumbono wokwenziwa kumila kumbi bubonisa ukuba kulindeleke ukuba amaKristu athanjisiweyo avusiweyo abe kunye noYesu xa esiza ekuzuko eze ‘kubuyekeza ngamnye ngokokuziphatha kwakhe’ njengoko isigwebo sakhe sisiwiswa yaye siphunyezwa. Ngaphezu koko, siyalikhumbula idinga likaYesu lokuba amaKristu athanjisiweyo “oyisayo” aya ‘kwalusa iintlanga ngentonga yentsimbi’ kunye naye eArmagedon. Xa uYesu esiza ekuzuko, aya kuhlala naye ‘agwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.’ Ekunye noYesu, aya ‘kumtyumza uSathana phantsi kweenyawo zawo.’—Mateyu 16:27–17:9; 19:28; ISityhilelo 2:26, 27; 16:14, 16; Roma 16:20; Genesis 3:15; INdumiso 2:9; 2 Tesalonika 1:9, 10.
18. (a) Kukwiliphi inqanaba ‘ukuhlanganiswa kwe-zinto ezisemazulwini kuKristu’? (b) Sinokugqabaza sithini ‘ngokuhlanganiswa kwezinto ezisemhlabeni ndawonye kuKristu’?
18 Ngokuvisisana nendlela azilawula ngayo izinto, uYehova uyaqhubeka ‘ehlanganisela zonke izinto ndawonye kwakhona kuKristu.’ Iinjongo zakhe ngokuphathelele “izinto ezisemazulwini” sele ziza kuphunyezwa. Ukumanyana kukaYesu nalo lonke i-144 000 ezulwini ukuze kuqhutywe “umtshato weMvana” sele kusemnyango. Ngenxa yoko, abazalwana abangakumbi ekukudala bekhonza nabaqolileyo bezinye izimvu, abamela ‘izinto ezisemhlabeni,’ baye babelwa iimbopheleleko ezinzima bexhasa abazalwana babo abathanjisiweyo. Elinjani ukubangel’ imincili ixesha esiphila kulo! Hayi indlela ekuchulumancisa ngayo ukubona injongo kaYehova izaliseka! (Efese 1:9, 10; 3:10-12; ISityhilelo 14:1; 19:7, 9) Ibe hayi indlela ezikuvuyela ngayo ezinye izimvu ukuxhasa abazalwana bazo abathanjisiweyo njengoko la maqela mabini ekhonza kunye ‘njengomhlambi omnye’ ophantsi ‘komalusi omnye’ othobela uKumkani, uYesu Kristu, nozukisa uMongami obalaseleyo Wendalo Iphela, uYehova uThixo!—Yohane 10:16; Filipi 2:9-11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inkupho yeMboniselo kaJanuwari 15, 1982, iphepha 14-25.
b Ngokomzekelo, ukususela ngowe-1914, i-“The Photo-Drama of Creation”—umfanekiso owawuneenxalenye ezine nentetho erekhodiweyo—yaboniswa kwiiholo zemidlalo yeqonga ezazizele zimi ngeembambo kwelaseNtshona.
c Ukuze ufumane oko kusenokuba zizizathu zokuba amanye amaKristu awayengamaYuda awuzondelele uMthetho, bona i-Insight on the Scriptures, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., uMqulu 2, iphepha 1163-4.
Ngaba Ungachaza?
◻ Intlangano kaThixo yaqhubela phambili njani ngenkulungwane yokuqala?
◻ IQumrhu Elilawulayo liye lakhula njani kwimbali yale mihla yamaNgqina kaYehova?
◻ Ziziphi iZibhalo ezixhasa ukunikwa igunya kwezinye izimvu kwintlangano kaYehova?
◻ “Izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni” ziye zahlanganiselwa njani kuKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Kwanaxa amalungu alo okuqala ayengasekho eYerusalem, iqumrhu elilawulayo laqhubeka lisebenzela apho
[Umfanekiso okwiphepha 18]
AmaKristu athanjisiweyo aqolileyo ebeyintsikelelo kubantu bakaYehova
UC. T. Russell 1884-1916
UJ. F. Rutherford 1916-42
UN. H. Knorr 1942-77
UF. W. Franz 1977-92
UM. G. Henschel 1992-