Imfihlelo AmaKristu Angenabuganga Bakuyigcina!
“Ndithethe esidlangalaleni kulo ihlabathi. . . . Andithethanga nto emfihlekweni.”—YOHANE 18:20.
1, 2. Ithini intsingiselo yegama lesiGrike elithi my·steʹri·on elisetyenziswe eZibhalweni?
IGAMA lesiGrike elithi my·steʹri·on kwiNew World Translation of the Holy Scriptures liguqulelwe ngokuthi “imfihlelo engcwele” kangangezihlandlo ezingama-25 laza laguqulelwa kangangezi-3 ngelithi “imfihlelo.” Imfihlelo xa kusithiwa ingcwele imele ukuba ibaluleke ngokwenene! Nabani na onelungelo lokwazi loo mfihlelo ufanele azive eneqhayiya, ekubeni eye wagqalwa njengokufanelekeleyo ukwazi imfihlelo yoThixo onguMongami wendalo iphela.
2 IExpository Dictionary of Old and New Testament Words kaVine ingqina ukuba ngokuqhelekileyo ibinzana elithi “imfihlelo engcwele” liyinguqulelo echane ngakumbi kunegama elithi “imfihlelo.” Ithetha yenjenje ngegama elithi my·steʹri·on: “[KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike] alithethi into engaqondwayo (njengoko kunjalo ngegama lesiNgesi) kodwa lithetha into ethi, ingaphaya kwamandla okuqonda emvelo, yaziwe kuphela ngokutyhilwa nguThixo, yaye ichazwe ngendlela nangexesha elimiselwe nguThixo, yaye yaziwe ngabo bakhanyiselwe nguMoya Wakhe kuphela. Ngokwengqiqo eqhelekileyo imfihlelo lulwazi olugciniweyo; intsingiselo yayo engokweZibhalo yinyaniso etyhiliweyo. Kungoko amabinzana anxityelelaniswa ngokukhethekileyo nayo ingathi ‘ichaziwe,’ ‘ibonakalisiwe,’ ‘ityhiliwe,’ ‘ishunyayelwe,’ ‘iyaqondwa,’ ‘isasaziwe.’”
3. Ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala lalahluke njani kumaqela athile ayimfihlelo onqulo?
3 Le ngcaciso ibalaselisa umahluko omkhulu okhoyo phakathi kwamaqela onqulo ayimfihlelo awaqalisa ngenkulungwane yokuqala nebandla lamaKristu elalisandul’ ukusekwa. Ngoxa abo babengene kumahlelo afihlakeleyo babedla ngokubotshwa sisifungo sokungazityhili iimfihlelo ukuze kukhuselwe iimfundiso zonqulo, amaKristu akazange abe phantsi kwaloo miqathango. Kuyinyaniso ukuba umpostile uPawulos wathetha ‘ngobulumko bukaThixo kwimfihlelo engcwele,’ ebubiza ngokuthi ‘bubulumko obufihlakeleyo,’ oko kukuthi, babufihlakele “kubaphathi bale nkqubo yezinto.” Abufihlakalanga kumaKristu aye abutyhilelwa ngomoya kaThixo ukuze abazise kuwonke wonke.—1 Korinte 2:7-12; thelekisa IMizekeliso 1:20.
Ukufaniswa ‘Kwemfihlelo Engcwele’
4. Isekelwe kubani “imfihlelo engcwele,” ibe njani?
4 “Imfihlelo engcwele” kaYehova isekelwe kuYesu Kristu. UPawulos wabhala: ‘[UYehova] wenze ukuba siyazi imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Ivumelana nenkoleko yakhe awaba nenjongo yayo kuye ngokwakhe ukwenzela ulungiselelo kumda ozeleyo wamaxesha amisiweyo, lokuba, kuhlanganiselwe zonke izinto ndawonye kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni. Ewe, kuye.’ (Efese 1:9, 10) UPawulos wade wayichaza ngokweenkcukacha le “mfihlelo engcwele” xa walatha imfuneko ‘yolwazi oluchanileyo lwemfihlelo engcwele kaThixo, oko kukuthi, uKristu.’—Kolose 2:2.
5. Yintoni ebandakanyekileyo ‘kwimfihlelo engcwele’?
5 Noko ke, kubandakanyeke okungaphezu koko, kuba “imfihlelo engcwele” iyimfihlelo eneenkalo ezininzi. Asikokufaniswa nje kukaYesu njengeMbewu ethenjisiweyo okanye uMesiya; iquka indima abelwe ukuba ayiphumeze kwiinjongo zikaThixo. Ibandakanya urhulumente wasezulwini, uBukumkani bukaThixo obungoMesiya, njengoko uYesu wachaza kakuhle xa wayexelela abafundi bakhe oku: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu, kodwa bona abo bantu abakunikwanga.”—Mateyu 13:11.
6. (a) Kutheni kuchanile ukuthi “imfihlelo engcwele” ‘ibigcinwe ngokuthe cwaka kangangamaxesha ahlala ehleli’? (b) Iye yatyhilwa njani ngokuqhubekayo?
6 Kwakuya kudlula ixesha elide phakathi kokukhankanywa okwesihlandlo sokuqala kwenjongo kaThixo yokulungiselela isiseko soBukumkani obungoMesiya nokwenza ‘imfihlelo engcwele ifikelele ekugqibeleni.’ (ISityhilelo 10:7; Genesis 3:15) Ukwenziwa kwayo ifikelele ekugqibeleni kwakuya kwenzeka xa kusekwa uBukumkani, njengoko ukuthelekiswa kweSityhilelo 10:7 nese–11:15 kukungqina oko. Eneneni, kwadlula iminyaka engama-4000 ukususela ekwenziweni kwedinga lokuqala loBukumkani e-Eden ukusa ekuveleni koKumkani Onyuliweyo ngowama-29 C.E. Kwadlula eminye iminyaka eli-1885 ngaphambi kokuba uBukumkani busekwe emazulwini ngowe-1914. Ngaloo ndlela “imfihlelo engcwele” yatyhilwa ngokuqhubekayo ukutyhubela iminyaka engama-6000. (Bona iphepha 16.) Ngokwenene uPawulos wayenyanisile xa wayethetha ‘ngokutyhileka kwemfihlelo engcwele ebigcinwe ngokuthe cwaka kangangamaxesha ahlala ehleli kodwa eye ngoku yenziwa yabonakala yaza yaziswa.’—Roma 16:25-27; Efese 3:4-11.
7. Kutheni sinokuba nentembelo epheleleyo kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi?
7 Ngokungafaniyo nabantu, abaphila ixesha elilinganiselweyo, uYehova akaze azive eshiywa lixesha aze atyhile iimfihlelo zakhe ngaphambi kwexesha elililo. Esi sibakala sifanele sisithintele ukuze singaphelelwa ngumonde xa imibuzo ethile yeBhayibhile okwangoku ingenakuphenduleka ngendlela esanelisayo. Ukuba nobulali kodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, elithunywe ukuba lilungiselele indlu yamaKristu ukutya ngexesha elifanelekileyo, kuyaluthintela ukuze lungangxami luze lufunise ngemibandela engekacaci. Udidi lwekhoboka luzabalazela ukukuphepha ukuba ngoozwilakhe. Aluzingci kangangokuba lungavumi ukuba okwangoku alunakuyiphendula yonke imibuzo, lucinga ngeMizekeliso 4:18. Kodwa hayi indlela ekubangel’ imincili ngayo ukwazi ukuba uYehova, ngexesha lakhe nangendlela yakhe, uya kuqhubeka etyhila iimfihlelo zakhe eziphathelele iinjongo zakhe! Asifanele siphelelwe ngumonde ngelungiselelo likaYehova, size ngokuswela ubulumko simhambele phambili uMtyhili weemfihlelo. Hayi indlela okusiqinisekisa ngayo ukwazi ukuba ijelo elisetyenziswa nguYehova namhlanje alikwenzi oko! Lithembekile yaye liyaqonda.—Mateyu 24:45; 1 Korinte 4:6.
Imfihlelo Etyhiliweyo Imele Ivakaliswe!
8. Sazi njani ukuba “imfihlelo engcwele” imele yaziswe?
8 UYehova akayityhilanga “imfihlelo engcwele” yakhe kumaKristu ukuze ayigcine iyindaba yakwamkhozi. Imele yaziswe, ngokuvisisana nomgaqo owasekwa nguYesu kubo bonke abalandeli bakhe—kungekuphela nje kwiqaqobana labefundisi: “Nikukukhanya kwehlabathi. Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba. Abantu balumeka isibane baze basibeke, kungekhona phantsi kwengobozi yokulinganisa, kodwa phezu kwesiphatho sesibane, ibe sikhanya kubo bonke abo basendlwini. Ngokunjalo makukhanye ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle base uzuko kuYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:14-16; 28:19, 20.
9. Yintoni ebonakalisa ukuba uYesu wayengakhuthazi imvukelo, njengoko abanye besitsho?
9 UYesu wayengenanjongo yakudala imvukelo ukuze aseke intlangano yabalandeli efihlakeleyo ukuze basukele iinjongo eziyimfihlelo. Kwincwadi ethi Early Christianity and Society, uRobert M. Grant wabhala ngendlela ummeli wokholo wenkulungwane yesibini uJustin Martyr awawathethelela ngayo amaKristu esithi: “Ukuba amaKristu ayekhuthaza imvukelo ayeya kuzifihla ukuze afikelele usukelo lwawo.” Kodwa amaKristu “ayeya kuzifihla” njani aze kwangaxeshanye afane ‘nesixeko esimi phezu kwentaba’? Ayengenabuganga bakufihla ukukhanya kwawo phantsi kwengobozi yokulinganisa! Ngoko ke, urhulumente wayengenasizathu sakuwoyika umsebenzi wawo. Lo mbhali waqhubeka ewachaza “njengangumtya nethunga nomlawuli ngokuphathelele uxolo nocwangco.”
10. Kutheni amaKristu engafanele azifihle?
10 UYesu wayengafuni ukuba abafundi bakhe bazifihle njengamalungu oko kubizwa ngokuba lihlelo lonqulo. (IZenzo 24:14; 28:22) Ukusilela ukukhanyisa ukukhanya kwethu namhlanje akuyi kumkholisa uKristu kunye noYise, uMtyhili weemfihlelo, yaye kuya kusenza singonwabi.
11, 12. (a) Kutheni uYehova efuna ubuKristu baziswe? (b) UYesu wawumisela njani umzekelo ofanelekileyo?
11 UYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9; Hezekile 18:23; 33:11; IZenzo 17:30) Isiseko sokuxolelwa kwabantu abaguqukayo kukukholwa kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu, owazinikela njengentlawulelo yabo bonke—kungekhona eyeqaqobana—ukuze “wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Kubalulekile ukuba abantu bathabathe amanyathelo ayimfuneko aya kubenza bafanelekele ukugwetywa njengezimvu, kungekhona iibhokhwe, ebudeni bomgwebo ozayo.—Mateyu 25:31-46.
12 UbuKristu bokwenyaniso abumele bube yindaba yakwamkhozi; bumele baziswe ngazo zonke iindlela ezifanelekileyo obunokwaziswa ngazo. UYesu wamisela umzekelo ofanelekileyo. Xa wayebuzwa ngumbingeleli omkhulu ngokuphathelele abafundi bakhe kunye neemfundiso zakhe, wathi: “Ndithethe esidlangalaleni kulo ihlabathi. Bendisoloko ndifundisa kwindlu yesikhungu nasetempileni, apho onke amaYuda abuthelana khona; kwaye andithethanga nto emfihlekweni.” (Yohane 18:19, 20) Ngenxa yalo mzekelo, nguwuphi umntu owoyika uThixo onobuganga bokufihla oko uThixo avakalise ukuba kumele kuxelelwe wonke umntu? Ngubani onobuganga bokufihla “isitshixo solwazi” olukhokelela kubomi obungunaphakade? Ukwenjenjalo, bekuya kumenza afane nabahanahanisi bonqulo benkulungwane yokuqala.—Luka 11:52; Yohane 17:3.
13. Kutheni sifanele sishumayele ngawo onke amathuba avelayo?
13 Ngamana akungebikho namnye ukwaziyo ukuthi thina maNgqina kaYehova siye sasifihla isigidimi soBukumkani bukaThixo! Enoba esi sigidimi siyamkelwa okanye siyachaswa, abantu bamele bazi ukuba siye sashunyayelwa. (Thelekisa uHezekile 2:5; 33:33.) Ngoko masiwasebenzise onke amathuba okuthetha ngesigidimi senyaniso kubo bonke, naphi na apho sidibana nabo khona.
Ukufaka Amakhonkco Emihlathini KaSathana
14. Kutheni singafanele silibazise ukuludandalazisa unqulo lwethu?
14 Kwiindawo ezininzi amaNgqina kaYehova aya efumana ingqalelo engakumbi yamajelo eendaba. Njengoko kwenzekayo kumaKristu okuqala, ngokufuthi kuthethwa ngawo kakubi yaye abalwa kuluhlu lwamahlelo onqulo athandabuzekayo nemibutho efihlakeleyo. (IZenzo 28:22) Ngaba ukushumayela kwethu ngokungafihlisi kunokusenza sibe sengozini yokuhlaselwa? Ngokuqinisekileyo bekungayi kuba bubulumko, yaye bekuya kungqubana nesiluleko sikaYesu, ukuzifaka engxakini ngokungeyomfuneko. (IMizekeliso 26:17; Mateyu 10:16) Noko ke, umsebenzi omhle wokushumayela uBukumkani nokunceda abantu baphucule ubomi babo awufanelanga ube yindaba yakwamkhozi. Uzukisa uYehova, umphakamisela phezulu, usalathisela ingqalelo kuye nakuBukumkani bakhe obumiselweyo. Intsabelo evuyisayo yakutshanje kwinyaniso yeBhayibhile eMpuma Yurophu nakwiindawo ezithile eAfrika ibibangelwa kukungafihlisi okwandileyo eshunyayelwa ngako inyaniso kwezo ndawo.
15, 16. (a) Ukungafihlisi nenkqubela yethu yokomoya zifeza yiphi injongo, kodwa ngaba oko kusisizathu sokuxhalaba? (b) Kutheni uYehova efaka amakhonkco emihlathini kaSathana?
15 Kuyinyaniso ukuba ukushumayela kwamaNgqina kaYehova ngokungafihlisi ngeparadesi yokomoya ayinandiphayo, nenkqubela yawo—izinto eziphathekayo anazo—kuyabonakala. Ngoxa zibatsala abantliziyo zinyanisekileyo, ezi zinto zisenokubagxotha abachasi. (2 Korinte 2:14-17) Enyanisweni, oku ekugqibeleni kusenokuyihenda imikhosi kaSathana ukuba ihlasele abantu bakaThixo.
16 Ngaba oku kumele kusixhalabise? Akunjalo ngokutsho kwesiprofeto sikaYehova esifumaneka kuHezekile isahluko 38. Esi siprofeto sixela kwangaphambili ukuba uGogi wakwaMagogi, ofuzisela uSathana uMtyholi ukususela ekuthotyelweni kwakhe kummandla womhlaba emva kokusekwa koBukumkani ngowe-1914, uya kufunza idabi kubantu bakaThixo. (ISityhilelo 12:7-9) UYehova umxelela oku uGogi: “Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango; ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.” (Hezekile 38:11, 12) Noko ke, indinyana 4 ibonisa ukuba akuyomfuneko ukuba abantu bakaThixo baloyike olu hlaselo, ngenxa yokuba lubangelwa nguYehova. Kodwa kutheni uThixo eya kuvumela—ewe, ade aqhwaye—uhlaselo olupheleleyo kubantu bakhe? Kwindinyana 23 sifunda impendulo kaYehova ethi: “Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.”
17. Sifanele silujonge njani uhlaselo olukufutshane lukaGogi?
17 Ngaloo ndlela, kunokuphila ubomi bentshontsho besoyika ukuhlaselwa nguGogi, abantu bakaYehova bakhangele phambili ngolangazelelo ekuzalisekeni ngokuqhubekayo kwesiprofeto seBhayibhile. Hayi indlela ekubangel’ imincili ngayo ukwazi ukuba ngokuxhasa nangokusikelela kwakhe intlangano yakhe ebonakalayo, uYehova ufaka amakhonkco emihlathini kaSathana aze amoyise yena nomkhosi wakhe!—Hezekile 38:4.
Kufuneka Gqitha Ngoku Kunanini Na Ngaphambili!
18. (a) Yintoni abantu abaninzi abayiqondayo ngoku, ibe ngoba? (b) Intsabelo yabantu ekushunyayelweni koBukumkani isebenza njani njengokhuthazo olunamandla?
18 Kule mihla amaNgqina kaYehova aye akafihlisa ekuvakaliseni iimbono zawo ezisekelwe eBhayibhileni, nangona oku bekungathandwa nguwonke wonke. Kangangamashumi eminyaka aye alumkisa ngeengozi zokutshaya nokusebenzisa kakubi iziyobisi, ukungabikho ngqiqweni kwesimo sengqondo sokuyekelela ekuqeqesheni abantwana, imiphumo emibi yokuzonwabisa okubalaselisa isini esingekho mthethweni nogonyamelo, neengozi zotofelo-gazi. Kwakhona aye alatha ukungangqinelani kwemfundiso yendaleko. Ngoku baya besiba baninzi abantu abathi, “amaNgqina kaYehova achanile.” Ukuba besizifihlile iimbono zethu ebantwini, bebengenakusabela ngolu hlobo. Yaye ungasijongeli phantsi isibakala sokuba ngokuthetha loo mazwi, bafana nabathi, “Sathana, ulixoki; yaye uYehova unyanisile.” Enjani ukuba namandla intshukumisa yokuba siqhubeke silandela umzekelo kaYesu, silithethe esidlangalaleni ilizwi lenyaniso!—IMizekeliso 27:11.
19, 20. (a) Luluphi uzimiselo olwavakaliswa ngabantu bakaYehova ngowe-1922, ibe ngaba la mazwi asasebenza nangoku? (b) Sifanele siyijonge njani “imfihlelo engcwele” kaYehova?
19 Kudala abantu bakaYehova beyiqonda imbopheleleko yabo ngokuphathelele lo mba. Kwindibano ethile ebalaseleyo yowe-1922, uJ. F. Rutherford, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko, wabangela imincili kubaphulaphuli bakhe ngokuthi: “Zimiseleni, khaliphani, khuthalani, yibani ngamakroti. Yibani ngamangqina athembekileyo nayinyaniso eNkosi. Tyhalelani phambili edabini de niyiphanzise yonke imizila yeBhabhiloni. Vakalisani isigidimi kufuphi nasekudeni. Ihlabathi limele lazi ukuba uYehova unguThixo nokuba uYesu Kristu unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi. Le yimini yeemini. Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke, mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.”
20 Ekubeni la mazwi ayebalulekile ngowe-1922, amele ukuba abaluleke ngakumbi kwiminyaka engama-75 kamva, xa ukutyhilwa kukaKristu njengoMgwebi noMphindezeli kusondele ngakumbi! Isigidimi soBukumkani bukaYehova obumiselweyo neseparadesi yokomoya enanditshwa ngabantu bakaThixo ‘siyimfihlelo engcwele’ ezuke kakhulu kangangokuba akunakuthethwa ngayo. Njengoko uYesu wachaza ngokucacileyo, abalandeli bakhe bamele bathi, bencedwa ngumoya oyingcwele, babe ngamangqina “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba” ngokuphathelele indima yakhe ebalulekileyo kwinjongo kaYehova kanaphakade. (IZenzo 1:8; Efese 3:8-12) Eneneni, njengabakhonzi bakaYehova, uThixo otyhila iimfihlelo, asinabuganga bakuyigcina kuthi le mfihlelo!
Ubungaphendula Uthini?
◻ Yintoni “imfihlelo engcwele”?
◻ Sazi njani ukuba ifanele ibhengezwe?
◻ Yintoni ebangela uGogi ahlasele abantu bakaYehova, ibe sifanele siyijonge njani loo nto?
◻ Yintoni ngamnye wethu afanele azimisele ukuyenza?
[Ibhokisi ekwiphepha 16]
“IMFIHLELO ENGCWELE” ITYHILWA NGOKUQHUBEKAYO
◻ Emva kowama-4026 B.C.E.: UThixo uthembisa ngokuvelisa iMbewu eza kutshabalalisa uSathana.—Genesis 3:15
◻ Ngowe-1943 B.C.E.: Umnqophiso ka-Abraham uyaqinisekiswa, uthembisa ukuba le Mbewu iza kuvela ngoAbraham.—Genesis 12:1-7
◻ Ngowe-1918 B.C.E.: Kuzalwa uIsake njengendlalifa yomnqophiso.—Genesis 17:19; 21:1-5
◻ c. Ngowe-1761 B.C.E.: UYehova uyaqinisekisa ukuba le Mbewu iza kuvela kunyana kaIsake uYakobi.—Genesis 28:10-15
◻ Ngowe-1711 B.C.E.: UYakobi uyabonisa ukuba le Mbewu iza kuvela kunyana wakhe uYuda.—Genesis 49:10
◻ Ngowe-1070-1038 B.C.E.: UKumkani uDavide ufumanisa ukuba le Mbewu iya kuba kumnombo wakhe yaye iya kulawula ngonaphakade njengoKumkani.—2 Samuweli 7:13-16; INdumiso 89:35, 36
◻ Ngowama-29-33 C.E.: UYesu ufaniswa njengeMbewu, uMesiya, umgwebi wexesha elizayo, noKumkani Onyuliweyo.—Yohane 1:17; 4:25, 26; IZenzo 10:42, 43; 2 Korinte 1:20; 1 Timoti 3:16
◻ UYesu utyhila ukuba kukho abanye abaza kulawula yaye bagwebe naye, ukuba uBukumkani bamazulu buya kuba nabalawulwa abasemhlabeni, nokuba bonke abalandeli bakhe bamele babe ngabashumayeli boBukumkani.—Mateyu 5:3-5; 6:10; 28:19, 20; Luka 10:1-9; 12:32; 22:29, 30; Yohane 10:16; 14:2, 3
◻ UYesu utyhila ukuba uBukumkani buya kumiselwa ngexesha elithile, njengoko oko kuye kwangqinelwa ziziganeko zehlabathi.—Mateyu 24:3-22; Luka 21:24
◻ Ngowama-36 C.E.: UPetros ufumanisa ukuba nabangengomaYuda baya kuba ziindlalifa zoBukumkani.—IZenzo 10:30-48
◻ Ngowama-55 C.E.: UPawulos uchaza ukuba iindlalifa zoBukumkani ziya kuvuswa zize zingafi yaye zingonakali ebudeni bobukho bukaKristu.—1 Korinte 15:51-54
◻ Ngowama-96 C.E.: UYesu, osele elawula abalandeli bakhe abathanjisiweyo, utyhila ukuba ekugqibeleni inani labo liya kuba li-144 000.—Efese 5:32; Kolose 1:13-20; ISityhilelo 1:1; 14:1-3
◻ Ngowe-1879 C.E.: IZion’s Watch Tower yalatha kowe-1914 njengonyaka obaluleke gqitha ekuzalisekeni ‘kwemfihlelo engcwele’ kaThixo
◻ Ngowe-1925 C.E.: IMboniselo (yesiNgesi) ichaza ukuba uBukumkani bazalwa ngowe-1914; “imfihlelo engcwele” engoBukumkani imele ibhengezwe.—ISityhilelo 12:1-5, 10, 17
[Umfanekiso okwiphepha 15]
NjengeNkokeli yawo, uYesu, amaNgqina kaYehova avakalisa uBukumkani bukaYehova kuwonke wonke