IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 12/1 iphe. 10-14
  • UYehova, UThixo ‘Oxolelayo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova, UThixo ‘Oxolelayo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni UYehova ‘Exolela’?
  • UYehova Uxolela Ngokugqibeleleyo Kangakanani?
  • “Ndingabi Sasikhumbula Isono Sabo”
  • Kuthekani Ngemiphumo?
  • UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela’
    Sondela KuYehova
  • Qiniseka Ukuba UYehova Uyaxolela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Ukuxolela Uze Ulibale—Kunokwenzeka Njani?
    Vukani!—1995
  • UYehova Uyaxolela​—Isinceda Njani Loo Nto?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 12/1 iphe. 10-14

UYehova, UThixo ‘Oxolelayo’

“Ulungile wena, [Yehova], uxolela.”—INDUMISO 86:5.

1. Nguwuphi umthwalo onzima owawuthwelwe nguKumkani uDavide, ibe wakufumana njani ukuthuthuzelwa kwentliziyo yakhe eyayikhathazekile?

UKUMKANI UDAVIDE kaSirayeli wamandulo wayeyazi indlela esinokuba ngumthwalo ngayo isazela esinetyala. Wabhala: “Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam, bundisinda njengomthwalo onzima. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu; ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.” (INdumiso 38:4, 8) Noko ke, uDavide wayifumanela intuthuzelo intliziyo yakhe ebandezelekileyo. Wayesazi ukuba ngoxa uYehova esithiyile isono, akamthiyi umoni—ukuba loo moni uguquka ngokwenene aze alilahle ikhondo lakhe lesono. (INdumiso 32:5; 103:3) Ekholose ngokupheleleyo ngokukulungela kukaYehova ukubonakalisa inceba kwabaguqukayo, uDavide wathi: “Ulungile wena, [Yehova], uxolela.”—INdumiso 86:5.

2, 3. (a) Xa sisona, nguwuphi umthwalo esinokuwuthwala ngenxa yoko, ibe kutheni kuyingenelo nje oko? (b) Yiyiphi ingozi ekhoyo ‘ekuginyweni’ ziimvakalelo zokuba netyala? (c) Sisiphi isiqinisekiso esinikelwa yiBhayibhile ngokuphathelele ukukulungela kukaYehova ukuxolela?

2 Xa sisona, nathi sisenokuthwala umthwalo ocinezelayo wesazela esikhathazayo. Le mvakalelo yokuba nomvandedwa iyinto eqhelekileyo, yaye ide ibe yingenelo. Inokusishukumisela ekubeni sithabathe amanyathelo aluncedo ukulungisa iimpazamo zethu. Noko ke, amanye amaKristu aye asindwa kukuziva enetyala. Iintliziyo zawo eziwagwebayo zisenokuyibethelela into yokuba uThixo akanakuze awaxolele ngokupheleleyo, enoba aguquke kangakanani na. Ecinga ngempazamo awayenzayo, omnye udade wathi: “Kuba buhlungu gqitha xa ucinga ukuba uYehova usenokungaphindi akuthande kwakhona.” Kwanasemva kokuba eguqukile waza wasamkela isiluleko esiluncedo sabadala bebandla, wayesaziva engakufanelekeli ukuxolelwa nguThixo. Uyachaza: “Alukho usuku olukhe ludlule ndingakhange ndicele uxolo kuYehova.” Ukuba ‘siginywa’ ziimvakalelo zokuba netyala, uSathana usenokuzama ukusenza sinikezele, sizive singakufanelekeli ukukhonza uYehova.—2 Korinte 2:5-7, 11.

3 Kodwa leyo asiyiyo tu kwaphela indlela uYehova azijonga ngayo izinto! ILizwi lakhe liyasiqinisekisa ukuba xa sibonakalisa inguquko yokwenene esuka entliziyweni, uYehova ukulungele ukusixolela. (IMizekeliso 28:13) Ngoko ukuba wawukhe wavakalelwa kukuba uThixo akanakuze akuxolele, mhlawumbi kufuneka usiqonde kakuhle isizathu nendlela axolela ngayo.

Kutheni UYehova ‘Exolela’?

4. Yintoni uYehova ayikhumbulayo ngokubunjwa kwethu, ibe oko kuyichaphazela njani indlela asiphatha ngayo?

4 Sifunda oku: “Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu; kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.” Kutheni uYehova etyekele ekubonakaliseni inceba? Indinyana elandelayo iyaphendula: “Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:12-14) Ewe, uYehova akalibali ukuba sizizidalwa ezenziwe ngothuli, ezineentsilelo, okanye ubuthathaka, obubangelwa kukungafezeki. Ibinzana elithi uyakwazi “ukubunjwa kwethu” lisikhumbuza ukuba iBhayibhile ifanisa uYehova nombumbi size ke thina sifane nezitya azenzayo.a (Yeremiya 18:2-6) Umbumbi uzibamba nkqi aze kwangaxeshanye aziphathe ngobunono izitya zakhe zomdongwe, ekhumbula kananjalo indlela ezibunjwe ngayo. Ngoko ke, noYehova, uMbumbi Omkhulu, uba nomonde xa eqhubana nathi ecingela iintsilelo ezibangelwa yimeko yethu yesono.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 4:7.

5. Incwadi yamaRoma iwachaza njani amandla amakhulu esono kwinyama yethu engafezekanga?

5 UYehova uyayiqonda indlela esinamandla ngayo isono. IZibhalo zichaza isono njengamandla amakhulu abulalayo abambe abantu. Sinamandla kangakanani isono? Kwincwadi yamaRoma, umpostile uPawulos owayephefumlelwe wakuchaza oku ngamagama acacileyo esithi: ‘Siphantsi kwesono,’ njengamajoni aphantsi komphathi-mkhosi (Roma 3:9); siye “saphatha” uluntu njengokumkani (Roma 5:21); “sihleli” ngaphakathi kwethu (Roma 7:17, 20); “umthetho” waso usoloko usebenza kuthi, ekugqibeleni uzama ukulawula ikhondo lethu. (Roma 7:23, 25) Elinjani ukuba nzima idabi esijamelene nalo lokuxhathisa amandla esono kwinyama yethu engafezekanga!—Roma 7:21, 24.

6. UYehova ubajonga njani abo bafuna inceba yakhe bezohlwaya ngokusuka entliziyweni?

6 Ngenxa yoko, uThixo wethu onenceba uyazi ukuba asinakukwazi ukumthobela ngokugqibeleleyo, enoba iintliziyo zethu zifuna kangakanani na. (1 Kumkani 8:46) Ngothando uyasiqinisekisa ukuba xa sifuna inceba yakhe efana nekabawo sizohlwaya ngokusuka entliziyweni, uya kusixolela. Umdumisi uDavide wathi: “Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” (INdumiso 51:17) UYehova akasayi kuze ayichase, okanye ayityeshele intliziyo eyaphulwe yaza yatyunyuzwa ngumthwalo wokuziva inetyala. Hayi indlela oko okukubonakalisa kakuhle ngayo ukukulungela kukaYehova ukuxolela!

7. Kutheni singafanele siyithabathe lula inceba kaThixo?

7 Noko ke, ngaba oko kuthetha ukuba sinokuyithabatha lula inceba kaThixo, sisebenzisa imeko yethu yesono njengesingxengxezo sokona? Akunjalo konke konke! UYehova akalawulwa ziimvakalelo nje. Inceba yakhe inemida eyisikelweyo. Akasoze abaxolele abo benza isono esibi ngabom, baze bangaguquki. (Hebhere 10:26-31) Kwelinye icala, xa ebona intliziyo ‘eyaphukileyo netyumkileyo,’ ‘uyaxolela.’ (IMizekeliso 17:3) Makhe sihlole amanye amazwi asetyenziswe eBhayibhileni ukuchaza ukugqibelela kokuxolelwa nguThixo.

UYehova Uxolela Ngokugqibeleleyo Kangakanani?

8. Ekugqibeleni, yintoni eyenziwa nguYehova xa exolela izono zethu, ibe loo nto ifanele ibe nawuphi umphumo kuthi?

8 UKumkani uDavide oguqukileyo wathi: “Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa andabugquma; ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam.” (INdumiso 32:5, akekeliswe sithi.) Ibinzana elithi “wabuxolela” lisetyenziswe ukuguqulela igama lesiHebhere ngokuyintloko elithetha “ukuphakamisa,” “ukuthwala, ukuphatha.” Ukusetyenziswa kwalo apha kubonisa ‘ukususwa kokuziva unetyala, ubungendawo nesiphoso.’ Ngoko, ngokungathi kunjalo, uYehova waziphakamisa waza wazisusa izono zikaDavide. (Thelekisa iLevitikus 16:20-22.) Alithandabuzeki elokuba oku kwazisa isiqabu kwiimvakalelo zokuba netyala awayenazo uDavide. (Thelekisa INdumiso 32:3.) Nathi sinokuba nentembelo epheleleyo kuThixo oxolela izono zabo bafuna abaxolele ngokusekelwe kukholo abanalo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu. (Mateyu 20:28; thelekisa uIsaya 53:12.) Ngaloo ndlela, abo uYehova aziphakamisayo izono zabo aze azisuse akuyomfuneko ukuba baqhubeke bethwele iimvakalelo zokuba netyala zexesha elidluleyo.

9. Yintoni intsingiselo yamazwi kaYesu athi: “Usixolele amatyala ethu”?

9 UYesu wasebenzisa ulwalamano oluphakathi komntu obolekisayo nobolekayo ukuze abonise indlela uYehova axolela ngayo. Ngokomzekelo, uYesu wasibongoza ukuba sithandaze senjenje: “Usixolele amatyala ethu.” (Mateyu 6:12) Ngaloo ndlela uYesu wafanisa “izono” ‘namatyala.’ (Luka 11:4) Xa sisona, ‘siyamtyala’ uYehova. Isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “xolela” sinokuthetha “ukuyeka, ukuncama ityala, ngokungafuni ukuba lihlawulwe.” Ngangqiqo ithile, xa uYehova exolela, uyalicima ityala ebekunokufuneka silihlawule. Ngaloo ndlela aboni abaguqukileyo banokuzuza intuthuzelo. UYehova akayi kuze afune intlawulo ngetyala alicimileyo!—INdumiso 32:1, 2; thelekisa uMateyu 18:23-35.

10, 11. (a) Yiyiphi ingcamango edluliselwa libinzana elithi “zicinywe,” elifumaneka kwiZenzo 3:19? (b) Kubonakaliswa njani ukugqibelela kwendlela uYehova axolela ngayo?

10 KwiZenzo 3:19, iBhayibhile isebenzisa esinye isigaba sentetho esicacileyo ichaza indlela uThixo axolela ngayo isithi: “Guqukani, ke ngoko, nize niphethuke khon’ ukuze zicinywe izono zenu.” Ibinzana elithi “zicinywe izono zenu” liyinguqulelo yesenzi sesiGrike esithi, xa sisetyenziswa ngokukwekwayo, sithethe “ukusula, ukukhucula, ukucima okanye ukutshabalalisa.” Ngokutsho kwabanye abaphengululi, ingcamango edluliselwayo yeyokucima into ebhalwe ngesandla. Kwakunokwenzeka njani oku? I-inki eyayisetyenziswa ngokuqhelekileyo kumaxesha amandulo yayenziwe ngomxube owawuquka ikharbhon, intlaka kunye namanzi. Ngokukhawuleza emva kokubhala ngale inki, ubani wayenokuthabatha isiponji esimanzi aze ayisule loo nto ebeyibhala.

11 Oku kuyibonisa kakuhle indlela okugqibeleleyo ngayo ukuxolelwa nguYehova. Xa exolela izono zethu, kuba ngathi uthabatha isiponji aze azisule. Akuyomfuneko ukuba soyike ukuba ngenye imini uza kusiphendulisa ngezo zono, kuba iBhayibhile ityhila enye into ngenceba kaYehova ebalasele ngokwenene: Xa exolela, akaphindi ayikhumbule loo nto!

“Ndingabi Sasikhumbula Isono Sabo”

12. Xa iBhayibhile isithi uYehova uyazilibala izono zethu, ngaba oko kuthetha ukuba akakwazi kuzikhumbula, ibe kutheni uphendula ngolo hlobo nje?

12 Esebenzisa umprofeti uYeremiya, uYehova wathembisa oku ngokuphathelele abo bakumnqophiso omtsha: “Ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.” (Yeremiya 31:34) Ngaba oku kuthetha ukuba xa uYehova exolela akakwazi ukuphinda azikhumbule ezo zono? Eneneni akunjalo. IBhayibhile isixelela ngezono zabantu abaninzi uYehova awabaxolelayo, kuquka noDavide. (2 Samuweli 11:1-17; 12:1-13) Kuyacaca ukuba uYehova usabazi ubugwenxa ababenzayo, ibe nathi sifanele sibazi. Ingxelo ephathelele izono zabo, kuquka naleyo yokuguquka nokuxolelwa kwabo nguThixo, iye yagcinwa ukuze kungenelwe thina. (Roma 15:4) Ngoko, ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi uYehova ‘akazikhumbuli’ izono zabo abaxolelayo?

13. (a) Yintoni ekwathethwa sisenzi sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi ‘ukukhumbula’? (b) Yintoni uYehova asiqinisekisa ngayo xa esithi, “Ndingabi sasikhumbula isono sabo”?

13 Isenzi sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi ‘ukukhumbula’ sithetha okungakumbi kunokukhumbula nje into yexesha elidluleyo. Ngokutsho kweTheological Wordbook of the Old Testament, sibandakanya “intsingiselo eyongezelelekileyo yokuthabatha inyathelo elifanelekileyo.” Ngoko ke, ngokwale ngqiqo, “ukukhumbula” isono kubandakanya ukuthabatha inyathelo elinxamnye naboni. Xa umprofeti uHoseya wathetha la mazwi nxamnye namaSirayeli awayenxaxha, “[UYehova] uya kubukhumbula ubugwenxa babo,” lo mprofeti wayethetha ukuba uYehova wayeza kuthabatha inyathelo elinxamnye nabo ngenxa yokungaguquki kwabo. Kungoko le ndinyana iqhubeka isithi: “Uya kuzivelela izono zabo.” (Hoseya 9:9) Kwelinye icala, xa uYehova esithi, “Ndingabi sasikhumbula isono sabo,” uyasiqinisekisa ukuba xa emxolela umoni oguqukileyo, akayi kuthabatha manyathelo nxamnye naye ngenxa yezo zono kwixesha elizayo. (Hezekile 18:21, 22) Ngaloo ndlela uzilibala ngengqiqo yokuba akasoloko esikhumbuza ngezono zethu ukuze asibek’ ityala okanye asohlwaye ngokuphindaphindiweyo. Ngaloo ndlela uYehova usimisela umzekelo omhle gqitha esimele siwuxelise xa siqhubana nabanye. Xa kuphakama iimbambano, kuhle ukuba singacingi ngezinto ezicaphukisayo zexesha elidluleyo esasivumile ngaphambili ukuba sizixolele.

Kuthekani Ngemiphumo?

14. Kutheni ukuxolelwa kungathethi kuthi umoni oguqukileyo uya kubhungca kuyo yonke imiphumo yekhondo lakhe eliphosakeleyo?

14 Ngaba ukukulungela kukaYehova ukuxolela kuthetha ukuba umoni oguqukileyo uya kubhungca kuyo yonke imiphumo yekhondo lakhe eliphosakeleyo? Akunjalo konke konke. Asinako ukona nje size singohlwaywa. UPawulos wabhala: “Nantoni na umntu ayihlwayelayo, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Sisenokujamelana nemiphumo ethile yesenzo okanye yeengxaki zethu, kodwa emva kokusixolela, uYehova akabangeli ukuba sihlelwe bububi. Xa iinkathazo ziqalisa, umKristu akafanele avakalelwe kukuba, ‘Mhlawumbi uYehova uyandohlwaya ngenxa yezono zexesha elidlulileyo.’ (Thelekisa uYakobi 1:13.) Kwelinye icala, uYehova akasikhuseli kwimiphumo yezenzo zethu eziphosakeleyo. Uqhawulo-mtshato, ukumitha okungafunwayo, izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ukungathenjwa okanye ukungahlonelwa—zonke ezi zinto zisenokuba ngumphumo ombi wesono, kwaye uYehova akayi kusikhusela kuzo. Khumbula ukuba nangona wamxolelayo uDavide ngenxa yezono zakhe eziphathelele uBhatshebha noUriya, uYehova akazange amkhusele uDavide kwimiphumo eyintlekele eyalandelayo.—2 Samuweli 12:9-14.

15, 16. Umthetho obhalwe kwiLevitikus 6:1-7 uyingenelo njani kulowo woniweyo nakumoni?

15 Izono zethu zisenokuba nayo neminye imiphumo. Ngokomzekelo, khawuhlolisise ingxelo ekwiLevitikus isahluko 6. Apha uMthetho kaMoses uthetha ngemeko yomntu owenza isono esinzulu sokuthabatha iimpahla zomnye umSirayeli ngokumphanga, ngobuqhetseba okanye ngokuqhatha. Uyandula ke lo moni akhanyele esithi akanatyala, ade abe nobuganga bokufunga exoka. Omabini la maqela awanabungqina. Noko ke, kamva umoni utyiwa sisazela aze asivume isono sakhe. Ukuze axolelwe nguThixo, kufuneka enze izinto ezintathu ezongezelelekileyo: abuyisele izinto abezithabathile, ahlawule lowo amonileyo isigwebo sama-20 ekhulwini, aze anikele ngenkunzi yegusha njengedini letyala. Emva koko, lo mthetho uthi: “Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke.”—Levitikus 6:1-7; thelekisa uMateyu 5:23, 24.

16 Lo mthetho wawulilungiselelo lenceba elalivela kuThixo. Wawuyingenelo kulowo woniweyo, owayebuyiselwa izinto zakhe aze ngokuqinisekileyo afumane isiqabu xa ekugqibeleni umoni esivuma isono sakhe. Kwangaxeshanye, lo mthetho wawuyingenelo kulowo ekugqibeleni isazela sakhe sasimshukumisela ekubeni avume ukuba unetyala aze alungise isiphoso sakhe. Ngokwenene, ukuba wayengavumanga ukwenjenjalo, wayengayi kuxolelwa nguThixo.

17. Xa abanye beye beva ubuhlungu ngenxa yezono zethu, uYehova ulindele ukuba senze ntoni?

17 Nangona singekho phantsi koMthetho kaMoses, usenza siyiqonde kakuhle indlela uYehova acinga ngayo, kuquka nembono yakhe ngokuxolela. (Kolose 2:13, 14) Xa abanye beye beva ubuhlungu okanye baba ngamaxhoba ezono zethu, uYehova uyakholiswa kukuba senze unako nako ‘wokulungisa ububi.’ (2 Korinte 7:11) Oku kubandakanya ukuvuma isono sethu, ukuvuma ukuba sinetyala, nokucela uxolo kulowo simonileyo. Emva koko ke sinokusondela kuYehova ngesizinzi sedini likaYesu size sifumane isiqabu esibangelwa kukuba nesazela esicocekileyo nesiqinisekiso sokuba sixolelwe nguThixo.—Hebhere 10:21, 22.

18. Luluphi uqeqesho olusenokuhamba nokuxolelwa nguYehova?

18 Njengaye nawuphi na umzali onothando, uYehova usenokuxolela ngoxa kwangaxeshanye enikela uqeqesho ukusa kumlinganiselo othile. (IMizekeliso 3:11, 12) UmKristu oguqukileyo kusenokufuneka aphulukane nelungelo lakhe lokukhonza njengomdala, isicaka solungiselelo okanye uvulindlela. Kusenokuba buhlungu kuye ukulahlekelwa ngamalungelo axabisekileyo kangangexesha elithile. Noko ke, uqeqesho olunjalo aluthethi kuthi uYehova akasakholiswa nguye okanye uYehova akamxolelanga. Ukongezelela, simele sikhumbule ukuba uqeqesho lukaYehova lubonisa ukuba uyasithanda. Ukulwamkela nokulusebenzisa kuyingenelo gqitha kuthi yaye kunokukhokelela kubomi obungunaphakade.—Hebhere 12:5-11.

19, 20. (a) Ukuba uye wenza iziphoso, kutheni ungafanele uvakalelwe kukuba uYehova akasayi kuze akwenzele inceba? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

19 Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukwazi ukuba sikhonza uThixo ‘oxolelayo’! UYehova ubona okungaphaya kwezono neempazamo zethu. (INdumiso 130:3, 4) Uyakwazi okusezintliziyweni zethu. Ukuba uvakalelwa kukuba intliziyo yakho yaphukile yaye ityumkile ngenxa yeziphoso zexesha elidlulileyo, musa ukugqiba kwelokuba uYehova akunakuze akwenzele inceba. Enoba ziziphi na iimpazamo oye wazenza, ukuba uye waguquka ngokwenene, wathabatha amanyathelo okulungisa ububi, waza wathandaza ngokunyaniseka kuYehova ucela ukuxolelwa ngesizinzi segazi likaYesu elaphalalayo, unokuqiniseka ngokupheleleyo ukuba amazwi akweyoku-1 kaYohane 1:9 ayasebenza kuwe: “Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.”

20 IBhayibhile isikhuthaza ukuba sixelise indlela uYehova axolela ngayo kwiinkqubano zethu nabanye. Noko ke, simele sixolele size silibale ukusa kuwuphi umlinganiselo xa abanye besona? Lo mbandela uza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Okubangel’ umdla kukuba igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukubunjwa kwethu” lisetyenziswa ngokuphathelele isitya somdongwe esenziwe ngumbumbi.—Isaya 29:16.

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ Kutheni uYehova ‘exolela’?

◻ IBhayibhile ikuchaza njani ukugqibelela kwendlela uYehova axolela ngayo?

◻ Xa uYehova exolela, ulibala ngayiphi ingqiqo?

◻ UYehova ulindele ukuba senze ntoni xa abanye beye beva ubuhlungu ngenxa yezono zethu?

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Xa abanye beye beva ubuhlungu ngenxa yezono zethu, uYehova ulindele ukuba siyilungise loo nto

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share