Iintsikelelo Ezingakumbi Eziza Ngomnqophiso Omtsha
‘UYesu ukwangumlamli womnqophiso olunge ngakumbi.’—HEBHERE 8:6.
1. Ngubani owangqineka ‘eyimbewu yomfazi’ eyathenjiswa e-Eden, ibe ‘satyunyuzwa njani isithende sakhe’?
EMVA kokuba uAdam noEva bonile, uYehova wavakalisa umgwebo kuSathana, owayeqhathe uEva, esithi: “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” (Genesis 3:15) Xa uYesu wabhaptizwa kuMlambo iYordan ngowama-29 C.E., ekugqibeleni le Mbewu eyayithenjiswe e-Eden yabonakala. Xa wayesifa kwisibonda sentuthumbo ngowama-33 C.E., inxalenye yeso siprofeto samandulo yazaliseka. USathana ‘wayesityumzile isithende’ saloo Mbewu.
2. Ngokutsho kwamazwi kaYesu, ukufa kwakhe kuyingenelo njani eluntwini?
2 Okuvuyisayo kukuba, elo nxeba, nangona lalibuhlungu ngendlela engcungcuthekisayo, alizange lihlale lihleli. UYesu wavuswa kwabafileyo engumoya ongafiyo waza wanyukela kuYise ezulwini, apho wanikela khona ngexabiso legazi lakhe eliphaleleyo ‘njengentlawulelo ngenxa yabaninzi.’ Ngaloo ndlela, amazwi akhe angqineka eyinyaniso: “NoNyana womntu umele aphakanyiswe, ukuze wonk’ ubani okholwayo kuye abe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Mateyu 20:28; Yohane 3:14-16; Hebhere 9:12-14) Umnqophiso omtsha uphumeza indima ebalulekileyo kwinzaliseko yesiprofeto sikaYesu.
Umnqophiso Omtsha
3. Waqala nini ukubonakala usebenza umnqophiso omtsha?
3 Ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba igazi lakhe eliphaleleyo laliza kuba ‘ligazi lomnqophiso omtsha.’ (Mateyu 26:28; Luka 22:20) Kwintsuku ezilishumi emva kokuba enyukele ezulwini, umnqophiso omtsha wabonakala usebenza xa kwathululwa umoya oyingcwele phezu kwabafundi ababemalunga ne-120 ababehlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem. (IZenzo 1:15; 2:1-4) Ukungeniswa kwaba bafundi bali-120 kumnqophiso omtsha kwabonisa ukuba umnqophiso “wangaphambili,” umnqophiso woMthetho, ngoku wawuphelelwe.—Hebhere 8:13.
4. Ngaba umnqophiso omdala awuzange uphumelele? Cacisa.
4 Ngaba lo mnqophiso umdala awuzange uphumelele? Akunjalo konke konke. Kuyinyaniso ukuba, ekubeni ngoku wawuthatyathelwa indawo ngomnye, amaSirayeli okwenyama ayengasengabo abantu abakhethekileyo bakaThixo. (Mateyu 23:38) Kodwa oko kwakubangelwa kukungathobeli kukaSirayeli nokuchasa kwakhe uMthanjiswa kaYehova. (Eksodus 19:5; IZenzo 2:22, 23) Noko ke, ngaphambi kokuba uMthetho upheliswe, waphumeza lukhulu. Kangangeenkulungwane, wawuyindlela yokusondela kuThixo neyokuzikhusela kunqulo lobuxoki. Wawuqulethe iinkalo ezazifuzisela umnqophiso omtsha yaye, ngamadini awo awayephindaphindwa, wawubonisa ukukufuna komntu ngamandla ukukhululwa esonweni nasekufeni. Ngokwenene, uMthetho ‘wawungumkhapheli okhokelela kuKristu.’ (Galati 3:19, 24; Roma 3:20; 4:15; 5:12; Hebhere 10:1, 2) Noko ke, kungomnqophiso omtsha ezaziza kuthi iintsikelelo ezazithenjiswe ngoAbraham zizalisekiswe ngokupheleleyo.
Iintlanga Zisikelelwe NgeMbewu Ka-Abraham
5, 6. Kwinzaliseko eyintloko engokomoya yomnqophiso ka-Abraham, ngubani iMbewu ka-Abraham, yaye luluphi uhlanga olwaba lolokuqala ukufumana iintsikelelo ngaye?
5 UYehova wamthembisa oku uAbraham: “Zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi.” (Genesis 22:18) Phantsi komnqophiso omdala, uninzi lwabasemzini abalulamileyo lwasikelelwa ngokunxulumana namaSirayeli, uhlanga oluyimbewu ka-Abraham. Noko ke, kwinzaliseko yaso eyintloko, iMbewu ka-Abraham yayingumntu omnye ofezekileyo. UPawulos wayicacisa le nto xa wathi: “Izithembiso zathethwa kuAbraham nakwimbewu yakhe. Akuthiwa: ‘Nakwiimbewu,’ njengakwimeko yezininzi, kodwa njengakwimeko yenye kuthiwa: ‘Nakwimbewu yakho,’ enguKristu.”—Galati 3:16.
6 Ewe, uYesu uyiMbewu ka-Abraham, ibe Ngaye iintlanga ziza kufumana iintsikelelo ezingaphezulu lee kuzo naziphi na ezazinokufunyanwa nguSirayeli wokwenyama. Ngokwenene, uhlanga lokuqala ukufumana ezi ntsikelelo yayinguSirayeli ngokwakhe. Kungekudala emva kwePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wathetha oku kwiqela lamaYuda: “Nina ningoonyana babaprofeti nabomnqophiso uThixo awanqophisana ngawo nookhokho benu, esithi kuAbraham, ‘Yaye kwimbewu yakho zonke iintsapho zomhlaba ziya kusikelelwa.’ UThixo, emva kokuvusa uMkhonzi wakhe, wamthumela kuni kuqala ukuze anisikelele ngokuthi akhwebule ngamnye kwizenzo zenu zokungendawo.”—IZenzo 3:25, 26.
7. Ziziphi iintlanga ezasikelelwa ngoYesu, iMbewu ka-Abraham?
7 Kungekudala, ezi ntsikelelo zadluliselwa kumaSamariya ibe kamva zafunyanwa nangabeeNtlanga. (IZenzo 8:14-17; 10:34-48) Ngaxa lithile phakathi kowama-50 nowama-52 C.E., uPawulos wabhalela amaKristu awayeseGalati eAsia Minor esithi: “ISibhalo, sibona kwangaphambili ukuba uThixo wayeya kubavakalisa abantu beentlanga bengamalungisa ngenxa yokholo, sazivakalisa iindaba ezilungileyo kwangaphambili kuAbraham, ezizezi: ‘Ziya kusikelelwa ngawe zonke iintlanga.’ Ngenxa yoko abo babambelela elukholweni basikelelwa kunye noAbraham okholiweyo.” (Galati 3:8, 9; Genesis 12:3) Nangona uninzi lwamaKristu aseGalati ‘lwalungabantu beentlanga,’ lwalusikelelwe ngoYesu ngenxa yokholo lwalo. Ngayiphi indlela?
8. KumaKristu omhla kaPawulos, ukusikelelwa ngeMbewu ka-Abraham kwakuquka ntoni, ibe ekugqibeleni, bangaphi abafumana loo ntsikelelo?
8 UPawulos wawaxelela oku amaKristu aseGalati, kungakhathaliseki ukuba ayenayiphi imvelaphi: “Ukuba ningabakaKristu, ngokwenene niyimbewu ka-Abraham, iindlalifa ngokubhekisele kwisithembiso.” (Galati 3:29) Kuloo maGalati, ukufumana iintsikelelo ngeMbewu ka-Abraham kwakuquka ukuba nenxaxheba kumnqophiso omtsha nokuba ziindlalifa kunye noYesu, izinxulumani zikaYesu kwimbewu ka-Abraham. Asazi ukuba ayemangaphi amaSirayeli amandulo. Into esiyaziyo kukuba aba “njengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi.” (1 Kumkani 4:20) Noko ke, siyalazi inani lezinxulumani zikaYesu zembewu yokomoya—i-144 000. (ISityhilelo 7:4; 14:1) Abo bali-144 000 baphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga” zoluntu yaye banesabelo ekudluliseleni kwabanye iintsikelelo zomnqophiso ka-Abraham.—ISityhilelo 5:9.
Isiprofeto Esizalisekileyo
9. Umthetho kaYehova ungaphakathi kwabo bakumnqophiso omtsha ngayiphi indlela?
9 Xa wayexela kwangaphambili ngomnqophiso omtsha, uYeremiya wabhala: “Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: Ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo.” (Yeremiya 31:33) Ukukhonza uYehova beqhutywa luthando kuluphawu lwabo bakumnqophiso omtsha. (Yohane 13:35; Hebhere 1:9) Umthetho kaYehova ubhaliwe ezintliziyweni zabo, ibe ngenzondelelo bafuna ukwenza ukuthanda kwakhe. Kuyinyaniso ukuba, kuSirayeli wamandulo babekho abathile abathembekileyo ababewuthanda gqitha umthetho kaYehova. (INdumiso 119:97) Kodwa abaninzi babengawuthandi. Ukanti baqhubeka beyinxalenye yolo hlanga. Akakho umntu onokuqhubeka ekumnqophiso omtsha ukuba umthetho kaThixo awubhalwanga entliziyweni yakhe.
10, 11. Kwabo bakumnqophiso omtsha, uYehova uba ‘nguThixo wabo’ ngayiphi indlela, ibe baya kumazi njani bonke?
10 UYehova wahlabela mgama wenjenje ngabo bakumnqophiso omtsha: “Ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam.” (Yeremiya 31:33) KuSirayeli wamandulo abaninzi babenqula oothixo beentlanga, kodwa baqhubeka bengamaSirayeli. Ukuze enze umnqophiso omtsha, uYehova wayila uhlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo,” ukuze athabathel’ indawo uSirayeli wokwenyama. (Galati 6:16; Mateyu 21:43; Roma 9:6-8) Noko ke, akakho umntu oqhubeka eyinxalenye yolu hlanga lutsha lokomoya xa eyeka ukunqula uYehova yedwa.
11 Kwakhona uYehova wathi: “Bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu.” (Yeremiya 31:34) KwaSirayeli, uninzi lwamtyeshela uYehova, lusithi: “UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi.” (Zefaniya 1:12) Akakho umntu oqhubeka eyinxalenye yoSirayeli kaThixo ukuba uyamtyeshela uYehova okanye ungcolisa unqulo olunyulu. (Mateyu 6:24; Kolose 3:5) AmaSirayeli okomoya ‘angabantu abamaziyo uThixo wabo.’ (Daniyeli 11:32) Ayakuvuyela ‘ukungenisa ulwazi ngokuphela koThixo oyinyaniso noYesu Kristu.’ (Yohane 17:3) Ukwazi kwawo uYesu kulwenza nzulu ulwazi lwawo ngoThixo ekubeni, ngendlela ekhethekileyo, uYesu ‘engulowo umcacisileyo [uThixo].’—Yohane 1:18; 14:9-11.
12, 13. (a) Kungasiphi isizinzi athi uYehova azixolele izono zabo bakumnqophiso omtsha? (b) Ngokuphathelele ukuxolelwa kwezono, umnqophiso omtsha wongame njani kumnqophiso omdala?
12 Ekugqibeleni, uYehova wathembisa: “Ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.” (Yeremiya 31:34b) UMthetho kaMoses wawuquka amakhulu emimiselo ebhaliweyo amaSirayeli awayemele ayithobele. (Duteronomi 28:1, 2, 15) Bonke ababesaphula uMthetho babenyusa amadini ukuze bacamagushele izono zabo. (Levitikus 4:1-7; 16:1-31) Uninzi lwamaYuda lwacinga ukuba lwalunokuba ngamalungisa ngenxa yemisebenzi yalo evisisana noMthetho. Noko ke, amaKristu ayaqonda ukuba akanakuze abe ngamalungisa ngenxa yemisebenzi yawo. Akanako ukukuphepha ukona. (Roma 5:12) Phantsi komnqophiso omtsha, ukuba lilungisa emehlweni kaThixo kunokwenzeka kuphela ngesizinzi sedini likaYesu. Noko ke, ukuma okunjalo kusisipho, ububele obungasifanelanga obuvela kuThixo. (Roma 3:20, 23, 24) UYehova usafuna abakhonzi bakhe bamthobele. UPawulos uthi abo bakumnqophiso omtsha ‘baphantsi komthetho kuKristu.’—1 Korinte 9:21.
13 Ngenxa yoko, nakumaKristu likho idini lesono, kodwa linexabiso elingaphezulu lee kumadini omnqophiso woMthetho. UPawulos wabhala: “Wonke umbingeleli [phantsi komnqophiso woMthetho] usuka eme imihla ngemihla ukuze anikele inkonzo kawonke-wonke nokuze anikele imibingelelo efanayo ngokufuthi, njengoko yona ingakwazi nangaliphi na ixesha ukususa izono ngokupheleleyo. Kodwa yena [uYesu] wanikela umbingelelo omnye wezono ngokungapheliyo waza wahlala phantsi ngakwisandla sasekunene sikaThixo.” (Hebhere 10:11, 12) Ekubeni amaKristu aphantsi komnqophiso omtsha eqhelisela ukholo kwidini likaYesu, uYehova uwavakalisa engamalungisa, engenasono, yaye ngaloo ndlela ekwinqanaba lokuthanjiswa njengoonyana bakhe bokomoya. (Roma 5:1; 8:33, 34; Hebhere 10:14-18) Xa esona ngenxa yokungafezeki kwabantu, anako ukucela uxolo kuYehova, yaye ngesizinzi sedini likaYesu, uYehova uyawaxolela. (1 Yohane 2:1, 2) Noko ke, ukuba akhetha ukulandela ikhondo lokona ngabom, ayaphulukana nokuma kobulungisa nelungelo lokuba nenxaxheba kumnqophiso omtsha.—Hebhere 2:2, 3; 6:4-8; 10:26-31.
Umnqophiso Omdala Nomtsha
14. Luluphi ulwaluko olwalufuneka phantsi komnqophiso woMthetho? phantsi komnqophiso omtsha?
14 Kumnqophiso omdala amadoda ayesaluswa ukuze kubonakale ukuba aphantsi koMthetho. (Levitikus 12:2, 3; Galati 5:3) Emva kokusekwa kwebandla lamaKristu, bambi babevakalelwa kukuba amaKristu angengomaYuda ayefanele aluswe. Kodwa abapostile kunye nabadala eYerusalem, besalathiswa liLizwi likaThixo nomoya oyingcwele, babona ukuba oko kwakungeyomfuneko. (IZenzo 15:1, 5, 28, 29) Kwiminyaka embalwa kamva, uPawulos wathi: “AkangomYuda lowo unguye ngaphandle, yaye ingelulo nolwaluko olo lungaphandle enyameni. Kodwa ungumYuda lowo unguye ngaphakathi, yaye ulwaluko lwakhe lolo lwentliziyo ngawo umoya, kungekhona ngengqokelela yemithetho ebhaliweyo.” (Roma 2:28, 29) Ukwaluswa ngokoqobo, kwanakumaYuda okwenyama, kwakungasabalulekanga ngokomoya emehlweni kaYehova. Kwabo bakumnqophiso omtsha, yintliziyo, kungekhona inyama, emele yaluswe. Zonke iingcamango, iminqweno neentshukumisa zabo ezingathandekiyo okanye ezingacocekanga emehlweni kaYehova zimele zinqunyulwe.a Amandla omoya oyingcwele okuguqula indlela yokucinga ukuze ubani acinge ngale ndlela anokungqinwa ngabaninzi namhlanje.—1 Korinte 6:9-11; Galati 5:22-24; Efese 4:22-24.
15. USirayeli wokwenyama ufana njani noSirayeli kaThixo ngokuphathelele ulawulo lookumkani?
15 Kwilungiselelo lomnqophiso woMthetho, uYehova wayenguKumkani wakwaSirayeli, yaye ekuhambeni kwexesha wabonakalisa ulongamo lwakhe ngookumkani abangabantu ababelawula eYerusalem. (Isaya 33:22) UYehova ukwanguKumkani kuSirayeli kaThixo, uSirayeli wokomoya, yaye ukususela ngowama-33 C.E., uye walawula ngoYesu Kristu, onikwe “lonke igunya . . . ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18; Efese 1:19-23; Kolose 1:13, 14) Namhlanje, uSirayeli kaThixo umgqala uYesu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, obamiselwa ngowe-1914. UYesu unguKumkani olunge ngakumbi kunoHezekiya, uYosiya nabanye ookumkani abathembekileyo boSirayeli wamandulo.—Hebhere 1:8, 9; ISityhilelo 11:15.
16. Luhlobo luni lobubingeleli alulo uSirayeli kaThixo?
16 USirayeli wayengebobukumkani nje kuphela kodwa wayebububingeleli obuthanjisiweyo. Ngowama-33 C.E., uSirayeli kaThixo wathabathel’ indawo uSirayeli wokwenyama waza waba “ngumkhonzi” kaYehova, “amangqina” akhe. (Isaya 43:10) Ukususela ngoko amazwi kaYehova awayewabhekisa kuSirayeli abhalwe kuIsaya 43:21 nakwiEksodus 19:5, 6 asebenza kuSirayeli wokomoya kaThixo. Ngoku uhlanga lokomoya olutsha lukaThixo lwaba “sisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, iqela labantu abangabakhe ngokukhethekileyo,” umsebenzi walo ‘ikukuvakalisa ngokubanzi iimbalasane zikaYehova.’ (1 Petros 2:9) Bonke abayinxalenye yoSirayeli kaThixo, amadoda nabafazi, bayila iqela lababingeleli. (Galati 3:28, 29) Njengenxalenye eyongezelelekileyo yembewu ka-Abraham, ngoku bathi: “Memelelani, zintlanga, ngenxa yabantu bakhe.” (Duteronomi 32:43) Abo bayinxalenye yoSirayeli wokomoya abasesemhlabeni bayila “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47) Inkonzo engcwele kuThixo inokunikelwa ngokunxulumana nabo kuphela.
UBukumkani BukaThixo—Inzaliseko Yokugqibela
17. Bazalwa ngayiphi indlela abo bakumnqophiso omtsha?
17 AmaSirayeli awazalwa emva kowe-1513 B.C.E. ayezalwa sele ekumnqophiso woMthetho. Kwanabo uYehova enza nabo umnqophiso omtsha bayazalwa—ibe bona bazalwa ngokomoya. UYesu wakukhankanya oku kumFarisi onguNikodemo xa wathi: “Ngokona kuyinyaniso ndithi kuwe, Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Abafundi abali-120 ngePentekoste yowama-33 C.E. baba ngabantu abangafezekanga bokuqala ukuzalwa ngokutsha. Ekubeni bevakaliswe bengamalungisa phantsi komnqophiso omtsha, bamkela umoya oyingcwele “osisibonakaliso sangaphambili” selifa labo lasebukhosini. (Efese 1:14) ‘Bazalwa ngumoya’ ukuze babe ngoonyana bakaThixo, nto leyo eyabenza bangabazalwana bakaYesu yaye ngaloo ndlela ‘baziindlalifa ezimanyene noKristu.’ (Yohane 3:6; Roma 8:16, 17) ‘Ukuzalwa ngokutsha’ kwabo kwahlahl’ indlela yamathemba angummangaliso.
18. Ukuzalwa kwakhona kuvula isango elikhokelela kwawaphi amathemba angummangaliso kwabo bakumnqophiso omtsha?
18 Xa wayelamlela kumnqophiso omtsha, uYesu wenza umnqophiso owongezelelekileyo nabalandeli bakhe, esithi: “Ndenza umnqophiso kunye nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso kunye nam, wobukumkani.” (Luka 22:29) Lo mnqophiso woBukumkani ulungiselela inzaliseko yombono ozukileyo, obhalwe kuDaniyeli 7:13, 14, 22, 27. UDaniyeli wabona “onjengonyana womntu” enikwe igunya lobukumkani ‘nguNyangelemihla,’ uYehova uThixo. Emva koko uDaniyeli wabona ukuba ‘abangcwele babebuma ubukumkani.’ Lowo ‘unjengonyana womntu’ nguYesu owathi, ngowe-1914, wafumana uBukumkani basezulwini kuYehova uThixo. Abafundi bakhe abathanjiswe ngomoya ‘ngabangcwele’ abanesabelo kunye naye eBukumkanini. (1 Tesalonika 2:12) Njani?
19, 20. (a) Kwabo bakumnqophiso omtsha, yiyiphi inzaliseko yokugqibela ezukileyo eliya kuba nayo idinga likaYehova awalenza kuAbraham? (b) Yiyiphi eminye imibuzo emele iqwalaselwe?
19 Emva kokufa kwabo, aba bathanjiswa njengoYesu bavuswa kwelabafileyo bezizidalwa zokomoya ezingafiyo ukuze baye kukhonza kunye naye njengookumkani nababingeleli ezulwini. (1 Korinte 15:50-53; ISityhilelo 20:4, 6) Elinjani ukuzuka ithemba! “Baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba,” kungekhona nje kwilizwe laseKanan kuphela. (ISityhilelo 5:10) Ngaba baya ‘kulidla ilifa isango leentshaba zabo’? (Genesis 22:17) Ewe, oko baya kukwenza ekugqibeleni, xa bebona ukutshatyalaliswa kotshaba lwabo olulihenyukazi lonqulo, iBhabhiloni Enkulu, naxa aba bathanjiswa bavusiweyo besabelana noYesu ekwaluseni iintlanga “ngentonga yentsimbi” nasekutyumzeni intloko kaSathana. Ngaloo ndlela baya kuzalisekisa inxalenye yokugqibela yesiprofeto esikwiGenesis 3:15.—ISityhilelo 2:26, 27; 17:14; 18:20, 21; Roma 16:20.
20 Sekunjalo, sisenokubuza, Ngaba umnqophiso ka-Abraham nomnqophiso omtsha ubandakanya loo miphefumlo ithembekileyo yabali-144 000 kuphela? Akunjalo, bakho abanye abangabandakanyekanga ngokungqalileyo kule minqophiso abaya kusikelelwa ngayo, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona i-Insight on the Scriptures, uMqulu 1, iphepha 470, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Umnqophiso omtsha waqalisa nini ukubonakala usebenza?
◻ Yintoni eyaphunyezwa ngumnqophiso omdala?
◻ Ngoobani ngokuyintloko abayiMbewu ka-Abraham, yaye zasikelelwa njani iintlanga ngaloo Mbewu?
◻ Kwi-144 000, iyintoni inzaliseko yokugqibela yomnqophiso ka-Abraham nawomnqophiso omtsha?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuxolelwa kwezono kubhetele kalikhulu kwabo baphantsi komnqophiso omtsha kunakwabo babekumnqophiso omdala