Intsapho—Into Eyimfuneko Kuluntu!
KUTHIWA abantu baba nempumelelo ngakumbi ukuba iintsapho zabo ziyaphumelela. Imbali ibonisa ukuba njengokuba liwohloka ilungiselelo lentsapho, izizwe neentlanga ziya zisiba buthathaka. Xa ukuziphatha okuwohlokileyo kwatshabalalisa iintsapho kwiGrisi yamandulo, kwaphelisa ubunye kwibutho labantu nto leyo eyabangela ukuba yoyiswe lula ngamaRoma. UBukhosi baseRoma bahlala buqinile logama nje iintsapho zalapho zaziqinile. Kodwa njengokuba iinkulungwane zazidlula, ubomi bentsapho baba buthathaka, namandla obukhosi ancipha. Owayesakuba ngumongameli weYunivesithi yaseHarvard uCharles W. Eliot, uthi: “Ukunqabiseka nokukhula kwentsapho nobomi bentsapho zezona zinto zibalaseleyo kwibutho labantu, neyona nto ingundoqo.”
Ewe, intsapho yinto eyimfuneko kuluntu. Inempembelelo ethe ngqo ekomeleleni kwebutho loluntu nakwintlalo-ntle yabantwana nezizukulwana ezizayo. Alithandabuzeki elokuba, kukho oomama, abaliqela abazibhokoxayo ukuze bakwazi ukukhulisa abantwana abalungileyo, yaye bamele banconywe ngomsebenzi wabo onzima. Noko ke, uhlolisiso lubonisa ukuba abantwana bayalunga ukuba bakhulela kwintsapho enabo bobabini abazali.
Kuhlolisiso lwaseOstreliya lwabafikisayo abangaphezu kwama-2100 kwafunyaniswa ukuba “abaselula abasuka kwiintsapho eziphazamisekileyo babeneengxaki zempilo ezingakumbi eziqhelekileyo, babetyekele ekubonakaliseni iingxaki ngokweemvakalelo, yaye betyekele ekubeni neenkanuko ezingakumbi ezingokwesini kunabantwana abavela kwiintsapho ezizinzileyo.” Uhlolisiso olwenziwa yiU.S. National Institutes of Health Statistics lwatyhila ukuba abantwana abasuka kumakhaya aqhekekileyo “babengama-20 ukusa kuma-30 ekhulwini ababetyekele ekufumaneni ingozi, ama-40 ukusa kuma-75 ekhulwini betyekele ekuphindeni iklasi ethile esikolweni, baze abangama-70 ekhulwini batyekele ekugxothweni esikolweni.” Enye ingcali inikela ingxelo yokuba “abantwana abasuka kumakhaya anomzali omnye kuqhelekile ukuba babandakanyeke kulwaphulo-mthetho kunabo bakhula kumakhaya aqhelekileyo.”
Ikhaya Likhusi
Ilungiselelo lentsapho libangela ikhaya elonwabileyo, elakhayo nelivuyisayo kubo bonke. Igosa laseSweden lithi: “Owona mthombo ubalulekileyo wolonwabo asingomsebenzi, izinto ezithandekayo okanye abahlobo kodwa yintsapho.”
IBhayibhile ibonisa ukuba yonke intsapho esemhlabeni ixhomekeke kuMdali Ozukileyo weentsapho, uYehova uThixo, ngenxa yokuba wasungula ilungiselelo lentsapho. (Genesis 1:27, 28; 2:23, 24; Efese 3:14, 15) Noko ke, kwiZibhalo eziphefumlelweyo, umpostile uPawulos waxela kwangaphambili ngentlaselo embi eyayiza kwenzeka kwiintsapho, eyayiza kuba nomphumo wokuwohloka kokuziphatha nebutho labantu ngaphandle kwebandla lobuKristu. Wathi ‘imihla yokugqibela’ yayiya kuphawulwa kukunganyaniseki, ukungabikho ‘komsa wemvelo,’ nokungathotyelwa kwabazali, kwanaphakathi kwabo ‘banohlobo lozinikelo lobuthixo.’ Wabongoza amaKristu ukuba azikhwebule kwabanjalo. UYesu waxela kwangaphambili ukuba inkcaso kwinyaniso kaThixo yayiya kuzahlula iintsapho.—2 Timoti 3:1-5; Mateyu 10:32-37.
Nangona kunjalo, uThixo akasishiyanga singenalo uncedo. KwiLizwi lakhe kunikelwa ulwalathiso ngokuphathelele ulwalamano lweentsapho. Lisixelela indlela esinokuyenza ngayo intsapho iphumelele nekhaya libe yindawo echwayitisayo apho onke amalungu entsapho anembopheleleko yokwanelisa amanye.a—Efese 5:33; 6:1-4.
Ngaba lungafumaneka ulwalamano olonwabisayo kule mihla ekubeni intsapho isongelwa ngamandla? Ewe, lunokufumaneka! Unokuphumelela ekwenzeni intsapho yakho ibe yeyonwabisayo, ibe ngumthombo ohlaziyayo kweli hlabathi lingqwabalala, ngokungathi ngumqwebedu. Kodwa oku kufuna okuthile kuye wonke ubani okwisangqa sentsapho. La alandelayo ngamacebiso.
Ukunceda Intsapho Yakho Iphumelele
Enye yeendlela eziphambili zokugcina intsapho imanyene kukuchitha ixesha kunye. Onke amalungu amele ngokuzithandela azame ukulichitha kunye ixesha lokuzihlaziya. Oko kusenokuthetha ukuzincama. Ngokomzekelo, nina baselula kusenokufuneka nincame inkqubo kamabonwakude eniyithandayo, umdlalo othile okanye ukubethwa ngumoya nabahlobo. Nina boobawo, enidla ngokuba ngabaphangeli, musani ukusebenzisa ixesha lokuzihlaziya njengexesha lokwenza umsetyenzana wokuzonwabisa okanye ezinye izilangazelelo. Cebani izinto ezithile nentsapho, mhlawumbi indlela eninokuchitha ngayo iimpela-veki okanye iiholide nikunye. Phofu ke, cebani into eniya kuba nomdla kuyo neniya kuyinandipha xa ninonke.
Abantwana bafuna okungaphezu koko kufane kubizwe ngokuba lixesha elixabisekileyo, oko kukuthi, balungiselele nje isiqingatha seyure abanokusichitha nabo ngamaxesha athile. Bafuna ixesha elininzi. Omnye umbhali wemihlathi kwiphephandaba lemihla ngemihla laseSweden wathi: “Ebudeni beminyaka eli-15 njengentatheli, ndiye ndadibana nabantwana abaninzi abaziinjubaqa . . . Eyona ngxaki ibonakalayo kubo bonke ingathi kukungabi naxesha laneleyo nabazali: ‘Abazali bam babengenaxesha.’ ‘Babengaphulaphuli.’ ‘Utata wayesoloko esendleleni.’ . . . Njengomzali, usenokuzikhethela ukuba lingakanani na ixesha oya kulichitha nomntwana wakho. Imiphumo yokhetho lwakho iya kubonakala kwiminyaka enokuba li-15 kamva ngoselula oneminyaka eli-15 ubudala nongenanceba.”
Ukuba Nembono Efanelekileyo Ngemali
Kwakhona onke amalungu afanele abe nembono efanelekileyo ngemali. Onke amele akulungele ukuhlanganisa imali ukuze kuhlawuleke amatyala aqhelekileyo entsapho. Uninzi lwamabhinqa kufuneka lufumane umsebenzi ukuze lukwazi ukuphila, kodwa nina bafazi nimele nizazi iingozi nezilingo eninokujamelana nazo. Eli hlabathi linikhuthaza ukuba “nizanelise” yaye “nenze nantoni na eniyithandayo.” Oko kusenokunibangela ningaxhomekeki mntwini yaye ningoneliseki sisabelo enisinikwe nguThixo esokuba ngumama nomgcini wekhaya.—Tito 2:4, 5.
Ukuba nina boomama ninokuba sekhaya nize nikhokele nibe ngabahlobo babantwana benu, ngokuqinisekileyo oko kuya kuba negalelo elingakumbi ekomelezeni amaqhina aya kugcina intsapho yakho imanyene nokuba sekumnyam’ entla. Umfazi unokuba negalelo elingakumbi ekwenzeni ikhaya elonwabileyo, elinqabisekileyo neliphumelelayo. Elinye ilungu lezobupolitika lenkulungwane ye-19 lathi: “Kufuneka amadoda alikhulu ukumisa intente, kodwa umfazi omnye angalakha ikhaya.”
Ukuba bonke entsatsheni bayasebenzisana ekuphileni ngemali efunyanwa yintsapho, oko kuya kuzithintela iingxaki ezininzi zentsapho. Izibini zimele zivumelane ngokugcina ubomi bulula zize zibeke izilangazelelo zokomoya kuqala. Abantwana bafanele bafunde ukwaneliseka bangafuni ngenkani izinto ezingenakufikelelwa yintsapho. Wulumkeleni umnqweno wamehlo! Umnqweno wokuthenga izinto eningenakukwazi ukuzihlawula, ukuzingenisa ematyaleni, kuye kwakhokelela iintsapho ezininzi engxakini. Intsapho ingahlala imanyene ukuba nje onke amalungu ahlanganisa imali ukuze enze into ethile kunye—uhambo oluhlaziyayo, ukuthenga into ethile eluncedo neyokuzonwabisa yasekhaya, okanye umnikelo wokuxhasa ibandla lobuKristu.
Enye indlela “yokuba negalelo” kulonwabo lwentsapho amele ancedise kulo onke amalungu entsapho kukucoca nokulungisa ikhaya—ukunyamekela indlu, isitiya, inqwelo-mafutha njalo njalo. Lungu ngalinye lentsapho, kwanabo baselula, basenokwabelwa omnye umsebenzi. Nina bantwana, zamani ukungadlali ngexesha lenu. Kunoko, yibani ngabaluncedo nize nisebenzisane; oku kuya kuphumela kubuhlobo bokwenene nobuqabane, nto ezo ezakha umanyano entsatsheni.
Ukuxabiseka Kwemfundo YeBhayibhile
Kwintsapho yamaKristu emanyeneyo, ukubaluleka kwesifundo seBhayibhile esithe rhoqo nako kuyagxininiswa. Ingxubusho yemihla ngemihla yeendinyana zeBhayibhile nesifundo esiqhutywa iiveki zonke seZibhalo Ezingcwele zinikela isiseko sentsapho emanyeneyo. Isiseko seenyaniso zeBhayibhile nemigaqo zimele zixutyushwe ndawonye ngendlela echukumisa iintliziyo zabo bonke entsatsheni.
Izihlandlo ezinjalo zentsapho zimele zibe zezifundisayo kodwa kwangaxeshanye zinandipheke zize zibe zezikhuthazayo. Intsapho ethile kumntla weSweden yayidla ngokucela abantwana ukuba babhale phantsi yonke imibuzo ephakamayo ebudeni beveki. Kamva le mibuzo yayixutyushwa kwisifundo seBhayibhile esiqhutywa iiveki zonke. Ngokufuthi le mibuzo yayiba yenzulu neshukumisa iingcinga yaye ingqineke ityhila indlela yokucinga yabantwana noxabiso ngeemfundiso zeBhayibhile. Eminye imibuzo yayiyile: “Ngaba uYehova wenza zonke izinto zikhule ngamaxesha onke okanye wazikhulisa nje kanye?” “Kutheni iBhayibhile isithi uThixo wamdala umntu ‘ngokomfanekiso wakhe’ ekubeni uThixo engengomntu?” “Ngaba uAdam noEva baba ngumkhenkce ebudeni bobusika baseParadesi ekubeni babengenazihlangu yaye bengenampahla?” “Kutheni sifuna inyanga ebusuku ekubeni kumele kube mnyama?” Sithetha nje aba bantwana bakhulile yaye bakhonza uThixo njengabalungiseleli bexesha elizeleyo.
Xa nisingatha iingxaki zentsapho, nina bazali zamani ngandlela zonke ukuba nibe nesimo sengqondo esakhayo nize nichwayite. Yibani nolwazelelelo nize nibe bhetyebhetye, sekunjalo ningaguquguquki, ngokuphathelele ukuthotyelwa kwemigaqo ebalulekileyo. Baboniseni abantwana ukuba uthando ngoThixo nangemigaqo yakhe elungileyo lusoloko lulawula izigqibo zenu. Ngokufuthi imeko yasesikolweni iyacinezela ize idimaze, yaye abantwana bafuna ukhuthazo olungakumbi ekhaya ukuze kuliwe loo mpembelelo injalo.
Bazali, musani ukuzenza ngokungathi nifezekile. Zivumeni iimpazamo zenu nize nicele uxolo ebantwaneni benu xa kuyimfuneko. Xa uMama noTata bevuma impazamo, uthando lwabaselula luyakhula ngabo.—INtshumayeli 7:16.
Ewe, intsapho emanyeneyo ibangela ikhaya elinoxolo, elinqabisekileyo, nelonwabileyo. Imbongi yaseJamani uGoethe yakha yathi: “Ungoyena wonwabileyo, engukumkani okanye elihlwempu, ofumana ulonwabo ekhaya.” Kubazali nakubantwana abanoxabiso, akumele kubekho indawo efana nekhaya.
Liyinyaniso elokuba, intsapho isongelwa ngakumbi namhlanje ziingcinezelo zeli hlabathi siphila kulo. Kodwa ekubeni intsapho ivela kuThixo, iya kuphumelela. Intsapho yakho iya kuphumelela, yaye nawe ngokunjalo ukuba ulandela imilinganiselo kaThixo yobulungisa yobomi bentsapho obonwabisayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi kulo mbandela, bona incwadi enamaphepha ali-192 ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.