Balumkele Abagculeli!
Namhlanje, kuthe ndii amahum-hum ngezinto eziza kwenzeka, abantu bathe phithi thwanga lishishini lokwazi ngekamva. Kaloku iThe Daily Telegraph yaseLondon ithi: “Njengoko sisondela kunyaka wama-2000, kukho nto ithile engaqhelekanga phofu elindelekileyo eyenzekayo. Amawaka abantu ehlabathini jikelele anemivandedwa ibe ahleli enemibono ehlathuzelis’ amanwele ngekamva.” Kubakhi-mkhanya abaninzi ukuziqhekez’ intloko ngekamva kufana nje nomsinandozele wokulinda ukuza kukaNxele.
NJENGOKUBA iinqwelo ezazitsalwa ngamahashe zazisanda ngenkulungwane ye-19, enye indoda yaprofeta isithi izixeko zaseYurophu ekugqibeleni zaziya kuzala ngumgquba. Noko ke, olo qikelelo lwayo lwangqineka lububuxoki. Ngaloo ndlela, igxininisa kwindlela olungaphumeleli ngayo uqikelelo amaxesha amaninzi, iThe Times yaseLondon yathi: “Ikamva lingumgquba nje wamahashe.”
Abanye bagculela abo babona ingozi kusengaphambili. Ngokomzekelo, omnye unjingalwazi wezoshishino kwiyunivesithi yaseUnited States wacel’ umngeni abo babelumkisa ngokuwohloka komhlaba esithi mababheje enoba izinto ziya kuba mandundu kusini na. Njengokuba kuchaziwe kwiphephancwadi iNew Scientist uthi “ubomi bethu buyaphucuka yaye buya kuqhubeka busenza njalo ngokungapheliyo.”
Phezu kwako nje ukudideka neempikiswano, abantu abaninzi bacinga ukuba izinto ziya kuhlala ziyile nto ziyiyo. Begculela nakuphi na ukungenelela kukaThixo kwimicimbi yoluntu, babonisa isimo sengqondo esifana nesabagculeli benkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo.
Ngaba Yonke Into Isafana?
Incwadi yesibini ephefumlelweyo yompostile ongumKristu uPetros, eyabhalwa malunga nowama-64 C.E., yalumkisa: “Ngemihla yokugqibela kuya kuza abagculeli nokugculela kwabo, beqhubeka ngokweminqweno yabo.”—2 Petros 3:3.
Abagculeli bathanda ukwenza ukugculela kwabo kubonakale kuyinto ehlekisayo. Umntu ogculelwayo usenokuba uzisa emlilweni ngokwakhe ngenxa yokuba umgculeli ngokufuthi ufuna abo baphulaphuleyo basekele imbono yakhe. Mhlawumbi abanye babagculeli awayelumkisa ngabo uPetros, ‘babeqhubeka ngokweminqweno yabo.’ Ekulumkiseni abafundi bakhe, umpostile wasebenzisa indlela egxininisayo. Walumkisa ngokufika “kwabagculeli nokugculela kwabo.”
Abo bagculeli benkulungwane yokuqala babebuthandabuza ubunyaniso ‘bobukho obuthenjisiweyo bukaKristu,’ besithi: “Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo? Kaloku, ukususela ngomhla ookhokho bethu abalala ngawo ekufeni, zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.” (2 Petros 3:4) Oko kwabonakala kunjalo kubo. Sekunjalo, emva phayaa ngowama-33 C.E., uYesu wayexele kwangaphambili ngentlekele eyayiza kwehlela isixeko saseYerusalem. Wathi: “Kuya kuza phezu kwakho imihla yaxa iintshaba zakho ziya kwakha inqaba zikujikeleze ngezibonda ezibaziweyo yaye ziya kukurhawula zize zikuxhwalekise macala onke, ibe ziya kukuntlala emhlabeni wena nabantwana bakho abangaphakathi kuwe, kwaye aziyi kushiya litye phezu kwelitye kuwe.” Hayi indlela ababephazame ngayo abo bagculela eso silumkiso! Ngowama-70 C.E., imikhosi yamaRoma yarhangqa iYerusalem yaza yatshabalalisa isixeko, ibulala nabemi bayo. Kwakutheni ukuze abemi abaninzi besi sixeko bangayilindeli le ntlekele? Kwakungenxa yokuba babengazange baqonde ukuba uThixo wayebajongile esebenzisa uNyana wakhe, uYesu.—Luka 19:43, 44.
Umpostile uPetros ubhekisela ekungeneleleni kungekudala kukaThixo uSomandla. UPetros ulumkisa ngelithi: “Imini kaYehova iya kuza njengesela.” (2 Petros 3:10) Ngelo xesha uThixo uya kubasusa bonke abo bangenabuthixo kuwo wonke umhlaba aze asindise abo bagwetywa njengabangamalungisa. Kunjengokuba lo lindixesha eye wacacisa ngokufuthi, “ubukho” bukaKristu Yesu baqalisa ngowe-1914. Kodwa ukuthabatha kwakhe inyathelo njengoMphumezi wemigwebo kaThixo yokususa ubungendawo sele kuza kwenzeka. Ekugqibeleni, isilumkiso sikampostile sokulumkela abagculeli siyasebenza namhlanje ngongxamiseko olukhulu.
Usenokuba sele ukulinde ixesha elide ukungenelela kukaThixo kwiimeko zoluntu. Yintoni eya kukunceda ukuba ulinde ngomonde ngaphandle kokuba ube sisisulu sabagculeli? Nceda ufunde ngokubhekele phaya.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
“Kuya kuza phezu kwakho imihla yaxa iintshaba zakho ziya . . . kukurhawula zize zikuxhwalekise macala onke, . . . kwaye aziyi kushiya litye phezu kwelitye kuwe.” Eso yayisisilumkiso esasingamele sigculelwe. Imikhosi yaseRoma yayitshabalalisa iYerusalem, kwaza kwafa abaliqela.