IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 6/1 iphe. 9-14
  • ‘Qhubekani Nihamba Ngokumanyeneyo Nokristu’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Qhubekani Nihamba Ngokumanyeneyo Nokristu’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba ‘Umiliselwe KuKristu’?
  • Ngaba ‘Wakhelwa KuKristu’?
  • Ngaba ‘Uyazinziswa Elukholweni’?
  • ‘Phuphuma Lukholo Unombulelo’
  • Incwadi YeBhayibhile 51—Kolose
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Iimbalasane Zeencwadi Eziya KwabaseGalati, Kwabase-Efese, KwabaseFilipi NakwabaseKolose
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanyathelo Okuqala Okuhamba NoThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Ngaba ‘Umiliselwe Yaye Wendele Kwisiseko’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 6/1 iphe. 9-14

‘Qhubekani Nihamba Ngokumanyeneyo Nokristu’

“Ngoko ke, njengoko niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba ngokumanyene naye.”—KOLOSE 2:6.

1, 2. (a) IBhayibhile ibuchaza njani ubomi benkonzo kaEnoki yokuthembeka kuYehova? (b) Luluphi uncedo oluye lwanikelwa nguYehova ukuze sihambe naye, njengoko kuboniswa yeyabaseKolose 2:6, 7?

WAKHA wayibukela na inkwenkwana xa ihamba noyise? Wofika unkabi exelisa uyise kuyo yonke into ayenzayo, sele eman’ ukuncuma-ncumeza kucaca ukuba wonwabile; uyise uyamnceda, ubuso bakhe buntama uvuyo ngokungathi uthi ndiyakuthanda yaye ndiyakholiswa nguwe. Ngokufanelekileyo, uYehova ubachaza ngolo hlobo kanye abo bamkhonza ngokuthembeka. Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo lithi indoda ethembekileyo uEnoki ‘yahamba noThixo [oyinyaniso].’—Genesis 5:24; 6:9.

2 Kanye njengokuba ubawo onolwazelelo ebeya kumnceda unyana wakhe oselula ukuze ahambe naye, uYehova uye wasinika uncedo olungenakuthelekiswa nanto. Uye wathumela ekuphela koNyana amzeleyo emhlabeni. Kwinyathelo ngalinye awayelithabatha ngexesha wayephila apha emhlabeni, uYesu Kristu wayengumceph’ ucandiwe noYise osezulwini. (Yohane 14:9, 10; Hebhere 1:3) Ngoko ukuze sihambe noThixo, kufuneka sihambe noYesu. Umpostile uPawulos wabhala: “Ngoko ke, njengoko niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba ngokumanyene naye, nimiliselwe yaye nakhelwe kuye kwaye nizinzisiwe elukholweni, kanye njengoko nafundiswayo, niphuphuma lukholo ninombulelo.”—Kolose 2:6, 7.

3. Ngokutsho kweyabaseKolose 2:6, 7, kutheni sinokuthi asikokubhaptizwa kuphela okufunekayo ukuze ubani ahambe ngokumenyene noKristu?

3 Abafundi beBhayibhile abantliziyo zinyanisekileyo bayabhaptizwa, kuba befuna ukuhamba ngokumanyeneyo noKristu, bezabalazela ukulandela amanyathelo akhe agqibeleleyo. (Luka 3:21; Hebhere 10:7-9) Ngowe-1997 kuphela, bangaphezu kwama-375 000 abaye bathabatha eli nyathelo ehlabathini lonke—umlinganiselo wabangaphezu kwe-1000 ngosuku. Olu lwando lubangel’ imincili! Noko ke, amazwi kaPawulos abhalwe kweyabaseKolose 2:6, 7 abonisa ukuba asikokubhaptizwa kuphela okufunekayo ukuze ubani ahambe ngokumanyene noKristu. Isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “qhubekani nihamba” sichaza isenzo esimele sibe sesiqhubekayo. Ngaphezu koko, uPawulos walek’ umsundulo esithi ukuhamba noKristu kubandakanya izinto ezine: ukumiliselwa kuKristu, ukwakhelwa kuye, ukuzinziswa elukholweni nokuphuphuma yimibulelo. Makhe siqwalasele ibinzana ngalinye size sibone indlela elinokusinceda ngayo siqhubeke sihamba ngokumanyene noKristu.

Ngaba ‘Umiliselwe KuKristu’?

4. Kuthetha ntoni ‘ukumiliselwa kuKristu’?

4 Okokuqala, uPawulos ubhala esithi kufuneka ‘similiselwe kuKristu.’ (Thelekisa uMateyu 13:20, 21.) Ubani unokukusebenzela njani ukumiliselwa kuKristu? Kaloku, iingcambu zesityalo azibonakali, kodwa zibalulekile kweso sityalo—zisenza sizinze kwaye ziyasondla. Ngokufanayo, umzekelo kaKristu nemfundiso yakhe zisichaphazela ngendlela engabonakaliyo, zingena ezingqondweni nasezintliziyweni zethu. Apho zifika zisondle yaye zisomeleze. Xa sizivumela ukuba zilawule indlela esicinga ngayo, izenzo zethu nezigqibo esizenzayo, sishukunyiselwa ekubeni sahlulele ubomi bethu kuYehova.—1 Petros 2:21.

5. ‘Sinokulwakha njani ulangazelelo’ lokutya kokomoya?

5 UYesu wayeluthanda ulwazi awalufumana kuThixo. Wade walufanisa nokutya. (Mateyu 4:4) Ewe, kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, wacaphula iincwadi ezahlukeneyo zeZibhalo zesiHebhere kangangezihlandlo ezingama-21. Ukuze silandele umzekelo wakhe, simele senze njengoko umpostile uPetros wabongozayo—‘sakhe ulangazelelo’ lokutya kokomoya “njengeentsana.” (1 Petros 2:2) Xa usana lulangazelela ukutya, luyenza icace into yokuba lukulangazelela ngokwenene. Ukuba ngoku asivakalelwa ngolo hlobo ngokutya kokomoya, amazwi kaPetros asikhuthaza ukuba ‘silwakhe’ olo langazelelo. Njani? Umgaqo ofumaneka kwiNdumiso 34:8 unokusinceda: “Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.” Ukuba ‘siliva’ rhoqo iLizwi likaYehova, iBhayibhile, mhlawumbi sifunda inxalenye yalo imihla ngemihla, siya kubona ukuba liyondla ngokomoya yaye lilungile. Ethubeni, siya kulilangazelela nangakumbi.

6. Kutheni kubalulekile ukucamngca ngoko sikufundayo?

6 Noko ke, kubalulekile ukukwetyisa ukutya sakuba sikutyile. Ngoko kufuneka sicamngce ngoko sikufundayo. (INdumiso 77:11, 12) Ngokomzekelo, xa sifunda incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, isahluko ngasinye sibaluleka ngakumbi xa sikhe sithi xhaa size sizibuze: ‘Yiyiphi inkalo yobuntu bukaKristu endiyifumanayo kule ngxelo, ibe ndinokuyixelisa njani ebomini bam?’ Ukucamngca ngolo hlobo kunokusenza sikusebenzise oko sikufundayo. Siya kuthi ke sakujamelana nesigqibo ekufuneka sisenzile, sizibuze ukuba uYesu ebenokuhlangabezana njani na naloo meko. Ukuba senza isigqibo esifanelekileyo, sibonisa ukuba ngokwenene similiselwe kuKristu.

7. Sifanele sikujonge njani ukutya okuqinileyo kokomoya?

7 Kwakhona uPawulos usibongoza ukuba sitye “ukutya okuqinileyo,” iinyaniso ezinzulu zeLizwi likaThixo. (Hebhere 5:14) Ukuyifunda yonke iBhayibhile kusenokuba lusukelo lwethu lokuqala ngokuphathelele lo mba. Kuze ke kulandele imibandela ethile osenokuyifundisisa, enjengedini lentlawulelo likaKristu, iminqophiso eyahlukeneyo eyenziwa nguYehova nabantu bakhe, okanye ezinye zezigidimi zesiprofeto eziseBhayibhileni. Sinentabalala yenkcazelo enokusinceda siginye size setyise ukutya okuqinileyo kokomoya. Iyintoni injongo yokungenisa olo lwazi? Asikokuzigobh’ amacala ngaloo nto, kodwa kukwakha uthando lwethu ngoYehova nokusondela ngakumbi kuye. (1 Korinte 8:1; Yakobi 4:8) Ukuba silungenisa ngolangazelelo olo lwazi, silusebenzisa kwiimeko zethu, yaye sinceda nabanye ngalo, ngokwenene siya kuba sixelisa uKristu. Oku kuya kusinceda similiselwe kakuhle kuye.

Ngaba ‘Wakhelwa KuKristu’?

8. Kuthetha ntoni ‘ukwakhelwa kuKristu’?

8 Kwinkalo yesibini yokuhamba ngokumanyeneyo noKristu, uPawulos ngokukhawuleza usakhela omnye umfanekiso-ngqondweni—usuka kowesityalo aye kowesakhiwo. Xa sicinga ngesakhiwo esingekagqitywa, asicingi ngesiseko kuphela kodwa sicinga nangodonga olubonakalayo, olwakhiwe nzima. Ngokufanayo, kufuneka sizibhokoxe ukuze sakhe iimpawu nemikhwa efana nekaKristu. Ukuzibhokoxa okunjalo akulolize, nanjengokuba uPawulos wabhalela uTimoti esithi: ‘Uhambelo-phambili lwakho malubonakaliswe kubantu bonke.’ (1 Timoti 4:15; Mateyu 5:16) Yiyiphi eminye imisebenzi yamaKristu esakhayo?

9. (a) Ukuze sixelise uKristu kubulungiseleli bethu, ziziphi izinto eziluncedo esinokuzenza usukelo lwethu? (b) Sazi njani ukuba uYehova ufuna sibunandiphe ubulungiseleli bethu?

9 UYesu wasinika isabelo sokushumayela nokufundisa iindaba ezilungileyo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Wasibekela umzekelo ogqibeleleyo, enikela ubungqina ngenkalipho nangempumelelo. Kakade ke, asinakuze senze umsebenzi oyincamisa njengaye. Kodwa, umpostile uPetros usibekela olu sukelo: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Ukuba akuziva ‘usoloko ukulungele ukuzithethelela,’ musa ukuphelelwa lithemba. Zibekele usukelo olusengqiqweni oluya kukunceda usondele ngokuthe ngcembe kuloo mlinganiselo. Ukulungiselela kusengaphambili kunokukwenza ukwazi ukuyiguquguqula intshumayelo yakho okanye uquke isibhalo esinye okanye ezimbini. Usenokuzibekela usukelo lokuhambisa uncwadi lweBhayibhile olungakumbi, ukwenza amabuyelo angakumbi, okanye ukuqalisa isifundo seBhayibhile. Musa ukugxininisa ngokugqithiseleyo kumanani—njengeeyure, iincwadi ozihambisileyo okanye izifundo ezininzi—kodwa gxininisa kumgangatho. Ukuzibekela usukelo olusengqiqweni nokuzabalazela ukulufikelela kunokusinceda sikunandiphe ukuzinikela kubulungiseleli. Nantso ke into efunwa nguYehova—kukuba simkhonze ‘sivuya.’—INdumiso 100:2; thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 9:7.

10. Yiyiphi eminye imisebenzi yamaKristu ekufuneka siyenze, ibe isinceda njani?

10 Kukwakho nemisebenzi esiyenza ebandleni esakhayo kuKristu. Owona ubalulekileyo kukuthandana, kuba olu luphawu olufanisa amaKristu okwenyaniso. (Yohane 13:34, 35) Xa sisafundelwa, ngokuzenzekelayo uninzi lwethu luthi nca kuloo mntu ulufundisayo. Noko ke, ngaba ngoku asinakuthobela isiluleko sikaPawulos sokuba ‘siphangalale’ ngokuqhelana nabanye ebandleni? (2 Korinte 6:13) Nabadala bayalufuna uthando noxabiso lwethu. Ngokusebenzisana nabo, sifune size samkele isiluleko sabo esivela kwiZibhalo, siya kuwenza khaphukhaphu umsebenzi wabo onzima. (Hebhere 13:17) Kwangaxeshanye, oku kuya kufak’ isandla ekwakhelweni kwethu kuKristu.

11. Yiyiphi imbono esengqiqweni esifanele sibe nayo ngobhaptizo?

11 Ukubhaptizwa kusisihlandlo esibangel’ imincili! Noko ke, asifanele silindele ukuba sohlala sixhelelw’ eXhukwane emva koko. Ubukhulu becala ukwakhelwa kwethu kuKristu kubandakanya ‘ukuhamba ngokulungeleleneyo kulo mzila mnye.’ (Filipi 3:16) Oku akuthethi kuthi siphile ubomi obusisithukuthezi nobukruqulayo. Kuthetha ukuhamba ngomgca otsolileyo—ngamanye amazwi, ukuzakhela imikhwa emihle yokomoya nokuyigcina imihla ngemihla, iminyaka ngeminyaka. Khumbula, “lowo unyamezele kwada kwasekupheleni ngulowo oya kusindiswa.”—Mateyu 24:13.

Ngaba ‘Uyazinziswa Elukholweni’?

12. Kuthetha ntoni ‘ukuzinziswa elukholweni’?

12 Kweli binzana lesithathu elisityebisela ngokuhamba kwethu ngokumanyeneyo noKristu, uPawulos usibongoza ukuba ‘sizinze elukholweni.’ Enye inguqulelo ifundeka ngolu hlobo, “niqiniseke ngokuphathelele ukholo,” kuba igama lesiGrike elasetyenziswa nguPawulos lisenokuthetha “ukuqinisekisa, isiqinisekiso nokwenza into yamkeleke ngokusemthethweni.” Njengoko ulwazi lwethu lukhula, sifumana izizathu ezingakumbi zokuqiniseka ukuba ukholo lwethu kuYehova uThixo lunesiseko esomeleleyo yaye, eneneni, lumiselwe ngokusemthethweni. Umphumo uba kukuzinza ngakumbi. Kuya kusiba nzima ukuba ihlabathi likaSathana lisigungqise. Oku kusikhumbuza isibongozo sikaPawulos sokuba ‘sixhinele ekuqoleni.’ (Hebhere 6:1) Ukuqola nokuzinza ngumthi nexolo.

13, 14. (a) Ziziphi izinto ezazigungqisa amaKristu enkulungwane yokuqala aseKolose? (b) Yintoni esenokuba yayixhalabise umpostile uPawulos?

13 AmaKristu enkulungwane yokuqala aseKolose ayegungqa. UPawulos walumkisa: “Lumkani: mhlawumbi kusenokubakho uthile oya kunithabatha njengexhoba lakhe ngentanda-bulumko nenkohliso elambathayo ngokwesithethe sabantu, ngokwezinto eziziziqalelo zehlabathi yaye kungekhona ngokukaKristu.” (Kolose 2:8) UPawulos akazange afune ukuba abaseKolose, ababa ngabalawulwa ‘bobukumkani boNyana wothando lukaThixo,’ bashenxiswe, besuswa kwimo yabo esikelelekileyo yokomoya. (Kolose 1:13) Babeza kulahlekiswa yintoni? UPawulos wayethetha “ngentandabulumko,” ekuphela kwesihlandlo eli gama elivela ngaso eBhayibhileni. Ngaba wayethetha ngezithandi zobulumko zamaGrike, ezinjengoPlato noSocrates? Nangona loo madoda ayesisisongelo kumaKristu okwenyaniso, ngaloo mihla, igama elithi ‘intandabulumko’ lalinentsingiselo ephangaleleyo. Ngokuqhelekileyo lalibhekisela kumaqela nakubantu abaneengcamango ezahlukeneyo—kwanezonqulo. Ngokomzekelo, amaYuda enkulungwane yokuqala anjengoJosephus noPhilo ayechaza unqulo lwawo njengentandabulumko—mhlawumbi esenzela ukuba lube nomtsalane ngakumbi.

14 Ezinye zeentandabulumko ezisenokuba zazixhalabisa uPawulos zazizezonqulo. Kamva kwakwisahluko esinye sencwadi yakhe eyayisiya kwabaseKolose, uthetha ngabo babenemfundiso ethi, “Musani ukuphatha, nokungcamla, nokuchukumisa,” ngaloo ndlela bebhekisela kwiinkalo zoMthetho kaMoses ezapheliswa kukufa kukaKristu. (Roma 10:4) Ukongezelela kwiintandabulumko zobuhedeni, kwakukho iimpembelelo ezazilisongela ibandla ngokomoya. (Kolose 2:20-22) UPawulos walumkisa ngentandabulumko eyayiyinxalenye ‘yeziqalelo zehlabathi.’ Ezo mfundiso zibubuxoki zazivela ebantwini.

15. Sinokukuphepha njani ukugungqiswa ziingcamango ezichasene nezibhalo esidla ngokungxixhwa ngazo?

15 Ukuxhaswa kweengcamango zabantu ezingasekelwanga ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo kunokuwagungqisa amaKristu. Nathi namhlanje simele sizibek’ esweni izisongelo ezinjalo. Umpostile uYohane wabongoza: “Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na.” (1 Yohane 4:1) Ngoko ukuba lowo ufunda naye esikolweni uzama ukukweyisela ekubeni ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile kushiywe lixesha, okanye ukuba ummelwane wakho ukufaka umoya wokuthanda izinto eziphathekayo, okanye ukuba ngobuqhetseba lowo usebenza naye ukuphembelela ukuba uvukele isazela sakho esiqeqeshwe yiBhayibhile, okanye kwanokuba elinye ikholwa ligxibha, lize libabek’ amabala abanye abasebandleni lisebenzisa iimbono zalo, musa ukufane wamkele nje loo nto liyithethayo. Yitshice kude nayiphi na into engavisisani neLizwi likaThixo. Xa sisenjenjalo, siya kuhlala sizinzile njengoko sihamba ngokumanyene noKristu.

‘Phuphuma Lukholo Unombulelo’

16. Yiyiphi inkalo yesine yokuhamba ngokumanyene noKristu, yaye nguwuphi umbuzo esinokuwubuza?

16 Inkalo yesine ekhankanywa nguPawulos yokuhamba ngokumanyeneyo noKristu ‘kukuphuphuma lukholo sinombulelo.’ (Kolose 2:7) Igama elithi ‘ukuphuphuma’ lisikhumbuza ngomlambo ophuphuma macala. Oku kuthetha ukuba njengamaKristu, simele sihlale sinombulelo okanye sikwenze umkhwa wethu oko. Ngamnye kuthi wenza kakuhle xa ezibuza oku, ‘Ngaba ndinombulelo?’

17. (a) Kutheni kunokutshiwo ukuba sonke sinezinto ezininzi esinokuba nombulelo ngazo, kwanaxa sisebunzimeni? (b) Ziziphi ezinye zezipho ezivela kuYehova oziva unombulelo ngokukhethekileyo ngazo?

17 Ngokwenene, sonke sinezizathu ezininzi zokuphuphuma ngumbulelo kuYehova imihla ngemihla. Kwanaxa sisebunzimeni, zisenokubakho izinto ezincinane ezizisa isiqabu. Isenokuba ngumhlobo obonakalisa uvelwano. Okanye lowo umthandayo ukuchukumisa ngendlela ekutsho uqiniseke. Usenokulala ngokwaneleyo ebusuku uze uvuke ungumqabaqaba kwakhona. Usenokutya ukutya okuginyis’ ingwiqi okuyitsho indlala ibe sisibhene. Izinto ezinjengokuntyiloza kwentaka, ukugigitheka kosana, isibhakabhaka esiluhlaza yaka, impepho epholileyo—nezinye ezininzi zenzeka kuthi ngosuku olunye. Into nje kulula ukuzithabatha lula iziphiwo ezinjalo. Ngaba asifanele sithi enkosi ngenxa yazo zonke ezo zinto? Zonke zivela kuYehova, uMthombo waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Kwaye usiphe izipho ezingaphezulu lee kunezi zikhankanywe ngasentla—ngokomzekelo, ubomi ngokwabo. (INdumiso 36:9) Ngaphezu koko, usinike ithuba lokuphila ngonaphakade. Elungiselela esi sipho, uYehova wancama eyona nto inkulu ngokuthumela ekuphela koNyana amzeleyo, “lowo wayemthanda kunene.”—IMizekeliso 8:30, NW; Yohane 3:16.

18. Sinokubonakalisa njani ukuba sinombulelo kuYehova?

18 Ngoko, hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi omdumisi athi: “Kulungile ukubulela kuYehova.” (INdumiso 92:1) Ngendlela efanayo, uPawulos wakhumbuza amaKristu aseTesalonika esithi: “Ngokunxibelelene nento yonke bulelani.” (1 Tesalonika 5:18; Efese 5:20; Kolose 3:15) Ngamnye wethu unokuzimisela ukuba nombulelo ngakumbi. Imithandazo yethu ayimele ibe zizicelo zezinto esizisweleyo kuThixo kuphela. Kuhle ukucela endaweni yako. Kodwa khawucinge indlela obuya kuvakalelwa ngayo ukuba ubunomhlobo othetha nawe kuphela xa kukho into ayifunayo kuwe! Ngoko kutheni ungakhe uthandaze kuYehova umbulela yaye umdumisa? Hayi indlela emele ukuba imkholisa ngayo imithandazo enjalo xa ephosa amehlo akhe kweli hlabathi lingenambulelo! Enye ingenelo kukuba imithandazo enjalo inokusinceda sibone iinkalo ezakhayo ngobomi, isikhumbuza ngendlela esisikeleleke ngayo.

19. Isigama esisetyenziswe nguPawulos kweyabaseKolose 2:6, 7 sibonisa njani ukuba sonke sinokuqhubeka siphucula ekuhambeni noKristu?

19 Ngaba akumangalisi ukuba isicatshulwa esinye nje seLizwi likaThixo sibe nolwalathiso lobulumko olungaka? Isiluleko sikaPawulos sokuqhubeka sihamba noKristu siyinto amele ngamnye wethu azabalazele ukuyenza. Ngoko masizimisele ‘ukumiliselwa kuKristu,’ ‘sakhelwe kuye,’ ‘sizinziswe elukholweni’ yaye ‘siphuphume ngumbulelo.’ Eso siluleko sibaluleke ngakumbi kwabo basandul’ ukubhaptizwa. Kodwa sisebenza kuthi sonke. Khawucinge ngengcambu eyintloko eya ingena nzulu nesakhiwo esiya sinyuka ngokunyuka. Ngoko uhambo lwethu noKristu alunasiphelo. Kuninzi ekusafuneka sikuphucule. UYehova uya kusinceda aze asisikelele, kuba ufuna singayeki ukuhamba naye noNyana wakhe amthandayo.

Ubunokuphendula Uthini?

◻ Yintoni ebandakanyekileyo ekuhambeni ngokumanyene noKristu?

◻ Kuthetha ntoni ‘ukumiliselwa kuKristu’?

◻ ‘Sinokwakhelwa njani kuKristu?’

◻ Kutheni kubaluleke kangangaka ‘ukuzinziswa elukholweni’?

◻ Ziziphi izizathu esinazo ‘zokuphuphuma ngumbulelo’?

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Iingcambu zomthi zisenokungabonakali, kodwa ziyawondla zize ziwenze uzinze

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share