UYehova—umthombo Wokusesikweni Nobulungisa Bokwenene
“NguLiwa; ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni; nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha.”—DUTERONOMI 32:4.
1. Kutheni sikufuna ngokuzenzekelayo okusesikweni?
KANYE njengokuba sonke ngokuzenzekelayo sifuna ukuthandwa, siyakulangazelela nokuphathwa ngokusesikweni. Kunjengokuba indwalutho yorhulumente waseMerika uThomas Jefferson yabhala, “[okusesikweni] kuyinto engokwemvelo ozalwa nayo, . . . kuphumeza indima efana neyokuchukumisa, ukubona okanye ukuva.” Oku akumangalisi kuba uYehova usidale ngokomfanekiselo wakhe. (Genesis 1:26) Ewe, usijizeke ngeempawu ezibonisa ubuntu bakhe, ibe olunye lwazo kokusesikweni. Kungoko sikufuna ngokuzenzekelayo okusesikweni yaye sifuna ukuphila kwihlabathi elinokusesikweni nobulungisa bokwenyaniso.
2. Kubaluleke kangakanani okusesikweni kuYehova, ibe kutheni kufuneka siyiqonde intsingiselo yokusesikweni kukaThixo?
2 Ithetha ngoYehova, iBhayibhile iyasiqinisekisa: “Zonke iindlela zakhe zisesikweni.” (Duteronomi 32:4) Kodwa kweli hlabathi lizaliswe kukungabikho kokusesikweni, akulula ukuyibona intsingiselo yokusesikweni kukaThixo. Noko ke, xa sinokuhlolisisa iLizwi likaThixo sinokuyiqonda indlela okusebenza ngayo okusesikweni kukaThixo, yaye sinokuziqonda nangakumbi iindlela ezingummangaliso zikaThixo. (Roma 11:33) Kubalulekile ukuqonda okusesikweni ngendlela iBhayibhile ekuchaza ngayo kuba kusenokwenzeka ukuba okusesikweni oku sikujonga ngeliso lomntu. Ngokwembono yomntu, okusesikweni kusenokugqalwa njengokusetyenziswa komgaqo womthetho ngendlela efanelekileyo kuphela. Okanye ke njengoko isithandi sobulumko uFrancis Bacon wabhalayo, “okusesikweni kukunika wonke umntu loo nto imfaneleyo.” Noko ke, okusesikweni kukaYehova kubandakanya okungaphezulu lee kunoko.
Okusesikweni KukaYehova Kuvuyisa Intliziyo
3. Yintoni esinokuyifunda kumagama eelwimi zantlandlolo aguqulelwe eBhayibhileni ngelithi okusesikweni nelithi ubulungisa?
3 Ubukhulu bokusesikweni kukaThixo unokububona kakuhle xa uqwalasela indlela asetyenziswa ngayo amagama olwimi lwantlandlolo eBhayibhileni.a Okubangel’ umdla kukuba, kwiZibhalo akukho mahluko ungako phakathi kokusesikweni nobulungisa. Phofu ke, la magama esiHebhere adla ngokusetyenziswa kunye, njengoko sinokubona kuAmosi 5:24, apho uYehova abongoza abantu bakhe esithi: “Makugaleleke [okusesikweni, NW] njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.” Ngaphezu koko, kwizihlandlo eziliqela la mabinzana athi “okusesikweni nobulungisa” aye asetyenziswe kunye ukuze kugxininiswe okuthile.—INdumiso 33:5; Isaya 33:5; Yeremiya 33:15; Hezekile 18:21; 45:9.
4. Kuthetha ntoni ukuqhelisela okusesikweni, ibe nguwuphi owona mlinganiselo uphakamileyo wokusesikweni?
4 Yiyiphi ingcamango edluliselwa ngala magama esiHebhere nawesiGrike? Ukuqhelisela okusesikweni ngendlela echazwa ziZibhalo kuthetha ukwenza okulungileyo nokufanelekileyo. Ekubeni inguYehova obeka imithetho nemigaqo yokuziphatha, okanye okulungileyo nokufanelekileyo, indlela uYehova azenza ngayo izinto ingowona mlinganiselo uphakamileyo wokusesikweni. ITheological Wordbook of the Old Testament ichaza ukuba igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ubulungisa (elithi tseʹdheq) “libhekisela kumlinganiselo owamkelekileyo wokuziphatha yaye kakade ke kwiTestamente Endala loo mlinganiselo ububuntu nokuthanda kukaThixo.” Ngaloo ndlela, indlela uThixo ayisebenzisa ngayo imigaqo yakhe, yaye ngokukodwa xa eqhubana nabantu abangafezekanga, ibonisa oko kukuko ngokwenene okusesikweni nobulungisa bokwenyaniso.
5. Ziziphi iimpawu ezihamba nokusesikweni kukaThixo?
5 IZibhalo ziyenza icace into yokuba okusesikweni kukaThixo kuvuyisa intliziyo kunokuba kube ngqwabalala yaye kungabi nalusini. UDavide wavuma ingoma esithi: “UYehova uthanda okusesikweni, angabashiyi abenceba bakhe.” (INdumiso 37:28) Okusesikweni kukaThixo kumshukumisela ekubeni abonakalise ukuthembeka nenceba kubakhonzi bakhe. Okusesikweni kukaThixo kusabela msinya kwiintswelo zethu yaye kuzivulela ithuba iimpawu zethu zokungafezeki. (INdumiso 103:14) Oku akuthethi kuthi uThixo ubuqwabazel’ iliso ubungendawo, kuba ukwenjenjalo bekuya kukhuthaza ukungabikho kokusesikweni. (1 Samuweli 3:12, 13; INtshumayeli 8:11) UYehova wachazela uMoses ukuba Yena ‘unemfesane, unobabalo, uzeka kade umsindo, mninzi ngenceba nenyaniso.’ Ngoxa ekulungele ukuxolela iimpazamo nobugwenxa, uThixo akanakungabohlwayi abo bafanelwe sisohlwayo.—Eksodus 34:6, 7.
6. UYehova uqhubana njani nabantwana bakhe basemhlabeni?
6 Xa sicamngca ngendlela uYehova aqhelisela ngayo okusesikweni, asifanele sicinge ngomgwebi ongenalusini, ofuna nje ukuwisa isigwebo kubenzi bobubi kube kuphelile. Kunoko, masibe nombono wobawo onothando nokwangqongqo osoloko eqhubana nabantwana bakhe ngeyona ndlela ilungileyo. Umprofeti uIsaya wathi: “Yehova, unguBawo.” (Isaya 64:8) NjengoBawo othanda okusesikweni nobulungisa, uYehova ugcina ulungelelwano phakathi kokuba ngqongqo ngoko kulungileyo nokubonakalisa inceba ethantamisayo kubantwana bakhe basemhlabeni, abafuna ukuncedwa okanye ukuxolelwa ngenxa yeemeko ezinzima okanye ubuthathaka benyama.—INdumiso 103:6, 10, 13.
Eyona Nto Kuyiyo Okusesikweni
7. (a) Yintoni esiyifunda kwisiprofeto sikaIsaya ngokusesikweni kukaThixo? (b) Yiyiphi indima eyaphunyezwa nguYesu ekufundiseni iintlanga ngokusesikweni?
7 Ukuba nemfesane kukaYehova kwabalaseliswa ngokuza kukaMesiya. UYesu wafundisa ngokusesikweni kukaThixo waza waphila ngokuvisisana nako, njengoko kwakuxelwe kwangaphambili ngumprofeti uIsaya. Kuyacaca ukuba, okusesikweni kukaThixo kuquka ukuthantamisa abantu abacinezelekileyo. Ngaloo ndlela, ukucinezeleka kwabo akuthethi kuthi iphelil’ intw’ ebithethwa ngabo. UYesu, “umkhonzi” kaYehova, weza emhlabeni ukuza ‘kuyenza icace ezintlangeni’ le nkalo yokusesikweni kukaThixo. Eyona ndlela ibalaseleyo awakwenza ngayo oku kukumisela umzekelo ophilayo woko kuthethwa kokusesikweni kukaThixo. ‘Njengehlumelo lobulungisa’ likaKumkani uDavide, uYesu wayekulangazelela ‘ukwenza ngokwesiko nobulungisa.’—Isaya 16:5; 42:1-4; Mateyu 12:18-21; Yeremiya 33:14, 15.
8. Yintoni eyayibangela okusesikweni nobulungisa bufiphale ngenkulungwane yokuqala?
8 Le ngcaciso yoko kukuko okusesikweni kukaYehova yayifuneka ngokukodwa ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Amadoda amakhulu neenkokeli zonqulo zakwaYuda—ababhali, abaFarisi nezinye—zazikuchaza yaye zikumela ngendlela etenxileyo okusesikweni nobulungisa. Ngenxa yoko, kusenokwenzeka ukuba abantu abaqhelekileyo, ababekufumanisa kunzima ukufikelela izinto ezazifunwa ngababhali nabaFarisi, babecinga ukuba kungangenkankulu ukuba umntu abe lilungisa emehlweni kaThixo. (Mateyu 23:4; Luka 11:46) UYesu wabonisa ukuba babewuphos’ umhlola. Wanyula abafundi bakhe kubantu abaqhelekileyo, waza wabafundisa imilinganiselo kaThixo yobulungisa.—Mateyu 9:36; 11:28-30.
9, 10. (a) Ababhali nabaFarisi babefuna ukububonakalisa njani ubulungisa babo? (b) UYesu wabubhenca njani ubudenge boqheliselo lwababhali nabaFarisi, yaye kwakutheni?
9 Kwelinye icala, abaFarisi babezingelana namathuba okubonakalisa “ubulungisa” babo ngokuthandaza okanye ngokwenza iminikelo esidlangalaleni. (Mateyu 6:1-6) Kwakhona babezama ukubonakalisa ubulungisa babo ngokunamathela kwintlaninge yemithetho nemimiselo—uninzi lwayo olwaluqulunqwe kwangabo. Loo migudu yabakhokelela ekubeni ‘badlule okusesikweni nothando lukaThixo.’ (Luka 11:42) Inkangeleko yabo yayingathi yeyamalungisa, ukanti ezintliziyweni ‘babezele ukuchas’ umthetho,’ okanye bengengomalungisa. (Mateyu 23:28) Xa siyibeka ngokucacileyo, babebuqobola ubulungisa bukaThixo.
10 Ngenxa yoko, uYesu walumkisa abalandeli bakhe esithi: “Ukuba ubulungisa benu abuphuphumi ngakumbi kunobo bababhali nobabaFarisi, anisayi kuze nangayiphi na indlela ningene ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 5:20) Umahluko omkhulu ophakathi kokusesikweni kukaThixo okwabonakaliswa nguYesu nobutyhakala bokuzenza amalungisa kwababhali nabaFarisi kwabangela ukuba la maqela asoloko egxeleshene.
Okusesikweni KukaThixo Nxamnye Nokusesikweni Okutenxileyo
11. (a) Kwakutheni ukuze abaFarisi babuze uYesu ngokunyanga ngeSabatha? (b) Yabonisa ntoni impendulo kaYesu?
11 Ebudeni bobulungiseleli bakhe baseGalili ngentwasahlobo yowama-31 C.E., uYesu wathana mandla nendoda eyayome isandla kwindlu yesikhungu. Ekubeni kwakuyiSabatha, abaFarisi babuza uYesu besithi: “Kusemthethweni na ukunyanga ngesabatha?” Kunokuba baxhalabele intlungu yale ndoda, babefuna iqhinga lokurhintyela uYesu, njengoko umbuzo wabo ubonisa. Akumangalisi ngoko ukuba uYesu wabavel’ usizi ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo! Eveza ingongoma ethile, wabaphendula ngombuzo ofanayo aba baFarisi: “Ngaba kusemthethweni ukwenza into entle ngesabatha?” Bathe bakomelwa ngumqa ephinini, uYesu wawuphendula ngokwakhe lo mbuzo ngokubabuza enoba babengenakuyihlangula kusini na imvu eyeyele emhadini ngeSabatha.b “Uxabiseke ngaphezulu kangakanani na ke umntu kunemvu!” UYesu watsho akwamila ngca. Waqukumbela ngelithi: “Ngoko kusemthethweni [okanye kulungile] ukwenza into entle ngesabatha.” Okusesikweni kukaThixo akufanele kuqanyangelwe ngamasiko abantu. Akuba eyenze yacaca le ngongoma, uYesu wasiphilisa isandla saloo ndoda.—Mateyu 12:9-13; Marko 3:1-5.
12, 13. (a) Ngokungafaniyo nababhali nabaFarisi, uYesu wawubonakalisa njani umdla ekuncedeni aboni? (b) Yintoni umahluko phakathi kokusesikweni kukaThixo nokuzenza ilungisa?
12 Ukuba abaFarisi babengabakhathalele abo babeneziphene, bamele ukuba babede bagqithisa ukungabakhathaleli abo babebhuqwa liphango ngokomoya. Imbono yabo etenxileyo ngobulungisa yabakhokelela ekubeni babatyeshele yaye babacekise ababuthi berhafu naboni. (Yohane 7:49) Noko ke, uninzi lwabo banjalo lwasabela kwimfundiso kaYesu, ngokuqinisekileyo luphawula ukuba le ndoda inomdla wokulunceda kunokulugweba. (Mateyu 21:31; Luka 15:1) Noko ke, abaFarisi bayinyemba imigudu kaYesu yokuphilisa abagulayo ngokomoya. Bambombozela ngeligculelayo besithi: “Lo mntu wamkela aboni aze adle kunye nabo.” (Luka 15:2) Ephendula esi sityholo sabo, kwakhona uYesu usebenzisa umzekeliso womalusi. Kanye njengokuba umalusi evuya akufumana imvu elahlekileyo, ziyavuya ke neengelosi ezulwini xa umoni eguquka. (Luka 15:3-7) NoYesu wavuya xa wakwazi ukunceda uZakeyu aguquke kwikhondo lakhe langaphambili lesono. Wathi: “UNyana womntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.”—Luka 19:8-10.
13 Ezi ngxwabangxwaba zitsho ucace okwekat’ emhlophe ehlungwini umahluko ophakathi kokusesikweni kukaThixo, okunjongo yako ikukuphilisa nokusindisa, kunokuzenza ilungisa, okuphakamisa igcuntswana nje labantu kuze kunqunqel’ egoqweni isininzi. Izithethe namasiko abubuvuvu ayekhokelele ababhali nabaFarisi ekubeni bazingce yaye bathi nqi iimpumlo, kodwa ngokufanelekileyo uYesu wachaza ukuba ‘babeyigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka.’ (Mateyu 23:23) Ngamana singaxelisa uYesu ngokuqhelisela okusesikweni kokwenyaniso kuko konke esikwenzayo yaye sikulumkele ukutshona kumhadi wokuzenza amalungisa.
14. Omnye wemimangaliso kaYesu ubonisa njani ukuba okusesikweni kukaThixo kuyaziphonononga iimeko zomntu?
14 Ngoxa uYesu wayengayisiso imithetho eyayikhiw’ entloko yabaFarisi, wawugcina uMthetho kaMoses. (Mateyu 5:17, 18) Nangona wayewugcina, wayengavumeli ukuwugcina kwakhe ngokungqongqo loo Mthetho unobulungisa kuyisithe imigaqo yawo. Xa ibhinqa elalinethombo legazi kangangeminyaka eli-12 lachukumisa iingubo zakhe laza laphila, uYesu wathi kulo: “Ntombi, ukholo lwakho lukwenze waphila; hamba indlela yakho ngoxolo.” (Luka 8:43-48) Amazwi ovelwano kaYesu atsho kwacaca ukuba okusesikweni kukaThixo kwakuyiphonononge kakuhle imeko yalo. Nangona ngokwesithethe laliyinqambi yaye liwaphule ngokoqobo uMthetho kaMoses ngokuba phakathi kweso sihlwele, ukholo lwalo lwaluwufanele umvuzo.—Levitikus 15:25-27; thelekisa eyabaseRoma 9:30:33.
Ubulungisa Bobomntu Wonke
15, 16. (a) Umzekeliso kaYesu womSamariya olungileyo usifundisa ntoni ngokusesikweni? (b) Kutheni sifanele sikuphephe ‘ukuba ngamalungisa ngokukhulu’?
15 Nangaphandle kokugxininisa indlela okunemfesane ngayo okusesikweni kukaThixo, uYesu wakwafundisa abafundi bakhe ukuba kufanele kubonakaliswe kubo bonke abantu. Yayikukuthanda kukaYehova ukuba azise “okusesikweni ezintlangeni.” (Isaya 42:1) Le ngongoma yabethelelwa ngomnye weyona mizekeliso kaYesu yaziwayo, owomSamariya olungileyo. Ngalo mzekeliso wayephendula umbuzo owawuphakanyiswe yingcali ethile yoMthetho eyayifuna “ukuzingqina ililungisa.” “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” yabuza, ngokuqinisekileyo inyeke ukubonakalisa ubuntu kumaYuda akowayo kuphela. UmSamariya okumzekeliso kaYesu wabonakalisa ubulungisa bukaThixo, kuba wakulungela ukuchitha ixesha nemali yakhe enceda umntu angamaziyo wolunye uhlanga. UYesu waqukumbela umzekeliso wakhe ngokucebisa le ndoda yayimbuzile esithi: “Nawe ngokwakho wenze ngokufanayo.” (Luka 10:25-37) Ukuba nathi senzela abantu okulungileyo kungakhathaliseki ukuba banayiphi imvelaphi yohlanga okanye yesizwe, siya kuba sixelisa okusesikweni kukaThixo.—IZenzo 10:34, 35.
16 Kwelinye icala, umzekelo wababhali nabaFarisi, usikhumbuza ukuba xa siqhelisela okusesikweni kukaThixo, asifanelanga sibe ‘ngamalungisa ngokukhulu.’ (INtshumayeli 7:16) Ukucel’ injezu kwabanye ngokuzenza oochwenene bamalungisa okanye ukubalaselisa imithetho equlunqwe ngabantu akuyi kumkholisa uThixo.—Mateyu 6:1.
17. Kutheni kubaluleke kangaka ukuba sibonakalise okusesikweni kukaThixo?
17 Esinye isizathu sokuba uYesu acacisele iintlanga ngoko kukuko okusesikweni kukaThixo yayikukuze abafundi bakhe bafunde ukulubonakalisa olu phawu. Kutheni kubaluleke kangaka nje oku? IZibhalo zisibongoza ukuba sibe “ngabaxelisa uThixo,” yaye zonke iindlela zikaThixo zisesikweni. (Efese 5:1) Ngokufanayo, uMika 6:8 uchaza ukuba enye yezinto ezifunwa nguYehova kukuba ‘senze okusesikweni’ njengoko sihamba noThixo wethu. Ngaphezu koko, uZefaniya 2:2, 3 usikhumbuza ukuba xa sinqwenela ukusitheliswa ebudeni bemini yomsindo kaYehova, kufuneka ‘sifune ubulungisa’ ngaphambi kokuba ifike loo mini.
18. Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?
18 Ngoko ke le mihla yokugqibela yamanqam ‘ilixesha elamkeleke ngokukodwa’ lokuqhelisela okusesikweni. (2 Korinte 6:2) Sinokuqiniseka ukuba, ukuba ‘siyabambatha ubulungisa’ yaye ‘okusesikweni sikwenza ingubo yokwaleka’ njengoYobhi, uYehova uya kusisikelela. (Yobhi 29:14) Ukuba nokholo kokusesikweni kukaYehova kuya kusinceda njani sikhangele kwikamva sinethemba? Ukongezelela, njengoko silindele ‘umhlaba omtsha’ onobulungisa, okusesikweni kusikhusela njani ngokomoya? (2 Petros 3:13) Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.
[Imibhalo esemazantsi]
a KwiZibhalo zesiHebhere, mathathu amagama ayintloko abandakanyekileyo. Elinye lawo (elithi mish·patʹ) lidla ngokuguqulelwa ngokuthi “okusesikweni.” Amanye amabini (elithi tseʹdheq kunye negama eliyeleleyo elithi tsedha·qahʹ) ngokufuthi aguqulelwa ngokuthi “ubulungisa.” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ubulungisa” (di·kai·o·syʹne) lichazwa “njengemeko yokuba ngolungileyo okanye othanda okusesikweni.”
b Umzekelo owenziwa nguYesu wawuhlabe emxholweni kuba umthetho owawudluliselwa ngomlomo wamaYuda wawuwavumela ngokukhethekileyo ukuba ancede isilwanyana esisengxakini ngeSabatha. Kangangezihlandlo eziliqela yayiman’ ukuphakama le mbambano yokuba kwakusemthethweni kusini na ukuphilisa ngeSabatha.—Luka 13:10-17; 14:1-6; Yohane 9:13-16.
Ngaba Unokuchaza?
◻ Yintoni intsingiselo yokusesikweni kukaThixo?
◻ UYesu wakufundisa njani okusesikweni ezintlangeni?
◻ Kwakutheni ukuze ubulungisa babaFarisi butenxe?
◻ Kutheni sifanele siqhelisele okusesikweni?
[Umfanekiso okwiphepha 8]
UYesu wabenza bacaca mhlophe ubukhulu bokusesikweni kukaThixo