Abantu Banokuphinda Bathembane!
NANGONA ukungathembani okukhoyo kungumqondiso ‘wemihla yokugqibela,’ le yinto eyabonakala kumawaka eminyaka ngaphambili. (2 Timoti 3:1) Okwesihlandlo sokuqala kwabonakala kwindawo ongenakufane ulindele into enjalo kuyo—iparadesi. Xa ichaza le ndawo iBhayibhile ithi: “UThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile. UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.”—Genesis 2:8, 9.
Xa usihla neendinyana ezilandelayo uya kubona indlela oku okudibana ngayo nokungathembani okukhoyo kule mihla yethu. Sifunda oku: “UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.” (Genesis 2:16, 17) Ngaba sasikho isizathu sokuba uAdam ayithandabuze into awayeyixelelwa nguYehova?
Masihlabele mgama: “Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.”—Genesis 3:1-6.
Ngokutyeshela isilumkiso esizicaceleyo sikaThixo, uAdam noEva babonisa ukungamthembi uYehova. Babefuz’ utshaba lukaThixo uSathana, owayethethe noEva esebenzisa inyoka yokoqobo. USathana wayengayithembi indlela uYehova awayelawula ngayo. Eqhutywa koku nayintliziyo ezaliswe kukuzingca namabhongo, wamvukela uThixo waza wakhohlisa abantu ukuba benze okufanayo. Wabaphembelela ukuba bacinge ukuba uThixo akangomntu wakuthenjwa.
Waba Yintoni Umphumo? Ziingxabano
Usenokuba uyiphawulile into yokuba kuba nzima ukuba abantu abangathembaniyo baqhubeke bengabahlobo. Umbhali wesiLatini wenkulungwane yokuqala ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uPublilius Syrus, wabhala: “Ukuthembana kuphela kweqhina lobuhlobo.” Ngokuvukela kwabo, uAdam noEva babonisa ukuba babengamthembi uThixo. Ngenxa yoko, ngokuqinisekileyo noThixo wayengenasizathu sakubathemba. Ekubeni ngoku babengasathembani, yaqhawuk’ imbeleko phakathi koThixo nabantu bokuqala. Akukho nto ebonisa ukuba uYehova waphinda wathetha nabo emva kokuba ebagwebile ngenxa yemvukelo yabo.
Nolwalamano phakathi kuka-Adam noEva lwachaphazeleka. UYehova walumkisa uEva esithi: ‘Uya kuzala abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.’ (Genesis 3:16, akekeliswe sithi.) IThe Jerusalem Bible ithi: “Iya kuba yinkosi kuwe.” Kunokuba abe yintloko enothando kumkakhe, njengoko uThixo wayefuna, ngoku uAdam waba yinkosi yakhe, emlawula.
Emva kokuba bonile, uAdam wazama ukulidyobha kumkakhe elo tyala. Ngokwembono yakhe, yayingulo mfazindini unozala wokuba bagxothwe kumyezo omhle baye kumhlaba ongalungiswanga, bengenandlela yakubhungca ekukhotyozweni zezo meko zimaxongo de babuyele eluthulini. (Genesis 3:17-19) Sinokuthelekelela ukuba esi sibini sasixambulisana ngalo mba. Mhlawumbi uAdam wayede agabadele, esithi soz’ aphinde aphulaphule into ethethwa nguEva. Kusenokwenzeka ukuba waziva kufanelekile ukumxelela ukuba, ‘Ukususela namhlanje, kuviwa ngam apha!’ Kwelinye icala, noEva usenokuba wayebona ukuba sisifede kuka-Adam ngokungakwazi ukuphumeza indima yakhe njengentloko-ntsapho, nto leyo eyamenza akamthemba. Enoba kwakunjani na, ngenxa yokungathembi kwabantu uThixo, yaqhawuk’ imbeleko phakathi kwabo naye baza bajikelana kwabodwa.
Ngubani Esinokumthemba?
Umzekelo ka-Adam noEva ubonisa ukuba asinakuthemba kwamntu nje esimbonayo. Siya kukwazi kanjani ke ngoku ukuba ngubani esifanele simthembe ingubani esingafanele simthembe?
INdumiso 146:3 iyasicebisa: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.” Ukanti kuYeremiya 17:5-7, sifunda oku: “Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova.” Ngokwahlukileyo koko, “isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova.”
Nangona kunjalo, akusoloko kuyinto ephosakeleyo ukuthemba abantu. Ezi ndinyana ziyasibonisa nje ukuba xa uthemba uThixo akunakuze uzisole, kodwa ukuthemba abantu abangafezekanga maxa wambi kunokukhokelela kwintlekele. Ngokomzekelo, abantu abathemba abantu ukuba baya kubanika into efumaneka kuThixo kuphela—usindiso, uxolo nonqabiseko—baza kuphoxeka babe manzi.—INdumiso 46:9; 1 Tesalonika 5:3.
Eneneni, abantu kunye namaziko abo bamele bathenjwe ukusa kumlinganiselo othile kuphela xa besiya cala-nye neenjongo zikaThixo yaye benamathela kwimigaqo yobuthixo. Ngaloo ndlela, ukuba sifuna abanye basithembe, simele sithethe inyaniso, sinyaniseke yaye sithembeke. (IMizekeliso 12:19; Efese 4:25; Hebhere 13:18) Kuxa siziphatha ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile kuphela ekuya kuthi kubonakale ukuba abanye abafananga nje basithemba, kwaye siya kuzingqina singumthombo wamandla nokhuthazo.
Ukuphinda Kwabantu Bathembane
AmaNgqina kaYehova anesizathu esivakalayo sokuthemba uThixo nokukhuthaza abanye ukuba benjenjalo nabo. UYehova uthembekile yaye unyanisekile, akaze ayithethe into angayenzi, kuba ‘akunakwenzeka ukuba uThixo axoke.’ Soze uphoxeke ngokuthemba uThixo onothando.—Hebhere 6:18; INdumiso 94:14; Isaya 46:9-11; 1 Yohane 4:8.
Abantu abamanyeneyo ekuthembeni uYehova nabaphila ngemigaqo yakhe banentshukumisa engamandla yokuthembana. Kweli hlabathi kungekho mntu uthemb’ omnye, hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukufumana abantu abanokuthenjwa! Khawuthelekelele nje ukuba beliya kuba njani ihlabathi ukuba besinokuyithemba ngokupheleleyo yonke into ethethwa neyenziwa ngomnye umntu! Kuza kuba njalo kwihlabathi elitsha elizayo elithenjiswe nguThixo. Soze abantu baphinde bangathembani!
Ngaba akungethandi ukuphila ngelo xesha? Ukuba uyafuna, amaNgqina kaYehova athi khawuze komeleza intembelo yakho kuThixo nakumadinga akhe ngokufunda okungakumbi ngezinto azifunayo ebomini. Xa ufundisisa iBhayibhile uya kufumana ubungqina bokuba uThixo ukho, unomdla kwimpilo-ntle yoluntu nokuba kungekudala uza kuzicombulula iingxaki zehlabathi esebenzisa uBukumkani bakhe. Sele beyinkungu nelanga abaye bafunda ukumthemba uThixo neLizwi lakhe, iBhayibhile. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukwenzela izibele ngokukubonisa indlela asiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile. Okanye bhalela kubapapashi beli phephancwadi uze ucele inkcazelo engakumbi.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ukungamthembi uThixo kuyalona ulwalamano lwabantu
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Abantu bafanele bathenjwe kuphela xa besiya cala-nye nemigaqo engokobuthixo