IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 1/1 iphe. 11-20
  • “Yomelezani Iintliziyo Zenu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Yomelezani Iintliziyo Zenu”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umzekelo Ka-Abraham Wokholo
  • Ukuphulaphula KuThixo
  • Ukuthetha NoThixo
  • Ingxelo Yokholo Namhlanje
  • Hlakulela Ukholo Namhlanje
  • Ithemba Eliza Kuzalisekiswa Kungekudala
  • UYehova Wathi ‘Ngumhlobo Wam’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Ngaba Unokholo Olunjengoluka-Abraham?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Wayengubani UAbraham?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • ‘Ukuhamba Ngokholo, Kungekhona Ngokubona’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 1/1 iphe. 11-20

“Yomelezani Iintliziyo Zenu”

“Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso.”​—⁠HEBHERE 10:⁠36.

1, 2. (a) Kwenzeka ntoni kumaKristu amaninzi ngenkulungwane yokuqala? (b) Kutheni kulula ukuba ukholo lube buthathaka?

KUBO bonke ababhali beBhayibhile, akakho othethe wophela ngokholo njengompostile uPawulos. Yaye amaxesha amaninzi, uthetha ngabo baye babuthathaka okanye bafa elukholweni. Ngokomzekelo, uHimenayo noAleksandire ‘ukholo lwabo lwaye lonakala njengenqanawa eyaphukileyo.’ (1 Timoti 1:​19, 20) UDemas wamshiya uPawulos kuba “ethanda inkqubo yezinto yangoku.” (2 Timoti 4:​10) Bambi, ngezenzo zabo ezingezozabuKristu Ok for XO nezokungakhathali baye ‘balukhanyela ukholo.’ Abanye balukuhlwa bubulumko bobuxoki baza “baphambuka elukholweni.”​—⁠1 Timoti 5:⁠8; 6:​20, 21.

2 Kwakutheni ukuze loo maKristu athanjisiweyo alahlekelwe ngezi ndlela? Kaloku, “ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, imbonakaliso ebonakalayo yezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:⁠1) Sikholwa koko singenakukubona. Aluyomfuneko kwizinto esizibonayo. Kulula ukusebenzela ubutyebi obubonakalayo kunobutyebi bokomoya esingabuboniyo. (Mateyu 19:​21, 22) Izinto ezininzi esizibonayo​—⁠“umnqweno wenyama nomnqweno wamehlo”​—⁠zezona zinomtsalane kakhulu kwinyama yethu enesono yaye zinokulwenza buthathaka ukholo lwethu.​—⁠1 Yohane 2:⁠16.

3. UmKristu ufanele ahlakulele uhlobo olunjani lokholo?

3 Sekunjalo, uPawulos uthi, “lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba uba ngumvuzi wabo bamfuna ngokunyamekileyo.” Lwalunjalo ke ukholo lukaMoses. “Wayekhangele ngenyameko kwintlawulo yomvuzo” yaye “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Hebhere 11:​6, 24, 26, 27) Lukholo olunjalo umKristu amele abe nalo. Njengokuba kuboniswe kwinqaku elingaphambili, uAbraham wayengumzekelo omhle kule nkalo.

Umzekelo Ka-Abraham Wokholo

4. Ukholo luka-Abraham lwayichaphazela njani indlela awayephila ngayo?

4 UAbraham wayeseUre xa wafumana isithembiso sikaThixo sokuba wayeya kuba nguyise wembewu eyayiya kuba yintsikelelo kuzo zonke iintlanga. (Genesis 12:​1-⁠3; IZenzo 7:​2, 3) Ngenxa yeso sithembiso, uAbraham wamthobela uYehova, waqala wafudukela kwaHaran wandula waya kwaKanan. Apho, uYehova wathembisa ukunikela ilizwe kwimbewu ka-Abraham. (Genesis 12:⁠7; Nehemiya 9:​7, 8) Noko ke, inkoliso yaloo madinga kaYehova yayiza kuzaliseka uAbraham sele efile. Ngokomzekelo, uAbraham akazange afumane nendawo eyeyakhe kwilizwe lakwaKanan​—⁠ngaphandle komqolomba waseMakapela, awawuthenga njengendawo yokungcwaba. (Genesis 23:​1-20) Sekunjalo, wayenokholo kwilizwi likaYehova. Ngaphezu koko, wayenokholo ‘kwisixeko esizayo esineziseko zokwenene, sixeko eso esimakhi nomenzi waso unguThixo.’ (Hebhere 11:​10) Olo kholo lwamomeleza ubomi bakhe bonke.

5, 6. Lwavavanywa njani ukholo luka-Abraham ngokuphathelele isithembiso sikaYehova?

5 Oku ukubona ngokukhethekileyo ngokuphathelele idinga lokuba imbewu ka-Abraham iya kuba luhlanga olukhulu. Ukuze oku kwenzeke, kwakufuneka uAbraham abe nonyana, yaye walinda ixesha elide ukuze asikelelwe ngonyana. Asazi ukuba wayeneminyaka emingaphi xa weva idinga likaThixo, kodwa xa wathabatha uhambo olude oluya kwaHaran, uYehova wayengekamniki mntwana. (Genesis 11:​30) Lalilide gqitha ithuba ekwaHaran kuba ‘waqweba ingqwebo wafumana nabantu,’ yaye xa wayefudukela kwaKanan, wayeneminyaka engama-75 ubudala uSara yena eneminyaka engama-65. Sekunjalo, wayengekabi nanyana. (Genesis 12:​4, 5) Xa uSara wayephakathi kwiminyaka engama-70 ubudala, wagqiba kwelokuba ngoku wayemdala kakhulu ukuba anganomntwana ka-Abraham. Ngenxa yoko, elandela isiko laloo maxesha, wanikela ngekhobokazana lakhe elinguHagare kuAbraham, yaye waba nonyana kulo. Kodwa lo yayingenguye unyana othenjisiweyo. UHagare nomntwana wakhe, uIshmayeli, bagqibela ngokugxothwa. Sekunjalo, xa uAbraham wabangxengxezelayo, uYehova wathembisa ukumsikelela uIshmayeli.​—⁠Genesis 16:​1-4, 10; 17:​15, 16, 18-20; 21:​8-⁠21.

6 Ngexesha elifanelekileyo likaThixo​—⁠elalilide gqitha emva kweso sithembiso​—⁠uAbraham oneminyaka eli-100 ubudala noSara oneminyaka engama-90 ubudala bazala inkwenkwe, uIsake. Khawuyicinge imincili eyayilapho! Kwesi sibini salupheleyo, imele ukuba yayingathi luvuko xa loo mizimba yaso “ifileyo” yavelisa ubomi obutsha. (Roma 4:​19-21) Salinda ixesha elide, kodwa xa eso sithembiso sazalisekayo ekugqibeleni, oko kulinda kwakungelolize.

7. Ukholo ludibana njani nonyamezelo?

7 Umzekelo ka-Abraham usikhumbuza ukuba ukholo asinto nje esifanele sibe nayo ixeshana. UPawulos wanxulumanisa ukholo nokunyamezela xa wabhala esithi: “Kuba kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso. . . . Asilulo uhlobo lwabo barhwaqelela emva entshabalalweni, kodwa siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.” (Hebhere 10:​36-39) Abaninzi baye balinda ixesha elide ukuze kuzaliseke isithembiso sabo. Bambi baye balinda ubomi babo bonke. Ukholo lwabo olomeleleyo luye lwabalondoloza. Yaye, njengoAbraham, baya kufumana umvuzo ngexesha elifanelekileyo likaYehova.​—⁠Habhakuki 2:⁠3.

Ukuphulaphula KuThixo

8. Simphulaphula njani uThixo namhlanje, yaye kutheni oko kuya kulomeleza ukholo lwethu?

8 Ubuncinane zine izinto ezomeleza ukholo luka-Abraham, yaye ikwazezo zinto ezingasinceda. Eyokuqala, wabonisa ukuba ‘uyakholelwa kuThixo’ ngokuthobela xa uYehova ethetha. Ngaloo ndlela, wayengafani namaYuda omhla kaYeremiya, awayekholelwa kuYehova kodwa engenalukholo kumazwi akhe. (Yeremiya 44:​15-19 ) Namhlanje, uYehova uthetha nathi ngeBhayibhile, iLizwi lakhe eliphefumlelweyo, awathi uPetros ngalo lifana ‘nesibane esikhanya kwindawo emnyama . . . ezintliziyweni zenu.’ (2 Petros 1:​19) Xa sifunda iBhayibhile ngenyameko, ‘sondliwa ngamazwi okholo.’ (1 Timoti 4:⁠6; Roma 10:​17) Ukongezelela, kule mihla yokugqibela, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lisinika ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo,’ lisikhokela ekulandeleni imigaqo yeBhayibhile nasekuqondeni iziprofeto zeBhayibhile. (Mateyu 24:​45-47) Ukuze sibe nokholo olomeleleyo nakanjani na kufuneka siphulaphule uYehova ngezi ndlela azisebenzisayo.

9. Ukuba sikholelwa ngokwenene kwithemba lamaKristu yintoni esiya kuyenza?

9 Ukholo luka-Abraham lwaluhambisana kakhulu nethemba analo. “Ngokusekelwe ethembeni waba nokholo, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi.” (Roma 4:​18) Le yinto yesibini enokusinceda. Asifanele silibale ukuba uYehova ‘ngumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ Umpostile uPawulos wathi: “Sisebenza nzima kwaye siyazibhokoxa, ngenxa yokuba sibeke ithemba lethu kuThixo ophilayo.” (1 Timoti 4:​10) Ukuba siyakholwa ngokwenene kwithemba lamaKristu, ubomi bethu bonke buya kubonisa ukholo lwethu, kanye njengoAbraham.

Ukuthetha NoThixo

10. Luhlobo olunjani lomthandazo oluya komeleza ukholo lwethu?

10 UAbraham wayethetha noThixo, yaye leyo yinto yesithathu eyamncedayo womeleza ukholo lwakhe. Namhlanje, nathi sinokuthetha noYehova, sisebenzisa isipho somthandazo ngoYesu Kristu. (Yohane 14:⁠6; Efese 6:​18) UYesu wayesandul’ ukwenza umzekeliso obethelela imfuneko yomthandazo xa wabuza lo mbuzo: “Xa uNyana womntu efika, uya kulufumana ngokwenene na ukholo emhlabeni?” (Luka 18:⁠8) Umthandazo owakha ukholo asiyonto nje ingacingwanga okanye ecengcelezwayo. Unentsingiselo enzulu. Ngokomzekelo, umthandazo osuka entliziyweni ubalulekile xa sinezigqibo ezinzulu esifanele sizenze okanye xa sisebunzimeni.​—⁠Luka 6:​12, 13; 22:​41-⁠44.

11. (a) UAbraham womelezwa njani xa waphalaz’ imbilini yakhe kuThixo? (b) Yintoni esinokuyifunda kumava ka-Abraham?

11 Xa uAbraham wayesaluphala yaye uYehova engekamniki imbewu eyayithenjisiwe, waphalaz’ imbilini yakhe kuThixo. UYehova wamqinisekisa. Waba yintoni umphumo? UAbraham “wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.” Emva koko, uYehova wamnika umqondiso ukubethelela eso siqinisekiso. (Genesis 15:​1-18) Ukuba sizityand’ igila kuYehova ngomthandazo, samkele iziqinisekiso zikaYehova eziseLizwini lakhe, iBhayibhile, size simthobele ngokholo olupheleleyo, ngoko uYehova uya kusomeleza naselukholweni.​—⁠Mateyu 21:​22; Yude 20, 21.

12, 13. (a) UAbraham wasikelelwa njani xa walandela ukhokelo lukaYehova? (b) Ngawaphi amava aya komeleza ukholo lwethu?

12 Into yesine eyomeleza ukholo luka-Abraham yayikukuxhaswa kwakhe nguYehova xa wayelandela ukhokelo lukaThixo. Xa uAbraham waya kuhlangula uLote kookumkani ababeze kuhlasela, uYehova wamnceda woyisa. (Genesis 14:​16, 20) Ngoxa uAbraham wayehleli njengomphambukeli kwilizwe elaliza kuba lilifa lembewu yakhe, uYehova wamsikelela ngezinto eziphathekayo. (Thelekisa iGenesis 14:​21-23.) UYehova wancedisana nemigudu yomkhonzi wakhe ukuze afumanele uIsake umfazi ofanelekileyo. (Genesis 24:​10-27) Ewe, uYehova “waye emsikelele ke uAbraham ezintweni zonke.” (Genesis 24:⁠1) Indlela olwalomelele ngayo ukholo lwakhe ngenxa yoko nendlela awayesondele ngayo kuYehova uThixo yenza uYehova wambiza ngokuthi “umhlobo wam.”​—⁠Isaya 41:⁠8, NW; Yakobi 2:⁠23.

13 Ngaba thina namhlanje singanokholo olomelele ngolo hlobo? Ewe. Ukuba, njengoAbraham, siyamvavanya uYehova ngokuthobela imithetho yakhe, uya kusisikelela nathi, yaye oko kuya kulomeleza ukholo lwethu. Ngokomzekelo, ukujonga nje iNgxelo Yonyaka Wenkonzo We-1998 kubonisa ukuba abaninzi baye basikelelwa ngendlela engummangaliso xa bethobela umthetho wakhe wokushumayela iindaba ezilungileyo.​—⁠Marko 13:⁠10.

Ingxelo Yokholo Namhlanje

14. UYehova ulisikelele njani iphulo lokusasazwa kweKingdom News No. 35?

14 Emva phayaa ngo-Oktobha 1997, iphulo elaliqhutywa ehlabathini lonke leKingdom News No. 35 laphumelela ngeyona ndlela ngenxa yenzondelelo yezigidi zamaNgqina. Umzekelo woko koko kwenzeka eGhana. Kwasasazwa imibhalo emalunga nezigidi ezi-2,5 ngeelwimi ezine, yaye ngenxa yoko kwacelwa izifundo zeBhayibhile ezimalunga nama-2 000. ECyprus amaNgqina amabini awayesasaza iKingdom News abona umfundisi ewalandela. Emva kwexesha, amnika iKingdom News. Kwathi kanti sele enalo elo phecana yaye wathi: “Ndichukunyiswe gqitha sisigidimi salo kangangokuba ndifuna ukuncoma abantu abalibhalileyo.” EDenmark, kwasasazwa imibhalo ezizigidi esi-1,5 yeeKingdom News yaye kwabakho imiphumo emihle. Elinye ibhinqa elingunontlalontle lathi: “Isigidimi seli phecana sifanele wonk’ ubani. Siyalandeleka, yaye siyakhuthaza, sikwenza ufune ukwazi okungakumbi. Sihlab’ emxholweni!”

15. Ngawaphi amava abonisa ukuba uYehova uye wayisikelela imigudu yokufikelela abantu kwiindawo zonke?

15 Ngowe-1998 kwenziwa iphulo lokushumayela ebantwini kungekhona nje emakhayeni abo kodwa kwiindawo zonke. ECôte d’Ivoire esinye isibini esingabavangeli basemazweni satyelela iinqanawa ezingama-322 esikhululweni. Sahambisa iincwadi ezingama-247, amaphephancwadi angama-2 284, iincwadana ezinemifanekiso ezingama-500 namakhulukhulu amaphecana, kwakunye neevidiyo kubaqhubi beenqanawa ukuze bazibukele ngoxa belapho elwandle. EKhanada elinye iNgqina laya kwivenkile elungisa izithuthi. Usomashishini waba nomdla, yaye loo mzalwana wahlala iiyure ezine ezinesiqingatha, nangona ixesha awalichitha ethetha nabathengi lalimalunga neyure. Ekugqibeleni kwenziwa amalungiselelo esifundo ngeye-10:​00 ebusuku. Noko ke, maxa wambi sasiqaliswa ezinzulwini zobusuku yaye sitsale de kube yintsimbi yesibini ekuseni. Ixesha labo lalilucelomngeni ngokwenene, kodwa oko kwaba nemiphumo emihle kakhulu. Le ndoda yagqiba kwelokuba ilivale ishishini layo ngeeCawa ukuze iye kwiintlanganiso. Yona nentsapho yayo babesenza inkqubela entle.

16. Ngawaphi amava abonisa ukuba incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nencwadi ethi Ulwazi zizizixhobo eziluncedo kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa?

16 Incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? nencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade zisaqhubeka zizizixhobo eziluncedo kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa. EItali omnye unongendi owayelinde uduladula wamkela iphecana iKingdom News. Ngosuku olulandelayo, kwaphinda kwayiwa kuye waza wamkela incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Suku ngalunye emva koko, wayeqhutyelwa isifundo seBhayibhile kangangemizuzu eli-10 ukusa kweli-15 kwisikhululo sikaduladula. Emva kwenyanga enesiqingatha, wagqiba kwelokuba emke kwelo khaya loonongendi agoduke aye eGuatemala aze aqhubele phambili nesifundo sakhe. EMalawi uLobina owayengaphoswa cawa wayengayithandi into yokuba iintombi zakhe ziqalise ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Sekunjalo, ezo ntombi zazisabelana nonina ngenyaniso yeBhayibhile xa ithuba livuma. NgoJuni 1997, uLobina wabona incwadi ethi Ulwazi yaye wachukunyiswa libinzana elithi “Ulwazi Olukhokelela.” NgoJulayi wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. NgoAgasti waya kwindibano yesithili waza waphulaphula ngenyameko ucwangciso lonke. Ngasekupheleni kwenyanga, wayishiya icawa yakhe waza wafaneleka njengomvakalisi ongabhaptizwanga. Wabhaptizwa ngoNovemba 1997.

17, 18. Iividiyo zoMbutho ziye zaba luncedo njani ekuncedeni abantu ‘babone’ izinto zokomoya?

17 Iividiyo zoMbutho ziye zanceda abaninzi “babona” izinto zokomoya. EMauritius enye indoda yayinikel’ umva icawa yayo ibethwa kukungamanyani okulapho. Umvangeli wasemazweni wayibonisa umanyano lwamaNgqina kaYehova, esebenzisa ividiyo ethi United by Divine Teaching. Ichukumisekile, le ndoda yathi: “Nina maNgqina kaYehova sele niseParadesi!” Yasamkela isifundo seBhayibhile. Omnye udade waseJapan wabonisa umyeni wakhe ongakholwayo ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses​—⁠The Organization Behind the Name, yaye watsho wafuna isifundo seBhayibhile esithe rhoqo. Emva kokubukela le vidiyo Ok for XO ethi United by Divine Teaching, yafuna ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ungcelele olunamacandelo amathathu lwevidiyo ethi The Bible​​—⁠A Book of Fact and Prophecy lwamnceda wasebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubomi bakhe. Ekugqibeleni, ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses Stand Firm Against Nazi Assault yambonisa ukuba uYehova uyabomeleza abantu Bakhe kwiintlaselo zikaSathana. Loo ndoda yabhaptizwa ngo-Oktobha 1997.

18 La ngamava ambalwa kwamaninzi aye ananditshwa kunyaka ophelileyo wenkonzo. Abonisa ukuba amaNgqina kaYehova anokholo oluvuthayo yaye uYehova uyalomeleza olo kholo ngokusikelela umsebenzi wawo.​—⁠Yakobi 2:⁠17.

Hlakulela Ukholo Namhlanje

19. (a) Imeko yethu ibhetele njani kuneka-Abraham? (b) Bangaphi abaye bahlanganisana kunyaka ophelileyo ukuze benze isikhumbuzo sokufa kukaYesu okulidini? (c) Ngawaphi amazwe anenani elisemagqabini labo baye beza eSikhumbuzweni kunyaka ophelileyo? (Bona isicangca kwiphepha le-12 ukusa kwele-15.)

19 Thina namhlanje sikwimeko ebhetele kakhulu kuneka-Abraham. Siyazi ukuba uYehova wazizalisekisa zonke izithembiso zakhe kuAbraham. Inzala ka-Abraham yalidla ilifa elakwaKanan, yaye yaba luhlanga olukhulu. (1 Kumkani 4:​20; Hebhere 11:​12) Ngaphezu koko, kwiminyaka eli-1 971 emva kokuba uAbraham walishiyayo elakwaHaran, imbewu yakhe, uYesu, yabhaptizwa emanzini nguYohane uMbhaptizi yaza yabhaptizwa ngomoya oyingcwele nguYehova ngenkqu ukuze ibe nguMesiya, iMbewu ka-Abraham ngengqiqo epheleleyo yokomoya. (Mateyu 3:​16, 17; Galati 3:​16) NgoNisan 14, 33 C.E., uYesu wanikela ubomi bakhe njengedini labo babeya kuba nokholo kuye. (Mateyu 20:​28; Yohane 3:​16) Ngoku izigidi zabantu zinokuzisikelela ngaye. Kunyaka ophelileyo, abazizi-13-​896 312 baye bahlanganisana ngoNisan 14 ukuze benze isikhumbuzo sesi senzo sothando sibalaseleyo. Hayi indlela athethelelwe ngayo uYehova, oyena Mgcini Ubalaseleyo wezithembiso!

20, 21. Abantu beentlanga zonke bazisikelela njani ngeMbewu ka-Abraham ngenkulungwane yokuqala, yaye namhlanje bazisikelela njani?

20 Kwinkulungwane yokuqala, abaninzi beentlanga ezininzi​—⁠ukususela kuSirayeli wenyama​—⁠babenokholo kule Mbewu ka-Abraham baza baba ngoonyana bakaThixo abathanjisiweyo, amalungu ‘oSirayeli kaThixo’ omtsha wokomoya. (Galati 3:​26-29; 6:​16; IZenzo 3:​25, 26) Babenolindelo oluqinisekisiweyo lobomi bokomoya bokungafi ezulwini njengabo bancedisa kulawulo kuBukumkani bukaThixo. Li-144 000 kuphela elisikelelwe ngale ndlela, yaye bambalwa abasaseleyo kulo. (ISityhilelo 5:​9, 10; 7:⁠4) Kunyaka ophelileyo, abangama-8 756 baye bangqina ukuba bayakholelwa ukuba bangabeli nani ngokuthabatha kwimifuziselo ebudeni beSikhumbuzo.

21 Phantse onke amaNgqina kaYehova namhlanje ‘ngawesihlwele esikhulu’ ekwaprofetwa ngaso kwiSityhilelo 7:​9-17. Ngenxa yokuba sizisikelela ngoYesu, sinethemba lobomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni. (ISityhilelo 21:​3-⁠5) Abazizi-5 888 650 abaye banesabelo kumsebenzi wokushumayela ngowe-1998 banikela ubungqina bokuba esi sihlwele ‘sikhulu’ ngokwenene. Kwakuvuyisa ngakumbi ukubona eRashiya naseUkraine kubika abavakalisi abangaphezu kwe-100 000 okwesihlandlo sokuqala. Kwakhona okubalasele ngakumbi, yingxelo evela eUnited States​—⁠apho kubike abavakalisi abali-1 040 283 ngoAgasti! Le yingxelo nje yamazwe amathathu kulawo ali-19 aye anikela ingxelo yabavakalisi abangaphezu kwe-100 000 kunyaka ophelileyo.

Ithemba Eliza Kuzalisekiswa Kungekudala

22, 23. (a) Kutheni sifanele someleze iintliziyo zethu namhlanje? (b) Singazingqina njani sifana noAbraham, kungekhona abangenalukholo abakhankanywe nguPawulos?

22 Abezayo eSikhumbuzweni bakhunjuzwa ngendlela esisondele ngayo kwinzaliseko yezithembiso zikaYehova. Ngowe-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, ukususela kubukho bakhe kumandla oBukumkani. (Mateyu 24:⁠3; ISityhilelo 11:​15) Ewe, iMbewu ka-Abraham ngoku iyalawula ezulwini! UYakobi wathi kumaKristu omhla wakhe: “Qheliselani umonde; zenzeni ziqine iintliziyo zenu, ngenxa yokuba ubukho beNkosi busondele.” (Yakobi 5:⁠8) Xa kungoku, obo bukho buyinto yokwenene! Esinjani sona isizathu esingakumbi sokuba someleze iintliziyo zethu!

23 Ngamana ithemba esinalo kwizithembiso zikaThixo lingahlala lihlaziyekile ngokufundisisa iBhayibhile rhoqo nangomthandazo osuk’ entliziyweni. Ngamana asinakuze siyeke ukunandipha iintsikelelo zikaYehova njengokuba sithobela iLizwi lakhe. Ngoko siya kuba njengoAbraham, singabi njengabo baba nokholo olubuthathaka nolwafayo, njengokuba uPawulos ebonisa. Akukho nto iya kusahlukanisa nokholo olulolona lungcwele. (Yude 20) Sithandazela ukuba bonke abakhonzi bakaYehova babe njalo kulo nyaka wenkonzo we-1999 kude kube ngunaphakade.

Uyazi Na?

◻ Singamphulaphula njani uThixo namhlanje?

◻ Ziziphi iingenelo esinokuzifumana ngokuthandaza kuThixo ngokusuk’ entliziyweni?

◻ Ukuba silandela ulwalathiso lukaYehova ngokuthobeka, luya komelezwa njani ukholo lwethu?

◻ Ziziphi iinkalo zengxelo yonyaka (iphepha le-12 ukusa kwele-15) oye wazifumanisa zinik’ umdla?

[Caption on page 16]

Ukuba siphulaphula iLizwi likaYehova, ithemba lethu ngezithembiso zakhe liya kuhlaziyeka

[Caption on page 18]

Ukholo lwethu luyomelezeka xa siba nesabelo kubulungiseleli

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share