‘Yigqale Ngentliziyo Yakho’ Itempile KaThixo!
‘Nyana womntu, zigqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.’—HEZEKILE 40:4.
1. Yiyiphi imeko abantu abanyulwe nguThixo abazifumanisa bekuyo ngowama-593 B.C.E.?
KWAKUNGOWAMA-593 B.C.E., unyaka we-14 uSirayeli ethinjiwe. KumaYuda awayehlala eBhabhiloni, ilizwe lawo awayelithanda kunene limele ukuba lalibonakala likude gqitha. Inkoliso yawo yayiyigqibele iYerusalem ingamadangatye, udonga lwayo oluluqilima ludiliziwe, nezakhiwo zayo ezihle zingamabhodlo. Itempile kaYehova—eyayikhe yalwenza lwatshatshela uzuko lweso sixeko, ikuphela kwesazulu sonqulo olunyulu emhlabeni wonke—yayiyingqushu. Noko ke laliselide ixesha ngaphambi kokuba uSirayeli akhululwe ekuthinjweni. Kwakuseza kudlula iminyaka engama-56 ngaphambi kokuba ahlangulwe ngokwesithembiso.—Yeremiya 29:10.
2. Kutheni iinkumbulo zetempile kaThixo eyayiseYerusalem zamdakumbisayo nje uHezekile?
2 Umele ukuba wayedimazeka umprofeti othembekileyo uHezekile xa ecinga ukuba itempile kaThixo yayingamabhodlo kwiikhilomitha ezingamakhulu ukusuka apho, kudakasa izilwanyana zasendle kuyo. (Yeremiya 9:11) Uyise, uBhuzi, wayekhonze kuyo njengombingeleli. (Hezekile 1:3) NoHezekile ngewayefumene ilungelo elifanayo, suke wathinjwa ekunye nezidwangube zaseYerusalem ngowama-617 B.C.E., eselula. Ngoku ekubeni emalunga neminyaka engama-50 ubudala, uHezekile umele ukuba wayeqonda ukuba wayengasayi kuze ayibone kwakhona iYerusalem kananjalo engasayi kuze afak’ isandla ekuyakheni kwakhona itempile yayo. Ngoko ke, khawuthelekelele indlela uHezekile awakuxabisa ngayo ukufumana umbono wetempile ezukileyo!
3. (a) Wawuza kuphumeza yiphi injongo umbono kaHezekile wetempile? (b) Ziziphi iinkalo ezine eziyintloko zalo mbono?
3 Lo mbono, ozalisa izahluko ezisithoba zencwadi kaHezekile, wawanika ithemba elomelez’ ukholo amaYuda athinjiweyo. Unqulo olunyulu lwaluza kubuyiselwa! Kwiinkulungwane eziliqela ukususela ngoko, ukuza kuthi ga nakumhla wethu, lo mbono ubulukhuthazo kubathandi bakaYehova. Njani? Makhe singene nzulu koko umbono wesiprofeto kaHezekile wawukuthetha kumaSirayeli athinjiweyo. Lo mbono uneenkalo ezine eziyintloko: itempile, ababingeleli, isikhulu kunye nelizwe.
Itempile Ebuyiselweyo
4. Usiwa phi uHezekile ekuqaliseni kombono wakhe, kwaye yintoni ayibonayo apho, eyiboniswa ngubani?
4 Okokuqala, uHezekile umiswa “entabeni ephakamileyo kakhulu.” Kwicala elingasemazantsi lentaba leyo kukho itempile enkulu, enjengesixeko esingqingwe ziindonga. Ingelosi, ‘ebonakala njengokubonakala kobhedu,’ ithi chu nalo mprofeti imbonisa le ndawo. (Hezekile 40:2, 3) Njengoko lo mbono uqhubeka, uHezekile ubona ingelosi iwalinganisa ngocoselelo amasango ale tempile amathandathu afanayo kunye namagumbi okulinda awo, intendelezo engaphandle, intendelezo engaphakathi, amagumbi okutyela, isibingelelo, nendawo engcwele yetempile, negumbi leNgcwele kunye nelEyona Ngcwele.
5. (a) Sisiphi isiqinisekiso uYehova asinika uHezekile? (b) Ziziphi ‘izidumbu zookumkani babo’ ezazimele zishenxiswe etempileni, yaye kutheni kwakubalulekile nje oku?
5 Emva koko, kuvela uYehova kulo mbono. Ungena etempileni aze aqinisekise uHezekile ukuba Yena uza kuhlala kuyo. Kodwa ke uyalela ukuba ihlanjululwe indlu Yakhe, esithi: “Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.” (Hezekile 43:2-4, 7, 9) Kubonakala ukuba ezi “zidumbu zookumkani babo” zaziyimifanekiso eqingqiweyo. Ngaloo ndlela, abalawuli abanemvukelo baseYerusalem kunye nabantu babeyingcolisile itempile kaThixo ngemifanekiso eqingqiweyo abathi bayenza ookumkani. (Thelekisa uAmosi 5:26.) Kodwa ke yayingengabo oothixo nookumkani abaphilayo, kunoko yayifile yaye ingcolile emehlweni kaYehova. Imele ishenxiswe.—Levitikus 26:30; Yeremiya 16:18.
6. Kwakufuzisela ntoni ukulinganiswa kwetempile?
6 Yintoni eyaphunyezwa yile nxalenye yombono? Yabaqinisekisa aba bathinjwa ukuba unqulo olunyulu lwaluya kubuyiselwa ngokupheleleyo etempileni kaThixo. Ngaphezu koko, ukulinganiswa kwetempile kwakusisiqinisekiso esivela kuThixo sokuba lo mbono wawuza kuzaliseka nokuba sekumnyam’ entla. (Thelekisa uYeremiya 31:39, 40; Zekariya 2:2-8.) Lonke unqulo-zithixo lwaluza kushenxiswa. UYehova wayeza kuphinda ayisikelele indlu yakhe.
Ababingeleli Nesikhulu
7. Yiyiphi inkcazelo enikelwayo ngokuphathelele abaLevi nababingeleli?
7 Nababingeleli babeza kuhlanjululwa okanye basulungekiswe. AbaLevi babeza kukhalinyelwa ngenxa yokuvumela unqulo-zithixo, ngoxa oonyana bakaTsadoki abangababingeleli babeza kunconywa baze bafumane umvuzo ngenxa yokuhlala becocekile.a Kodwa ke, omabini la maqela ayeza kukhonza endlwini kaThixo ebuyiselweyo—ngokuqinisekileyo oko kwakuya kuxhomekeka ekuthembekeni komntu ngamnye. Ngaphezu koko, uYehova wayalela wathi: “Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.” (Hezekile 44:10-16, 23) Ngoko ububingeleli babuza kubuyiselwa, baze ababingeleli bavuzwe ngenxa yokunyamezela kwabo ngokuthembeka.
8. (a) Yayingoobani izikhulu kuSirayeli wamandulo? (b) Ziziphi iindlela esathi isikhulu sombono kaHezekile sasebenza ngazo kunqulo olunyulu?
8 Lo mbono ubuya ubhekisele kothile obizwa ngokuba sisikhulu. Kususela ngomhla kaMoses, olu hlanga belunezikhulu. Igama lesiHebhere elithi na·siʼʹ, eliguqulelwe ngokuthi isikhulu, linokubhekisela kowongamela indlu, isizwe, okanye uhlanga. Kumbono kaHezekile, abalawuli bakwaSirayeli njengeqela bayakhalinyelwa ngenxa yokucinezela abantu kwaye bayabongozwa ukuba bangakhethi buso yaye basebenzise okusesikweni. Nangona singekho kwiqela lababingeleli, isikhulu sinendima ebalulekileyo kunqulo olunyulu. Singena siphuma kwintendelezo engaphandle kunye nezizwe ezingengobabingeleli, sihlala kwiveranda ekwiSango elingaseMpuma, yaye silungiselela amanye amadini ukuze abantu bawanikele. (Hezekile 44:2, 3; 45:8-12, 17) Ngaloo ndlela lo mbono waqinisekisa abantu bakuloHezekile ukuba uhlanga olubuyiselweyo lwaluza kusikelelwa ngeenkokeli ezingumzekelo omhle, amadoda awayeza kuxhasa ababingeleli ekulungelelaniseni abantu bakaThixo nayimizekelo emihle kwizinto zokomoya.
Ilizwe
9. (a) Laliza kwahlulwa njani ilizwe, kodwa ngoobani ababengayi kufumana lifa? (b) Wawuyintoni umrhumo ongcwele, yaye wawuqulethe ntoni?
9 Ekugqibeleni, umbono kaHezekile waquka inkcazelo epheleleyo yelizwe lakwaSirayeli. Laliza kwahlulwa size isizwe ngasinye sibe nomhlaba waso. Nesikhulu sasiza kufumana elaso ilifa. Noko ke, ababingeleli babengayi kufumana, kuba uYehova wathi, “ndim ilifa labo.” (Hezekile 44:10, 28; Numeri 18:20) Lo mbono wabonisa ukuba umhlaba osisabelo sesikhulu wawuya kuphahla indawo ekhethekileyo ebizwa ngokuba ngumrhumo ongcwele. Esi yayisisiza esinamacala alinganayo esahlulwe saziziqwenga ezithathu—esisentla isesabaLevi abaguqukayo, esiphakathi isesababingeleli ngoxa esisezantsi isesesixeko neselizwe laso elichumileyo. Itempile kaYehova yayiza kuba kwisiqwenga somhlaba esiphakathi, sababingeleli.—Hezekile 45:1-7.
10. Sasinayiphi intsingiselo kumaYuda athembekileyo athinjiweyo isiprofeto sokwahlulwa komhlaba?
10 Hayi indlela emele ukuba yonke le nkcazelo yabakhuthaza ngayo abo babethinjiwe! Intsapho nganye yaqinisekiswa ukuba yayiza kuzuza ilifa kwelo lizwe. (Thelekisa uMika 4:4.) Unqulo olunyulu lwaluza kuphakanyiswa lube yeyona nto ibalulekileyo kwelo lizwe. Kwaye phawula ukuba kulo mbono kaHezekile isikhulu, sasiza kuhlala kwilizwe elingumrhumo wabantu njengababingeleli. (Hezekile 45:16) Ngoko kwilizwe elibuyiselweyo, abantu babeza kurhuma bexhasa umsebenzi wabo bamiselwe nguYehova ukuba bakhokele, bebaxhasa nangokwenza ngokolwalathiso lwabo. Lilonke, eli lizwe lalifuzisela ulungelelwano, intsebenziswano nonqabiseko.
11, 12. (a) Isiprofeto sikaYehova sibaqinisekisa njani abantu bakhe ukuba wayeya kulisikelela ilizwe labo elibuyiselweyo? (b) Yayifuzisela ntoni imithi eyayigudle umlambo?
11 Ngaba uYehova wayeza kulisikelela ilizwe labo? Esi siprofeto siwuphendula lo mbuzo ngomfanekiso ochukumisayo. Kukho umjelo ophuma etempileni, oya usiba banzi njengoko usihla, uze uthi ufika kuLwandle Olufileyo ube sele ungumlambo. Xa ufika apho uvuselela izilwanyana eziphila emanzini yaye ishishini lokuloba livuka lime ngeenyawo kummandla oselunxweni. Xa usihlisa udini lwalo mlambo kukho imithi emininzi exakatha iziqhamo unyaka wonke, isondla yaye iphilisa.—Hezekile 47:1-12.
12 Eli dinga laliqinisekisa iziprofeto zokubuyiselwa zangaphambilana ababekhangele phambili kuzo ngolangazelelo abathinjwa. Yayisele izizihlandlo eziliqela abaprofeti abaphefumlelweyo bakaYehova bechaza ngokubuyiselwa nangokumiwa kwelizwe lakwaSirayeli, eliya kube linjengeparadesi. Ezo ziprofeto zaziphindaphinda umbandela wokuguqulwa kwemimandla ebharhileyo ibe yechumayo. (Isaya 35:1, 6, 7; 51:3; Hezekile 36:35; 37:1-14) Ngoko abantu babenokulindela ukuba iintsikelelo ezinika ubomi zikaYehova zinokuqukuqela njengomlambo ompompoza kwitempile ebuyiselweyo. Yaye ekugqibeleni, olo hlanga lwalufile ngokomoya lwaluya kuvuseleleka. Abo bantu babuyiselweyo babeya kusikelelwa ngamadoda okomoya abalaseleyo—amadoda angamalungisa nawomelele njengemithi egudle umlambo okulo mbono, amadoda awayeza kukhokela ekwakheni ngokutsha elo lizwe liyinkangala. NoIsaya wayebhalile ‘ngemiterebhinti yobulungisa’ eyayiza “kwakha amanxuwa angunaphakade.”—Isaya 61:3, 4.
Uzaliseka Nini Lo Mbono?
13. (a) Kungayiphi ingqiqo awathi uYehova wasikelela abantu bakhe ababuyiseleyo ‘ngemiterebhinti yobulungisa’? (b) Sazaliseka njani isiprofeto esiphathelele uLwandle Olufileyo?
13 Ngaba baphoxeka abo babebuya ekuthinjweni? Nakanye! Intsalela ebuyiselweyo yabuyela kwilizwe layo elithandwa kunene ngowama-537 B.C.E. Ethubeni, phantsi kolwalathiso ‘lwemiterebhinti yobulungisa’—enjengombhali uEzra, umprofeti uHagayi noZekariya, noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa—iindawo ekwakukudala zingamanxuwa zakhiwa kwakhona. Izikhulu, ezinjengoNehemiya noZerubhabheli, zalilawula ngobulungisa nangokusesikweni elo lizwe. Itempile kaYehova yabuyiselwa, yaye amalungiselelo akhe obomi—iintsikelelo zokuphila ngomnqophiso wakhe—aphinda asebenza. (Duteronomi 30:19; Isaya 48:17-20) Enye yezo ntsikelelo yayilulwazi. Ababingeleli babuyela emsebenzini wabo, baza bafundisa abantu ngoMthetho. (Malaki 2:7) Ngenxa yoko, abantu bavuseleleka ngokomoya baza baphinda baba ngabakhonzi bakaYehova abavelisa iziqhamo, ngokungathi baluLwandle Olufileyo olwaphiliswayo lwaza lwayindawo ekuqhutywa kuyo ishishini lokuloba eliphumelelayo.
14. Kutheni le nto kwakuseza kubakho inzaliseko yesiprofeto sikaHezekile engaphezulu kunaleyo yabakho ekubuyeni kwamaYuda ekuthinjweni eBhabhiloni?
14 Ngaba ezi ziganeko zazikuphela kwenzaliseko yombono kaHezekile? Akunjalo; kwakuseza kubakho inzaliseko enkulu gqitha. Ngokomzekelo: Itempile eyabonwa nguHezekile yayingenakwakhiwa ngohlobo oluchazwe apha. Kuyinyaniso kona ukuba, amaYuda awugqala njengobalulekileyo lo mbono aza azilandela ngokoqobo ezinye zeenkcukacha zawo.b Noko ke, xa iyonke nje, itempile eyayisembonweni yayinkulu gqitha ukuba ilingane kwiNtaba yeMoriya, isiza eyayakhiwe kuso itempile yokuqala. Ukongezelela koko, itempile kaHezekile yayingekho phakathi kweso sixeko kodwa yayimgama ukusuka kuso, kumhlaba owahluliweyo, ngoxa itempile yesibini yakhiwa kwindawo eyayimi kuyo eyangaphambili, kwisixeko saseYerusalem. (Ezra 1:1, 2) Ngaphezu koko, kwakungekho mlambo wokoqobo owawusuka etempileni yaseYerusalem. Ngoko uSirayeli wamandulo wabona inxalenye nje yenzaliseko yesiprofeto sikaHezekile. Oku kuthetha ukuba ikho inzaliseko yokomoya enkulu yaloo mbono.
15. (a) Yaqalisa nini ukusebenza itempile yokomoya kaYehova? (b) Yintoni ebonisa ukuba umbono kaHezekile awuzange uzaliseke ebudeni bokuphila kukaKristu emhlabeni?
15 Kucacile ukuba, simele sikhangele eyona nzaliseko yombono kaHezekile ophathelele itempile yokomoya kaYehova ezukileyo, leyo umpostile uPawulos axubusha ngokubhekele phaya ngayo kwincwadi yamaHebhere. Loo tempile yaqalisa ukusebenza xa uYesu Kristu wathanjiswa njengoMbingeleli Omkhulu wayo ngowama-29 C.E. Kodwa ngaba lo mbono kaHezekile wazaliseka ngomhla kaYesu? Ubungqina bubonisa ukuba akunjalo. UYesu, njengoMbingeleli Omkhulu, wazalisekisa intsingiselo engokwesiprofeto yoMhla Wocamagushelo ngokubhaptizwa kwakhe, ngokufa kwakhe okulidini, nangokungena kwEyona Ngcwele, izulu ngokwalo. (Hebhere 9:24) Noko ke, okubangel’ umdla kukuba umbono kaHezekile awumkhankanyi nakanye umbingeleli omkhulu okanye uMhla Wocamagushelo. Ngoko kubonakala kungenakwenzeka ukuba lo mbono ube wawubhekisela kwinkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Ngoko ke, uzaliseka ngaliphi ixesha?
16. Indawo awayekuyo uHezekile xa wayebona umbono wakhe isikhumbuza ngasiphi isiprofeto, yaye oku kusinceda njani siqonde ixesha leyona nzaliseko yombono kaHezekile?
16 Ukuze sifumane impendulo, makhe sibuyele kuwo lo mbono. UHezekile wabhala: “Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.” (Hezekile 40:2) Le ndawo obonakala kuyo lo mbono, le ‘ntaba ephakamileyo kakhulu,’ isikhumbuza uMika 4:1 othi: “Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.” Sizaliseka nini esi siprofeto? UMika 4:5 ubonisa ukuba siqalisa ukuzaliseka ngoxa iintlanga zisanqula oothixo bobuxoki. Eneneni, kukweli xesha siphila kulo, “ekupheleni kwemihla,” oluye unqulo olunyulu lwaphakanyiswa, lwabuyiselwa kwindawo yalo efanelekileyo kubomi babantu bakaThixo.
17. Isiprofeto esikuMalaki 3:1-5 sisinceda njani siqonde elona xesha eyahlanjululwa ngalo itempile ekumbono kaHezekile?
17 Yintoni ebangele lwabuyiselwa? Khumbula ukuba kwesona siganeko sibalulekileyo sombono kaHezekie, uYehova uya etempileni aze ayalele ukuba indlu yakhe ihlanjululwe kunqulo-zithixo. Yahlanjululwa nini itempile yokomoya kaThixo? KuMalaki 3:1-5, uYehova uxela kusengaphambili ngexesha aya “kuza ke ngesiquphe etempileni” yakhe ephelekwa ‘ngumthunywa wakhe womnqophiso,’ uYesu Kristu. Ngayiphi injongo? “Unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.” Olu nyibilikiso lwaqalisa ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala. Waba yintoni umphumo? Ukususela ngowe-1919, uYehova uye wahlala endlwini yakhe waza wasikelela ilizwe lokomoya labantu bakhe. (Isaya 66:8) Ngoko sinokuqukumbela ngelithi eyona nzaliseko ibalulekileyo yesiprofeto sikaHezekile esiphathelele itempile isebudeni bemihla yokugqibela.
18. Umbono wetempile uya kuzaliseka nini okokugqibela?
18 Njengezinye iziprofeto zokubuyiselwa, umbono kaHezekile unenye inzaliseko eyeyokugqibela, eParadesi. Kungelo xesha kuphela abaya kuthi abantu bafumane iingenelo ezipheleleyo zelungiselelo likaThixo letempile. Emva koko uKristu uya kusebenzisa ixabiso ledini lakhe lentlawulelo, ekunye nababingeleli bakhe basezulwini abali-144 000. Bonke abantu abathobelayo abalawulwa nguKristu baya kufikelela imfezeko. (ISityhilelo 20:5, 6) Noko ke, umbono kaHezekile uza kuba ungaqali ukuzaliseka eParadesi. Ngoba?
Umbono Ubhekisela Kumhla Wethu
19, 20. Kutheni inzaliseko eyintloko yalo mbono imele ibe namhlanje kungekhona eParadesi?
19 UHezekile wabona itempile ekwakufuneka icocwe kunqulo-zithixo nakuhenyuzo lokomoya. (Hezekile 43:7-9) Ngokuqinisekileyo oku bekungayi kubhekisa kunqulo lukaYehova eParadesi. Ngaphezu koko, ababingeleli abakulo mbono bafuzisela udidi lwababingeleli ngoxa lusesemhlabeni, kungekhona emva kokuba luvuselwe ezulwini okanye ebudeni beWaka Leminyaka. Ngoba? Kaloku khumbula ukuba aba babingeleli babonwa bekhonza kwintendelezo engaphakathi. Amanqaku eeMboniselo zangaphambili aye abonisa ukuba le ntendelezo ifuzisela ukuma okwahlukileyo kokomoya kwababingeleli abangaphantsi bakaKristu ngoxa besesemhlabeni.c Kwakhona phawula ukuba lo mbono ugxininisa into yokuba aba babingeleli abafezekanga. Kuthiwa mabanyuse amadini okucamagushela izono zabo. Bayalunyukiswa ngobungozi bokungahlambuluki—ngokomoya nangokokuziphatha. Ngoko abafuziseli abathanjiswa abavusiweyo, awabhala wenjenje umpostile uPawulos ngabo: “Liya kukhala ixilongo, yaye abafileyo baya kuvuswa bengenakonakala.” (1 Korinte 15:52; Hezekile 44:21, 22, 25, 27) Ababingeleli abakulo mbono banxulumana nabantu baze banikele inkonzo ngokungqalileyo kubo. Oku akuyi kwenzeka eParadesi, xa udidi lwababingeleli luza kube lusezulwini. Ngoko ke, lo mbono uyifuzisela kakuhle indlela abathanjiswa abasebenza ngokusondeleyo ngayo ‘nesihlwele esikhulu’ emhlabeni namhlanje.—ISityhilelo 7:9; Hezekile 42:14.
20 Ngaloo ndlela umbono kaHezekile wetempile uchaza umphumo omhle wokuhlanjululwa ngokomoya okuqhubekayo namhlanje. Kodwa ithetha ntoni loo nto kuwe? Lo mbono awuloqhina nje elingenantsingiselo lonqulo. Uyichaphazela kakhulu indlela omnqula ngayo mihla le okuphela koThixo oyinyaniso, uYehova. Kwinqaku lethu elilandelayo, siza kubona indlela oyichaphazela ngayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Oku kumele ukuba kwamchukumisa uHezekile, ekubeni kusithiwa wayezalwa yintsapho yababingeleli kaTsadoki.
b Ngokomzekelo, iMishnah yamandulo ibonisa ukuba isibingelelo setempile ebuyiselweyo, isango elineengcango ezimbini letempile, neendawo zokuphekela zakhiwa zafana nezo zombono kaHezekile.
c Bona IMboniselo kaJulayi 1, 1996, iphepha 16; nekaDisemba 1, 1972, iphepha 718.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Wazaliseka njani okokuqala umbono kaHezekile wetempile nababingeleli bayo?
◻ Umbono kaHezekile wokwabiwa komhlaba wazaliseka njani ngokukhawuleza?
◻ Xa kwakubuyiselwa uSirayeli wamandulo, ngubani owaba sisikhulu yaye ngoobani ababa ‘yimiterebhinti yobulungisa’?
◻ Kutheni umbono kaHezekile wetempile uzaliseka ngokuyintloko ngemihla yokugqibela?