Ngubani Ophembelela Indlela Ocinga Ngayo?
“AKUKHO mntu umele andixelele indlela emandicinge ngayo! Yaye akukho mntu umele andixelele into emandiyenze!” Ngokuqhelekileyo ukuthetha ngengqiniseko enjalo kuthetha ukuba uzithembe gqitha. Ngaba le yindlela ovakalelwa ngayo? Liyinyaniso elokuba, akakho omele akwenzele izigqibo. Kodwa ngaba kububulumko ukukuchasa ngokukhawuleza oko kusenokuba licebiso elihle? Ngaba akakho umntu onokukunceda wenze izigqibo zobulumko? Ngapha koko, ngaba enyanisweni unokuqiniseka ukuba akakho umntu ophembelela indlela ocinga ngayo, ungayiqondi nokuyiqonda wena loo nto?
Ngokomzekelo, ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yesibini, uJoseph Goebbels, umaqhingana owayengunozakuzaku kaHitler, walawula ishishini lemifanekiso bhanyabhanya laseJamani. Ngoba? Ngenxa yokuba waqonda ukuba laliza kumnika isixhobo esinamandla esasiza kukwazi “ukuphembelela indlela abantu abacinga ngayo nabaziphatha ngayo.” (Propaganda and the German Cinema 1933-1945) Mhlawumbi usenokuba uyayiqonda indlela awakusebenzisa ngokuphumelela ngayo oku nezinye iindlela ukuze aqhathe abantu—abaqhelekileyo—ukuba balandele ngokumfamekileyo intanda-bulumko yamaNazi.
Inyaniso yeyokuba indlela ocinga ngayo, nozenza ngayo izinto, isoloko iphenjelelwa ngandlel’ ithile ziimvakalelo neembono zabo bantu ubaphulaphulayo. Kakade ke, oku akuthethi ukuba le yinto embi. Ukuba aba ngabantu abanenkxalabo ngawe—njengabafundisi-ntsapho, abahlobo, okanye abazali—uya kungenelwa kwisiluleko nakumacebiso abo. Kodwa ukuba ngabantu ababeka izilangazelelo zabo kuqala nabalukuhliweyo okanye abaqaqadekileyo kwiingcinga zabo, ‘abakhohlisi bengqondo,’ njengokuba umpostile uPawulos wabachazayo, kufuneka ulumke!—Tito 1:10; Duteronomi 13:6-8.
Ngaloo ndlela, musa ukuqiniseka uze ucinge ukuba akakho umntu onokukuphembelela. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 10:12.) Kusenokwenzeka ukuba sele kusenzeka oku—ngokufuthi ngaphezu kwendlela obunokuthanda ngayo—enyanisweni—ungakuqondi oko. Cinga ngomzekelo nje olula wento oye ugqibe kwelokuba uyithenge xa usevenkileni. Ngaba usoloko uzenzela isigqibo ngokuzithandela? Okanye ngaba abanye abantu, ngokufuthi abangabonwayo, ngokuchuliweyo bayaluphembelela ukhetho lwakho? Intatheli uEric Clark ucinga ukuba bayakuphembelela. Uthi: “Okukhona sixinwe zizibhengezo, kokukhona siyiqonda kancinane loo mpembelelo, yaye, phantse ngokuqinisekileyo sichaphazeleka ngakumbi.” Kwakhona unikela ingxelo esithi xa abantu bebuzwa indlela ezinempembelelo ngayo izibhengezo, “abaninzi bayavuma ukuba zinempembelelo, kodwa kungekhona kubo.” Abantu abaninzi bacinga ukuba wonke omnye umntu uchanabekile, kodwa akunjalo kubo. “Kubonakala ngathi, ngabo bodwa abakhuselekileyo.”—The Want Makers.
Ngaba Ucinezelwe Yimpembelelo KaSathana?
Enoba uphenjelelwa zizibhengezo zamihla le oku kusenokungabi namiphumo inzulu. Noko ke, ikho enye impembelelo, eyingozi gqitha. IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba uSathana ulelona qothaqikili. (ISityhilelo 12:9) Ngokusisiseko ingcamango yakhe ifana nqwa naleyo yomnye umbhengezi owathi zimbini iindlela zokuphembelela abathengi—“kungokubaqhatha okanye ngokubaphembelela.” Ukuba abo basasaza inkcazelo yobuxoki nababhengezi banokusebenzisa ubugcisa obuchuliweyo ukuze baphembelele indlela ocinga ngayo, hayi indlela amele ukuba unobuchule ngayo uSathana ekusebenziseni amacebo afanayo!—Yohane 8:44.
Umpostile uPawulos wayekwazi oku. Wayesoyikela ukuba amanye amaKristu ayesenokuyekelela aze abe ngamaxhoba okuqhathwa nguSathana. Wabhala: “Ndiyoyika ukuba ngandlel’ ithile, njengoko inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhokolo bayo, iingqondo zenu zisenokonakaliswa zisuke ekunyanisekeni nakubunyulu obufanele uKristu.” (2 Korinte 11:3) Sithabathe nzulu eso silumkiso. Kungenjalo usenokufana nabo bantu bakholelwa ukuba inkohliso nempembelelo ziyasebenza—“kodwa kungekhona kubo.” Isibakala sokuba inkohliso kaSathana Ok for XOiyaphumelela ibonwa ngokucacileyo kwesi sizukulwana sizele yinkohlakalo nakukuhanahanisa.
Ngoko ke, uPawulos wawabongoza amaKristu akunye nawo ukuba ‘ayeke ukumilisa okwale nkqubo yezinto.’ (Roma 12:2) Omnye umguquleli weBhayibhile wawashwankathela amazwi kaPawulos ngale ndlela: “Ungaze uvumele ihlabathi elikungqongileyo ukuba likuphembelele.” (Roma 12:2, Phillips) USathana uya kuzama ukukunyanzelela kwiindlela zakhe, njengombumbi wamandulo owaxonxa udongwe ukuze imibhalo nempawu ezithile ziphumele kulo. USathana usoloko ekulungele ukusebenzisa imibandela yehlabathi yezobupolitika, ezorhwebo, unqulo nokuzonwabisa ukuze enze oko. Inamandla kangakanani impembelelo yakhe? Ixhaphake ngendlela eyayixhaphake ngayo ngomhla kampostile uYohane. UYohane wathi: “Ihlabathi liphela lilele emandleni alowo ungendawo.” (1 Yohane 5:19; bona kwaneyesi-2 kwabaseKorinte 4:4.) Ukuba uyawathandabuza amandla kaSathana okuqhatha abantu nawokonakalisa indlela abacinga ngayo, khumbula indlela awaphumelela ngayo ekwenzeni oku kulo lonke uhlanga lwakwaSirayeli, olwaluzahlulele kuThixo. (1 Korinte 10:6-12) Ngaba oko kunokwenzeka kuwe? Kunokwenzeka ukuba ingqondo yakho uyiyekela kwimpembelelo kaSathana ehendayo.
Kwazi Oko Kuqhubekayo
Ubukhulu becala, imikhosi enjalo ukulahlekisa iya kuphembelela indlela ocinga ngayo kuphela ukuba uyayivumela. Kwincwadi yakhe ethi The Hidden Persuaders, uVance Packard wagqabaza wenjenje: “Sisakhuselekile kwabo baphembeleli [bafihlakeleyo]: sinokukhetha ukuba singaphembeleleki. Phantse kuzo zonke iimeko sinako ukuzithethelela, yaye asinakuqhatheka kangako ukuba siyakwazi oko kuqhubekayo.” Kwakhona oku kuyinyaniso ngokuphathelele inkohliso namaqhinga.
Kakade ke, ukuze “ukwazi oko kuqhubekayo,” umele ugcine ingqondo yakho ilungele ukwamkela impembelelo elungileyo. Ingqondo elungileyo, kanye njengomzimba owondlekileyo, ifuna ukondliwa ukuze isebenze kakuhle. (IMizekeliso 5:1, 2) Ukungabi nalwazi kunokuba yingozi kanye njengokuba nolwazi olungachananga. Ngoko ke, ngoxa liyinyaniso elokuba kufuneka ukhusele ingqondo yakho kwiingcamango ezilahlekisayo, zama ukuba ungarhaneli naliphi na icebiso okanye inkcazelo edluliselwa kuwe.—1 Yohane 4:1.
Ukweyiselwa okunyanisekileyo akufani nenkohliso efihliweyo. Umpostile uPawulos walumkisa umfana oselula uTimoti ukuba abalumkele ‘abantu abangendawo namabhedengu awayeza kuhambela phambili elahlekisa yaye elahlekiswa.’ Kodwa uPawulos wongezelela wathi: “Noko ke, wena qhubeka kwizinto owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni, ubazi abantu owazifunda kubo.” (2 Timoti 3:13, 14) Ekubeni yonke into oyifaka engqondweni yakho iya kukuchaphazela ngandlel’ ithile, ingongoma isekubeni ‘wazi abantu ofunda kubo izinto,’ nokuze uqiniseke ukuba ngabantu ababeka izilangazelelo zakho kuqala, kungekhona ezabo.
Umele uzikhethele. Usenokukhetha “ukumilisa okwale nkqubo yezinto” ngokuvumela iingcinga zeli hlabathi nezinye izinto zilawule ukucinga kwakho. (Roma 12:2) Kodwa eli hlabathi alinamdla kwizilangazelelo zakho. Umpostile uPawulos walumkisa wathi “Lumkani: mhlawumbi kusenokubakho uthile oya kunithabatha njengexhoba lakhe ngentanda-bulumko nenkohliso elambathayo ngokwesithethe sabantu.” (Kolose 2:8) Ukuphenjelelwa nguSathana ngale ndlela, okanye ‘ukukwenza kwakhe ixhoba,’ kulula gqitha. Kufana nomsi. Usenokuchaphazeleka ngokuphefumla nje umoya ongcolileyo.
Kwelinye icala, unako ukukuphepha ukuphefumla loo ‘moya.’ (Efese 2:2) Kunoko, landela icebiso likaPawulos elithi: “Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Oku kufuna umgudu. (IMizekeliso 2:1-5) Khumbula, uYehova akakhohlisi. Uyenza ifumaneke yonke inkcazelo efunekayo, kodwa ukuze ungenelwe kuyo, umele uyiphulaphule uze uyivumele iyichaphazele indlela ocinga ngayo. (Isaya 30:20, 21; 1 Tesalonika 2:13) Umele ukulungele ukuzalisa ingqondo yakho ngenyaniso efumaneka ‘kwimibhalo engcwele,’ iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile.—2 Timoti 3:15-17.
Sabela Xa UYehova Ekuxonxa
Imfuneko yokuvuma, nokusabela ngentobeko ukuba ufuna ukungenelwa xa uYehova ekuxonxa yaboniswa ngendlela ecacileyo xa uYehova waxelela umprofeti uYeremiya ukuba atyelele indawo yombumbi. UYeremiya wabona umbumbi eguqula ingqondo yakhe ngoko amakakwenze ngesitya esithile xa eso wayezama ukusenza ‘sonakala ezandleni zombumbi.’ Emva koko uYehova wathi: “Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? . . . Yabonani, njengoko lunjalo udongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.” (Yeremiya 18:1-6) Ngaba oko kwakuthetha ukuba abantu bakwaSirayeli babezizigaqa nje zodongwe awayenokuzixonxa uYehova ukuba zibe luhlobo lwesitya esithile?
UYehova akaze asebenzise amandla akhe amakhulu ukuze enze abantu benze izinto abangazithandiyo; okanye akamele abekw’ ityala ngezinto ezineziphene, njengokuba kusenokuba njalo ngombumbi. (Duteronomi 32:4) Iziphene zibakho xa abo uYehova afuna ukubaxonxa ngendlela elungileyo bezichasa iindlela zakhe. Lo ngomnye umahluko omkhulu okhoyo phakathi kwakho nesigaqa sodongwe esingaphiliyo. Unokuzikhethela. Ukuba uyakwenza oko, usenokukhetha ukusabela ngendlela entle okanye uyigatye ngabom indlela akuxonxa ngayo uYehova.
Esinjani ukuba sihle sona isifundo! Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuphulaphula ilizwi likaYehova kunokuba ngomsindo uthi, “Akukho mntu umele andixelele into emandiyenze”! Sonke sifuna ukwalathiswa nguYehova. (Yohane 17:3) Yiba njengomdumisi uDavide, owathandaza wathi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova, ndifundise umendo wakho.” (INdumiso 25:4) Khumbula oko wakuthethayo uKumkani uSolomon: “Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde.” (IMizekeliso 1:5) Ngaba uya kuphulaphula? Ukuba uya kuphulaphula, ngoko “ukunkqangiyela kokugcina ukuqonda kokulondoloza.”—IMizekeliso 2:11.