Lungiselela Iwaka Leminyaka Elibalulekileyo!
ULAWULO lukaKristu Lweminyaka Eliwaka luya kuzisa iintsikelelo ezingummangaliso kwintsapho engabantu. Phantsi kolwalathiso olunothando lukaYesu, uluntu luya kususwa kwimeko olukuyo ngoku elusizi lusiwe kwimfezeko ezukileyo. Khawucinge nje ngentsingiselo yoko kuwe. Ukuba ngumqabaqaba! Yiba nomfanekiso ngqondweni ntsasa nganye uziva uphilile kunosuku oludluleyo. Izigidi zamadoda, amabhinqa nabantwana zikhangele phambili ekuphileni ngelo xesha limyoli. Zinethemba lalo, ziyalithandazela. Ngokufundisisa kwazo iBhayibhile ziye zeyiseka kwelokuba zinokuzinandipha ezi ntsikelelo.
Noko ke, ngaphambi kokuba aqalise uLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uYesu Kristu umele abashenxise emhlabeni bonke abo bachasa ulawulo lwakhe. Uya kukwenza oku kwidabi elibizwa ngokuba yiArmagedon eBhayibhileni. (ISityhilelo 16:16) AmaKristu okwenyaniso asemhlabeni akayi kulwa kuloo mfazwe. Yimfazwe kaThixo. Yaye ayiyi kupheleliselwa kummandla othile womhlaba. IBhayibhile ithi iya kufikelela nakwezona mbombo zikude zomhlaba. Iintshaba zolawulo lukaKristu ziya kutshatyalaliswa. Akukho nalunye kuzo oluya kusinda!—Yeremiya 25:33.
Uya kwandula ke uYesu aphethulele ingqalelo yakhe kuSathana uMtyholi needemon zakhe. Khawube nomfanekiso ngqondweni walo mbono, njengoko umbhali wencwadi yeSityhilelo wawubonayo: “Ndabona ingelosi [uYesu Kristu] isihla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo. Kwaye yayixhakamfula inamba, loo nyoka yantlandlolo, enguMtyholi noSathana, yaza yayibopha kangangeminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:1, 2) Kamva, uSathana needemon zakhe baya kutshatyalaliswa ngonaphakade.—Mateyu 25:41.
“Isihlwele esikhulu, ekungekho mntu [ukwaziyo] ukusibala,” siya kusinda eArmagedon. (ISityhilelo 7:9) UKristu uya kusikhokelela “emithonjeni yamanzi obomi,” ukuze singenelwe ngokuzeleyo kanye njengoko umalusi ekhokelela izimvu zakhe emanzini aphilisayo. (ISityhilelo 7:17) Bengasathintelwa nguSathana needemon zakhe kwinkqubela yabo yokomoya, abo baya kusinda kwiArmagedon ngokuthe ngcembe baya kuncedwa boyise utyekelo lwesono de ekugqibeleni bafikelele emfezekweni!
Phantsi kolawulo lukaKristu olunothando, iimeko zokuphila ziya kuphucuka ngokuthe ngcembe. Esebenzisa uYesu Kristu, uYehova uThixo uya kuphelisa oonobangela bentlungu nosizi. Uya “kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona.” (ISityhilelo 21:4) Umprofeti uIsaya uqukumbela lo mbono ngokuthi: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.” (Isaya 35:5, 6) Yaye abafileyo, “abakhulu nabancinane,” baya kuphinde baphile benethemba lokungaze bafe kwakhona!—ISityhilelo 20:12.
Kwanangoku, “isihlwele esikhulu” esiya kusinda eArmagedon siyahlanganiswa. Silungiselela uLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. Nangona singazi ukuba luya kuqalisa nini olo lawulo, sinentembelo yokuba luya kuziswa ngexesha elifanelekileyo likaThixo. Nawe unokuba phakathi kwaso, kodwa umele uzilungiselele—kungekhona ngokuthengisa izinto onazo uze uye kwindawo ethile, kodwa ngokufundisisa iBhayibhile uze ungenise ulwazi oluchanileyo ngoYehova uThixo nangeenjongo zakhe. Ngaphandle kwentlawulo, amaNgqina kaYehova ngovuyo aya kukubonisa indlela onokungenelwa ngayo wena nentsapho yakho ngokufundisisa iBhayibhile. Abapapashi beli phephancwadi baya kukuvuyela ukukunika inkcazelo engakumbi.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Iminyaka Eliwaka—Ngaba Yeyokoqobo Okanye Yeyokomfuziselo?
Ekubeni ubukhulu becala incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo yabhalwa ngolwimi olufuziselayo, kuphakama umbuzo. Kuthekani ngoLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka ekuthethwa ngalo kwiSityhilelo?
Ngaba sisihlandlo sokoqobo okanye sokomfuziselo?
Kucace mhlophe ukuba kubhekiselwa kwisihlando seminyaka eliwaka yokoqobo. Phawula: Umpostile uPawulos ubhekisela kuLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, uluntu oluya kugwetywa ngalo, njengemini. (IZenzo 17:31; ISityhilelo 20:4) Umpostile uPetros wabhala wathi imini enye (iiyure ezingama-24) kuYehova injengeminyaka eliwaka. (2 Petros 3:8) Oko kungqina ukuba “imini” yomgwebo yiminyaka eliwaka yokoqobo. Ukongezelela, kwiSityhilelo 20:3, 5-7, izihlandlo ezine ezahlukahlukeneyo kuthethwa ‘ngeminyaka eliwaka’ ethile. Kubonakala ukuba oku kubhekisela kwisihlandlo sexesha eliqinisekileyo.