Ilizwi LikaThixo Lesiprofeto Linika Ithemba Ngekamva
NGONCEDO lweLizwi likaThixo, iBhayibhile Engcwele, amaKristu okwenyaniso anokholo, anethemba yaye akhangele phambili kwikamva. Eqinisekile ngolwalamano lwawo noYehova uThixo, ajonge phambili kwingomso. Njengoko intetho yokuqala yeeNdibano ZeSithili ‘Zelizwi LikaThixo Lesiprofeto’ yachazayo, amaNgqina kaYehova ebesifunda ngomdla isiprofeto seBhayibhile kangangeminyaka emininzi. Ngoko ke, yintoni uYehova abeyilungiselele abantu bakhe kwezi ndibano? Bephethe iiBhayibhile ezandleni zabo, bonke abo bebezile bebenomdla wokwazi. Umxholo wosuku ngalunye lwendibano ubhalwe njengomxholwana.
USUKU LOKUQALA: Ukuhamba Ekukhanyeni KweLizwi LikaThixo
Intetho enomxholo othi “Siye Sakhokelwa LiLizwi LikaThixo” iye yachaza ukuba abantu bakaYehova banjengendoda eqalisa uhambo ebusuku kumnyama. Njengoko ilanga liphuma, ayiziboni kakuhle izinto, kodwa xa ilanga lithe qhakra kuhle phezu kwentloko yayo, izibona kakuhle. Njengoko kwakuxelwe kwangaphambili kwiMizekeliso 4:18, abantu bakaYehova baye bayibona kakuhle indlela yabo phantsi kwelanga eliqaqambileyo lenyaniso evela kwilizwi likaThixo lesiprofeto. Abashiywanga enyanyeni.
Intetho engumxholo ethi, “Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto,” iye yakhumbuza abaphulaphuli ukuba abo bakhangela kuYehova bayasinda ekuphoxekeni nasekuphelelweni lithemba okuthwaxa abo balandela oomesiya kunye nabaprofeti bobuxoki. Ngokwahluke mpela koko, izinto ezisiqinisekisa ngoMesiya wokwenene, uYesu Kristu, zincamisile! Ngokomzekelo, ummangaliso wokwenziwa kumila kumbi kukaYesu usithela thsuphe ngaye xa sele enguKumkani obekwe etroneni yoBukumkani bukaThixo. Ukususela oko waba semandleni oBukumkani ngowe-1914, uYesu ‘ukwalikhwezi’ elikhankanywe kweyesi-2 kaPetros 1:19. Isithethi sithe: “NjengeKhwezi lokusa elinguMesiya, wandulela imini entsha, okanye ixesha, elifikela bonke abantu abathobelayo.”
Ukuqalisa ucwangciso lwasemva kwemini, intetho ethi “Ukukhanya Njengezikhanyiso” ibityatyadula ngeyabase-Efese 5:8, apho umpostile uPawulos asiluleka ukuba ‘siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya.’ AmaKristu azizikhanyiso, kungekuphela ngenxa yokwabelana nabanye ngeLizwi likaThixo kodwa nangokusebenzisa iBhayibhile kubomi bawo exelisa uYesu.
Ukuze ube sisikhanyiso esinjalo, “Kunandiphe Ukufunda ILizwi LikaThixo.” Lo mbandela ubuxutyushwa kungcelele lweentetho oluneenxalenye ezintathu. Emva kokucaphula amazwi ka-Abraham Lincoln, owathi iBhayibhile “isesona sipho sibalaseleyo uThixo awakha wampha sona umntu,” isithethi sokuqala siye sabuza abaphulaphuli ukuba imikhwa yabo yokufunda ichaza ntoni na ngobunzulu boxabiso abanalo ngeLizwi likaYehova. Abaphulaphuli baye bakhuthazwa ukuba bafunde iBhayibhile ngenyameko, baziphe ithuba lokuzakhela umfanekiso-ngqondweni woko kwakusenzeka kwiingxelo zeZibhalo nokunxibelelanisa iingongoma ezintsha kunye nezinto abasele bezifundile.
Inxalenye elandelayo yongcelele lweentetho iye yabethelela imfuneko yokufundisisa, kungekhona ukulesa nje, ukuba sifuna “ukutya okuqinileyo.” (Hebhere 5:13, 14) Isithethi sithe ufundisiso lwakha nangakumbi xa ‘silungisa iintliziyo zethu’ kusengaphambili, njengoko umbingeleli ongumSirayeli uEzra wenzayo. (Ezra 7:10) Kodwa kutheni kubaluleke kangaka ukufundisisa? Kaloku kunxibelelene ngokungqalileyo nolwalamano lwethu noYehova. Ngenxa yoko, ufundisiso lweBhayibhile lufanele lube yinto exabisekileyo, enandiphekayo nehlaziyayo, nangona lufuna umntu aqeqeshe ingqondo yakhe yaye enze umgudu. Sinokulifumana njani ixesha lokwenza ufundisiso olunentsingiselo? ‘Ngokuzongela ixesha’ kwizinto ezingabalulekanga kakhulu, satsho njalo isithethi senxalenye yokugqibela yolo ngcelele. (Efese 5:16) Kunjalo kanye, undoqo ekufumaneni ixesha kukulisebenzisa kakuhle ixesha esinalo.
Intetho ethi “UThixo Ubanika Amandla Abadiniweyo” iye yavuma ukuba abantu abaninzi badiniwe kule mihla. Ukuze sibe ‘namandla angaphaya koko kuqhelekileyo’ kubulungiseleli bamaKristu, kufuneka sayame ngoYehova, ‘omnika otyhafileyo amandla.’ (2 Korinte 4:7; Isaya 40:29) Izinto ezisinceda somelele ziquka iLizwi likaThixo, umthandazo, ibandla lamaKristu, ukuba nenxaxheba rhoqo kubulungiseleli, abaveleli abangamaKristu kunye nomzekelo wabanye abathembekileyo. Umxholo othi “Yibani Ngabafundisi Ngenxa Yexesha” ubalaselise imfuneko yokuba amaKristu abe ngabafundisi kunye nabashumayeli yaye azibhokoxe ukuze aphuhlise ‘ubugcisa bokufundisa.’—2 Timoti 4:2.
Intetho yokugqibela yolo suku ethi, “Abo Balwa NoThixo Abayi Koyisa,” ikhankanye imigudu yakutshanje etenxileyo eye yenziwa kwamanye amazwe yokutyabeka amaNgqina kaYehova ngokuwabiza ngokuthi alihlelo eliyingozi. Kodwa asimele soyike, kuba uIsaya 54:17 uthi: “Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.”
USUKU LWESIBINI: Izinto Eziye Zaziswa NgeZibhalo Zesiprofeto
Ngemva kwengxubusho yeBhayibhile yetekisi yosuku, abo bebehlanganisene baye banandipha ungcelele lweentetho lwesibini kule ndibano, olunomxholo othi “Ukuzukisa UYehova Njengabathwali Bokukhanya.” Intetho yokuqala iye yabonisa ukuba usukelo lomKristu kukuzukisa uYehova ngokushumayela kuyo yonke indawo. Inxalenye eye yalandela iye yakhankanya imfuneko yokwalathisa abo basabelayo kwintlangano kaThixo. Njani? Ngokuchitha imizuzu emihlanu okanye elishumi ngaphambi okanye ngemva kwesifundo seBhayibhile ngasinye ubonisa indlela intlangano kaThixo esebenza ngayo. Intetho yesithathu kolu ngcelele ibethelele imfuneko yokuzukisa uThixo ngemisebenzi emihle.
Intetho ethi “Zithande Kunene Izikhumbuzo ZikaYehova” igubungele iindinyana ezithile zeNdumiso 119. Ngokuqinisekileyo siyafuna ukukhunjuzwa, kuba kaloku sonke sityekele ekulibaleni. Ngoko hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sihlakulele uthando ngezikhumbuzo zikaYehova, kanye njengokuba umdumisi wenzayo!
Emva koko kulandele imbalasane—intetho yobhaptizo enomxholo othi “Ukuthobela Ilizwi Lesiprofeto Kukhokelela Kubhaptizo.” Abo bebeza kubhaptizwa baye bakhunjuzwa ukuba baxelisa uKristu kungekuphela ngenxa yokuba bebhaptizwa kodwa nangenxa yokuba belandela emanyathelweni akhe. (1 Petros 2:21) Elinjani ilungelo abanalo aba basebatsha lokuba nesabelo kwinzaliseko kaYohane 10:16, apho uYesu waxela kwangaphambili ukuba wayeza kuhlanganisa “ezinye izimvu” ukuze zikhonze kunye nabafundi bakhe abathanjiswe ngomoya!
Ucwangciso lwasemva kwemini luqalise ngentetho ethi “Kuve Oko Ukutshoyo Umoya” ebichaza ukuba umoya kaYehova uthetha nathi ngeBhayibhile, ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ nangesazela sethu esiqeqeshwe yiBhayibhile. (Mateyu 24:45) Ngenxa yoko, akuyomfuneko ukuba amaKristu eve ilizwi lokoqobo eliphuma ezulwini ukuze azi indlela yokumkholisa uThixo. Ingxubusho elandelayo, ebinomxholo othi “Ukuyimela Ngokuqinileyo Imfundiso Evisisana Nozinikelo Lobuthixo,” iye yabongoza amaKristu ukuba angaphandi iingcamango ezonakalisayo ezisasazwa leli hlabathi. Okunene, ukufuna ukwazi yonk’ into le kunokusichanaba kwinkcazelo eyenzakalisayo etyalwa ngabawexuki nangabanye abantu abasetyenziswa nguSathana. Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukufunda iBhayibhile kunye namanqaku akwiMboniselo noVukani!
Intetho elandelayo ebinomxholo othi “Hlala Uwubambile Umzekelo Wamazwi Aphilileyo” iye yabethelela ukubaluleka kokuqhelana kakuhle “nendlela,” okanye isiseko seZibhalo senyaniso. (2 Timoti 1:13) Ukuyiqonda le ndlela kungundoqo kungekuphela nje ukuze ufumane uzinikelo lobuthixo kodwa nokuze wazi oko kungavisisaniyo nenyaniso.
Khawuzithelekelele ugqalwa nguYehova njengomntu onqwenelekayo. Enjani ukuzuka into! Intetho ebisekelwe kwisiprofeto sikaHagayi enomxholo othi “‘Izinto Ezinqwenelekayo’ Zizalisa Indlu KaYehova” ibilukhuthazo gqitha kuba ibiqinisekisa abaphulaphuli ukuba ilungu ngalinye ‘lesihlwele esikhulu’ linqweneleka ngokwenene kuYehova. (ISityhilelo 7:9) Ngoko ke, uYehova uya kubasindisa xa ‘enyikimisa’ iintlanga ebudeni ‘bembandezelo enkulu’ ezayo. (Hagayi 2:7, 21, 22; Mateyu 24:21) Noko ke, okwangoku abantu bakaYehova bamele bahlale belindile ngokomoya, njengoko ibisitsho inxalenye ethi “IZiprofeto ZeZibhalo Zisenza Sihlale Silindile.” Isithethi siye sacaphula amazwi kaYesu athi: “Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.” (Mateyu 24:42) Sinokuhlala njani siphaphile ngokomoya? Ngokuzigcina sixakekile enkonzweni kaYehova, sisoloko sithandaza yaye sihlale silindele loo mini inkulu kaYehova.
Intetho yokuqukumbela yolo suku ibinomxholo othi “Ilizwi Lesiprofeto Ngexesha Lokuphela.” Le ntetho iya kuhlala ikhunjulwa kangangeminyaka. Ngoba? Kaloku isithethi senze isaziso sokukhululwa kwencwadi entsha—ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! Isithethi sithe: “Le mpapasho inemifanekiso emihle inamaphepha angama-320 igubungela yonke incwadi kaDaniyeli.” Obunjani ukomeleza ukholo ubungqina bokuba uYehova ukhanyisa iLizwi lakhe lesiprofeto!
USUKU LWESITHATHU: Ilizwi LikaThixo Lesiprofeto Alize Lisilele
Usuku lokugqibela lwendibano luqalise ngongcelele lweentetho olunomxholo othi “Amazwi Esiprofeto Exesha Elimisiweyo.” Ezo nxalenye zintathu ziye zaxubusha izibhengezo ezithathu zomgwebo kaYehova ezakhutshwa ngumprofeti uHabhakuki. Esokuqala sasinxamnye noYuda owayenxaxha yaye esesibini sinxamnye neBhabhiloni eyayinengcinezelo. Esokugqibela, esiseza kuzalisekiswa, sibhekisela kwintshabalalo esemnyango yabo bonke abantu abangendawo. Ethetha ngeArmagedon, umzalwana obenikela intetho yokugqibela kolo ngcelele uye wavusa umlinganiselo othile woloyiko olufanelekileyo lobuthixo kubaphulaphuli bakhe xa ebesithi: “Eneneni, xa uYehova esebenzisa amandla akhe ngokupheleleyo oko kuya kubangela uloyiko.”
“Ukuxabisa Ilifa Lethu Lokomoya,” lowo ibingumxholo womdlalo weBhayibhile ochukumisayo wale ndibano. Lo mdlalo ofikelela intliziyo uye wabonisa umahluko owawuphakathi kwesimo sengqondo sikaYakobi nesikaEsawu kwizinto zokomoya. UEsawu walicekisa ilifa lakhe lokomoya, kangangokuba lanikwa uYakobi, ibe yena walixabisa. “Yintoni le asinike yona uYehova [njengelifa lokomoya]?” lo mbuzo ubujoliswe kwabo bebeze endibanweni. “Yinyaniso yeLizwi lakhe, iBhayibhile; ithemba lobomi obungunaphakade; nelungelo lokummela njengabavakalisi beendaba ezilungileyo,” saphendula satsho isithethi.
Emva koko kulandele intetho enomxholo othi “Lithetha Ntoni Ilifa Lethu Elixabisekileyo Kuwe?” Sibonakalisa isimo sengqondo esilungileyo ngelifa lethu lokomoya ngokugqala inkonzo kaYehova kunye namalungelo okomoya njengabalulekileyo kunezilangazelelo zethu zobuqu okanye izinto eziphathekayo. Ngokwenjenjalo siseka ubomi bethu kulwalamano lwethu noYehova, ngokwahlukileyo kuAdam, uEsawu kunye namaSirayeli awayengathembekanga.
Intetho yesidlangalala ebinomxholo othi “Ukwenziwa Ntsha Kwezinto Zonke—Njengoko Kwaxelwa Kusengaphambili,” iye yanxibelelanisa iziprofeto ezine ezibalulekileyo ezithetha ‘ngamazulu amatsha’ ‘nehlabathi elitsha.’ (Isaya 65:17-25; 66:22-24; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1, 3-5) Kucacile ukuba uYehova wayenenjongo yokuba ezi ziprofeto zibe nenzaliseko engakumbi kunaleyo yabantu bakhe ababuyiselwayo ngowama-537 B.C.E. Ewe, wayecinga ngorhulumente woBukumkani bakhe (“amazulu amatsha”), kunye nabalawulwa bakhe (‘ihlabathi elitsha’), ababeza kuba ngabemi kwiparadesi ezukileyo ekwihlabathi lonke.
Intetho enomxholo othi “Ulindelo Lwethu Njengoko Sikhokelwa LiLizwi LikaThixo” iyiqukumbele ngendlela ebangel’ imincili nechukumisayo le ndibano. Iye yakhumbuza wonk’ ubani ukuba “ixesha eliseleyo lifinyele” ukuze kugqitywe umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani. (1 Korinte 7:29) Ewe, sele kumbovu ukuba kuzaliseke ummiselo kaYehova onxamnye noSathana nayo yonke inkqubo yakhe engendawo. Ngamana singavakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo umdumisi xa wavuma ingoma esithi: “Umphefumlo wethu ulindele kuYehova; nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.” (INdumiso 33:20) Elinjani ukuzuka ithemba elibekwe phambi kwabo banolindelo olusekelwe kwilizwi likaThixo lesiprofeto!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Umdlalo ochukumisayo uye wenza abakhonzi bakaYehova banoxabiso ngakumbi ngelifa lokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abaninzi abaye bathobela ilizwi likaThixo lesiprofeto baye babhaptizwa