Ngaba Uyakwazi Ukulinda?
NGABA unako ukulithelekelela ixesha abantu abalichitha belindile nyaka ngamnye? Balinda emigceni ezivenkileni okanye kwiindawo zokutha ipetroli. Kwiivenkile zokutyela bayalinda ngaphambi kokuba bancedwe. Bayalinda kwagqirha okanye kugqirha wamazinyo. Balinda oodula-dula noololiwe. Ewe, umntu uchitha ixesha elininzi kakhulu elindele izinto ezithile. Ngokutsho kolunye uqikelelo, abantu baseJamani kuphela balahlekelwa ziiyure ezisisi-4,7 samawaka ezigidi ngonyaka bevalelwe zizithuthi ezininzi endleleni! Omnye umntu owalibalayo elo xesha wathi lilingana nexesha eliphilwa ngabantu abamalunga nama-7 000.
Ukulinda kunokucaphukisa kakhulu. Kule mihla, kubonakala lingekho ixesha lokwenza yonk’ into, yaye ukucinga ngezinye izinto ebesimele ukuba siyazenza kunokwenza ukulinda kube sisilingo sokwenene. Umbhali ogama linguAlexander Rose wakha wathi: “Isiqingatha sentlungu ebomini bomntu kukulinda.”
Igosa laseburhulumenteni laseMerika uBenjamin Franklin waphawula ukuba ukulinda kunokuba ziindleko. Kwiminyaka engaphezu kwama-250 eyadlulayo wathi: “Ixesha yimali.” Kungenxa yeso sizathu lento amashishini efuna iindlela zokuphepha izinto ezinokulibazisa ngokungeyomfuneko ngexesha lomsebenzi. Izinto ezininzi eziveliswa ngexeshana elingephi zinokwenza ingeniso eninzi. Amashishini anceda abantu ngokungqalileyo azama ukwenza izinto ezikhawulezayo—ukutya okusele kuphekiwe, ukufaka imali ebhankini ngoxa ukwinqwelo-mafutha, nezinye izinto ezifana nezo—kuba ayazi ukuba phakathi kwezinye izinto ezithandwayo ngumthengi kukuba ungamenzi alinde ixesha elide.
Ukudlala Ngobomi Bethu
Imbongi yenkulungwane ye-19 yaseMerika uRalph Waldo Emerson wakha wakhalaza esithi: “Elingakanani lona ixesha ebomini bomntu elichithelwa ekulindeni!” Kutshanje, umbhali uLance Morrow uye wakhalaza ngendlela ekukruqula ngayo nekungemnandanga ngayo ukulinda. Wandula ke wathetha “ngenye intlungu engaqondakaliyo yokulinda.” Yintoni leyo? “Ukwazi ukuba kuthatyathwa obona buncwane buxabisekileyo bukabani, ixesha, inxalenye yobomi bakhe engenakuphinda ibuyiselwe.” Kulusizi kona, kodwa kuyinyaniso. Ixesha esilichitha silindile aliphinde lifumaneke.
Kakade ke, ukuba ubomi bebungebufutshane kangaka, ukulinda bekungayi kuba ngumcimbi oxhalabisa kangaka. Kodwa ke ubomi bufutshane. Kumawaka eminyaka eyadlulayo, umdumisi weBhayibhile wagqabaza wenjenje: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo, ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo; kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.” (INdumiso 90:10) Kungakhathaliseki ukuba sihlala phi na yaye kungakhathaliseki ukuba singoobani na, ubomi bethu—iintsuku, iiyure, imizuzu esiyiphila emva kokuba sizelwe—bufutshane. Ukanti, asinakuziphepha iimeko ezisinyanzela ukuba sichithe inxalenye yelo xesha lixabisekileyo silinde izinto okanye abantu abathile.
Ukufunda Ukulinda
Inkoliso yethu ikhe yakhwela kwinqwelo-mafutha enomqhubi osoloko ezama ukudlula esinye isithuthi esiphambi kwakhe. Ngokufuthi, akukho mfuneko yoko—akukho nto engxamisekileyo ayileqayo lo mqhubi. Sekunjalo, akanakunyamezela ukulityaziswa ngomnye umqhubi. Ukungabi namonde kwakhe kubonisa ukuba akakhange afunde ukulinda. Afunde? Ewe, ukukwazi ukulinda sisifundo esimele sifundwe. Akakho umntu ozalwa ekwazi ukulinda. Iintsana ziye zifune ukunikwa ingqalelo ngoko nangoko xa zilambile okanye kukho into engazonwabisiyo. Zithi ke xa zikhula kube kukhona ziqondayo ukuba maxa wambi kufuneka zilinde ukuze zifumane into eziyifunayo. Eneneni, ekubeni ukulinda kuyinxalenye engaphephekiyo yobomi, ukukwazi ukulinda ngomonde xa kuyimfuneko luphawu olubonisa ukuba umntu uqolile.
Kakade ke, zikho iimeko zongxamiseko apho siqondakalayo isizathu sokuba umntu angabi namonde. Umyeni oselula obalekisela inkosikazi yakhe esibhedlele kuba beza kufumana umntwana omtsha ubeya kuxoleleka xa ebonakala engenamonde xa elityaziswa. Iingelosi ezazibongoza uLote ukuba aphume eSodom zazingazimiselanga ukulinda xa uLote elibazisa. Intshabalalo yayisemnyango, yaye ubomi bukaLote nobentsapho yakhe babusemngciphekweni. (Genesis 19:15, 16) Noko ke, kwiimeko ezininzi akuthethi kuthi ubomi busoloko busemngciphekweni xa abantu kunyanzelekile ukuba balinde. Kwezo meko, bekuya kuba mnandi ngakumbi ukuba wonk’ ubani ubenokufunda ukuba nomonde—kwanokuba ukulinda kubangelwe ngumntu othile ongawenzanga kakuhle umsebenzi okanye ukungabi namdla. Ngaphezu koko, bekuya kuba lula ngakumbi ukuba nomonde ukuba wonk’ ubani ubenokufunda ukulisebenzisa ngokunengenelo ixesha alinde ngalo. Ibhokisi ekwiphepha 5 inamacebiso okwenza ukulinda kunyamezeleke de kube yingenelo.
Asinakubethwa ngoyaba isibakala sokuba umoya wokungabi namonde unokubonisa isimo sengqondo sokuba nekratshi, imvakalelo yokuba ubani ubaluleke kakhulu ukuba angenziwa alinde. Kuye nabani na oneso simo sengqondo, kubalulekile ukuba aqwalasele la mazwi alandelayo avela eBhayibhileni: “Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi.” (INtshumayeli 7:8) Ukuzikhukhumalisa okanye ikratshi sisiphako esinzulu kubuntu bukabani, yaye umzekeliso weBhayibhile uthi: “Wonk’ ubani onekratshi entliziyweni uyinto ecekisekayo kuYehova.” (IMizekeliso 16:5) Ngoko ke, ukufunda ukuba nomonde—ukufunda ukulinda—kusenokufuna ukuba sizihlolisise thina nendlela esiqhubana ngayo nabantu abasingqongileyo.
Ukuba Nomonde Kuya Kuvuzwa
Ngokuqhelekileyo sikufumanisa kulula ukulinda ukuba seyisekile kukuba loo nto siyilindileyo imele ilibaziseke yaye ngokuqinisekileyo iya kufika ekugqibeleni. Ngokuphathelele le nkalo, kuhle ukuba sicinge ngokulinda kwabo bonke abanquli bakaThixo abanyanisekileyo ukuzaliseka kwamadinga akhe abalaseleyo afumaneka eBhayibhileni. Ngokomzekelo, kwindumiso ephefumlelwe nguThixo sixelelwa oku: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” Eli dinga laphindwa ngumpostile uYohane xa wathi: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (INdumiso 37:29; 1 Yohane 2:17) Ngokucacileyo, ukuba besinokuphila ngonaphakade, ukulinda bekungayi kuba yingxaki enkulu. Kodwa asiphili ngonaphakade ngoku. Ngaba kusengqiqweni ukuthetha ngobomi obungunaphakade?
Ngaphambi kokuphendula, phawula ukuba uThixo wadala abazali bethu bokuqala benethemba lokuphila ngonaphakade. Kuphela kungenxa yokona kwabo okwenza ukuba baphulukane nelo themba bona kunye nabantwana babo—kuquka nathi. Noko ke, ngokukhawuleza emva kokuba bonile, uThixo wavakalisa injongo yakhe yokuguqula imiphumo yokungathobeli kwabo. Wathembisa ngokuza ‘kwembewu’ ekwathi kanti nguYesu Kristu.—Genesis 3:15; Roma 5:18.
Ukungenelwa kwethu njengabantu ngabanye ekuzalisekeni kwamadinga akhe kuxhomekeke kwisigqibo esisenzayo. Ukuze sikwazi ukwenjenjalo kuya kufuneka sibe nomonde. Ukuze isincede sifunde ukuba nolu hlobo lomonde, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sicamngce ngomzekelo womlimi. Uhlwayela imbewu yakhe kuze kufuneke alinde ngomonde—enze oko anokukwenza ukuze akhusele isityalo sakhe—de kufike ixesha lokuvuna. Wandule ke umonde wakhe uvuzwe, aze abone isiqhamo somsebenzi wakhe. (Yakobi 5:7) Umpostile uPawulos ukhankanya omnye umzekelo womonde. Usikhumbuza ngamadoda nabafazi bokholo bamandulo. Babelindele ngolangazelelo ukuphunyezwa kweenjongo zikaThixo, kodwa kwafuneka balinde ixesha likaThixo elimiselweyo. UPawulos usikhuthaza ukuba sibaxelise aba abathi, ‘ngokholo nomonde bazidla ilifa izithembiso.’—Hebhere 6:11, 12.
Ewe, ukulinda yinto engenakuphepheka ebomini. Kodwa akuyomfuneko ukuba ibe ngumthombo wonxunguphalo oluhlala luhleli. Kwabo balindele ukuphunyezwa kwamadinga kaThixo, kunokuba ngumthombo wovuyo. Banokusebenzisa elo xesha balichitha belindile ngokuhlakulela ulwalamano olusondeleyo noThixo baze benze imisebenzi ebonisa ukholo. Ngokuthandaza, ngokufundisisa nangokucamngca, banokuhlakulela intembelo engaxengaxengiyo yokuba yonke into ayithembisileyo uThixo iya kwenzeka ngexesha layo elifanelekileyo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 5]
NCIPHISA INTLUNGU EBANGELWA KUKULINDA!
Ceba kusengaphambili! Ukuba uyazi ukuba kuza kufuneka ulindile, zilungiselele ukuze ufunde, ubhale, unithe, ukroshe okanye wenze omnye umsebenzi obalulekileyo.
Elo xesha lisebenzisele ukucamngca, nto leyo eya isiba nzima ngakumbi kweli hlabathi limaxhaphetshu.
Beka incwadi ecaleni komnxeba ukuze uyisebenzise xa kuthiwe linda emnxebeni; kwimizuzu emihlanu okanye elishumi, unokufunda amaphepha aliqela.
Xa ulinde neqela, lisebenzise elo thuba, xa kufanelekile, ekuqaliseni iincoko nabanye uze wabelane nabo ngeengcamango ezakhayo.
Yiba nencwadi yokubhala amanqaku okanye yokufunda kwinqwelo-mafutha yakho ukuze uyisebenzise xa kuye kwafuneka ulinde okuthile.
Val’ amehlo, phumla okanye uthandaze.
UKUZE UPHUMELELE EKULINDENI KUFUNEKA UBE NESIMO SENGQONDO ESIFANELEKILEYO YAYE UKULUNGISELELE KWANGAPHAMBILI.