“Lalingekafiki Ilixa lakhe”
“Akubangakho bani umsa isandla, ngenxa yokuba lalingekafiki ilixa lakhe.”—YOHANE 7:30.
1. Ngabaphi oothunywashe ababini ababelawula indlela kaYesu yokwenza izinto?
“UNYANA womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi,” uYesu Kristu waxelela abapostile bakhe oko. (Mateyu 20:28) Ethetha nerhuluneli engumRoma uPontiyo Pilato, wathi: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:37) UYesu wayesazi kakuhle isizathu sokuba kwakufuneka afe nomsebenzi ekwakufuneka awenze ngaphambi kokuba afe. Wayesazi nokuba lingakanani na ixesha awayenalo ukuze aphumeze uthumo lwakhe. Ubulungiseleli bakhe basemhlabeni njengoMesiya babuza kuthabatha iminyaka emithathu nesiqingatha kuphela. Baqalisa ngokubhaptizwa kwakhe emanzini kuMlambo iYordan (ngowama-29 C.E.) ekuqaliseni kweveki yama-70 yokomfuziselo eyaxelwa kwangaphambili, baza baphela ekufeni kwakhe kwisibonda sentuthumbo phakathi kuloo veki (ngowama-33 C.E.). (Daniyeli 9:24-27; Mateyu 3:16, 17; 20:17-19) Ngenxa yoko, zonke izenzo zikaYesu emhlabeni ngokusisiseko zazilawulwa ngoothunywashe ababini: yinjongo yokuza kwakhe nenkxalabo yakhe yokwenza izinto ngexesha elililo.
2. UYesu Kristu uchazwa njani kwiincwadi zeVangeli, yaye wabonisa njani ukuba wayelwazi uthumo lwakhe?
2 Iingxelo zeVangeli zichaza uYesu Kristu njengendoda ekhutheleyo eyalityhutyha lonke ilizwe lasePalestina, ivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo isenza nemisebenzi emininzi yamandla. Ebudeni benxalenye yokuqala yobulungiseleli bukaYesu benzondelelo, kuthiwa ngaye: “Lalingekafiki ilixa lakhe.” UYesu ngokwakhe wathi: “Ixesha lam elililo alikafiki ngokupheleleyo.” Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe, wasebenzisa ibinzana elithi “lifikile ilixa.” (Yohane 7:8, 30; 12:23) Ukwazi kukaYesu ilixa, okanye ixesha lomsebenzi awayewabelwe, kuquka ukufa kwakhe okulidini, kumele ukuba kwakuchaphazela oko wayekuthetha noko wayekwenza. Ukuqonda indlela okwamchaphazela ngayo oku kunokusenza siqonde ubuntu bakhe nendlela awayecinga ngayo, kuze kusincede ‘silandele emanyathelweni akhe’ ngokusondele ngakumbi.—1 Petros 2:21.
Wazimisela Ukwenza Ukuthanda KukaThixo
3, 4. (a) Kwenzeka ntoni kwitheko lomtshato eKana? (b) Kutheni uNyana kaThixo eligatya icebiso likaMariya lokuba enze okuthile ngokuphela kwewayini, yaye yintoni esinokuyifunda thina koku?
3 Ngunyaka wama-29 C.E. Sele kudlule iintsuku nje ezimbalwa emva kokuba uYesu ekhethe abafundi bakhe bokuqala. Bonke beze ethekweni lomtshato kwidolophana yaseKana kwisithili saseGalili. Nonina kaYesu, uMariya ulapho. Iwayini iyaphela. Efuna enze okuthile, uMariya uxelela unyana wakhe oku: “Abanawayini.” Kodwa uYesu uphendula athi: “Ndinantoni yakwenza nawe, mfazi? Ilixa lam alikafiki.”—Yohane 1:35-51; 2:1-4.
4 Impendulo kaYesu ethi, “Ndinantoni yakwenza nawe, mfazi?” yindlela ekwakubuzwa ngayo mandulo ukubonisa ukugatya icebiso. Yintoni ebangela ukuba uYesu akugatye oko kuthethwa nguMariya? Kaloku, ngoku uneminyaka engama-30 ubudala. Kwiiveki ezimbalwa nje ezidluleyo, uye wabhaptizwa, wathanjiswa ngomoya oyingcwele, waza uYohane uMbhaptizi wambiza ngokuba ‘yiMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.’ (Yohane 1:29-34; Luka 3:21-23) Ngoko ulwalathiso lwakhe lumele luvele kwiGunya Eliphakamileyo elamthumayo. (1 Korinte 11:3) Akukho namnye, nditsho nelungu elisondeleyo lentsapho, elinokuvunyelwa ukuba liphazamisane nomsebenzi uYesu aze kuwenza emhlabeni. Okunjani kona ukuzimisela ukwenza ukuthanda kukaYise okuvakaliswa nguYesu kwindlela aphendula ngayo uMariya! Ngamana singazimisela ngokufanayo ukuphumeza ‘imbopheleleko yethu yonke’ kuThixo.—INtshumayeli 12:13.
5. Nguwuphi ummangaliso owenziwa nguYesu Kristu eKana, yaye ubachaphazela njani abanye?
5 Eyifumana ingongoma yamazwi onyana wakhe, ngoko nangoko uMariya uyashenxa aze ayalele abo balungiselelayo esithi: “Nakuphi na anixelela kona, kwenzeni.” Yaye uYesu uyayisombulula le ngxaki. Uxelela abo balungiselelayo ukuba mabazalise iingqayi ngamanzi, yaye uyawajika la manzi abe yiwayini emnandi. Oku kukuqalisa kwemimangaliso kaYesu yamandla, ebonisa ukuba umoya kaThixo ukuye. Xa abafundi bakhe abatsha bebona lo mmangaliso, ukholo lwabo luyomelela.—Yohane 2:5-11.
Ukuzondelela Indlu KaYehova
6. Yintoni ebangela uYesu acaphuke ngenxa yoko akubona kwitempile yaseYerusalem, yaye uthabatha waphi amanyathelo?
6 Kungekudala kufika intwasahlobo yowama-30 C.E., yaye uYesu namaqabane akhe basendleleni eya ePasikeni eYerusalem. Ngoxa belapho, abafundi bakhe babona iNkokeli yabo isenza into abangazange bayibone iyenza ngaphambili. Abathengisi ababawayo abangamaYuda bathengisa izilwanyana neentaka zokwenza iminikelo kanye phakathi etempileni. Yaye babiza abanquli abathembekileyo abangamaYuda amaxabiso aphakame kakhulu. Ecaphuka, uYesu uthabatha amanyathelo. Wenza iziniya ngentsontelo aze agxothe abo bathengisi. Ulahla ezo ngqekembe zabatshintshi bemali, abhukuqe iitafile zabo. Uyalela abo bathengisa amahobe esithi: “Zisuseni ezi zinto apha!” Xa abafundi bakaYesu bembona enenzondelelo engako, bakhumbula isiprofeto esithetha ngoNyana kaThixo esithi: “Ukuzondelela indlu yakho kuya kundidla.” (Yohane 2:13-17; INdumiso 69:9) Nathi simele ngenzondelelo sikulumkele ukuvumela utyekelo lwehlabathi lonakalise unqulo lwethu.
7. (a) Yintoni eshukumisela uNikodemo ukuba atyelele uMesiya? (b) Yintoni esiyifundayo ngokunikel’ ubungqina kukaYesu kumfazi womSamariya?
7 Ngoxa eseYerusalem, uYesu wenza imiqondiso ephawulekayo, yaye abantu abaninzi baba nokholo kuye. NoNikodemo, ilungu leSanhedrin, okanye inkundla ephakamileyo yamaYuda, uyachukumiseka nguYesu yaye uza kuye ngobusuku ukuze eve okungakumbi. Emva koko, uYesu nabafundi bakhe bahlala “kwilizwe lakwaYuda” kangangeenyanga ezisibhozo, beshumayela yaye besenza abafundi. Noko ke, emva kokuba uYohane uMbhaptizi ebanjiwe, bayemka kwelakwaYuda baya eGalili. Njengoko betyhutyha isithili saseSamariya, uYesu uxhakamfula ithuba lokunikela ubungqina obucokisekileyo kumfazi waseSamariya. Oku kuvulel’ ithuba amaSamariya amaninzi ukuba abe ngamakholwa. Nathi masiwaphaphele amathuba okuthetha ngoBukumkani.—Yohane 2:23; 3:1-22; 4:1-42; Marko 1:14.
Ukufundisa EGalili Ngokungakumbi
8. Nguwuphi umsebenzi oqaliswa nguYesu eGalili?
8 Ngaphambi kokuba lifike “ilixa” lokufa kukaYesu, kuninzi ekufuneka ekwenzile enkonzweni kaYise osemazulwini. EGalili, uYesu uqalisa ubulungiseleli obungakumbi kunobo belakwaYuda naseYerusalem. Uhamba “lonke elaseGalili, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani kwaye ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe ebantwini.” (Mateyu 4:23) Amazwi akhe acel’ umngeni athi: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele,” avakaliswa kuso sonke eso sithili. (Mateyu 4:17) Kwiinyanga ezimbalwa, xa abafundi ababini bakaYohane uMbhaptizi bezokuzivela ngokwabo ingxelo engoYesu, uthi kubo: “Hambani niye kuxela kuYohane oko nikubonileyo nenikuvileyo: iimfama ziyabona, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa nezithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu axelelwa iindaba ezilungileyo. Yaye unoyolo lowo ungakhubekanga kum.”—Luka 7:22, 23.
9. Yintoni ebangela ukuba izihlwele zithontelane kuKristu uYesu, yaye yintoni esinokuyifunda kuloo nto?
9 ‘Kuthethwa kakuhle ngoYesu kuyo yonke imimandla yelo lizwe,’ yaye izihlwele ezikhulu zithontelana kuye—zivela eGalili, eDekapoli, eYerusalem, kwelakwaYuda naphesheya koMlambo iYordan. (Luka 4:14, 15; Mateyu 4:24, 25) Ziza kuye kungekhona ngenxa yokuphilisa kwakhe ngokungummangaliso kodwa nangenxa yeemfundiso zakhe ezibalaseleyo. Isigidimi sakhe sibangel’ umdla yaye siyakhuthaza. (Mateyu 5:1–7:27) Amazwi kaYesu amnandi yaye ayathandeka. (Luka 4:22) Izihlwele zithi “khamnqa yindlela yakhe yokufundisa,” kuba uthetha ngeZibhalo njengonegunya. (Mateyu 7:28, 29; Luka 4:32) Ngubani obengenakungatsaleleki kumntu onjalo? Ngamana nathi singahlakulela ubuchule bokufundisa ukuze abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo batsaleleke enyanisweni.
10. Kutheni abantu bedolophu yaseNazarete bezama ukubulala uYesu, yaye yintoni ebangela ukuba basilele?
10 Noko ke, asingabo bonke abanentsabelo entle kwabo baphulaphule uYesu. Kwanasekuqaliseni kobulungiseleli bakhe, xa efundisa kwindlu yesikhungu kwidolophu awazalelwa kuyo yaseNazarete, kuzanywa indlela yokumbulala. Nangona abantu bale dolophu bemangaliswa “ngamazwi amnandi” akhe, bafuna ukubona imimangaliso. Noko ke, kunokuba enze imisebenzi emininzi yamandla apho, uYesu ubhenca ukuzingca kwabo nokungabi nalukholo kwabo. Benomsindo, abo bakwindlu yesikhungu bayaphakama, baxhakamfule uYesu yaye ngokukhawuleza bamkhuphela ngaphandle bamse ngasentabeni ukuze bamkhahlele phantsi ngentloko. Kodwa uyaphuncuka, emke apho engenzekanga nto. “Ilixa” lokufa kwakhe alikafiki.—Luka 4:16-30.
11. (a) Yintoni ebangela ukuba ezinye iinkokeli zonqulo zize kuphulaphula uYesu? (b) Kutheni uYesu etyholwa ngokwaphula iSabatha?
11 Iinkokeli zonqulo—ababhali, abaFarisi, abaSadusi nabanye—ngokufuthi zibakho xa uYesu eshumayela. Uninzi lwazo aluzelanga kuphulaphula nokufunda, kodwa luze ngenjongo yokuhlab’ amadlala nokuze luzame ukumbambisa. (Mateyu 12:38; 16:1; Luka 5:17; 6:1, 2) Ngokomzekelo, ngoxa etyelele eYerusalem kwiPasika yowama-31 C.E., uYesu uphilisa indoda ebigula kangangeminyaka engama-38. Iinkokeli zonqulo ezingamaYuda zityhola uYesu ngokwaphula iSabatha. Uyaphendula: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ke ndiyasebenza.” Ngoku amaYuda ambek’ ityala ngokuthi uyanyelisa ngokuzibiza ngokuba unguNyana kaThixo xa esithi nguBawo. Afuna ukubulala uYesu, kodwa yena nabafundi bakhe bayemka eYerusalem baya eGalili. Ngokufanayo, senza ngobulumko xa siphepha ukungquzulana ngokungeyomfuneko nabachasi njengoko sizibhokoxa kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—Yohane 5:1-18; 6:1.
12. UYesu uyigubungela ngokucokiseke kangakanani intsimi yaseGalili?
12 Malunga nonyaka onesiqingatha olandelayo, ubukhulu becala uYesu wenza ubulungiseleli bakhe eGalili, utyelela eYerusalem kuphela xa eye kwimibhiyozo yamaYuda eqhutywa kathathu ngonyaka. Lilonke, uye waya izihlandlo ezithathu eGalili eye kushumayela: okokuqala uya nabafundi bakhe aba-4 abatsha, aze okwesibini aye nabapostile abali-12, yaye ngomkhamo othe xhaxhe ngelixa athuma abapostile abaqeqeshiweyo. Enjani ukucokiseka indlela yokunikela ubungqina ngenyaniso eGalili!—Mateyu 4:18-25; Luka 8:1-3; 9:1-6.
Ukunikela Ubungqina Ngenkalipho KwelakwaYuda NasePereya
13, 14. (a) Sisiphi isihlandlo amaYuda afuna ukumbamba ngaso uYesu? (b) Yintoni ebangela ukuba amagosa angakwazi ukumbamba uYesu?
13 Kusekwindla lowama-32 C.E., yaye “ilixa” likaYesu liseza. UMthendeleko weMinquba ukufuphi. Ngoku abantakwabo Yesu ngonina bayambongoza besithi: “Mka apha uye kwelakwaYuda.” Bafuna uYesu abonise amandla akhe angummangaliso kubo bonke abo bahlanganisene emthendelekweni eYerusalem. Noko ke, uYesu uyazi ukuba kukho ingozi. Ngoko uthi kubantakwabo: “Andikazi kunyuka ndiye kulo mthendeleko, ngenxa yokuba ixesha lam elililo alikafiki ngokupheleleyo.”—Yohane 7:1-8.
14 Emva kokulibazisa eGalili okwethutyana, uYesu uyenyuka aye eYerusalem “kungekhona ekuhleni kodwa emfihlekweni.” Eneneni amaYuda ayamfuna emthendelekweni, esithi: “Uphi na laa mntu?” Xa umthendeleko sele uza kuphela, uYesu ungena etempileni aze ngenkalipho aqalise ukufundisa. Afuna ukumbamba, mhlawumbi amfake entolongweni okanye ambulale. Sekunjalo, akaphumeleli kuba ‘alikafiki ilixa lakhe.’ Ngoku abaninzi baba nokholo kuYesu. Kwanamagosa athunyelwe ngabaFarisi ukuba aye kumbamba abuya ngaphandle kwakhe, esithi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.”—Yohane 7:9-14, 30-46.
15. Yintoni ebangela ukuba amaYuda achole amatye ukuze agibisele uYesu, yaye liliphi iphulo lokushumayela elilandelayo aliqalisayo?
15 Ungquzulwano luyaqhubeka phakathi kukaYesu nabachasi bakhe abangamaYuda njengoko efundisa ngoYise etempileni ebudeni bomthendeleko. Ngomhla wokugqibela womthendeleko, ecatshukiswe koko kuthethwa nguYesu ngobukho bakhe bangaphambi kokuba abe ngumntu, amaYuda achola amatye ukuze amgibisele ngawo. Kodwa uyazifihla aze asabe engenawo nomkrwelo. (Yohane 8:12-59) Ehleli ngaphandle kweYerusalem, uYesu uqalisa iphulo lokunikela ubungqina ngokucokisekileyo kwelakwaYuda. Ukhetha abafundi abangama-70 aze, emva kokubanika imiyalelo, abathume ngababini ukuba baye kusebenza entsimini. Bahamba phambili ukuya kuyo yonke indawo nesixeko uYesu aceba ukuya kuso nabapostile bakhe.—Luka 10:1-24.
16. Yiyiphi ingozi asinda kuyo uYesu ebudeni boMthendeleko Wonikezelo, yaye nguwuphi umsebenzi axakeke nguwo kwakhona?
16 Ngobusika bowama-32 C.E., “ilixa” likaYesu liyasondela. Uya eYerusalem kuMthendeleko Wonikezelo. AmaYuda asafuna ukumbulala. Xa uYesu ehamba kwivaranda yasetempileni, ayamrhawula. Emtyhola ngokunyelisa kwakhona, achola amatye ukuze ambulale. Kodwa njengoko eye wenza kwizihlandlo ezingaphambili, uYesu uyasaba. Kungekudala ungena endleleni aze afundise, ngesi sihlandlo ungena kwisixeko ngesixeko nakwidolophana ngedolophana kwisithili sasePereya, ngaphesheya kweYordan esuka kwelakwaYuda. Yaye abaninzi babonisa ukholo kuye. Kodwa umthunywa oza neendaba eziphathelele umhlobo wakhe amthandayo uLazaro umbuyisela kwelakwaYuda.—Luka 13:33; Yohane 10:20-42.
17. (a) Nguwuphi umyalezo ongxamisekileyo ofunyanwa nguYesu ngoxa eshumayela ePereya? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYesu uyayazi into amele ayenze nexesha ezimele zenzeke ngalo iziganeko ezithile?
17 Umyalezo ongxamisekileyo uvela kuMarta noMariya, oodade boLazaro abahlala eBhethani yelakwaYuda. Umthunywa uthi: “Nkosi, uyabona! lowo unomsa ngaye uyagula.” UYesu uphendula athi: “Esi sifo asiyi kuphelela ekufeni, kodwa kuzuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.” Ukuze aphumeze le njongo, uYesu uhlala iintsuku ezimbini kule ndawo akuyo ngabom. Andule ke athi kubafundi bakhe: “Masiye kwelakwaYuda kwakhona.” Bethe manga, baphendula bathi: “Rabhi, mva nje abelakwaYuda bebefuna ukukuxuluba, uya apho kwakhona na?” Kodwa uYesu uyazi ukuba inxalenye eseleyo ‘yeeyure zokukhanya kwemini,’ okanye ixesha elimiselwe nguThixo lobulungiseleli bakhe basemhlabeni, lifutshane. Uyazi kakuhle into amele ayenze nesizathu sokuba ayenze.—Yohane 11:1-10.
Ummangaliso Ekungekho Mntu Wayenokuwutyeshela
18. Xa uYesu efika eBhethani, injani imeko apho, yaye kwenzeka ntoni emva kokufika kwakhe?
18 EBhethani, uMarta ngowokuqala ukuhlangabeza uYesu, uthi: “Nkosi, ukuba ubulapha umntakwethu ngengafanga.” UMariya kunye nabo bebeze kokwabo bayalandela. Bonke bayalila. “Nimbeke phi na?” uYesu uyabuza. Baphendula bathi: “Nkosi, yiza uze ubone.” Xa befika kwingcwaba lenkumbulo—umqolomba ekubekwe ilitye kuwo—uYesu uthi: “Lisuseni ilitye.” Engakuqondi oko kuza kwenziwa nguYesu, uMarta uyalandula esithi: “Nkosi, kungoku nje umele ukuba uyanuka, kuba ziintsuku ezine.” Kodwa uYesu umbuza oku: “Anditshongo na kuwe ukuthi ukuba uyakholwa uya kulubona uzuko lukaThixo?”—Yohane 11:17-40.
19. Yintoni ebangela ukuba uYesu athandaze esidlangalaleni ngaphambi kokuba avuse uLazaro?
19 Njengoko ilitye elivale ingcwaba likaLazaro lishenxiswa, uYesu uthandaza ngokuvakalayo ukuze abantu bazi ukuba oko aza kukwenza kuza kufezwa ngomoya kaThixo. Wandula ke adanduluke ngelizwi elikhulu esithi: “Lazaro, phuma!” ULazaro uyaphuma iinyawo nezandla zakhe zisabotshwe ngezithandelo, nobuso bakhe busongelwe ngelaphu. UYesu uthi: “Mkhululeni nize nimyeke ahambe.”—Yohane 11:41-44.
20. Basabela njani abo babona uYesu evusa uLazaro?
20 Bakubona lo mmangaliso, abaninzi kumaYuda abeze kuthuthuzela uMarta noMariya baba nokholo kuYesu. Abanye bayahamba bayokuxelela abaFarisi oko kwenzekileyo. Basabela njani? Ngoko nangoko, bona kunye nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso yeSanhedrin engxamisekileyo. Benexhala, bakhalaza besithi: “Yintoni na emasiyenze, ngenxa yokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi? Ukuba siyamyeka ngale ndlela, bonke baya kukholwa kuye, aze amaRoma eze ayithabathe indawo yethu nohlanga lwethu.” Kodwa uMbingeleli Omkhulu uKayafa uthi kubo: “Aniqiqi ukuba kokwengenelo yenu ukuba kufe umntu omnye ngenxa yabantu nokuba kungatshatyalaliswa uhlanga luphela.” Ngenxa yoko, ukususela ngaloo mini baceba ukubulala uYesu.—Yohane 11:45-53.
21. Lo mmangaliso wokuvuswa kukaLazaro uyingabula-zigcawu yantoni?
21 Ngenxa yokungafiki ngokukhawuleza eBhethani, uYesu utsho akwazi ukwenza ummangaliso ekungekho mntu unokuwutyeshela. Ngamandla awanikwe nguThixo, uYesu uvusa umntu obefe iintsuku ezine. KwaneSanhedrin edumileyo iyanyanzeleka ukuba ikuphawule oko ize iwise isigwebo sentambo kulo Menzi Wemimangaliso! Ngaloo ndlela, lo mmangaliso uyingabula-zigcawu yotshintsho olubalulekileyo kubulungiseleli bukaYesu—uyekile ukuthi ‘alikafiki ilixa lakhe’ kuba ngoku “lifikile ilixa.”
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UYesu wabonisa njani ukuba uyawazi umsebenzi awabelwe nguThixo?
• Yintoni ebangela ukuba uYesu aligatye icebiso likanina ngokuphathelele iwayini?
• Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awayeqhubana ngayo nabachasi bakhe?
• Yintoni ebangela ukuba uYesu angasabeli ngokukhawuleza xa exelelwa ngokugula kukaLazaro?
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
UYesu uyazibhokoxa kwimbopheleleko ayabelwe nguThixo