Luphangalele Kangakanani Uthando Lwakho?
“Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.”—MATEYU 22:39.
1. Ukuba siyamthanda uYehova, kutheni simele simthande nommelwane wethu?
XA UYESU wabuzwa ukuba nguwuphi owona myalelo mkhulu, waphendula wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” Emva koko, wacaphula umyalelo wesibini ofana nalowo wokuqala othi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:37, 39) Ewe, ukuthanda ummelwane luphawu olubonisa ukuba umntu ngumKristu. Eneneni, ukuba siyamthanda uYehova simele simthande ummelwane wethu. Ngoba? Ngenxa yokuba sibonisa ukuthanda kwethu uThixo ngokuthobela iLizwi lakhe, yaye iLizwi lakhe lisiyalela ukuba sithande ummelwane wethu. Ngenxa yoko, ukuba asibathandi abazalwana noodade wethu, asinakuba simthanda ngokwenene uThixo.—Roma 13:8; 1 Yohane 2:5; 4:20, 21.
2. Luhlobo luni lothando esifanele sibe nalo ngommelwane wethu?
2 Xa uYesu wayesithi sifanele sithande ummelwane wethu, wayengathethi ngobuhlobo nje kuphela. Yaye wayebhekisela kuthando olwahlukileyo kolo lwemvelo oluphakathi kweentsapho okanye phakathi kwendoda nomfazi. Wayethetha ngohlobo lothando uYehova analo ngabakhonzi bakhe abazahluleleyo nothando abanalo ngaye. (Yohane 17:26; 1 Yohane 4:11, 19) Umbhali ongumYuda—lowo, ngokokubona kukaYesu, wathetha amazwi obulumko—wavumelana noYesu ukuba ufanele umthande uThixo “ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.” (Marko 12:28-34) Wayenyanisile. Uthando oluhlakulelwa ngumKristu ngoThixo nangommelwane luquka iintshukumisa neengqondo zethu. Lusuka entliziyweni yaye lukhokelwa yingqondo.
3. (a) UYesu wamfundisa njani ‘umntu owayesazi uMthetho’ ukuba ufanele abe nembono ephangaleleyo ngalowo ungummelwane wakhe? (b) Umzekelo kaYesu usebenza njani kumaKristu namhlanje?
3 Ngokutsho kukaLuka, xa uYesu wathi sifanele sithande ummelwane wethu, “mntu uthile owayesazi uMthetho” wabuza: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” UYesu waphendula ngomzekeliso. Umntu othile wabethwa, waphangwa, waza washiywa esecicini lokufa ecaleni kwendlela. Okokuqala kwadlula umbingeleli kwalandela umLevi. Bobabini abazange bamkhathalele. Ekugqibeleni, kwafika umSamariya, wambona loo mntu wayengxwelerhekile, waza wabonisa ububele obukhulu kuye. Ngubani owayengummelwane waloo mntu wayengxwelerhekile phakathi kwaba bathathu? Impendulo yayizicacele. (Luka 10:25-37) Kusenokwenzeka ukuba loo mntu wayesazi uMthetho wothuka kukuva uYesu esithi umSamariya unokuba ngummelwane olungileyo kunombingeleli nomLevi. Ngokucacileyo, uYesu wayenceda loo mntu ukuba athande ummelwane wakhe ngendlela ebanzi. NamaKristu athanda ngaloo ndlela. Khawuphawule bonke abo lufikelela kubo uthando lwawo.
Uthando Entsatsheni
4. UmKristu ulubonisa phi kuqala uthando lwakhe?
4 AmaKristu ayawathanda amalungu eentsapho zawo—amakhosikazi athanda abayeni bawo, abayeni bathanda amakhosikazi, abazali bayabathanda abantwana. (INtshumayeli 9:9; Efese 5:33; Tito 2:4) Enyanisweni, phakathi kwenkoliso yeentsapho kukho amaqhina othando lwemvelo. Noko ke, iingxelo zokuqhawuka kwemitshato, ukuxhatshazwa kweqabane lomtshato nabantwana abatyeshelweyo okanye abaxhatshazwayo zibonisa ukuba intsapho ibandezelekile namhlanje, yaye iimvakalelo zemvelo ezikhoyo phakathi kwentsapho zisenokunganeli ukuyigcina imanyene. (2 Timoti 3:1-3) Ukuze ubomi beentsapho zawo buphumelele ngokwenene, kufuneka amaKristu abe nothando olufana nolukaYehova noYesu.—Efese 5:21-27.
5. Abazali bakhangela kubani ukuze bafumane uncedo ngendlela yokukhulisa abantwana babo, yaye uye waba yintoni umphumo kwabaninzi?
5 Abazali abangamaKristu babagqala abantwana babo njengempahla abayiphathiswe nguYehova, yaye bakhangela kuye ukuze bafumane uncedo ngendlela abanokubakhulisa ngayo. (INdumiso 127:3-5; IMizekeliso 22:6) Ngale ndlela bahlakulela uthando lobuKristu, olubanceda ukuba balondoloze abantwana babo kwiimpembelelo ezonakalisayo ezo abantu abaselula banokuba ngamaxhoba azo. Ngenxa yoko, abazali abaninzi abangamaKristu baye bafumana uvuyo olufana nolo lukamama waseNetherlands. Emva kokubukela unyana wakhe ebhaptizwa—omnye wabantu abangama-575 baseNetherlands ababhaptizwe kunyaka ophelileyo—wabhala wenjenje: “Ngalo mzuzu, ndifumene intlawulo epheleleyo kutyalo-mali endilwenze kwiminyaka engama-20 edluleyo. Lonke ixesha namandla—kuquka intlungu, umgudu nosizi—konke ngoku kulityelwe.” Hayi indlela avuya ngayo, kuba unyana wakhe eye wazikhethela ukukhonza uYehova. Incopho yabavakalisi abangama-31 089 ebebefaka ingxelo eNetherlands kunyaka ophelileyo iquka abaninzi abaye bafunda kubazali babo ukuthanda uYehova.
6. Uthando lobuKristu lunokuba luncedo njani ekomelezeni iqhina lomtshato?
6 UPawulos wathi uthando “lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano,” yaye lunokulondoloza umanyano lomtshato ukutyhubela namaxesha obunzima. (Kolose 3:14, 18, 19; 1 Petros 3:1-7) Xa indoda ethile yaseRurutu, isiqithana esikumgama oziikhilomitha ezingama-700 ukusuka eTahiti, yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, inkosikazi yayo yayichasa ngokukrakra. Ekugqibeleni, yathabatha abantwana, yayishiya yaya kuhlala eTahiti. Sekunjalo, le ndoda yabonisa uthando ngokuyithumelela imali rhoqo nangokuyitsalela umnxeba ikhangela enoba akukho nto iyifunayo kusini na, yona okanye abantwana. Ngaloo ndlela yayisenza konke okusemandleni ukuze iphumeze imbopheleleko yayo yobuKristu. (1 Timoti 5:8) Yayithandaza ngokuzingisileyo ukuba intsapho yayo imanyane kwakhona yaye ekugqibeleni inkosikazi yayo yabuya. Ekubuyeni kwayo, yayiphatha ‘ngothando, unyamezelo nomoya wobulali.’ (1 Timoti 6:11) Ngowe-1998, le ndoda yabhaptizwa yaye kamva yavuya ngakumbi xa inkosikazi yayo yavumayo ukufundisisa iBhayibhile. Eso yayisesinye sezifundo ezili-1 351 ebeziqhutywa kwintsimi ephantsi kwesebe laseTahiti kunyaka ophelileyo.
7. Ngokutsho kwendoda yaseJamani, yintoni eyomeleza umtshato wayo?
7 EJamani indoda ethile yachasa umfazi wayo owayenomdla kwinyaniso yeBhayibhile yaye yayeyisekile ukuba amaNgqina kaYehova afuna ukukhohlisa umfazi wayo. Noko ke, kamva yabhalela iNgqina lokuqala elalidibene nomfazi wayo isithi: “Enkosi ngokudibanisa inkosikazi yam namaNgqina kaYehova. Ekuqaleni, ndandikhathazekile ngenxa yokuba ndandive izinto ezininzi ezimbi ezithethwayo ngawo. Kodwa ngoku, ekubeni ndiye ndaya kwiintlanganiso nenkosikazi yam, ndiyayibona indlela endandiphazama ngayo. Ndiyazi ukuba yinyaniso le ndiyivayo, yaye yenze umtshato wethu womelela ngakumbi.” AmaNgqina kaYehova ali-162 932 aseJamani—nali-1 773 akwiziqithi eziphantsi kwesebe laseTahiti—aquka iintsapho ezininzi ezimanyaniswe luthando lobuthixo.
Masibathande Abazalwana Bethu AbangamaKristu
8, 9. (a) Ngubani osifundisa ukuthanda abazalwana bethu, yaye uthando lusishukumisela ukuba senze ntoni? (b) Chaza umzekelo wendlela uthando olunokubanceda ngayo abazalwana ukuba baxhasane.
8 UPawulos wathi kumaKristu aseTesalonika: “Nani ngokwenu nifundisiwe nguThixo ukuba nithandane.” (1 Tesalonika 4:9) Ewe, abo ‘bafundiswe nguYehova’ bayathandana. (Isaya 54:13) Uthando lwabo luboniswa ngezenzo, njengoko uPawulos wabonisayo xa wayesithi: “Khonzanani ngokuqhutywa luthando.” (Galati 5:13; 1 Yohane 3:18) Ngokomzekelo, oku akwenza ngokutyelela abazalwana noodade abagulayo, ngokukhuthaza abadandathekileyo nangokuxhasa ababuthathaka. (1 Tesalonika 5:14) Uthando lwethu olunyanisekileyo lobuKristu lufak’ isandla ekukhuleni kweparadesi yethu yokomoya.
9 KwiBandla laseAncón—elinye lamabandla ase-Ecuador angama-544—abazalwana babonisa uthando lwabo ngendlela ebonakalayo. Ingxaki yemali yabangela ukuba baphulukane nemisebenzi bangafumani namvuzo, ngoko abavakalisi bagqiba kwelokuba baqokelele imali ngokuthengisa ukutya kubalobi basekuhlaleni xa bebuyela ekhaya emva komsebenzi wokuloba ebusuku. Bonke baba nentsebenziswano, kuquka abantwana. Kwakufuneka baqalise ngeyoku-1:00 kusasa ukuze ukutya kube sele kulungile ngeye-4:00 kusasa xa abalobi bebuya. Loo mali iqokelelwe ngabazalwana babesabelana ngayo ngokweentswelo zabo. Oko kuncedana kwabonisa uthando lobuKristu lokwenyaniso.
10, 11. Sinokulubonisa njani uthando kubazalwana esingabaziyo?
10 Noko ke, uthando lwethu alupheleliswa kuloo maKristu siwaziyo. Umpostile uPetros wathi: “Yibani nothando ngomanyano lwabazalwana luphela.” (1 Petros 2:17) Siyabathanda bonke abazalwana noodade wethu ngenxa yokuba banqula uYehova uThixo kunye nathi. Amaxesha amanqam anokusinika ithuba lokuba silubonise olu thando. Ngokomzekelo, ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2000, ilizwe laseMozambique lonakaliswa zizikhukula, yaye imfazwe yamakhaya engapheliyo yaseAngola yashiya abaninzi behlwempuzekile. Abaninzi kubazalwana baseMozambique abangama-31 725 nabaseAngola abangama-41-222 baye bachaphazeleka kwezi ziganeko. Ngenxa yoko, amaNgqina akwilizwe elingummelwane laseMzantsi Afrika aye athumela izixa ezikhulu zezinto zokunceda ukunciphisa ukubandezeleka kwabo bazalwana bawo abakuloo mazwe. Ukukulungela kwawo ukunikela ‘ngentsalela’ yawo kubazalwana bawo abasweleyo kwabonisa uthando abanalo ngabazalwana babo.—2 Korinte 8:8, 13-15, 24.
11 Kwakhona, uthando lubonwa xa abazalwana bamazwe amaninzi, abo bahlala kumazwe angachumanga kangako, benikela kumsebenzi wokwakha iiHolo ZoBukumkani neeHolo ZeeNdibano. Umzekelo ngowakwiiSolomon Islands. Nakuba kukho izixholoxholo ezingathethekiyo, kwiiSolomon Islands kwabakho ulwando lwesi-6 ekhulwini kubavakalisi ababekho kunyaka ophelileyo, befikelela kwincopho yabali-1 697. Baceba ukwakha iHolo YeNdibano. Nangona abantu abaninzi ababehlala kweso siqithi babesaba kwelo lizwe, kwaza amatsha-ntliziyo avela eOstreliya eze kuncedisa ekwakheni. Ekugqibeleni, kwafuneka amatsha-ntliziyo ahambe, kodwa ngelo xesha ayesele ebaqeqeshile abazalwana basekuhlaleni ukuba bagqibezele isiseko seso sakhiwo. Kwathunyelwa ngenqanawa uphahla lwentsimbi olwalusele lwakhiwe luvela eOstreliya, yaye xa sigqitywa esi sakhiwo sihle sonqulo—apho iziza ezininzi ziya kube zingakhathalelwanga—siya kunikela ubungqina obuhle kwigama likaYehova nakuthando lwabazalwana.
NjengoThixo, Siyalithanda Ihlabathi
12. Simxelisa njani uYehova ngesimo sethu sengqondo ngakwabo bangakholwa nathi?
12 Ngaba uthando lwethu lupheleliselwe kwiintsapho zethu nakubazalwana bethu? Akunjalo, ukuba ‘sixelisa uThixo.’ UYesu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Efese 5:1; Yohane 3:16) NjengoYehova uThixo, sibonisa uthando kubo bonke—kuquka abo bangakholwa kunye nathi. (Luka 6:35, 36; Galati 6:10) Ngokubhekisele kule nkalo, sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani size sixelele abanye ngesenzo esikhulu sothando awabenzela sona uThixo. Oku kunokukhokelela ekusindisweni kwabo nabaphi na abaphulaphulayo.—Marko 13:10; 1 Timoti 4:16.
13, 14. Ngawaphi amava abazalwana abaye babonisa uthando kubantu abangengomaNgqina, kwanaxa oko kwakubaxakekisa ngokobuqu?
13 Khawucinge ngabalungiseleli abane abangoovulindlela abakhethekileyo eNepal. Banikwa isabelo kwisixeko esikumzantsi-ntshona weli lizwe, yaye kule minyaka mihlanu idluleyo, baye babonisa uthando lwabo ngokunikela ubungqina ngomonde kwesi sixeko nakwiidolophana ezithe qelele. Ukuze bagubungele intsimi yabo, ngokufuthi bahamba ngeebhayisikile kangangeeyure ezininzi kumaqondo obushushu angaphezu kwama-40 ngokukaCelsius. Uthando lwabo ‘nonyamezelo kumsebenzi olungileyo’ luye lwavelisa imiphumo emihle xa bekusekwa iqela lesifundo sencwadi kwenye yezo dolophana. (Roma 2:7) NgoMatshi 2000, abantu abangama-32 beza ukuze baphulaphule intetho yesidlangalala eyayinikelwa ngumveleli wesiphaluka owayetyelele. Kunyaka ophelileyo iNepal ibinencopho yabavakalisi abangama-430—ulwando lwe-9 ekhulwini. Ngokucacileyo uYehova uyayisikelela inzondelelo nothando lwabazalwana belo lizwe.
14 EColombia oovulindlela abakhethekileyo bexeshana baya kushumayela phakathi kwamaIndiya abizwa ngokuba ziiWayuu. Ukuze bakwazi ukwenza oku, kwafuneka bafunde ulwimi olutsha, kodwa umdla wabo wothando wavuzwa xa abantu abangama-27 beza kuphulaphula intetho yesidlangalala nangona imvula yayisina ngamandla. Inzondelelo yothando efana naleyo yaboniswa ngaba vulindlela yaba negalelo kulwando lwaseColombia lwe-5 ekhulwini nencopho yabavakalisi abali-107 613. EDenmark udade osele ekhulile wayefuna ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, kodwa wayengumlwelwe. Engazimisele kutyhafiswa yiyo nantoni na, waqhagamshelana nabantu abanomdla ngokubhala iileta. Kungokunje, ubhalelana nabantu abangama-42 yaye uqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-11. Ungomnye wabavakalisi abali-14 885 abaye bafaka ingxelo eDenmark kulo nyaka uphelileyo.
Thanda Iintshaba Zakho
15, 16. (a) UYesu wathi uthando lwethu lumele luphangalale kangakanani? (b) Abazalwana abaphathiswe imbopheleleko baqhubana ngendlela yothando njani nomntu owayetyhole amaNgqina kaYehova ngobuxoki?
15 UYesu waxelela umntu owayesazi uMthetho ukuba umSamariya wayenokugqalwa njengommelwane. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wada wahlabela mgama esithi: “Nivile ukuba kwathiwa, ‘Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.’ Ke mna, ndithi kuni: Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo; ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:43-45) Kwanaxa ubani esichasa, siyazama ‘ukuhlala sisoyisa ububi ngokulungileyo.’ (Roma 12:19-21) Ukuba kunokwenzeka, sabelana naye ngeyona nto ixabisekileyo sinayo, inyaniso.
16 EUkraine inqaku elikwiphephandaba elibizwa ngokuba yiKremenchuk Herald lawachaza amaNgqina kaYehova njengehlelo eliyingozi. Le yayiyinto enzulu kuba eYurophu abanye bathetha ngale ndlela ngamaNgqina kaYehova ngenjongo yokweyisela abantu kwelokuba imisebenzi yamaNgqina imele ibekelwe imiqathango okanye ivalwe. Ngenxa yoko, kwathethwa nomhleli waza wacelwa ukuba apapashe iphephandaba elilungisa oko bekuthethwe kwelo nqaku. Wavuma, kodwa kwelo nqaku litsha, wabhala ingxelo yokuba inqaku langaphambili lalisekelwe kwisibakala esithile. Ngoko abazalwana abaphathiswe iimbopheleleko baya kuye kwakhona nenkcazelo engakumbi. Ekugqibeleni, lo mhleli waphawula ukuba inqaku lokuqala lalingachananga, yaye wapapasha elinye elirhoxisa oko bekuthethwe kwelo nqaku. Ukuthetha naye ngokuphandle nangobubele kwakuyindlela yothando yokusingatha le meko, yaye oko kwaba nemiphumo emihle.
Sinokuluhlakulela Njani Uthando?
17. Yintoni ebonisa ukuba kusenokungasoloko kulula ukubaphatha ngothando abanye?
17 Xa kuzalwa usana, abazali balo baye baluthande ngokukhawuleza. Ukuphatha abantu abadala ngothando akusoloko kuyinto ezenzekelayo ngolo hlobo. Mhlawumbi kungenxa yoko le nto iBhayibhile isixelela ngokuphindaphindiweyo ukuba sithandane—leyo yinto esimele siyihlakulele. (1 Petros 1:22; 4:8; 1 Yohane 3:11) UYesu wayesazi ukuba uthando lwethu lwaluya kuvavanywa xa wayesithi sifanele simxolele umzalwana wethu “ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.” (Mateyu 18:21, 22) NoPawulos wasibongoza ukuba ‘siqhubeke sinyamezelana.’ (Kolose 3:12, 13) Akumangalisi ke ngoko xa sixelelwa oku: “Phuthumani uthando”! (1 Korinte 14:1) Sinokukwenza njani oku?
18. Yintoni eya kusinceda sihlakulele ukuthanda abanye?
18 Okokuqala, sinokusoloko sicinga ngothando esinalo ngoYehova uThixo. Olu thando yintshukumisa enamandla yokuba sithande ummelwane wethu. Ngoba? Ngenxa yokuba xa sisenjenjalo, simmela kakuhle uBawo wethu wasezulwini yaye oku kuzisa uzuko nodumo kuye. (Yohane 15:8-10; Filipi 1:9-11) Okwesibini, sinokuzama ukubona izinto ngendlela uYehova azibona ngayo. Ngalo lonke ixesha sisona, sona uYehova; ukanti, uyasixolela ngokuphindaphindiweyo aze aqhubeke esithanda. (INdumiso 86:5; 103:2, 3; 1 Yohane 1:9; 4:18) Ukuba sihlakulela ukuba nembono efana nekaYehova, siya kushukunyiselwa ukubathanda abanye size sibaxolele xa besona. (Mateyu 6:12) Okwesithathu, sinokuphatha abanye ngendlela esifuna basiphathe ngayo nathi. (Mateyu 7:12) Nangona singafezekanga, ngokufuthi sifuna ukuxolelwa. Ngokomzekelo, xa sithetha izinto ezibakhathazayo abanye, sinethemba lokuba baya kukhumbula ukuba wonk’ umntu uyona ngolwimi lwakhe ngamathub’ athile. (Yakobi 3:2) Ukuba sifuna abanye basiphathe ngothando, nathi sifanele sibaphathe ngothando.
19. Sinokulufuna njani uncedo lomoya oyingcwele xa sihlakulela uthando?
19 Okwesine, sinokufuna uncedo lomoya oyingcwele ngenxa yokuba uthando yinxalenye yesiqhamo somoya. (Galati 5:22, 23) Ubuhlobo, ukuthandana phakathi kwamalungu entsapho nothando phakathi kwabantu besini esahlukileyo ngokufuthi zizinto ezizenzekelayo. Kodwa sifuna uncedo lomoya kaYehova ukuze sihlakulele uthando analo uYehova, uthando oluyintambo egqibeleleyo yomanyano. Sinokufuna uncedo lomoya oyingcwele ngokufunda iBhayibhile ephefumlelweyo. Ngokomzekelo, ukuba sifundisisa ngobomi bukaYesu, siya kubona indlela awayebaphatha ngayo abantu, yaye sinokufunda ukumxelisa. (Yohane 13:34, 35; 15:12) Ngokubhekele phaya, sinokucela umoya oyingcwele kuYehova, ingakumbi kwiimeko ezenza kube nzima kuthi ukubonisa uthando. (Luka 11:13) Ekugqibeleni, sinokuqhubeka sinothando ngokuhlala sisondele kwibandla lobuKristu. Ukuba kunye nabazalwana noodade wethu abanothando kusinceda ukuba sihlakulele uthando.—IMizekeliso 13:20.
20, 21. Yiyiphi indlela ebalaseleyo aye amaNgqina kaYehova abonisa ngayo uthando ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2000?
20 Kunyaka ophelileyo, bekukho incopho yabavakalisi beendaba ezilungileyo abazizi-6 035 564 emhlabeni wonke. AmaNgqina kaYehova achithe isimbuku seeyure ezili-1 171 270 425 efuna abantu aza kubaxelela ngeendaba ezilungileyo. Luthando oluwenze anyamezela ubushushu, imvula nengqele njengoko ebesenza lo msebenzi. Luthando oluwashukumisele ukuba athethe nabo afunda nabo kunye nabo asebenza nabo aze athethe nabantu angabaziyo esitratweni nakwezinye iindawo. Uninzi lwabo baye batyelelwa ngamaNgqina belungenamdla, abambalwa bebechasa. Noko ke, abathile baye babonisa umdla, kangangokuba kuye kwenziwa amabuyelo angama-433 454 049 , kwaza kwaqhutywa izifundo zeBhayibhile ezizi-4 766 631.a
21 Enjani yona imbonakaliso yothando analo amaNgqina kaYehova ngoThixo wawo nommelwane! Olo thando alusokuze luphele. Sinentembelo yokuba ngonyaka wenkonzo wama-2001 kuya kunikelwa ubungqina obungakumbi eluntwini. Ngamana uYehova angaqhubeka ebasikelela abanquli bakhe abanyanisekileyo nabanenzondelelo njengoko ‘besenza zonke izinto zabo ngothando’!—1 Korinte 16:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezipheleleyo zeNgxelo Yonyaka Wenkonzo Wama-2000, bona isicangca kwiphepha 18-21.
Ngaba Unokuchaza?
• Sixelisa bani xa sithanda ummelwane wethu?
• Lufanele luphangalale kangakanani uthando lwethu?
• Ngawaphi amanye amava abonisa uthando lobuKristu?
• Sinokuluhlakulela njani uthando lobuKristu?
[Isicangca esikwiphepha 18-21]
INGXELO YONYAKA WENKONZO WAMA-2000 YAMANGQINA KAYEHOVA EHLABATHINI LONKE
(Bona imiqulu)
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Uthando lobuKristu lunokumanyanisa intsapho
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Uthando lusishukumisela ukuba sabelane nabanye ngethemba lethu