IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 8/15 iphe. 4-7
  • Ukwenza Ubutsha Bakho Buphumelele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Ubutsha Bakho Buphumelele
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvisisana Nabanye
  • Ukuxhalabela Ikamva
  • Inkcazelo Eyinyaniso
  • Ukuphumelela Ebutsheni
  • Lutsha, Ngaba Nizakhela Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Lutsha—Yintoni Eniyisukelayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Lutsha—Vuyisani Intliziyo KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Zenze Uphumelele Ebomini!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 8/15 iphe. 4-7

Ukwenza Ubutsha Bakho Buphumelele

ABANTU abahlala kwelinye ilizwe laseYurophu bacelwa ukuba bakhethe phakathi kwezinto ezintathu: ubuhle, ubutyebi okanye ubutsha. Abantu abaninzi bakhetha ubutsha. Ewe, abantu abakhulileyo nabaselula bayigqala iminyaka yeshumi elivisayo neminyaka yokuqala yama-20 njengexesha elikhethekileyo ebomini. Yaye wonk’ ubani ufuna ulutsha luphumelele xa lukhula ukususela ebuntwaneni ukusa kubuntu obudala. Kodwa lunokukwenza njani oko?

Ngaba iBhayibhile inokunceda? Ngokuqinisekileyo inako. Makhe sihlolisise iinkalo ezimbini apho iLizwi likaThixo linokuba luncedo olukhethekileyo kubantu abaselula, mhlawumbi uncedo olungakumbi kwabaselula kunabanye abantu abakobunye ubudala.

Ukuvisisana Nabanye

IJugend 2000 yingxelo yohlolisiso olwahlukahlukeneyo lwezimo zengqondo, imilinganiselo, nendlela yokuziphatha yabantu abaselula abangaphezu kwama-5 000 eJamani. Olu hlolisiso lubonisa ukuba xa ulutsha luzipholele—lusenza izinto ezifana nokuphulaphula umculo, lukwezemidlalo, okanye lubuthile nje—phantse ngalo lonke ixesha luhlala lukunye nabanye abantu. Mhlawumbi ngaphezu kwabo nabaphi na abanye abantu abakobunye ubudala, abantu abaselula bafuna ukuba kunye noontanga babo. Ngokuqinisekileyo ngenxa yoko esinye isikhokelo sokuphumelela ebutsheni kukuvisisana nabanye.

Kodwa akusoloko kulula ukuvisisana nabanye. Eneneni, abafana namantombazana bayavuma ukuba basoloko beneengxaki kulwalamano lwabo nabanye abantu. IBhayibhile inokuba luncedo kakhulu kule nkalo. ILizwi likaThixo liqulethe isikhokelo esisisiseko solutsha sokwakha ulwalamano olulungeleleneyo. Ithini iBhayibhile?

Omnye weyona migaqo ibalulekileyo yolwalamano lomntu lubizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu: “Ngamaxesha onke baphathe abanye ngendlela obuya kuthanda bakuphathe ngayo.” Ukuphatha abanye ngentlonelo, ngesidima nangobubele kubakhuthaza ukuba bakuphathe ngendlela efanayo. Ukuba nobubele kunokuphelisa ungquzulwano noxinezeleko. Ukuba waziwa ngokuba novelwano kwabanye, kusenokwenzeka ukuba bakuphawule oko baze bakwamkele. Ngaba akuvuyi xa usamkelwa ngabanye?—Mateyu 7:12, Revised English Bible.

IBhayibhile ikucebisa ukuba “umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” Umele uzithande ngengqiqo yokuba uzikhathalele uze uzihlonele ngokulungeleleneyo, kungekhona kakhulu okanye kancinane. Kutheni kuluncedo nje oko? Kaloku, ukuba akuzihloneli, unokubagxeka ngokugqithiseleyo abanye, nto leyo ethintela ulwalamano oluhle. Kodwa ukuzihlonela ngendlela elungeleleneyo kusisiseko sokwakha ulwalamano oluqinileyo.—Mateyu 22:39.

Lwakuba luqalile ulwalamano, lufuna umgudu wokuba luqiniswe ngawo omabini amacala. Ukuchitha ixesha usakha ulwalamano kufanele kukonwabise, ekubeni “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” Olunye uhlobo lokupha kukuxolela, nto leyo equka ukuzilibala iimpazamo ezincinane uze ungalindeli ukuba abanye bazenze izinto ngendlela egqibeleleyo. IBhayibhile isixelela oku: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” Eneneni, “zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” Kuthekani ukuba umhlobo ukuxelela ngobuthathaka bakho? Usabela njani? Qwalasela eli cebiso lisebenzayo eliseBhayibhileni: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho,” ekubeni “amanxeba omhlobo efanelekile.” Ngaba aliyonyaniso elokuba abahlobo baphembelela iingcamango, intetho nendlela oziphatha ngayo? Ngenxa yoko, iBhayibhile ilumkisa yenjenje: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Kwelinye icala, “ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”—IZenzo 20:35; Filipi 4:5; Roma 12:17, 18; INtshumayeli 7:9; IMizekeliso 13:20; 27:6, REB; 1 Korinte 15:33.

UMarco uthethela amadoda namabhinqa amaninzi aselula xa esithi: “Imigaqo yeBhayibhile inceda kakhulu kwimvisiswano nabanye. Abanye abantu endibaziyo bayaziphilela nje yaye bafuna indlela abanokuzuza ngayo ebomini. IBhayibhile isifundisa ukucinga, kungekhona ukucinga kakhulu ngeziqu zethu, kodwa ngabanye. Indlela endibona ngayo mna, leyo yeyona ndlela ilungileyo yokuba nolwalamano oluhle nabantu.”

Oko abantu abaselula njengoMarco bakufunda eBhayibhileni kubanceda kungekuphela nje ngoxa beselula kodwa nakwixesha elizayo. Yaye malunga nekamva, sifumana enye indlela iBhayibhile enokuba luncedo olukhethekileyo ngayo kubantu abaselula.

Ukuxhalabela Ikamva

Abantu abaninzi abaselula bafuna ukwazi. Mhlawumbi ngaphezu kwakhe nawuphi na umntu okobunye ubudala, bafuna ukwazi ngoko kwenzekayo nesizathu sokuba kwenzeke. Yaye iBhayibhile, ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi, icacisa izizathu zeemeko ihlabathi elikuzo yaye isixelela ngoko sinokukulindela kwixesha elizayo. Yile nto abantu abaselula bafuna ukuyazi. Kutheni sinokuqiniseka ngoko nje?

Kaloku, nangona ngokubanzi kukholelwa ukuba ulutsha luphilela unamhlanje, olunye uhlolisiso lubonisa into eyahluke kancinane koko. Lubonisa ukuba ngokufuthi ulutsha lukuqwalasela ngenyameko oko kwenzekayo, lwandula ke luzenzele izigqibo ngendlela ubomi obuya kuba yiyo kwixesha elizayo. Ubungqina boku kukuba aba-3 kumadoda naba-4 kumabhinqa aselula bacinga “ngokufuthi” okanye “izihlandlo ezininzi” ngekamva. Nangona ulutsha ngokuqhelekileyo lulindela okuhle, inkoliso yabantu abaselula iyaxhalaba xa icinga ngekamva.

Kutheni ixhalaba nje? Uninzi lolutsha lwanamhlanje sele luneengxaki ngolwaphulo-mthetho, ugonyamelo nokusebenzisa kakubi iziyobisi. Ulutsha luxhalatyiswa kukufumana umsebenzi wengqesho ozinzileyo kwibutho elikhuphisana ngeyona ndlela. Luziva luxinezelekile ukuba lufumane amanqaku aphezulu esikolweni okanye luphumelele emsebenzini. Omnye oneminyaka eli-17 ubudala wathi: “Siphila kwibutho labantu apho kungekho nkwali iphandela enye. Wonk’ umntu uzama ukwenza oko akuthandayo. Ngalo lonke ixesha ufanele ubonise oko unokukwenza, kwaye kuyandicaphukisa oko.” Omnye umntu oselula, oneminyaka engama-22 ubudala, wathi: “Abantu abaphumelelayo bahlala bephumelela ebomini yaye baphila ubomi obutofo-tofo. Kodwa abantu abaphila nzima, ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo abakwazi ukuphumelela, kwaye bahlala benjalo.” Kutheni kukho ukhuphiswano olungaka nje ebomini? Ngaba ubomi buya kuhlala bunje?

Inkcazelo Eyinyaniso

Xa abantu abaselula bekhwankqiswa okanye benganeliswa libutho labantu, bavumelana neBhayibhile—besazi okanye bengazi. ILizwi likaThixo libonisa ukuba ibutho labantu lanamhlanje elithi “akukho nkwali iphandela enye” lingumqondiso wamaxesha. Umpostile uPawulos wabhala ngexesha lethu kwincwadi eya kumfana oselula uTimoti esithi: “Kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” Kutheni ingamaxesha amanqam nje, yaye kutheni kunzima ukujamelana nawo? Kuba, njengoko uPawulos eqhubeka ebhala, abantu “baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, . . . abangenambulelo, abanganyanisekanga, . . . iindlobongela, abangathandi kulunga.” Ngaba oku akuyichazi ngokuchanileyo indlela abantu abaninzi abaziphatha ngayo namhlanje?—2 Timoti 3:1-3.

IBhayibhile ithi la maxesha amanqam aya kubakho “ngemihla yokugqibela,” ngaphambi kokuba kubekho inguqulelo enkulu kwibutho labantu. Ezi nguquko ziya kuchaphazela wonk’ ubani, abaselula nabakhulileyo ngokufanayo. Iinguquko ezinjani? Kungekudala urhulumente wasezulwini uza kuthabathel’ indawo ulawulo lomntu, yaye abalawulwa baya kunandipha ‘ubuninzi boxolo’ kuyo yonke indawo. “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” Ukuxhalaba kuya kuba yinto yexesha elidluleyo.—INdumiso 37:11, 29.

YiBhayibhile kuphela enikela inkcazelo enokuthenjwa ngekamva. Xa umntu oselula ekwazi oko anokukulindela kwiminyaka embalwa elandelayo, unokuzilungiselela xa ekhula aze azive ekhuselekile yaye ekwazi ukubulawula ngakumbi ubomi bakhe. Ukuziva ngale ndlela kunciphisa uxinezeleko nexhala. Ngale ndlela intswelo ekhethekileyo yabantu abaselula—ukuqonda ibutho labantu nokwazi oko ikamva likufumbetheyo—kuyathethwa ngayo eBhayibhileni.

Ukuphumelela Ebutsheni

Sinokwazi njani ukuba ubani uphumelele ebutsheni? Ngaba kukuba nemfundo ephakamileyo, ukuba nezinto eziphathekayo nokuba nabahlobo abaninzi? Abaninzi bacinga njalo. Iminyaka yeshumi elivisayo nasekuqaleni kweminyaka yama-20 ifanele inike umntu isiqalo esihle ukwenzela ubomi bexesha elizayo. Ngamanye amazwi, ukuphumelela ebutsheni kunokuba ngumqondiso woko kuza kwenzeka kwixesha elizayo.

Njengoko sesibonile, iBhayibhile inokumnceda umntu oselula ukuba aphumelele kwiminyaka yakhe yobutsha. Ulutsha oluninzi sele lukufumanise kunjalo oku kubomi balo. Lufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla yaye lusebenzisa oko lukufundileyo. (Bona “Icebiso Elivela Kumkhonzi KaYehova Oselula,” iphepha 6.) Eneneni, iBhayibhile yincwadi yabantu abaselula namhlanje kuba inokubanceda ‘bawuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Timoti 3:16, 17.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

Esinye isikhokelo sokuphumelela ebutsheni kukusebenzisana kakuhle nabanye

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

Mhlawumbi ngaphezu kwakhe nawuphi na umntu okobunye ubudala, ulutsha lufuna ukwazi ngoko kwenzekayo nesizathu sokuba kwenzeke

[Ibhokisi ekwiphepha 6, 7]

Icebiso Elivela Kumkhonzi KaYehova Oselula

UAlexander uneminyaka eli-19 ubudala. Wakhuliswa yintsapho engamaNgqina kaYehova, yaye uluthanda ngentliziyo yakhe yonke ukholo lwakhe. Kodwa oku kwakungasoloko kunjalo. UAlexander ucacisa esenjenje:

“Unokothuka xa ndisithi, ndanxulumana namaNgqina kaYehova njengomntu osemtsha ongabhaptizwanga kangangeminyaka engaphezu kwesixhenxe. Ebudeni belo xesha, ndandinganquli ngentliziyo apheleleyo, ndandidlulisela nje usana kunina. Ndiyaqonda ukuba andizange ndibe nenkalipho yokuzihlolisisa ngokunyanisekileyo.”

Sandula ke isimo sengqondo sika-Alexander saguquka. Uhlabela mgama esithi:

“Abazali nabahlobo bam ebandleni baqhubeka bendibongoza ukuba ndifunde iBhayibhile imihla ngemihla, ukuze ndimazi ngokusondeleyo uYehova. Ekugqibeleni, ndagqiba kwelokuba ndikuzame oko. Ngoko ndanciphisa ixesha endilichitha ndibukele umabonwakude ndaza ndaqalisa ukufunda iBhayibhile rhoqo ekuseni. Ekugqibeleni, ndaqalisa ukuwuqonda umongo weBhayibhile. Ndabona indlela enokundinceda ngayo njengomntu. Yaye—okona kubaluleke kuko konke—ndaqonda ukuba uYehova ufuna ndimazi. Ndathi ndakukwenza oko, ulwalamano lwam naye lwaqalisa ukukhula, yaye ndaba nabahlobo abaninzi ebandleni. Hayi umahluko iBhayibhile eye yawenza ebomini bam! Ndincomela ukuba mkhonzi ngamnye kaYehova oselula afunde iBhayibhile imihla ngemihla.”

Kukho izigidi zabantu abaselula ehlabathini lonke ezinxulumana namaNgqina kaYehova. Ngaba ungomnye wazo? Ngaba ungathanda ukungenelwa ngokufunda iBhayibhile rhoqo? Kutheni ungalandeli umzekelo ka-Alexander? Nciphisa imisebenzi engabalulekanga kakhulu uze ukwenze umkhwa ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla. Ngokuqinisekileyo uya kungenelwa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share