IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 11/1 iphe. 3-4
  • Kufuneka Ube Nesazela Esiqeqeshiweyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kufuneka Ube Nesazela Esiqeqeshiweyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Isazela Sakho Siqeqeshwe Kakuhle?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ndingasiqeqesha Njani Isazela Sam?
    Ulutsha Luyabuza
  • Liphulaphule Ilizwi Elikuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Unokusigcina Njani Sicocekile Isazela Sakho?
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 11/1 iphe. 3-4

Kufuneka Ube Nesazela Esiqeqeshiweyo

Lwalubonakala luza kuba luhle olo suku kwabo babekhwele iAir New Zealand Flight 901 eya eAntarctica. Iikhamera zazisele zilungile, yaye kwakuyimincili yodwa kwabo babelapho njengoko i-DC-10 yayisondela kwilizwekazi eligutyungelwe likhephu ukuze abantu bayibonele kufuphi le ndawo intle.

UMPHATHI, owayeqhuba iinqwelo-moya kangangeminyaka eli-15, wayesele echithe iiyure ezingama-11 000 esemoyeni. Ngaphambi kokuba asuke, ngononophelo wafaka inkcazelo yohambo kwikhompyutha yakhe ekwinqwelo-moya, engaqondi ukuba amanani anikwe wona akachananga. Ibhabha kumafu akwiimitha ezingama-600, i-DC-10 yagadleleka kumathambeka aphantsi eNtaba iErebus, ibulala bonke abangama-257 ababekhwele kuyo.

Kanye njengokuba namhlanje iinqwelo-moya zixhomekeke kwiikhompyutha ukuze zibakhokele esibhakabhakeni, abantu baye banikwa isazela ukuba sibakhokele kwindlela yobomi. Yaye isihelegu esibi se-Flight 901 sinokusifundisa izifundo ezinamandla ngesazela sethu. Ngokomzekelo, ngendlela efanayo yokuba ukhuseleko lwenqwelo-moya luxhomekeke ekusebenzeni kakuhle kwenkqubo yokuqhuba nesikhokelo, ngoko impilo-ntle yethu yokomoya, yokuziphatha neyokwenyama ixhomekeke kwisazela esisebenzayo esikhokelwa yimilinganiselo efanelekileyo.

Okubuhlungu kukuba, kwihlabathi lanamhlanje, izikhokelo ezinjalo zinyamalala ngokukhawuleza okanye ziyatyeshelwa. Umfundisi-ntsapho waseMerika wathi: “Sihlala sisiva namhlanje ngomntwana oqhelekileyo wesikolo waseUnited States ongakwaziyo ukufunda, indlela angakwazi ngayo ukubhala, nengxaki anayo yokufumana iFransi kwimaphu. Kuyinyaniso nokuba lo mntwana unengxaki yokwahlula okulungileyo kokubi. Ukufunda nokubala simele sikudibanise nokuphazamiseka kwemilinganiselo yokuziphatha kuludwe lweengxaki zemfundo.” Kwakhona waphawula ukuba “abantu abaselula banamhlanje baphila ubomi bokuziphatha obungacacanga. Buza omnye wabo enoba kukho izinto ‘ezilungileyo okanye eziphosakeleyo,’ ibe ngoko nangoko uyadideka, axakwe kukuphendula, aphakuzele yaye azive enganqabisekanga. . . . Oku kuphazamiseka kuya kuthabath’ unyawo bakuya ekholeji.”

Omnye unobangela woku kudideka yimbono eyandileyo yokuba imilinganiselo iyahlukahluka kuxhomekeke ngokomntu okanye ngendlela yokuphila oyikhethayo. Khawufan’ ucinge ngoko bekuya kwenzeka ukuba abaqhubi beenqwelo-moya bebenokuqhuba iinqwelo-moya, kungekhona ngesikhokelo esisisigxina, kodwa ngeempawu ezingesosigxina yaye maxa wambi ezithi shwaka ngokupheleleyo! Ngokuqinisekileyo iintlekele ezifana naleyo yayikwiNtaba iErebus beziya kuqheleka. Ngokufanayo, ekubeni liye layishiya imigaqo esisigxina, ihlabathi livuna isivuno esibi nesandayo sentlungu nokufa njengoko iintsapho ziqhekeka ngenxa yokungathembeki emtshatweni yaye nezigidi ziyabandezeleka ngenxa kaGawulayo okanye esinye isifo esidluliselwa ngeentlobano zesini.

Ingcamango yokuba imilinganiselo yokuziphatha ixhomekeke kukhetho lukabani inokuvakala ngathi bubulumko, kodwa eneneni abo bayilandelayo banjengabantu baseNineve ababengazi ‘isandla sabo sasekunene nesasekhohlo.’ Abo baqhelisela le ngcamango bafana nabawexuki bakwaSirayeli abathi “okulungileyo kubi nokubi kulungile.”—Yona 4:11; Isaya 5:20.

Ngoko sinokubhenela phi ukuze sifumane imithetho nemigaqo ecacileyo yokuqeqesha isazela sethu sibe sisikhokelo esikhuselekileyo? Izigidi ziye zafumanisa ukuba iBhayibhile iyayanelisa ngokupheleleyo loo mfuneko. Ukusuka kwimilinganiselo yokuziphatha ukusa kwingcamango yokuba ukusebenza kuyinto elungileyo, yaye ukusuka ekuqeqesheni abantwana ukusa ekunquleni uThixo, iBhayibhile ayishiyi nanye into ebalulekileyo. (2 Timoti 3:16) Iye yangqineka ithembekile ukutyhubela iinkulungwane. Ngenxa yokuba imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile yamiselwa ngoyena mntu usegunyeni, uMdali wethu, ifanele bonke abantu. Ngenxa yoko, asinasizathu sakuphila ubomi ngaphandle kokwazi okulungileyo nokubi.

Noko ke, kule mihla isazela sakho sihlaselwa ngaphezulu kunanini na ngaphambili. Kunokwenzeka njani oko? Yaye unokusilondoloza njani isazela sakho? Eyona ndlela ifanelekileyo kukuba wazi lowo ubangela olu hlaselo namaqhinga akhe. Ezi zinto ziya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share