Ngaba Likho Ithemba Lokusinda?
Inkulungwane yama-20 iye yabizwa ngokuba yenye yeenkulungwane ekuye kwaphalazwa izantyalantyala zegazi okwakha kwabonwa luluntu. Ulwaphulo-mthetho, iimfazwe, ingxwabangxwaba yohlanga, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ukunganyaniseki nogonyamelo ziye zanda ngokukhethekileyo ebudeni bamashumi eminyaka edluleyo. Ukongezelela koku uluntu luye lwasentlungwini nokubandezeleka okuye kwaba ngumphumo wezifo, ukwaluphala nokufa. Ngubani ongayifuniyo inkululeko kwezi ngxaki zingaka ezikhoyo emhlabeni namhlanje? Njengoko sikhangele kwixesha elizayo, ngaba likho ithemba lokusinda?
CINGA ngombono kampostile uYohane kwiminyaka enokuba ngama-2 000 eyadlulayo. Wabhala: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:3, 4) Umprofeti uIsaya ngokufanayo waxela kwangaphambili esithi: “Okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke. Nongcikivo lwabantu bakhe uya kulususa emhlabeni wonke, kuba uYehova uthethile.”—Isaya 25:8.
Khawufan’ ucinge ngoko kuya kuthethwa kukuzalisekiswa kwezithembiso zikaThixo! Uluntu luya kuhlangulwa, okanye lusindiswe kwingcinezelo nakubundlobongela, kunobangela wokubandezeleka nokukhathazeka. Ewe, nokugula, ukwaluphala nokufa akusayi kusikhathaza! ILizwi likaThixo, iBhayibhile, lithembisa ubomi obungunaphakade phantsi kweemeko ezifezekileyo emhlabeni. (Luka 23:43; Yohane 17:3) Yaye buyafumaneka kuye wonke ubani obufunayo. “[UThixo] othanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.”—1 Timoti 2:3, 4.
Noko ke, ukuze singenelwe kwizithembiso zikaThixo simele siqonde indima kaYesu Kristu kusindiso lwethu size sibe nokholo kuye. UYesu wathi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Esalatha indima ebalulekileyo kaYesu Kristu kulo mbandela, umpostile uPetros wathi: “Akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama phantsi kwezulu elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.” (IZenzo 4:12) Umpostile uPawulos nesinxulumani sakhe uSilas babongoza umntu othile owayebuza ngokunyaniseka besithi: “Kholwa kwiNkosi uYesu yaye uya kusindiswa, wena nendlu yakho.”—IZenzo 16:30, 31.
Ewe, uYesu Kristu ‘unguMmeli Oyintloko wobomi,’ yaye usindiso lunokufumaneka ngaye kuphela. (IZenzo 3:15) Kodwa kunokwenzeka njani ukuba indoda enye ibaluleke kangaka ekusisindiseni? Ukuyiqonda ngokucacileyo indima yakhe kulo mbandela kufanele kuqinise ithemba lethu lokusinda.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 2]
Page 3: Bombers: USAF photo; starving children: UNITED NATIONS/J. FRAND; burning battleship: U.S. Navy photo