Qhubeka Ukhonza UYehova Ngentliziyo Eqinileyo
“Intliziyo yam iqinile, Thixo, intliziyo yam iqinile.”—INDUMISO 57:7.
1. Sinokuba nalo njani ulweyiseko olufana nolo lukaDavide?
UYEHOVA unokusenza siqine elukholweni lobuKristu ukuze sibambelele kubuKristu bokwenyaniso njengabakhonzi bakhe abazahluleleyo. (Roma 14:4) Ngoko ke, sinokuba nolweyiseko olufana nolo wayenalo umdumisi uDavide, owashukunyiselwa ukuba avume ingoma esithi: “Intliziyo yam iqinile, Thixo.” (INdumiso 108:1) Ukuba intliziyo yethu iqinile, siya kushukunyiselwa ukuba siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuThixo. Yaye xa sikhangele kuye ukuze asikhokele aze asinike amandla, asiyi kugungqiswa, siya kuba ngabagcini bengqibelelo abaqinileyo, abanolweyiseko olupheleleyo, ‘sisoloko sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 Korinte 15:58.
2, 3. Iyintoni intsingiselo yesibongozo sikaPawulos esibhalwe kweyoku-1 yabaseKorinte 16:13?
2 Isibongozo sikampostile uPawulos esiya kubalandeli bakaYesu baseKorinte yamandulo kodwa ngokuqinisekileyo esisebenzayo nakumaKristu anamhlanje, sithi: “Hlalani niphaphile, yimani niqinile elukholweni, yibani ngamadoda, yomelelani.” (1 Korinte 16:13) NgesiGrike, ngamnye kule miyalelo ukwixesha elimiyo, ngaloo ndlela sibongozwa ukuba siqhubeke. Iyintoni intsingiselo yesi siluleko?
3 Sinokuhlala ‘siphaphile’ ngokomoya ngokuchasa uMtyholi nangokusondela kuThixo. (Yakobi 4:7, 8) Ukwayama ngoYehova kusinceda sihlale simanyene yaye ‘sihlale siqinile kukholo lobuKristu.’ Thina—kuquka amabhinqa amaninzi aphakathi kwethu—‘singamadoda’ ngenxa yokuba sikhonza uThixo ngenkalipho njengabavakalisi boBukumkani. (INdumiso 68:11) ‘Siyomelela’ ngokuqhubeka sikhangela kuBawo wethu osemazulwini ukuze asinike amandla okwenza ukuthanda kwakhe.—Filipi 4:13.
4. Yintoni eyasikhokelela ukuba sibhaptizwe njengamaKristu?
4 Sabonakalisa ukuba siyalwamkela ukholo lokwenyaniso xa sazahlulela kuYehova singagogotye lutho saza salufuzisela ngokuntywiliselwa emanzini. Kodwa yintoni eyasikhokelela ukuba sibhaptizwe? Okokuqala sangenisa ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo. (Yohane 17:3) Oku kwabangela ukuba sibonakalise ukholo olwasishukumisela ukuba siguquke, sibonakalise ukuzisola ngokwenene ngenxa yeziphoso esazenzayo kwixa elidluleyo. (IZenzo 3:19; Hebhere 11:6) Emva koko sajika kwelo khondo langaphambili, kuba saziyeka izenzo eziphosakeleyo ukuze siphile ubomi obuvisisana nokuthanda kukaThixo. (Roma 12:2; Efese 4:23, 24) Emva koko sazahlulela ngomphefumlo uphela kuYehova ngomthandazo. (Mateyu 16:24; 1 Petros 2:21) Sacela isazela esicocekileyo kuThixo saza sabhaptizwa njengomfuziselo wozahlulelo lwethu kuye. (1 Petros 3:21) Ukucinga ngala manyathelo kuya kusinceda sihlale sizabalazela ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu size siqhubeke sikhonza uYehova ngentliziyo eqinileyo.
Qhubeka Unxanelwe Ulwazi Oluchanileyo
5. Kutheni sifanele siqhubeke singenisa ulwazi lweZibhalo?
5 Ukuze siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuThixo, simele siqhubeke sizuza ulwazi lweZibhalo olwakha ukholo. Hayi indlela ekwakuvuyisa ngayo ukutya kokomoya xa sasiqalisa ukuqhelana nenyaniso kaThixo! (Mateyu 24:45-47) Oko “kutya” kwakuluncuthu—yaye kwakusondla ngokomoya. Ngoku kubalulekile ukuba siqhubeke sisitya ukutya kokomoya okunesondlo ukuze sihlale sinentliziyo eqinileyo njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo.
6. Yiyiphi indlela ekusenokwenzeka ukuba yasetyenziswa ukuze uncedwe uhlakulele uxabiso olusuk’ entliziyweni ngenyaniso yeBhayibhile?
6 Ukuze sizuze ulwazi olungakumbi lweZibhalo kufuneka senze umgudu. Kufana nokufuna ubuncwane obufihliweyo—nto leyo efuna ubani azibhokoxe. Kodwa hayi indlela okunomvuzo ngayo ukufumana “ukumazi uThixo”! (IMizekeliso 2:1-6) Xa umvakalisi woBukumkani wayeqala ukufundisisa iBhayibhile kunye nawe, kusenokwenzeka ukuba wasebenzisa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Mhlawumbi nanichitha ixesha elide nixubusha isahluko ngasinye, mhlawumbi izihlandlo eziliqela. Wawungenelwa xa kufundwa naxa kuxutyushwa izibhalo ezicatshuliweyo. Xa kunzima ukuqonda ingongoma ethile, wawuyicaciselwa. Lowo wayekuqhubela isifundo seBhayibhile wayelungiselela kakuhle, athandazele umoya kaThixo yaye wakunceda ukuba uhlakulele uxabiso olusuk’ entliziyweni ngenyaniso.
7. Yintoni eyenza umntu afanelekele ukufundisa abanye inyaniso kaThixo?
7 Lo mgudu wawufanelekile, kuba Pawulos wabhala esithi: “Lowo ufundiswa ilizwi ngomlomo makabelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.” (Galati 6:6) Apha umbhalo wesiGrike ubonisa ukuba iimfundiso zeLizwi likaThixo zabethelelwa engqondweni nasentliziyweni yalowo ‘wayefundiswa ngomlomo.’ Loo ndlela wafundiswa ngayo ikwenza ukufanelekele ukufundisa abanye. (IZenzo 18:25) Ukuze uhlale uthembekile kuzahlulelo lwakho, umele ulondoloze impilo yakho yokomoya yaye uhlale uqinile ngokuqhubeka ufundisisa iLizwi likaThixo.—1 Timoti 4:13; Tito 1:13; 2:2.
Cinga Ngendlela Owaguquka Ngayo Nowajika Ngayo Kwikhondo Langaphambili
8. Kunokwenzeka njani ukuba umntu alondoloze ihambo yobuthixo?
8 Ngaba uyakhumbula indlela owakhululeka ngayo emva kokuba ufunde inyaniso, waguquka, waza waxolelwa nguThixo ngesizinzi sokuba nokholo kwidini likaYesu lentlawulelo? (INdumiso 32:1-5; Roma 5:8; 1 Petros 3:18) Ngokuqinisekileyo, akufuni ukuphindela kwindlela yesono. (2 Petros 2:20-22) Phakathi kwezinto ezinokukunceda, kukuthandaza rhoqo kuYehova yaye oko kuya kukunceda ulondoloze ihambo yobuthixo, uphile ngokuvisisana nozahlulelo lwakho uze uqhubeke ukhonza uYehova ngokuthembeka.—2 Petros 3:11, 12.
9. Emva kokuba siye salushiya uqheliselo lwesono, liliphi ikhondo esifanele silisukele?
9 Ekubeni uye wajika, walushiya uqheliselo lwesono, qhubeka ufuna uncedo lukaThixo ukuze uhlale unentliziyo eqinileyo. Eneneni, wawulahleka kodwa wafumana imaphu enokuthenjwa waza waqalisa ukuhamba kwindlela efanelekileyo. Musa ukuphambuka kuloo ndlela. Qhubeka uthembela kukhokelo lukaThixo, uze uzimisele ukuhlala kwindlela esa ebomini.—Isaya 30:20, 21; Mateyu 7:13, 14.
Ungaze Ululibale Uzahlulelo Nobhaptizo Lwakho
10. Ziziphi iingongoma esifanele sihlale sizikhumbula ngokuphathelele ukuzahlulela kwethu kuThixo?
10 Khumbula ukuba wazahlulela kuYehova ngomthandazo, ngenjongo yokumkhonza ngokuthembeka de kube ngunaphakade. (Yude 20, 21) Ukuzahlulela kuthetha ukukhethwa okanye ukubekelwa ecaleni ukuze uphumeze injongo engcwele. (Levitikus 15:31; 22:2) Xa wawuzahlulela wawungenzi nje isivumelwano sokwexeshana okanye wawungazinikeli ebantwini. Wawuzahlulela kuMongami Wendalo Iphela, yaye ukuze uphile ngokuvisisana nalo, kufuneka unyaniseke kuThixo ubomi bakho bonke. Ewe, ‘nokuba siyaphila okanye siyafa, singabakaYehova.’ (Roma 14:7, 8) Ulonwabo lwethu luxhomekeke ekuzithobeni kwethu size senze ukuthanda kwakhe nokuqhubeka simkhonza ngentliziyo eqinileyo.
11. Kutheni ufanele ukhumbule ubhaptizo lwakho nentsingiselo yalo?
11 Hlala ukhumbula ukuba ubhaptizo lwakho luphawu lokuzinikela kwakho kuThixo ngentliziyo epheleleyo. Akuzange unyanzelwe, kuba wazenzela isigqibo ngokwakho. Ngoku ngaba uzimisele ukwenza ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo ubomi bakho bonke? Wacela uThixo ukuba akunike isazela esicocekileyo waza wabhaptizwa ufuzisela uzahlulelo lwakho kuye. Silondoloze eso sazela sicocekileyo ngokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho, yaye uYehova uya kukusikelela ngokuyintabalala.—IMizekeliso 10:22.
Ilungelo Onalo Lokuzikhethela Linendima Ebalulekileyo
12, 13. Ilungelo esinalo lokuzikhethela linxulumene njani nokuzahlulela nokubhaptizwa kwethu?
12 Eneneni, ukuzahlulela nokubhaptizwa kuzisa intabalala yeentsikelelo kwizigidi zabantu emhlabeni wonke. Xa sifuzisela uzahlulelo lwethu kuThixo ngokubhaptizwa emanzini, siyafa kwikhondo lethu langaphambili kodwa asililahli ilungelo esinalo lokuzikhethela. Njengamakholwa afundiswe kakuhle, eneneni sasebenzisa ilungelo lethu lokuzikhethela xa sasizahlulela kuThixo ngomthandazo saza sabhaptizwa. Ukuze sizahlulele size sibhaptizwe kufuneka sifumanise oko ukuthanda kukaThixo kukuko sandule ke sizikhethele ukukwenza. (Efese 5:17) Ngaloo ndlela sixelisa uYesu, owasebenzisa ilungelo lakhe lokuzikhethela xa wancama umsebenzi wakhe njengomchweli, wabhaptizwa waza wazinikela ngokupheleleyo ekwenzeni ukuthanda kukaYise.—INdumiso 40:7, 8; Yohane 6:38-40.
13 UYehova uThixo wayenenjongo yokuba uNyana wakhe enziwe “agqibelele ngazo iimbandezelo.” Ngaloo ndlela, uYesu kwafuneka asebenzise ilungelo lakhe lokuzikhethela ukuze anyamezele ezo mbandezelo ngokuthembeka. Ukuze akwazi ukuphumeza oko, wanikela “izikhungo kwanezibongozo . . . esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi, yaye waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.” (Hebhere 2:10, 18; 5:7, 8) Ukuba simoyika ngendlela efanayo uThixo, nathi siqinisekile ukuba siya ‘kuviwa ngokukholekileyo,’ yaye sinokuba nentembelo yokuba uYehova uya kusenza siqine njengamaNgqina akhe azahluleleyo.—Isaya 43:10.
Unokuhlala Unentliziyo Eqinileyo
14. Kutheni sifanele sifunde iBhayibhile yonke imihla?
14 Yintoni eya kukunceda uhlale unentliziyo eqinileyo uze ngaloo ndlela uphile ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuThixo? Ngenjongo yokungenisa ulwazi olwandayo lweLizwi likaThixo, funda iBhayibhile yonke imihla. Yiloo nto ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elihlala lisikhuthaza ukuba siyenze. Sinikwa elo cebiso ngenxa yokuba, ukuze siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kufuneka siqhubeke sihamba enyanisweni kaThixo. Ukuba intlangano kaYehova ibixhasa iimfundiso zobuxoki ngabom, ibingayi kunikela icebiso lokuba amaNgqina kaYehova nabo ashumayela kubo bafunde iBhayibhile.
15. (a) Yintoni umntu afanele ayiqwalasele xa esenza izigqibo? (b) Kutheni kunokuthiwa umsebenzi wempangelo ngumsebenzi nje ongeyona nto ibalulekileyo kumaKristu?
15 Xa usenza izigqibo, ngalo lonke ixesha hlolisisa indlela eziya kukuchaphazela ngayo ukuphila kwakho ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuYehova. Oku kusenokubhekisela kumsebenzi wakho wempangelo. Ngaba uzabalazela ukuwenza ukuncede uhambisele phambili unqulo oluyinyaniso? Nangona ngokuqhelekileyo abaqeshi befumanisa ukuba amaKristu azahluleleyo athembekile yaye akhuthele, baphawula ukuba amaNgqina kaYehova akangobantu abafuna udumo nokubalasela ehlabathini yaye akakhuphisani nabanye efuna ezona zikhundla ziphezulu. Oku kungenxa yokuba injongo yamaNgqina asikokuzuza ubutyebi, udumo, okanye igunya. Kwabo baphila ngokuvisisana nozahlulelo lwabo kuThixo, eyona nto ibalulekileyo kukwenza ukuthanda kukaThixo. Umsebenzi wempangelo owanceda afumane izinto eziyimfuneko ebomini ngumsebenzi nje ongeyona nto ibalulekileyo kuwo. Njengompostile uPawulos, owona msebenzi uphambili kuwo bubulungiseleli bamaKristu. (IZenzo 18:3, 4; 2 Tesalonika 3:7, 8; 1 Timoti 5:8) Ngaba izilangazelelo zoBukumkani zikwindawo yokuqala ebomini bakho?—Mateyu 6:25-33.
16. Yintoni esinokuyenza xa kusiba nzima ukuba siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuThixo ngenxa yokuxhalaba ngokugqithiseleyo?
16 Abanye, kusenokwenzeka ukuba ngaphambi kokuba bafunde inyaniso babesele beza koyisakala ngenxa yamaxhala awahlukahlukeneyo. Kodwa hayi indlela intliziyo yabo eyaphuphuma ngayo luvuyo, umbulelo nothando ngoThixo xa bazuza ithemba loBukumkani! Ukucinga ngezi ntsikelelo baye bazifumana ukususela ngelo xesha kunokubanceda baphile ngokuvisisana nozahlulelo lwabo kuYehova. Kwelinye icala, kuthekani ukuba ukuxhalatyiswa ngokugqithiseleyo ziingxaki zobomi, ezesameleyo kule nkqubo kubangela ukuba “ilizwi likaThixo,” libe sesichengeni sokuminxwa kanye njengoko ameva enokubangela ukuba izithole zingakhuli? (Luka 8:7, 11, 14; Mateyu 13:22; Marko 4:18, 19) Xa uphawula ukuba oku kuqalisa ukwenzeka kuwe okanye kwintsapho yakho, liphose kuYehova ixhala lakho uze uthandazele ukuba akuncede ukhulise uthando lwakho yaye ube nombulelo ongakumbi. Ukuba uwulahlela kuye umthwalo wakho, uya kukomeleza aze akunike amandla okuqhubeka umkhonza ngovuyo nangentliziyo eqinileyo.—INdumiso 55:22; Filipi 4:6, 7; ISityhilelo 2:4.
17. Sinokuhlangabezana njani nezilingo eziqatha?
17 Qhubeka uthandaza kuYehova uThixo rhoqo, njengoko wathandazayo xa wawuzahlulela kuye. (INdumiso 65:2) Xa uhendelwa ukwenza okuphosakeleyo okanye xa ujamelene novavanyo oluqatha, funa ukhokelo lukaThixo uze umcele akuncede ukwazi ukulandela olo khokelo. Khumbula ukuba kufuneka ube nokholo, kuba umfundi uYakobi wabhala: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa. Kodwa makaqhubeke ecela ngokholo, engathandabuzi konke konke, kuba lowo uthandabuzayo unjengeliza lolwandle eliqhutywa livuthuzwa ngumoya. Enyanisweni, loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuYehova; ungumntu othingazayo, ongazinzanga kuzo zonke iindlela zakhe.” (Yakobi 1:5-8) Ukuba eso silingo sibonakala sisongamela, sinokuqiniseka ukuba: “Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini. Kodwa uThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.
18. Sinokwenza ntoni ukuba isono esinzulu esisifihlayo sisibangela sihexe kwisigqibo sethu sokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuYehova?
18 Kuthekani ukuba isono esinzulu osifihlayo sikwenza ube nesazela yaye uhexe kwisigqibo sakho sokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuThixo? Ukuba uyaguquka, unokuthuthuzeleka kukwazi ukuba uYehova ‘akayi kuyidela intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo.’ (INdumiso 51:17) Funa uncedo lwabadala abanothando abangamaKristu, usazi ukuba—bexelisa uYehova—abayi kuwuthabatha lula umnqweno wakho wokufuna ukuba nolwalamano oluhle kwakhona noYihlo osemazulwini. (INdumiso 103:10-14; Yakobi 5:13-15) Xa amandla akho okomoya ehlaziyekile uze uphinde uzuze intliziyo eqinileyo, uya kukwazi ukuzenzela umendo othe tye iinyawo zakho yaye uya kukwazi ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuThixo.—Hebhere 12:12, 13.
Qhubeka Ukhonza Ngentliziyo Eqinileyo
19, 20. Kutheni kubalulekile ukuba siqhubeke siphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu?
19 Kula maxesha amanqam, simele sizame ngamandla ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu size siqhubeke sikhonza uThixo ngentliziyo eqinileyo. UYesu wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Ekubeni siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ isiphelo sinokufika nangaliphi na ixesha. (2 Timoti 3:1) Ngapha koko, akukho namnye kuthi onokuqiniseka ukuba uya kuba esaphila ngomso. (Yakobi 4:13, 14) Ngoko kubalulekile ukuba siqhubeke siphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu namhlanje!
20 Umpostile uPetros wakugxininisa oku kwincwadi yakhe yesibini. Wabonisa ukuba nanjengokuba abantu ababengahlonel’ uThixo batshabalalayo ngoMkhukula, ngoko nomhlaba wokomfuziselo, okanye ibutho labantu abangendawo, liya kutshatyalaliswa ‘ngemini kaYehova.’ Ngoko ke uPetros wathi: “Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo”! Kanjalo wababongoza wathi: “Zintanda, ekubeni ninolu lwazi kwangaphambili, zilindeni ukuze ningawexulwa [ngabafundisi bobuxoki nabantu abangahlonel’ uThixo] nize niwe ekuqineni kwenu.” (2 Petros 3:5-17) Hayi indlela ekunokuba lusizi ngayo ukuba umntu obhaptiziweyo unokuwexulwa aze afele kuloo meko ngenxa yokusilela ukulondoloza intliziyo eqinileyo!
21, 22. Amazwi eNdumiso 57:7 aye angqineka eyinyaniso njani kuDavide nakumaKristu okwenyaniso?
21 Unokuhlala uzimisele ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuThixo ukuba uhlala ukhumbula usuku owabhaptizwa ngalo, owawonwabile ngalo uze ufune uncedo lukaThixo ukuze uyivuyise intliziyo yakhe ngamazwi nezenzo zakho. (IMizekeliso 27:11) UYehova akabadanisi abantu bakhe, yaye ngokuqinisekileyo sifanele sithembeke kuye. (INdumiso 94:14) Wabonakalisa inceba novelwano ngokukatyisa amayelenqe awayenziwe ziintshaba waza wamhlangula uDavide. Enombulelo ngenxa yoku, uDavide wathi uMhlanguli wakhe umthanda ngothando olungaxengaxengiyo. Echukumisekile, wavuma ingoma esithi: “Intliziyo yam iqinile, Thixo, intliziyo yam iqinile. Ndiza kuvuma ndicule uncuthu lwengoma.”—INdumiso 57:7.
22 NjengoDavide, amaKristu okwenyaniso akahexi ekuzinikeleni kwawo kuThixo. Eneentliziyo eziqinileyo, azukisa uYehova ngenxa yokuhlangulwa nokulondolozwa kwawo, yaye ngovuyo, avuma iingoma zokumdumisa. Ukuba intliziyo yakho iqinile, iya kuthembela kuThixo, yaye ngoncedo lwakhe uya kukwazi ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho. Ewe, unokufana ‘nelungisa’ elo umdumisi wavuma ingoma ebhekisela kulo esithi: ‘Aliyi koyikiswa ziindaba ezimbi. Intliziyo yalo iqinile, ithembele ngoYehova.’ (INdumiso 112:6, 7) Xa unokholo kuThixo yaye uthembele ngaye ngokupheleleyo, unokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho uze uqhubeke ukhonza uYehova ngentliziyo eqinileyo.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni sifanele siqhubeke singenisa ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile?
• Kutheni sifanele sihlale sikhumbula ukuguquka nokujika kwethu kwikhondo langaphambili?
• Singenelwa njani xa sikhumbula uzahlulelo nobhaptizo lwethu?
• Yintoni eya kusinceda siqhubeke sikhonza uYehova ngentliziyo eqinileyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukuba ubulungiseleli bamaKristu sibenza owona msebenzi ubalulekileyo oko kuya kusinceda siqhubeke sikhonza uYehova ngentliziyo eqinileyo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba uyayilondoloza impilo yakho yokomoya ngokufunda iLizwi likaThixo yonke imihla?