IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 4/15 iphe. 18-23
  • Yalathisa Amanyathelo Akho Ngemigaqo KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yalathisa Amanyathelo Akho Ngemigaqo KaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imigaqo KaThixo
  • Cinga Uze Wenze Ngokuvisisana Nemigaqo
  • Kufuneka Ube Neentshukumisa Ezintle
  • Imiphumo Evuyisayo
  • Isinceda Njani Imigaqo YeBhayibhile?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Yikhumbule Imigaqo YobuKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ukuqonda Umgaqo Kubonakalisa Ukuqola
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Unokungenelwa Yimigaqo KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 4/15 iphe. 18-23

Yalathisa Amanyathelo Akho Ngemigaqo KaThixo

“[UYehova,] ukufundisa okuyingenelo kuwe.”—ISAYA 48:17.

1. UMdali ubakhokela njani abantu?

NJENGOKO izazinzulu zizama ukufumanisa imfihlelo yendalo, ziyamangaliswa bubukhulu bamandla akwindalo esingqongileyo. Ilanga—inkwenkwezi engenkulu kangako—likhupha amandla alingana “neebhombu zehydrogen eziliwaka lezigidi ezidubulayo mzuzwana ngamnye.” UMdali unako ukulawula izidalwa zasezulwini ezinamandla ngolo hlobo esebenzisa amandla akhe angasikelwanga mda. (Yobhi 38:32; Isaya 40:26) Kuthekani ngathi bantu, banikwe ilungelo lokuzikhethela, umlinganiselo wokuziphatha, amandla okuqiqa nokukwazi ukuqonda imibandela yokomoya? UMenzi wethu ukhethe ukusikhokela ngayiphi indlela? Ngothando, usikhokela ngemithetho yakhe egqibeleleyo nemigaqo yakhe ephakamileyo, nesazela sethu esiqeqeshwe kakuhle.—2 Samuweli 22:31; Roma 2:14, 15.

2, 3. UThixo ukholiswa yintobelo enjani?

2 UThixo uyavuya xa izidalwa ezikrelekrele zikhetha ukumthobela. (IMizekeliso 27:11) Kunokuba asenze sizithobe kuye ngokungathi siziirobhothi ezingenangqondo, uYehova wasinika ilungelo lokuzikhethela ukuze sikwazi ukwenza izigqibo ezicingisiswe kakuhle size senze okulungileyo.—Hebhere 5:14.

3 UYesu owayexelisa uYise ngendlela egqibeleleyo, wathi kubafundi bakhe: “Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona. Andisanibizi ngokuthi ningamakhoboka.” (Yohane 15:14, 15) Kumaxesha amandulo, ikhoboka kwakufuneka lithobele imiyalelo yenkosi yalo. Kwelinye icala, ubuhlobo bakhiwa ngokubonakaliswa kweempawu ezichukumis’ intliziyo. Sinako ukuba ngabahlobo bakaYehova. (Yakobi 2:23) Obu buhlobo buqiniswa kukuthandana. UYesu wanxulumanisa ukuthobela uThixo nothando xa wathi: “Ukuba nabani na uyandithanda, uya kuligcina ilizwi lam, yaye uBawo uya kumthanda.” (Yohane 14:23) Ukuze asikhokele kakuhle, uYehova usikhuthaza ukuba siphile ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe.

Imigaqo KaThixo

4. Ubunokuyichaza njani imigaqo?

4 Yintoni imigaqo? Umgaqo uchazwa “njengenyaniso esisiseko: umthetho oyintlanganisela nosisiseko, imfundiso esekelwe okanye ethatyathwe kuyo eminye imithetho.” (Webster’s Third New International Dictionary) Ufundisiso lweBhayibhile lutyhila ukuba uBawo wethu osemazulwini usinika ulwalathiso olusisiseko olugubungela iimeko neenkalo zobomi ezahlukahlukeneyo. Oko ukwenza ngenjongo yokuba sizuze ingenelo engunaphakade. Oku kuvisisana noko kwabhalwa nguKumkani uSolomon osisilumko: “Yiva, nyana wam, uze wamkele amazwi am. Iya kwandula ke ibe mininzi iminyaka yobomi bakho. Ndiza kukuyalela ngendlela yobulumko; ndiza kukunyathelisa emkhondweni othe tye.” (IMizekeliso 4:10, 11) Imigaqo esisiseko esiyinikwa nguYehova iyaluchaphazela ulwalamano lwethu naye, nolwalamano lwethu nabanye abantu, unqulo lwethu nobomi bethu bemihla ngemihla. (INdumiso 1:1) Makhe siqwalasele eminye yaloo migaqo isisiseko.

5. Nika imizekelo yeminye imigaqo esisiseko.

5 Ngokuphathelele ulwalamano lwethu noYehova, uYesu wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) Ngaphezu koko, uThixo usinika imigaqo enokuthanani nendlela esibaphatha ngayo abanye abantu, njengoMthetho Omkhulu othi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12; Galati 6:10; Tito 3:2) Ngokuphathelele unqulo, siyalulekwa: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” (Hebhere 10:24, 25) Ngokubhekisele kwiinkalo zobomi bethu bemihla ngemihla, umpostile uPawulos uthi: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.” (1 Korinte 10:31) Mininzi eminye imigaqo efumaneka kwiLizwi likaThixo.

6. Yahluke njani imigaqo kwimithetho?

6 Imigaqo ziinyaniso ezisebenzisekayo neziyingenelo, yaye amaKristu alumkileyo afunda ukuyithanda. UYehova waphefumlela uSolomon ukuba abhale: “Nikela ingqalelo emazwini am. Iintetho zam uzithobele indlebe yakho. Ngamana azingemki emehlweni akho. Zigcine ngaphakathi entliziyweni yakho. Kuba zibubomi kwabo bazifumanayo nempilo enyameni yabo yonke.” (IMizekeliso 4:20-22) Yahluke njani imigaqo kwimithetho? Imigaqo sisiseko semithetho. Imithetho, nto leyo edla ngokungqala, isenokusebenza okwexesha elithile okanye kwimeko ethile, kodwa imigaqo ayiphelelwa lixesha. (INdumiso 119:111) Imigaqo kaThixo ayiphelelwa lixesha. Amazwi aphefumlelweyo omprofeti uIsaya angqineka eyinyaniso: “Ingca eluhlaza yomile, intyatyambo ibunile; kodwa ke lona ilizwi loThixo wethu, liya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Isaya 40:8.

Cinga Uze Wenze Ngokuvisisana Nemigaqo

7. ILizwi likaThixo lisikhuthaza njani ukuba sicinge size senze ngokuvisisana nemigaqo?

7 Ngokuphindaphindiweyo, “ilizwi loThixo wethu” lisikhuthaza ukuba sicinge size senze ngokuvisisana nemigaqo. Xa uYesu wacelwa ukuba ashwankathele uMthetho, wathetha ngamasolotya amabini angqalileyo—elinye libethelela ukuthanda uYehova, elinye ligxininisa ukuthanda ummelwane. (Mateyu 22:37-40) Ngokwenjenjalo, uYesu wayecaphula ngokuyinxenye kushwankathelo olwalwenziwe ngaphambilana kwimfundiso esisiseko efumaneka kuMthetho kaMoses, echazwe kwiDuteronomi 6:4, 5 ethi: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye. Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.” Kuyabonakala ukuba uYesu wayecinga nangolwalathiso oluvela kuThixo olufumaneka kwiLevitikus 19:18. Kumqukumbelo ocacileyo, ongqalileyo nonamandla wencwadi yeNtshumayeli, uKumkani uSolomon ushwankathela iqela lemithetho kaThixo esithi: “Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu. Kuba uThixo oyinyaniso uya kuzisa ekugwetyweni lonke uhlobo lomsebenzi ngokuphathelele yonke into efihlakeleyo, enoba ilungile okanye imbi.”—INtshumayeli 12:13, 14; Mika 6:8.

8. Kutheni kuyinkuselo ukuyiqonda kakuhle imigaqo yeBhayibhile?

8 Xa siyiqonda kakuhle loo migaqo isisiseko oko kunokusinceda siqonde size sisebenzise ulwalathiso olungqale ngakumbi. Ngaphezu koko, xa singayiqondi kakuhle yaye singayithobeli imigaqo isisiseko, sisenokungakwazi ukwenza izigqibo zobulumko yaye ukholo lwethu lunokugungqiswa ngokulula. (Efese 4:14) Ukuba imigaqo enjalo siyibethelela engqondweni nasentliziyweni yethu, siya kukwazi ukuyisebenzisa xa sisenza izigqibo. Xa siyisebenzisa ngokuqonda, isenza siphumelele.—Yoshuwa 1:8; IMizekeliso 4:1-9.

9. Kutheni kungasoloko kulula ukuqonda nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile?

9 Ukuyiqonda nokuyisebenzisa imigaqo yeBhayibhile akulula njengokuthobela uluhlu oluthile lwemithetho. Njengabantu abangafezekanga sisenokuwuphepha umgudu wokuqiqa ngemigaqo ethile. Sisenokukhetha ukuba kubekho umthetho othile ongqalileyo xa kufuneka senze isigqibo okanye xa sisengxakini. Maxa wambi sisenokufuna ulwalathiso kumKristu oqolileyo—mhlawumbi umdala webandla—ngethemba lokufumana umthetho ongqalileyo onokuthanani naloo meko sikuyo. Ukanti, sisenokungawufumani umthetho ongqalileyo eBhayibhileni okanye kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, yaye kwanokuba siyawufumana, usenokungasebenzi ngawo onke amaxesha nakuzo zonke iimeko. Mhlawumbi uyayikhumbula indoda ethile eyathi kuYesu: “Mfundisi, xelela umntakwethu ahlulelane nam ngelifa.” Kunokuba akhawuleze ayixelele ngomthetho ophathelele ukusombulula ingxaki phakathi kwabantwana bomntu, uYesu wayixelela ngomgaqo oqhelekileyo othi: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko.” Ngaloo ndlela, uYesu wathetha ngomgaqo owawusebenza ngeloo xesha nalowo usasebenzayo nangoku.—Luka 12:13-15.

10. Ukuziphatha kwethu ngokuvisisana nemigaqo kutyhila ntoni ngeentshukumisa zethu?

10 Mhlawumbi uye ubabone abantu abathobela imithetho bekrokra, beyithobela nje kuba besoyika isohlwayo. Ukuba nentlonelo ngemigaqo kubangela ukuba ubani angabi naso isimo sengqondo esinjalo. Imigaqo ishukumisela abo balawulwa yiyo ukuba bayithobele ngokusuka entliziyweni. Eneneni, kwinkoliso yemigaqo, abantu abangenzi ngokuvisisana nayo abohlwaywa ngoko nangoko. Oku kusinika ithuba lokuba sibonise isizathu sokuthobela kwethu uYehova, kuze kubonise intshukumisa yethu. Sinomzekelo kaYosefu ongazange avume ukuhendelwa ekuziphatheni okubi ngumfazi kaPotifare. Nangona kwakungekabikho mthetho ubhaliweyo uvela kuYehova ochasene nokukrexeza, kungekho sohlwayo simiselwe nguThixo nxamnye nokuba neentlobano nomfazi wenye indoda, uYosefu wayeyiqonda imigaqo emiselwe nguThixo ephathelele ukuthembeka emtshatweni. (Genesis 2:24; 12:18-20) Sinokubona ngokusuka kwimpendulo yakhe ukuba loo migaqo yayinempembelelo enzulu kuye, kuba wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?”—Genesis 39:9.

11. AmaKristu afuna ukhokelo lwemigaqo kaYehova kweziphi iinkalo?

11 Namhlanje, kufuneka amaKristu akhokelwe yimigaqo kaYehova kwizinto eziphathelele imicimbi yobuqu, njengokukhetha abahlobo, ukuzonwabisa, umculo noncwadi alufundayo. (1 Korinte 15:33; Filipi 4:8) Njengoko sikhula elwazini, ekuqondeni nasekuthandeni uYehova nemilinganiselo yakhe, isazela sethu, umlinganiselo esinawo wokuziphatha, uya kusinceda sisebenzise imigaqo kaThixo phantsi kwazo naziphi na iimeko esinokujamelana nazo, kwanakwimicimbi yobuqu. Xa sikhokelwa yimigaqo yeBhayibhile, asiyi kukhangela indlela esinokuzingxengxezela ngayo ukuze saphule imithetho kaThixo; yaye asiyi kuxelisa abo bazibeka esichengeni sokwaphula umthetho othile. Siyaqonda ukuba indlela enjalo yokucinga iyingozi.—Yakobi 1:22-25.

12. Yiyiphi eyona nto inokunceda ukuze ubani aphile ngokuvisisana nemigaqo kaThixo?

12 AmaKristu aqolileyo ayaqonda ukuba eyona nto inokuwanceda aphile ngokuvisisana nemigaqo kaThixo kukufuna ukwazi indlela uYehova avakalelwa ngayo ngombandela othile. Umdumisi uyabongoza: “Nina nithanda uYehova, kuthiyeni okubi.” (INdumiso 97:10) Ichaza ezinye zezinto uThixo azigqala njengezinto ezimbi, IMizekeliso 6:16-19 ithi: “Kukho izinto ezintandathu uYehova azithiyileyo; ewe, zisixhenxe izinto ezicekisekayo emphefumlweni wakhe: ngamehlo aziphakamisayo, lulwimi oluxokayo, nezandla eziphalaza igazi elimsulwa, yintliziyo eyila amacebo enkohlakalo, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini, lingqina elixokayo elifutha ubuxoki, naye nabani na obangela usukuzwano phakathi kwabazalwana.” Xa ubomi bethu bulawulwa ngumnqweno wokufuna ukuxelisa indlela uYehova avakalelwa ngayo ngezo zinto ezisisiseko, ukuphila ngokuvisisana nemigaqo kuba yinto eqhelekileyo.—Yeremiya 22:16.

Kufuneka Ube Neentshukumisa Ezintle

13. Yiyiphi indlela yokucinga eyabethelelwa nguYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni?

13 Ukwazi imigaqo nokuyisebenzisa kuyasikhusela ekubanjisweni ngumgibe wonqulo oluyinkwalambisa. Kukho umahluko phakathi kokuthobela imigaqo nokulandela imithetho ngokungqongqo. UYesu wakubonisa ngokucacileyo oku kwiNtshumayelo yaseNtabeni. (Mateyu 5:17-48) Khumbula ukuba abo babephulaphule uYesu babengamaYuda, ngoko ke indlela ababeziphethe ngayo, ifanele ukuba yayilawulwa nguMthetho kaMoses. Kodwa eneneni, babenembono egqwethekileyo ngoMthetho. Babegxininisa ekunamatheleni eMthethweni kungekhona ekuphileni ngokuvisisana nentsingiselo yawo. Yaye babegxininisa ekubambeleleni kwizithethe, ababezixabise ngaphezu kwemfundiso kaThixo. (Mateyu 12:9-12; 15:1-9) Ngenxa yoko, abantu ngokubanzi babengafundiswa ukuba bacinge ngokuvisisana nemigaqo.

14. UYesu wabanceda njani abo babemphulaphule ukuba bacinge ngokuvisisana nemigaqo?

14 Ngokwahlukileyo koko, kwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu waquka imigaqo ephathelele iinkalo ezintlanu ezinokuthanani nokuziphatha: umsindo, umtshato noqhawulo-mtshato, izithembiso, impindezelo nothando nentiyo. Kwimeko nganye, uYesu wabonisa ingenelo yokwenza ngokuvisisana nomgaqo. Ngaloo ndlela, uYesu wabekela abafundi bakhe umlinganiselo ophakamileyo wokuziphatha. Ngokomzekelo, kumbandela wokukrexeza, wasinika umgaqo osikhuselayo kungekuphela nje ngokuphathelele oko sikwenzayo kodwa kwanoko sikucingayo neminqweno yethu, othi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.”—Mateyu 5:28.

15. Sinokuluphepha njani utyekelo lokubambelela kwisithethe ngokungqongqo?

15 Lo mzekelo ubonisa ukuba asifanele silahlekelwe yinjongo nentsingiselo yemigaqo kaYehova. Ngokuqinisekileyo asifanele sizame ukuzuza inkoliseko kaThixo ngokuhanahanisa. UYesu wabhenca ukuba ngamampunge kokuba nesimo sengqondo esinjalo xa wathetha ngenceba nangothando lukaThixo. (Mateyu 12:7; Luka 6:1-11) Xa siphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, siya kukuphepha ukuzama ukuphila (okanye ukunyanzela abanye ukuba baphile) ngoludwe lwemithetho eyongezelelekileyo engqongqo, nengekhoyo kwiimfundiso zeBhayibhile, ephathelele oko kumele kwenziwe noko kumele kungenziwa. Siya kuxhalabela ngakumbi imigaqo ephathelele ukuthanda uThixo nokumthobela kunokuba sizixhalabise ngezithethe zonqulo.—Luka 11:42.

Imiphumo Evuyisayo

16. Nika umzekelo wemigaqo esisiseko yemithetho ethile yeBhayibhile.

16 Njengoko sizabalazela ukuthobela uYehova, kubalulekile ukuqonda ukuba imithetho yakhe isekelwe kwimigaqo esisiseko. Ngokomzekelo, amaKristu kufuneka aphephe unqulo-zithixo, ukuziphatha okubi ngokwesini nokusebenzisa kakubi igazi. (IZenzo 15:28, 29) Yintoni kanye kanye eshukumisela amaKristu ukuba asabele ngendlela asabela ngayo ngokuphathelele loo mibandela? UThixo ufuna uzinikelo lwethu olupheleleyo; sifanele sithembeke kumaqabane ethu; yaye uYehova nguMniki-bomi. (Genesis 2:24; Eksodus 20:5; INdumiso 36:9) Ukuqonda loo migaqo isisiseko kwenza kube lula ngakumbi ukuthobela nokuphila ngokuvisisana nemithetho ephathelele nayo.

17. Ziziphi iingenelo ezifumaneka ngokuthobela nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile?

17 Njengoko siqonda imigaqo esisiseko size siyisebenzise, siyaphawula ukuba iyingenelo kuthi. Ngokufuthi, abantu bakaThixo bafumana iingenelo zokomoya kuquka neengenelo zokoqobo. Ngokomzekelo, abantu abangatshayiyo, abaziphethe kakuhle, nabo bathobela ubungcwele begazi bayasinda ekubeni ngamaxhoba ezifo ezithile. Ngokufanayo, ukuphila ngokuvisisana nenyaniso kaThixo kusenokusenza singenelwe kwezoqoqosho, kubomi obuqhelekileyo nakubomi bentsapho. Naziphi na iingenelo zokoqobo ezinjalo zingqina ukuba imilinganiselo kaYehova ixabisekile yaye iyasinceda ngokwenene. Kodwa esona sizathu siyintloko sokuthobela imigaqo kaThixo asikokuzuza iingenelo ezinjalo. AmaKristu okwenyaniso athobela uYehova ngenxa yokuba emthanda, ngenxa yokuba efanele amnqule, nangenxa yokuba yeyona nto ifanelekileyo.—ISityhilelo 4:11.

18. Ukuba sifuna ukuba ngamaKristu aphumelelayo, yintoni efanele isikhokele ebomini bethu?

18 Ukuvumela ubomi bethu bukhokelwe yimigaqo yeBhayibhile kukhokelela kwindlela ebalaseleyo yokuphila, nto leyo enokutsalela abanye kwindlela kaThixo. Okona kubalulekileyo kukuba, indlela esiziphethe ngayo izukisa uYehova. Siyaqonda ukuba uYehova unguThixo onothando ngokwenene ofuna ukuba sifumane okona kulungileyo. Xa sisenza izigqibo ezivisisana nemilinganiselo yeBhayibhile size sibone indlela uYehova asisikelela ngayo, siziva sisondele nangakumbi kuye. Ewe, siba nolwalamano olusenyongweni ngakumbi noBawo wethu osemazulwini.

Ngaba Usakhumbula?

• Yintoni umgaqo?

• Yahluke njani imigaqo kwimithetho?

• Kutheni kuyingenelo ukuba sicinge size senze ngokuvisisana nemigaqo?

[Ibhokisi ekwiphepha 20]

UWilson, ongumKristu waseGhana, waxelelwa ukuba kwiintsuku ezimbalwa, wayeza kugxothwa emsebenzini. Ngosuku lwakhe lokugqibela kuloo msebenzi, kwathiwa makahlambe inqwelo-mafutha yomphathi wenkampani. Wathi uWilson akufumana imali kuloo nqwelo-mafutha, omnye umsebénzi owayekwisikhundla esingaphezu kwesakhe wamxelela ukuba nguThixo othumele loo mali ngenxa yokuba uWilson wayeza kuphelelwa ngumsebenzi ngaloo mini. Noko ke, esebenzisa imigaqo yeBhayibhile ephathelele ukunyaniseka, uWilson wabuyisela loo mali kumphathi. Emangalisiwe yaye echukumisekile, umphathi akazange anele nje ukumqesha ngokusisigxina ngoko nangoko kodwa wammisela ukuba ongamele abanye abasebenzi baloo nkampani.—Efese 4:28.

[Ibhokisi ekwiphepha 21]

URukia libhinqa laseAlbania elikwiminyaka yalo yama-60 ubudala. Ngenxa yokungavisisani okwakukho phakathi kwentsapho, wayengasathethisani nomntakwabo kangangeminyaka engaphezu kwe-17. Waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova waza wafunda ukuba amaKristu okwenyaniso amele abe seluxolweni nabanye, angabi nanzondo. Wathandaza ubusuku bonke, yaye, uvalo lwakhe lungongoza, waya endlwini yomntakwabo. Wavulelwa ngumtshana wakhe emnyango. Othukile, wabuza kuRukia: “Kufe bani? Uzokwenza ntoni apha?” URukia wacela ukubona umntakwabo. Wachaza ngokuzolileyo ukuba ukufunda ngemigaqo yeBhayibhile nangoYehova kuye kwamshukumisela ukuba aze kucela uxolo kumntakwabo. Balila baza bawolana, yaye emva koko bavuyisana ngenxa yokuba bephinde bamanyana ngale ndlela ikhethekileyo!—Roma 12:17, 18.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Mateyu 5:27, 28

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Mateyu 5:3

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Mateyu 5:24

[Umfanekiso okwiphepha 23]

“Akubona izihlwele wenyuka waya entabeni; yaye akuba ehleli phantsi abafundi bakhe beza kuye; waza wavula umlomo wakhe wabafundisa”—MATEYU 5:1, 2

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share