IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 9/15 iphe. 8-9
  • Abantu Abaselula Abanjengamathontsi Ombethe Ohlaziyayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Abaselula Abanjengamathontsi Ombethe Ohlaziyayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indawo Abanokukhulela Kuyo Kakuhle Abaselula
  • ‘Kuyaphilisa Yaye Kuyahlaziya’
  • “Umbethe” KaYehova Phakathi Kwezizwe
    Mvumeleni Iindumiso UYehova—Iculo Elincinane
  • Ngaba Uyabahlaziya Abanye?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Bantu Abaselula Abakhonza UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Lutsha, Dumisani UYehova!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 9/15 iphe. 8-9

“Yizani Kum, . . . Yaye Ndiza Kunihlaziya”

Abantu Abaselula Abanjengamathontsi Ombethe Ohlaziyayo

ALITHANDABUZEKI elokuba uYesu Kristu wayequka abalandeli bakhe abaselula xa wathi “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.” (Mateyu 11:28) Xa abantu baqalisa ukuzisa abantwana kuye, abafundi bakhe bazama ukubanqanda. Kodwa uYesu wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli.” UYesu wada “wabawola aba bantwana waza wabasikelela.” (Marko 10:14-16) Ngokungathandabuzekiyo uYesu wayebajonga bexabisekile abaselula.

IBhayibhile isixelela ngamadoda namabhinqa athembekileyo aselula, kwakunye nolutsha nabantwana abancinane, abangumzekelo omhle ekukhonzeni uThixo. Incwadi yeNdumiso yathetha ‘ngeqela labantu abaselula’ abanjengamathontsi ombethe ahlaziyayo. Ikwasixelela ‘ngabafana’ ‘neentombi ezinyulu’ ezidumisa igama likaYehova.—INdumiso 110:3; 148:12, 13.

Indawo Abanokukhulela Kuyo Kakuhle Abaselula

Kufanelekile ukufanisa abaselula namathontsi ombethe, kuba umbethe unxulunyaniswa nendyebo neentsikelelo. (Genesis 27:28) Amathontsi ombethe azolile yaye ayahlaziya. Kweli xesha lobukho bukaKristu, amaKristu amaninzi aselula azinikela ngokuzithandela nangochulumanco. Njengamathontsi ombethe ahlaziyayo, abafana neentombi ezininzi bakhonza uThixo ngovuyo yaye banceda amanye amakholwa.—INdumiso 71:17.

Ulutsha olungamaKristu aluhlaziyi nje kuphela abanye; nalo luyahlaziyeka enkonzweni yalo. Intlangano kaThixo iyindawo abanokukhulela kuyo kakuhle. Ngenxa yokuba benemilinganiselo yokuziphatha ephakamileyo, abafana neentombi banolwalamano olusenyongweni noThixo. (INdumiso 119:9) Ebandleni, benza imisebenzi emihle yaye bafumana abahlobo bokwenene—nto ezo ezongezelela ulwaneliseko nentsingiselo kubomi babo.

‘Kuyaphilisa Yaye Kuyahlaziya’

Ngaba ulutsha olungamaKristu luvakalelwa kukuba ‘lungamathontsi ombethe’? UTania, yintombazana ekhutheleyo ebandleni nekuvuyelayo ukuchitha iiyure ezingama-70 enkonzweni nyanga nganye. Uvakalelwa njani? Uthi: “Oku kuyandihlaziya yaye kundenza ndizive ndingumntu. Ukuba nolwalamano noYehova nokuba yinxalenye yentlangano yakhe esemhlabeni kuye ‘kwandiphilisa kwaza kwandihlaziya.’”—IMizekeliso 3:8.

Omnye umlungiseleli oselula wexesha elizeleyo, uAriel, uyakuxabisa ukutya kokomoya akufumana ebandleni. Uthi: “Xa ndisiya kwiintlanganiso zamaKristu, kwiindibano zesithili nezesiphaluka, ndondliwa kwitafile yokomoya kaYehova, oku kuyandihlaziya ngokwenene ngokomoya. Yaye kuyandivuyisa ukwazi ukuba emhlabeni wonke, ndinamanye amadlelane.” Echaza eyona nto imhlaziya ngokwenene, uthi: “Kuyandihlaziya ngokwenene ukuba nomhlobo onguYehova, ingakumbi xa ndibona okanye ndisiva izinto ezimbi ezibangelwa yile nkqubo ebantwini.”—Yakobi 2:23.

UAbishai, oneminyaka engama-20 ubudala, ungumvangeli wexesha elizeleyo kunye nesicaka solungiselelo ebandleni. Uchaza indlela avakalelwa ngayo ngala mazwi: “Ndiziva ndihlaziyekile kuba ndiyakwazi ukuhlangabezana neengxaki ezininzi ulutsha olujamelana nazo namhlanje. Inyaniso eseBhayibhileni iye yandinceda ndakwazi ukuhlala ndinikele ingqalelo koko ndimele ndikwenze ukuze ndikhonze uYehova ngomphefumlo uphela.”

Xa wayekwiminyaka yokuqala yeshumi elivisayo, uAntoine wayecaphuka msinya. Ngenye imini wabetha omnye umfundi ngesitulo, waza wahlaba omnye ngepensile. Wawungenakuziva uhlaziyekile xa ukunye noAntoine! Kodwa ukufunda iBhayibhile kwasiguqula isimilo sakhe. Ngoku eneminyaka eli-19 ubudala yaye esisicaka solungiselelo nomlungiseleli wexesha elizeleyo ebandleni, uthi: “Ndiyambulela uYehova ngokundivumela ukuba ndimazi nangokundinceda ukuba ndibone imfuneko yokubonakalisa ukuzeyisa nokuguqula ikhondo lam. Ngale ndlela, ndiye ndakwazi ukuphepha iingxaki ezininzi.”

Abanye bayasiphawula isimo sengqondo esihlaziyayo samaKristu aselula. UMatteo liNgqina eliselula eItali. Umfundisi-ntsapho wakhe wagqiba kwelokuba nabani na othukayo kwiklasi yakhe uza kuhlawul’ imali. Kwixesha elithile kamva, abantwana bacela upheliswe lo mthetho kuba, ngokutsho kwabo, “akunakwenzeka ukuba ubani angathuki.” UMatteo ucacisa esithi: “Kodwa, umfundisi-ntsapho wathi oku akunjalo, yaye wasebenzisa mna, njengomnye wamaNgqina kaYehova njengomzekelo, endincoma phambi kwayo yonke loo klasi ngokungathuki.”

Kwiklasi eyayinabantwana abangevayo eThailand, umfundisi-ntsapho wabizela uRacha oneminyaka eli-11 ubudala phambi kweklasi waza wamncoma ngenxa yesimilo sakhe, esithi: “Kutheni ningafundi kuye? Ukhuthele kwizifundo zakhe yaye unesimilo.” Wandula ke wathi kubafundi: “Mhlawumbi ndicinga ukuba nonke kuza kufuneka nibe ngamaNgqina kaYehova, njengoRacha, ukuze niphucule isimilo senu.”

Kuyavuyisa ukubona ulutsha oluninzi olungamaKristu lusandisa ulwazi lwalo ngoYehova yaye lusenza ukuthanda kwakhe. Abantu abaselula abanjengaba balumke ngaphezu kwabanye abantwana. UThixo unokubanceda baphumelele kubomi babo ngoku baze bafumane ikamva elizukileyo kwihlabathi elitsha elizayo. (1 Timoti 4:8) Kule nkqubo yezinto ekwimeko embi ngokomoya, ezele lulutsha olunganelisekanga nolunxungupheleyo, ulutsha olungamaKristu luyahlaziya!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share