‘Nikelani Ingqalelo Engaphezu Kweqhelekileyo’
“Simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singakhukuliseki.”—HEBHERE 2:1.
1. Zekelisa indlela ukuphazamiseka okunokukhokelela ngayo kwintlekele.
IINGOZI zeenqwelo-mafutha zibulala abantu abamalunga nama-37 000 nyaka ngamnye eUnited States kuphela. Iingcali zithi inkoliso yezi ngozi ibinokuphetshwa ukuba abaqhubi bebenokunikela ingqalelo endleleni. Abanye abaqhubi baphazanyiswa yimiqondiso neebhodi zezibhengezo okanye ukusebenzisa icell phone. Abanye bayatya ngoxa beqhuba. Kuzo zonke ezi meko, ukuphazamiseka kunokukhokelela kwintlekele.
2, 3. UPawulos wawabongoza esithini amaKristu angamaHebhere, yaye kutheni sasifanelekile nje isiluleko sakhe?
2 Phantse kwiminyaka engama-2 000 ngaphambi kokuba kubekho iinqwelo-mafutha, umpostile uPawulos wachaza uhlobo oluthile lokuphazamiseka olwalungqineka luyingozi kumaKristu athile angamaHebhere. UPawulos wagxininisa ukuba uYesu Kristu ovusiweyo wanikwa isikhundla esiphakamileyo kuzo zonke iingelosi, kuba wayehleli esandleni sokunene sikaThixo. Wandula ke lo mpostile wathi: “Ngenxa yoko, simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singakhukuliseki.”—Hebhere 2:1.
3 Kwakutheni ukuze kufuneke amaKristu angamaHebhere ‘anikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto awayezivile’ ngokuphathelele uYesu? Kuba phantse kwakusekudlule iminyaka engama-30 uYesu engasekho emhlabeni. Kuba iNkosi yawo ingekho phambi kwawo, amanye amaKristu angamaHebhere ayeqalisa ukuphambuka kukholo lokwenyaniso. Ayephazanyiswa bubuYuda, unqulo lwawo lwangaphambili.
Kwakufuneka Anikele Ingqalelo Engakumbi
4. Yintoni eyayinokubangela amanye amaKristu angamaHebhere afune ukubuyela kubuYuda?
4 Yintoni eyayinokubangela umKristu afune ukubuyela kubuYuda? Kaloku, inkqubo yonqulo ngaphantsi koMthetho yayibandakanya izinto ezibonakalayo. Abantu babenokubabona ababingeleli baze bave ivumba leminikelo etshiswayo. Noko ke, kwiinkalo ezithile, ubuKristu babahluke gqitha. AmaKristu ayenoMbingeleli Omkhulu, uYesu Kristu, kodwa wayengazange abonwe emhlabeni kangangeminyaka engamashumi amathathu. (Hebhere 4:14) Ayenetempile, kodwa indawo yayo engcwele yayisezulwini. (Hebhere 9:24) Kunolwaluko lwenyama ngaphantsi koMthetho, ulwaluko lwamaKristu ‘yayilolo lwentliziyo ngawo umoya.’ (Roma 2:29) Ngoko ke, kumaKristu angamaHebhere, ubuKristu baqalisa ukuba yinto engabonakaliyo.
5. UPawulos wabonisa njani ukuba unqulo olwamiselwa nguYesu lwalubalasele kunolo loMthetho?
5 AmaKristu angamaHebhere kwakufuneka ayiqonde eyona nto ibalulekileyo ngonqulo olwamiselwa nguKristu. Lwalusekelwe kukholo kunezinto ezibonakalayo, sekunjalo lwaluphakamile kunoMthetho owawunikwe umprofeti uMoses. UPawulos wabhala: “Ukuba igazi leebhokhwe neleenkunzi zeenkomo nothuthu lwethokazi olufefwe kwabo benziwe iinqambi lingcwalisa ukusa kumkhamo wokuhlanjululwa kwenyama, liya kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi likaKristu, owathi ngomoya ongunaphakade wazinikela kuThixo engenasiphako, ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo?” (Hebhere 9:13, 14) Ewe, uxolelwaniso olwalufumaneka ngokholo kwidini likaYesu Kristu lubalasele ngeendlela ezahlukahlukeneyo kunolo lwalufumaneka ngokunikela amadini phantsi koMthetho.—Hebhere 7:26-28.
6, 7. (a) Yiyiphi imeko eyenza kwabaluleka ngamaKristu angamaHebhere ukuba ‘anikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto azivileyo’? (b) Xa uPawulos wabhalela amaHebhere incwadi yakhe, kwakusele ixesha elingakanani ngaphambi kokuba iYerusalem itshatyalaliswe? (Bona umbhalo osemazantsi.)
6 Kwakukho nesinye isizathu sokuba amaKristu angamaHebhere ayefanele anikele ingqalelo engakumbi kwizinto awayezivile ngoYesu. Waprofeta esithi iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa. UYesu wathi: “Ngenxa yokuba kuya kuza phezu kwakho imihla yaxa iintshaba zakho ziya kwakha inqaba zikujikeleze ngezibonda ezibaziweyo yaye ziya kukurhawula zize zikubandezele macala onke, yaye ziya kukuntlala emhlabeni wena nabantwana bakho abangaphakathi kuwe, kwaye aziyi kushiya litye phezu kwelitye kuwe, ngenxa yokuba akuliqondanga ixesha lokuvelelwa kwakho.”—Luka 19:43, 44.
7 Kwakuya kwenzeka nini oku? UYesu akazange achaze usuku okanye iyure. Kunoko, wanikela lo myalelo: “Xa niyibona iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente, yazini ke ukuba kusondele ukuphanziswa kwayo. Mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kuyo mabemke, nabo bakwiindawo ezisemaphandleni mabangangeni kuyo.” (Luka 21:20, 21) Ebudeni beminyaka engama-30 emva kokuba uYesu ethethe loo mazwi, amanye amaKristu eYerusalem ayekelela umxakatho aza aphazamiseka. Ngokungathi kunjalo, ajonga ecaleni. Ukuba ayengayilungisi indlela ayecinga ngayo, ngokuqinisekileyo ayeza kwehlelwa yintlekele. Enoba ayekholelwa okanye engakholelwa, iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa!a Okuvuyisayo kukuba, isiluleko sikaPawulos sawavusa loo maKristu aseYerusalem awayelele ngokomoya.
Ukunikela “Ingqalelo Engaphezu Kweqhelekileyo” Namhlanje
8. Kutheni sifanele “sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” kwiinyaniso zeLizwi likaThixo?
8 NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, sifanele “sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” kwinyaniso yeLizwi likaThixo. Ngoba? Kuba nathi sijamelene nentshabalaliso ezayo, kungekuphela nje eyohlanga olunye, kodwa eyenkqubo iphela yezinto. (ISityhilelo 11:18; 16:14, 16) Kakade ke, asiwazi owona mhla neyure uYehova aya kukwenza ngayo oku. (Mateyu 24:36) Sekunjalo, sizibonele ngamehlo ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile ezibonisa ngokucacileyo ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5) Ngenxa yoko, sifanele siyilumkele nantoni na enokusiphazamisa. Sifanele sinikele ingqalelo kwiLizwi likaThixo yaye sihlale siphaphile. Kuphela kukwenjenjalo okuya kusenza ‘siphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho.’—Luka 21:36.
9, 10. (a) Sinokubonakalisa njani ukuba sinikela ingqalelo kwizinto zokomoya? (b) Ilizwi likaThixo ‘lisisibane njani elunyaweni lwethu’ ‘nokukhanya endleleni yethu’?
9 Kula maxesha amanqam, sinokubonisa njani ukuba sinikela “ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” kwizinto zokomoya? Enye indlela kukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, kwiindibano zesiphaluka nezesithili. Kwakhona sifanele sibe ngabafundi abakhutheleyo beBhayibhile ukuze sisondele ngakumbi kuMbhali wayo, uYehova. (Yakobi 4:8) Ukuba sizuza ulwazi ngoYehova ngofundisiso lobuqu nakwiintlanganiso, siya kuba njengomdumisi owathi kuThixo: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.”—INdumiso 119:105.
10 IBhayibhile ‘ikukukhanya endleleni yethu’ xa isixelela ngeenjongo zikaThixo ngekamva. Kwakhona ‘isisibane elunyaweni lwethu.’ Ngamanye amazwi, inokusinceda ngoko sifanele sikwenze xa sineengxaki ebomini. Yiloo nto kubalulekile ukuba “sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” xa sihlanganisene namanye amakholwa ukuze sifundiswe naxa sifunda iLizwi likaThixo. Oko sikufundayo kuya kusinceda senze izigqibo zobulumko neziluncedo ezimkholisayo uYehova nezenza intliziyo yakhe ibe nemihlali. (IMizekeliso 27:11; Isaya 48:17) Sinokuyinikela njani ingqalelo engakumbi kwiintlanganiso naxa sisenza ufundisiso lobuqu ukuze sizuze ngokuzeleyo kumalungiselelo kaThixo okomoya?
Ukuphucula Indlela Esinikela Ingqalelo Ngayo Kwiintlanganiso
11. Kutheni maxa wambi kunzima ukunikela ingqalelo kwiintlanganiso zamaKristu?
11 Maxa wambi, akulula ukunikela ingqalelo kwiintlanganiso zamaKristu. Ingqondo isenokuphazamiseka lula, mhlawumbi xa kukhala umntwana okanye xa kufika umntu iintlanganiso seziqalisile yaye ekhangela indawo. Emva kokusebenza imini yonke, sisenokuba sidiniwe. Isithethi sisenokuba asiniki mdla, yaye singaqondanga, ingqondo isenokubhadula—mhlawumbi side sinqwaleke! Ngenxa yokubaluleka kwaloo nkcazelo inikelwayo, sifanele silwele ukuphucula indlela esinikela ngayo ingqalelo kwiintlanganiso zebandla. Kodwa sinokukwenza njani oku?
12. Yintoni enokwenza kube lula ngakumbi ukunikela ingqalelo kwiintlanganiso?
12 Ngokuqhelekileyo kuba lula ngakumbi ukunikela ingqalelo kwiintlanganiso xa silungiselele kakuhle. Ngoko ke, kutheni ungaziphi ixesha ukuba ucingisise ngoko kuza kuqwalaselwa? Kuthabatha nje imizuzu embalwa suku ngalunye ukufunda nokucamngca ngezahluko zofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki. Xa sicwangcisa kakuhle, sinokufumana nexesha lokulungiselela iSifundo Sencwadi Sebandla neSifundo seMboniselo. Enoba sicwangcisa njani, eyona nto iqinisekileyo kukuba: Ukulungiselela kuya kusinceda sinikele ingqalelo kumbandela oqwalaselwayo kwiintlanganiso zebandla.
13. Yintoni enokusinceda ukuze sinikele ingqalelo kumbandela oqwalaselwayo ezintlanganisweni?
13 Ukongezelela ekulungiseleleni kakuhle, bambi bafumanisa ukuba banikela ingqalelo engakumbi kwiintlanganiso xa behleli ngaphambili kwiHolo yoBukumkani. Ukujonga ngqo kwisithethi, ukutyhila iBhayibhile xa kufundwa isibhalo, nokubhala amanqaku kuyenye yeendlela zokugcina ingqondo yethu ingabhaduli. Noko ke, ukulungisa intliziyo yethu kubaluleke ngakumbi kunayo nayiphi na indlela yokusinceda sinikele ingqalelo. Sifanele siyiqonde injongo yokuhlanganisana kwethu. Sihlanganisana namanye amakholwa ngokuyintloko ukuze sinqule uYehova. (INdumiso 26:12; Luka 2:36, 37) Iintlanganiso ziyindlela ebalulekileyo yokondliwa kwethu ngokomoya. (Mateyu 24:45-47) Ukongezelela, zisinika amathuba ‘okuvuselelana eluthandweni nasemisebenzini emihle.’—Hebhere 10:24, 25.
14. Yintoni ngokwenene eyenza iintlanganiso zibe mnandi?
14 Bambi basenokufuna ukuthelekisa umgangatho weentlanganiso ngokujonga ubuchule bezithethi bokufundisa. Ukuba iintetho bezinikelwa zizithethi ezivuthiweyo, kusenokuthiwa iintlanganiso bezisemagqabini. Kodwa ukuba isithethi asikwazi kufundisa, sisenokuvakalelwa ngenye indlela. Liyinyaniso elokuba abo bakucwangciso nabo bafanele benze unako nako ukusebenzisa ubugcisa bokufundisa ingakumbi ukufikelela iintliziyo. (1 Timoti 4:16) Sekunjalo, thina njengabaphulaphuli asifanele sigxeke ngokungeyomfuneko. Nangona kubalulekile ukuba abo banezabelo babe nobuchule bokufundisa, leyo asikokuphela kwento ebangela iintlanganiso zibe mnandi. Ngaba akuvumi ukuba eyona nto iyintloko esifanele siyixhalabele, asiyondlela isithethi esiyinikela ngayo intetho yaso, kodwa yindlela esiphulaphula kakuhle ngayo? Xa sikwiintlanganiso yaye sinikela ingqalelo koko kuthethwayo, sinqula uThixo ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. Yiloo nto ke eyenza iintlanganiso zibe mnandi. Ukuba siyakulangazelela ukufunda ngoThixo, siya kuzuza kwiintlanganiso, enoba isithethi sinobuchule kangakanani na. (IMizekeliso 2:1-5) Ngoko ke, masizimisele ukwenza konke okusemandleni ‘ukunikela ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo’ kwiintlanganiso zethu.
Zuza Ngokupheleleyo Kufundisiso Lobuqu
15. Sinokuzuza njani kufundisiso naxa sicamngca?
15 Sizuza kakhulu xa ‘sinikela ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo’ ebudeni bofundisiso lobuqu naxa sicamngca. Ukufunda nokucingisisa ngeBhayibhile nangeempapasho zamaKristu kuya kusivulela amathuba okubethelela inyaniso yeLizwi likaThixo entliziyweni yethu. Oku, kuya kuphembelela indlela esicinga nesenza izinto ngayo. Eneneni, kuya kusinceda siyoliswe kukwenza ukuthanda kukaYehova. (INdumiso 1:2; 40:8) Ngoko ke, kufuneka siziqeqeshe ukuze sinikele ingqalelo ukuze sizuze xa sifundisisa. Kulula gqitha ukuphazamiseka! Sisenokuphazanyiswa nje ngunobenani—ukukhala komnxeba okanye ingxolo. Okanye kusenokwenzeka ukuba asikwazi ukunikela ingqalelo ixesha elide. Sisenokuhlala phantsi sizimisele ngokwenene ukuzondla ngokomoya, kodwa kungekudala ingqondo isenokuzulazula. Yintoni esinokuyenza ukuze “sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” xa sifundisisa iLizwi likaThixo?
16. (a) Kutheni kubalulekile ukucwangcisa ixesha lofundisiso lobuqu? (b) Uzenzele njani ixesha lokufundisisa iLizwi likaThixo?
16 Kuluncedo ukwenza ucwangciso nokukhetha indawo efanelekileyo xa ufundisisa. Inkoliso yethu ayinaxesha nendawo eyeyethu. Sisenokuvakalelwa kukuba iingxaki zobomi ziyasongamela ngokungathi sihamba nomsinga. Eneneni, ngokungathi kunjalo, sifanele silwe naloo msinga, ngokuzipha ixesha. Asinakusuka nje silindele ukuba ithuba lokufundisisa liza kuzivelela. Kunoko, sifanele sizilawule iimeko zethu ngokuzipha ixesha lokufundisisa. (Efese 5:15, 16) Bambi baye bazibekele ixesha elincinane ekuseni xa kusenokuba akukho zinto zininzi ezinokubaphazamisa. Abanye bafumanisa ukuba amathuba angokuhlwa ngawona abhetele. Ingongoma ikukuba asimele sityeshele eyona nto ibalulekileyo, ukuzuza ulwazi oluchanileyo ngoThixo nangoNyana wakhe. (Yohane 17:3) Ngoko ke masizicwangcisele ixesha lofundisiso lobuqu size sinamathele kolo cwangciso.
17. Yintoni ukucamngca, yaye kunokusizuzisa njani?
17 Ukucamngca—ukucingisisa ngoko sikufundileyo xa besifundisisa—kubalulekile. Kuyasinceda sazi iingcamango zikaThixo size oko sikubethelele entliziyweni yethu. Ukucamngca kuyasinceda sibone indlela yokusebenzisa isiluleko seBhayibhile ukuze sibe ‘ngabenzi belizwi, singabi ngabevayo kuphela.’ (Yakobi 1:22-25) Ngaphezu koko, ukucamngca kuyasinceda sisondele kuYehova, kuba kusenza sibone iimpawu zakhe nendlela ezibalaseliswa ngayo koko sikufundayo.
18. Ukuze sicamngce ngokuphumelelayo sifanele sibe kwiimeko ezinjani?
18 Ukuze sizuze ngokupheleleyo xa sifundisisa naxa sicamngca, simele sisuse yonke into eza kusiphazamisa engqondweni. Ukuze singenise inkcazelo entsha xa sicamngca, simele singavumeli iziphazamiso zokuphila kwale mihla zisiphazamise. Ukwenjenjalo kufuna ixesha nokuba wedwa, ukanti hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukuzuza ukutya kokomoya namanzi enyaniso afumaneka kwiLizwi likaThixo!
19. (a) Ngokuphathelele ufundisiso lobuqu, yintoni encede abanye bakwazi ukunikela ingqalelo engakumbi? (b) Simele sibe njani isimo sethu sengqondo ngokufundisisa, yaye ziziphi iinzuzo esinokuzifumana ngokwenza le nto ibalulekileyo?
19 Kuthekani ukuba asikwazi kunikela ingqalelo ixesha elide zize iingqondo zethu zibhadule emva kokufundisisa ixesha nje elifutshane? Bambi baye bafumanisa ukuba bayakwazi ukunikela ingqalelo engakumbi xa befundisisa, ngokuqala bafundisise ixesha elifutshane baze ngokuthe ngcembe balandise elo xesha. Usukelo lwethu lufanele lube kukuchitha ixesha elaneleyo xa sifundisisa kunokuba sigqagqanise nje ukuze sigqibe. Simele sihlakulele umdla ngoko siza kukufunda. Yaye sinokwenza uphando olungakumbi sisebenzisa inkcazelo eninzi enikelwa ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Kubaluleke gqitha ukuziphanda ‘izinto ezinzulu zikaThixo.’ (1 Korinte 2:10) Ukwenjenjalo kusenza simazi ngakumbi uThixo size sisebenzise amandla ethu okucinga. (Hebhere 5:14) Ukuba singabafundi abanenzondelelo beLizwi likaThixo, kwakhona siya ‘kukufanelekela ukufundisa abanye.’—2 Timoti 2:2.
20. Sinokuluhlakulela size silulondoloze njani ulwalamano olusenyongweni noYehova uThixo?
20 Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokwenza ufundisiso lobuqu kuya kusinceda sihlakulele size sihlale sinolwalamano olusenyongweni noYehova. Kuyabonakala ukuba, kwakunjalo ngomdumisi owathi kuThixo: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.” (INdumiso 119:97) Ngoko ke, masenze unako nako ukuya rhoqo kwiintlanganiso, kwiindibano zesiphaluka nezesithili. Yaye kwanga singazipha ixesha lokufundisisa iBhayibhile nokucamngca. Ngaloo ndlela siya kufumana umvuzo omkhulu ngokunikela “ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo” kwiLizwi likaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kusenokwenzeka ukuba incwadi eya kumaHebhere yabhalwa ngowama-61 C.E. Ukuba kunjalo, iYerusalem yarhanqwa kwiminyaka emihlanu kamva yimikhosi exhobileyo kaCestius Gallus. Kungekudala loo mikhosi yarhoxa, ivumela amaKristu aphaphileyo ukuba asabe. Kwiminyaka emine emva koko, eso sixeko satshatyalaliswa yimikhosi yamaRoma eyayikhokelwa nguNjengele uTitus.
Ngaba Usakhumbula?
• Kwakutheni ukuze amanye amaKristu angamaHebhere aphambuke kukholo lokwenyaniso?
• Sinokuhlala njani sinikele ingqalelo kwiintlanganiso zamaKristu?
• Yintoni eya kusinceda sizuze kufundisiso lweBhayibhile nasekucamngceni?
[Umfanekiso okwiphepha 11]
AmaKristu angamaHebhere kwafuneka ahlale eyiphaphele intshabalaliso yeYerusalem eyayisondele
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Abazali banokunceda abantwana babo bazuze kwiintlanganiso zamaKristu