IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 11/1 iphe. 3-4
  • Kutheni Kunzima Kangaka Ukucela Uxolo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kunzima Kangaka Ukucela Uxolo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokucela Uxolo
    Vukani!—2015
  • Ngaba Ngokwenene Kuyafuneka Ucele Uxolo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukucela Uxolo—Undoqo Wokudala Uxolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Yenza Kube Mnandi Emtshatweni: Cela Uxolo
    Ukunceda Iintsapho
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 11/1 iphe. 3-4

Kutheni Kunzima Kangaka Ukucela Uxolo?

NGOJULAYI 2000, iNkundla Yowiso-mthetho yaseKhalifoniya eUnited States yamisa umthetho owawukhulula ubani ukuba angabi natyala xa ebonakalisa uvelwano kumntu owenzakele kwingozi bobabini abebekuyo. Kwakutheni ukuze kumiselwe lo mthetho? Kwaphawulwa ukuba xa kwenzeke ingozi okanye umonakalo othile, ngokuqhelekileyo abantu baba madolw’ anzima ukucela uxolo kuba besoyika ukungathi bayavuma enkundleni ukuba banetyala. Kwelinye icala, bambi basenokucaphuka kuba becinga ukuba ubani ufanele acele uxolo, yaye impazamo nje encinane isenokubangela udushe.

Kakade ke, akukho mfuneko yakucela uxolo ungenzanga nto. Yaye kusenokubakho amaxesha apho umele ukulumkele oko ukuthethayo. Umzekeliso wakudala uthi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.” (IMizekeliso 10:19; 27:12) Sekunjalo, usenokubonakalisa intlonelo uze ube luncedo.

Noko ke, ngaba akuyonyaniso ukuba abantu abaninzi bayekile ukucela uxolo, enoba abasayi kumangalelwa? Ekhaya inkosikazi isenokukhalaza isithi, ‘Umyeni wam akakhe acele uxolo enoba wenze ntoni.’ Emsebenzini umphathi usenokukhalaza esithi, ‘Abaqeshwa bam abazivumi iimpazamo zabo yaye abafane bacele uxolo.’ Esikolweni utitshala usenokuthi, ‘Aba bantwana abafundiswanga ukucela uxolo.’

Esinye isizathu esiye sibangele kube nzima ngomntu ukucela uxolo kukoyika ukuba lusenokungamkelwa. Esoyika ukuphathwa ngolunya, ubani usenokungayibonakalisi indlela ngokwenene avakalelwa ngayo. Eneneni, loo mntu woniweyo usenokumphepha ngokupheleleyo lowo umonileyo, nto leyo eyenza kube nzima ukuba baxolelane.

Ukungazikhathaleli iimvakalelo zabanye kusenokuba sesinye isizathu esibangela ukuba kube nzima kwabanye ukucela uxolo. Basenokuthi, ‘Ukucela uxolo akusayi kulungisa impazamo endiyenzileyo.’ Sekunjalo bambi baba mathidala ukucela uxolo ngenxa yoko kusenokwenzeka. Bayazibuza, ‘Ngaba ndiza kubekwa ityala ndize ndihlawuliswe?’ Noko ke, eyona nto ingumqobo ekuvumeni iimpazamo likratshi. Umntu onekratshi kangangokuba angakwazi ukuthi “Ndicela uxolo” usenokuba eneneni uthi, ‘Andifuni kuzithob’ isidima ngokuvuma ukuba ndenze impazamo. Oko kuza kundikhupha isithunzi.’

Enoba oku kubangelwa yintoni, abaninzi bakufumanisa kunzima ukucela uxolo. Kodwa ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukucela uxolo? Ziziphi iinzuzo ezifumanekayo ngokucela uxolo?

[Umfanekiso okwiphepha 3]

“Aba bantwana abafundiswanga ukucela uxolo”

[Umfanekiso okwiphepha 3]

“Umyeni wam akakhe acele uxolo”

[Umfanekiso okwiphepha 3]

“Abaqeshwa bam abazivumi iimpazamo zabo”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share