Ibali Lobomi
Siye Sahlala Kwisabelo Sethu
NGOKUBALISWA NGUHERMANN BRUDER
Zazimbini nje kuphela izinto endandifanele ndikhethe phakathi kwazo: ukukhonza iminyaka emihlanu kwiNkampu Yamajoni AseFransi okanye ndivalelwe kwintolongo yaseMorocco. Makhe ndikubalisele ukuba sendikule nyula nje bekuqale kwathini.
NDILIBONE ilanga eOppenau, eJamani, ngowe-1911, kwiminyaka nje emithathu ngaphambi kokuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi I. Abazali bam, uJoseph noFrida Bruder, babenoonyana neentombi ezili-17. Mna ke bendingowe-13 kwabo bantwana.
Ndikhumbula ndiseyinkwenkwana ndibukele iqela lomculo lamajoni limatsha ukwehlisa isitrato esikhulu sedolophu yakowethu. Nditsalwa sisingqi esidlamkileyo sokumatsha kwawo, ndazilandela ezo mvumi ukuya kwisikhululo sazo apho ndafika ndabona uTata kunye namanye amajoni awayenxibe iimpahla zomkhosi elungele ukukhwela kuloliwe. Njengoko lo loliwe wayenduluka, iinyembezi zazehlela kwamanye amabhinqa awayemi apho. Kungekudala emva koko, umfundisi wethu watsho ngomtyangampo wentshumayelo ecaweni waza wakhankanya amagama amadoda amane awafela ilizwe lawo. Wathi, “Asezulwini sithethanje.” Ibhinqa elalimi ngakum laf’ isiqaqa.
UTata wangenwa yicesina ngenxa yeengqele zaseRashiya. Wafik’ ekhaya egulel’ ukufa, kangangokuba ngokukhawuleza nje wangeniswa kwisibhedlele sasekuhlaleni. Umfundisi wacebisa ngelithi, “Yiya phaya kula cawa ingasemangcwabeni, ufike uphindaphinde uBawo Wethu Wasemazulwini izihlandlo ezingama-50, uphinde wenze umthandazo othi Mariya Ongcwele izihlandlo ezingama-50. Uza kuphila ke utat’ akho.” Ndayenza loo nto, kodwa uTata wafa ngemini elandelayo. Nangona ndandiseyinkwenkwana, imfazwe yandichaphazela kabuhlungu gqitha.
Indlela Endayifumana Ngayo Inyaniso
Kwakunzima gqitha ukufumana umsebenzi eJamani ngaloo maxesha emfazwe. Noko ke, emva kokuba ndiphumile esikolweni ngowe-1928, ndafumana umsebenzi wokunyamekela isitiya eBasel, eSwitzerland.
Kanye njengoTata, ndandingumKatolika onenzondelelo. Ndandinosukelo lokuba yimonki eyiCapuchin kwelaseIndiya. Xa umninawa wam uRichard, owayesele eliNgqina likaYehova ngelo xesha, weva ngolu sukelo lwam, waya kwelaseSwitzerland ngelokuzama ukunditshintsha ingqondo. Wandibonisa indlela okuyingozi ngayo ukuthembela ngabantu, ingakumbi abefundisi, waza wandikhuthaza ukuba ndifunde iBhayibhile ndize ndithembe yona kuphela. Nakuba ingqondo yayithath’ ibeka, ndazifumanela iTestamente Entsha ndaza ndaqalisa ukuyifunda. Ngokuthe ngcembe kwaya kusithi qwenge ndabona ukuba iinkolelo zam ezininzi zazingavisisani noko kufundiswa yiBhayibhile.
Ngenye iCawa ngowe-1933, xa ndandisemzini kaRichard eJamani, wandazisa kwesinye isibini esitshatileyo esasingamaNgqina kaYehova. Sathi sakufumanisa ukuba ndifunda iBhayibhile, sandinika incwadana ethi The Crisis.a Ndayifunda loo ncwadana de kwasezinzulwini zobusuku. Ndandiqinisekile ukuba ndiyifumene inyaniso!
AmaNgqina kaYehova aseBasel andinika imiqulu emibini yeStudies in the Scripturesb kunye namaphephancwadi nezinye iimpapasho. Ngenxa yokuchukunyiswa koko ndandikufunda, ndaqhagamshelana nomfundisi walapho ndaza ndacela ukuba alicime igama lam kwiincwadi zecawa. Loo mfundisi waba lugcwabevu ngumsindo, endilumkisa esithi ndiza kuphelelwa lukholo. Enyanisweni, ndandiqinisekile ukuba andiphelelwanga lukholo. Ebomini bam, ndandiqala ukufumana ukholo lokwenyaniso.
Ngaloo mpelaveki abazalwana baseBasel babeceba uhambo lokuya kushumayela ngaphaya komda, besiya eFransi. Omnye umzalwana wandichazela ngobubele ukuba ndandingamenywanga kuba ndandisemtsha ebandleni. Andizange ndityhafe, kunoko ndavakalisa umnqweno wam wokuqalisa ukushumayela. Emva kokudlan’ indlebe nomnye umdala, wandinika isabelo sokuya kushumayela eSwitzerland. Ngentseni yangeCawa, ndakhwela ibhayisikile ndaya kwidolophana ekufutshane naseBasel, yaye kwibhegi yam yasentsimini ndandifake iincwadi ezi-4, amaphephancwadi angama-28 neencwadana ezinemifanekiso ezingama-20. Uninzi lwabantu balapho lwalusecaweni ukufika kwam. Sekunjalo, yathi ibetha intsimbi ye-11 kwabe kungasekho kwanto ebhegini yam.
Xa ndaxelela abazalwana ukuba ndifuna ukubhaptizwa, baba nentlanganiso kunye nam baza bandibuza imibuzo yokuhlola ulwazi endandinalo ngenyaniso. Ndachukunyiswa yinzondelelo nokunyaniseka kwabo kuYehova nakwintlangano yakhe. Kuba kwakusebusika, omnye umzalwana wandibhaptiza kwibhafu yomzi womnye umdala. Ndikhumbula indlela endavuya ngayo nendaziva ndomelele ngayo. Kwakungowe-1934 ke ngoko.
Ukusebenza KwiFama YoBukumkani
Ngowe-1936, ndeva ukuba amaNgqina kaYehova athenge isiza eSwitzerland. Ndazinikela ukuba ndiye kusebenza apho njengomlimi. Hayi indlela endavuya ngayo xa ndabelwa ukuba ndiye kusebenza kwiFama yoBukumkani eSteffisburg, emalunga neekhilomitha ezingama-30 ukusuka eBern. Nanini na ndikwazi ndandidla ngokuncedisa abanye emsebenzini wabo ababewenza kuloo fama. EBheteli ndafunda indlela ekubaluleke ngayo ukuba nomoya wentsebenziswano.
Esona siganeko sibalulekileyo kuyo yonke le minyaka ndiseBheteli lutyelelo lukaMzalwan’ uRutherford kuloo fama ngowe-1936. Wathi akubona indlela ezazinkulu ngayo iitumato nokuchuma kwezityalo ezazilapho, wancuma akakwazi ukuwuvala umlomo ngenxa yolwaneliseko. Lo mzalwana wayenobuhlobo ngokwenene!
Kwathi sele ndikhonze iminyaka nje emithathu kuloo fama, kwafundwa ileta evela kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eUnited States ngexesha lesidlo sakusasa. Le leta yabonisa indlela ongxamiseke ngayo umsebenzi wokushumayela, imema nabani na owayenomnqweno wokuya kuba nguvulindlela kummandla okude. Ndafak’ isicelo ngaphandle kokulibazisa. Ndathunyelelwa isabelo ngoMeyi 1939—sisithi mandiye eBrazil!
Ngelo xesha, ndandinxulumana neBandla laseThun, kufutshane neFama yoBukumkani. NgeeCawa, iqela lethu lalidla ngokuya kushumayela kwiiAlps, ezikumgama weeyure ezimbini ngebhayisikile ukusuka eThun. Kwelo qela kwakukho noMargaritha Steiner. Kwathi qatha nto ithile kum: Kanene akazange na uYesu abathume ngababini abafundi bakhe? Xa ndayithi thsuphe kuMargaritha into yokuba ndabelwe eBrazil, naye wathi uyanqwenela ukukhonza apho imfuneko inkulu khona. Satshata ngoJulayi 31, 1939.
Umqobo Ongalindelekanga
Ekupheleni kuka-Agasti 1939, sakhwela inqanawa esuka eLe Havre, eFransi, isingise eSantos, eBrazil. Onke amagumbi alala abantu ababini ayesele ezele, ngoko kwafuneka silale kumagumbi ahlukeneyo. Sisesendleleni eya apho, seva iindaba zokuba iGreat Britain neFransi zihlasele iJamani. Abantu abangama-30 baseJamani ababekhwele apho, ngoko nangoko bacula umhobe wesizwe waseJamani. Oku kwamcaphukisa kakhulu umphathi wenqanawa kangangokuba watshintsha indlela waya kumisa kwizibuko laseSafi, eMorocco. Abakhweli ababenamaphepha-mvume okundwendwela aseJamani banikwa nje imizuzu emihlanu yokwehla. Nathi sasikwelo qela.
Sagcinwa imini yonke kwisikhululo samapolisa saza sahlohlwa kwibhasi egxokogxoko, sasiwa kwintolongo yaseMarrakech, emalunga neekhilomitha ezili-140 ukusuk’ apho. Yaqala ke inkathazo. Izisele zethu zaziphuphuma yaye zimnyama. Indlu yangasese eyayisetyenziswa ngumntu wonke—eyayingumngxuma nje—yayisoloko izele mome. Ngamnye kuthi wayelaliswa kwingxowa emdaka, yaye ebusuku sasilunywa ziimpuku eziqulubeni. Sasinikwa umxhesho wokutya ngetoti enomhlwa kabini ngemini.
Elinye igosa lasemkhosini landichazela ukuba ndandinokukhululwa kuphela xa ndivuma ukusebenza iminyaka emihlanu kwiNkampu Yamajoni AseFransi. Ndathi ndakwala ndahlaliswa iiyure ezingama-24 emngxunyeni omnyama. Ngalo lonke elo xesha ndandithandaza.
Emva kweentsuku ezisibhozo, abaphathi-ntolongo bandivumela ukuba ndiphinde ndiye kubona uMargaritha. Wayebhitye engumcinga, yaye wayehleli entywizisa. Ndandisenza konke okusemandleni am ukumthuthuzela. Sancinwa saza sathunyelwa eCasablanca ngololiwe, apho uMargaritha wafika wakhululwa. Mna ndathunyelwa kwinkampu yentolongo ePort Lyautey (ngoku eyiKenitra), emalunga neekhilomitha ezili-180 ukusuka apho. Unozakuzaku welizwe laseSwitzerland wacebisa uMargaritha ukuba abuyele eSwitzerland, kodwa wala ukundishiya ndedwa kwelo lizwe. Kwiinyanga ezimbini ndisePort Lyautey, mihla le wayedla ngokundityelela esuka eCasablanca endiphathele ukutya.
Kunyaka ongaphambili, amaNgqina kaYehova ayepapashe incwadi ethi Kreuzzug gegen das Christentum (Iphulo Elinxamnye NobuKristu) ukuze azise abantu bonke ukuba amaNgqina akananxaxheba kubuNazi. Ngoxa ndandikwinkampu yentolongo, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseBern yabhalela abasemagunyeni baseFransi, ibathumelela nombhalo waloo ncwadi ngenjongo yokubabonisa ukuba asingomaNazi. Naye uMargaritha wenza umsebenzi omhle kakhulu ngokutyelela amagosa aseburhulumenteni, ewachazela ngobumsulwa bethu. Ekugqibeleni, ekupheleni kowe-1939, sakhululwa ukuba sihambe eMorocco.
Ngoxa sasikwinqanawa eya eBrazil safumanisa ukuba iinkwili zaseJamani zazihlasela iinqanawa ezikwiAtlantiki yaye zazijoliswe kanye kuthi. Nangona inqanawa iJamaique esasikhwele kuyo yayiyeyorhwebo, yayinemipu ngaphambili nangasemva. Emini, umqhubi wenqanawa wayesenza amajikojiko yaye edubula engayeki. Ebusuku sasizicima izibane zenqanawa ukuze singabonwa ngamaJamani. Zatsho zehla izibilini xa ekugqibeleni safikayo kwizibuko laseSantos, eBrazil, ngoFebruwari 6, 1940, kwisithuba esingaphezu kweenyanga ezintlanu emva kokunduluka kwethu eYurophu!
Ukubuyela Entolongweni
Isabelo sethu sokuqala sokushumayela sasiseMontenegro, idolophu eseRio Grande do Sul kumazantsi eBrazil. Yacaca into yokuba abefundisi beecawa babesele bexelelwe ngokufika kwethu apho. Emva kokuba sishumayele nje iiyure ezimbini, sabanjwa ngamapolisa aza asihlutha amacwecwe egramafoni aneentshumayelo zeBhayibhile, nalo lonke uncwadi lwethu kuquka neebhegi zethu zasentsimini ezazenziwe ngofele lwenkamela nesasizithenge eMorocco. Safika kwisikhululo samapolisa silindwe ngumfundisi negosa lakhe elalithetha isiJamani. Babephulaphule ngoxa igosa eliyintloko lamapolisa lalidlala enye yeentetho zikaMzalwan’ uRutherford kwigramafoni yethu elaliyihluthile. UMzalwan’ uRutherford wayethetha phandle kuloo ntetho! Kwathi kwakufikelelwa kwindawo eyayithetha ngeVatican, lo mfundisi waligqabi ngumsindo waza evuthuza wee gwiqi phandle.
Ngesicelo sikabhishophu waseSanta Maria amapolisa asitshintshela ePôrto Alegre, elikomkhulu lalapho. UMargaritha wakhawuleza wakhululwa waza wacela uncedo koonozakuzaku baseSwitzerland. Omnye unozakuzaku wacebisa ukuba abuyele eSwitzerland. Kwakhona akazange avume ukundishiya. UMargaritha ebesoloko eliqabane elithembekileyo. Kwiintsuku ezingama-30 kamva ndancinwa ndaza ndakhululwa. Amapolisa asikhethisa phakathi kwezinto ezimbini: ukuba simke kwelo lizwe kwiintsuku nje ezilishumi okanye sidibane “neembila zithutha.” Ngokwecebiso elalivela kwikomkhulu saya eRio de Janeiro.
“Nceda Ufunde Eli Khadi”
Nakuba kwakunzima xa sasifika eBrazil, kwakusichulumancisa ngokwenene ukuba lapho! Ngapha koko, sasisaphila, sinoncwadi oluninzi, yaye kwakufuneka sishumayele kulo lonke elaseRio de Janeiro. Kodwa sasiza kushumayela njani ekubeni sasingasazi kakuhle isiPhuthukezi? Sasebenzisa amakhadi. Ibinzana elithi “Por favor, leia este cartão” (“Nceda ufunde eli khadi”) yaba libinzana lokuqala lesiPhuthukezi esafunda ukulisebenzisa kumsebenzi wokushumayela. Ibe lalisebenza ngokwenene! Kwinyanga nje enye, sahambisa iincwadi ezingaphezu kwe-1 000. Abaninzi esabanika uncwadi lwethu lweBhayibhile bayamkela inyaniso kamva. Xa ndinixelela inyaniso, iimpapasho zethu zizo ezanikela ubungqina obucacileyo ngaphezu kwethu. Loo nto yandifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuludlulisela kubantu abanomdla uncwadi lwethu.
IRio de Janeiro yayilikomkhulu laseBrazil ngelo xesha, yaye isigidimi sethu samkelwa ngomdla omkhulu kumaziko karhulumente. Ndafumana ilungelo lokunikela ubungqina kumphathiswa wezemali nakumphathiswa wezemikhosi. Kungezi zihlandlo, endazibonela ngawam amehlo ukusebenza komoya kaYehova.
Ngesinye isihlandlo, xa ndandishumayela kwizakhiwo ezikumbindi weRio, ndaya kungena nakwiSebe Lezobulungisa. Ndingaqondanga ndazibona sendikwigumbi elithile ndingqongwe ngamadoda avath’ ezimnyama, kukhangeleka ngathi kuqhutywa umngcwabo. Ndaya kwenye indoda eyayikhangeleka isisithwala-ndwe ndaza ndayinika ikhadi. Kwakungaqhutywa mngcwabo. Ndafumanisa ukuba ndiphazamise inkundla, ibe yayiyijaji le ndandithetha nayo. Ihleka, yayalela oonogada ukuba behlise izibilini. Ngomoya omhle yayamkela incwadi ethi Childrenc yaza yakhupha umnikelo. Njengoko ndandiphuma, omnye unogada wandibonisa umbhalo ocacileyo osemnyango othi: Proibida a entrada de pessoas estranhas (Izibhadubhadu Azamkelekanga Apha).
Enye intsimi eyayinemveliso yayilizibuko. Ngenye imini, ndadibana nomatiloshe owathabatha uncwadi ngaphambi kokuba anduluke ngenqanawa. Kamva, sadibana naye endibanweni. Yonke intsapho yakhe yayamkela inyaniso, yaye naye wayeqhuba kakuhle kakhulu. Yasivuyisa gqitha loo nto.
Noko ke, izinto azizange zihambe ngokutyibilikayo. Iincwadi zethu zokundwendwela ezithabatha iinyanga ezintandathu zaphelelwa, yaye sasinokugxothwa nanini na kwelo. Emva kokubhalela ikomkhulu sichaza ngemeko yethu, safumana impendulo yothando evela kuMzalwana uRutherford, esikhuthaza ukuba sinyamezele ibe ecebisa nangendlela esinokwenza ngayo. Sasinqwenela ukuhlala eBrazil, yaye ekugqibeleni igqwetha elithile lasinceda safumana iincwadi zokundwendwela ezisisigxina ngowe-1945.
Isabelo Sexesha Elide
Noko ke, ngaphambi koko, ngowe-1941 saba nonyana uJonathan, sanentombi uRuth ngowe-1943, noEsther ngowe-1945. Ukuze ndinyamekele iimfuno zale ntsapho yayisele inkulu, kwanyanzeleka ukuba ndifumane umsebenzi wempangelo. UMargaritha waqhubeka nokushumayela ixesha elizeleyo de wabeleka umntwana wesithathu.
Kwasekuqaleni, sasisebenza njengentsapho sishumayela kumbindi wesixeko, kwizikhululo zikaloliwe, ezitratweni nakumaziko ezoshishino. Ngokuhlwa ngeMigqibelo, sasisasaza IMboniselo noVukani! sonke njengentsapho, yaye kwakuba mnandi gqitha.
Xa sisekhaya, mntwana ngamnye wayenomsebenzi wakhe. Umsebenzi kaJonathan wawukukucoca isitovu nekhitshi. Wona amantombazana ayecoca ifriji, atshayele iyadi aze apolishe nezihlangu zethu. Oku kwawanceda ukuba alungelelane aze athande umsebenzi. Namhlanje, abantwana bethu bawukhuthalele umsebenzi, beyinyamekela kakuhle nemizi yabo, nto leyo esonwabisa gqitha sinoMargaritha.
Sasikwalindele ukuba aba bantwana bazinze ezintlanganisweni. Ngaphambi kokuqalisa kweentlanganiso, babesela iglasi yamanzi baze baye kwindlu yangasese. Ezintlanganisweni, uJonathan wayehlala ngasekhohlo kwam, uRuth yena ahlale ngasekunene, ibe nguMargaritha, kuze ngasekunene kwakhe kuhlale uEsther. Oku kwakubanceda banikele ingqalelo baze bazondle ngokutya kokomoya besebancinane.
UYehova uye wayisikelela imigudu yethu. Bonke abantwana bethu basamkhonza ngokuthembeka uYehova yaye bayakuvuyela ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela. Ngoku uJonathan ungumdala kwiBandla laseNovo Méier, eRio de Janeiro.
Ngowe-1970, bonke abantwana bethu babesele betshatile benemizi yabo, ngoko sinoMargaritha sagqiba kwelokuba siye kukhonza apho imfuneko inkulu khona. Saqala ePoços de Caldas, ekwiLizwe laseMinas Gerais, ngelo xesha eyayineqaqobana labavakalisi boBukumkani abali-19. Ndakhathazeka xa ndaqala ukubona indawo ababehlanganisana kuyo—yayiligumbi elingaphantsi komhlaba, lingenazo neefestile yaye likwimeko engentle kwaphela. Ngaphandle kokulibazisa, saqalisa ukukhangela iHolo yoBukumkani efanelekileyo yaye sakhawuleza safumana isakhiwo esikwimeko entle gqitha esimi kwindawo entle. Oko kwenza umahluko omkhulu gqitha! Kwiminyaka emine enesiqingatha kamva, inani labavakalisi lalinyuke laya kutsho kwi-155. Ngowe-1989 saya eAraruama, eseRio de Janeiro, apho sakhonza iminyaka esithoba. Ngelo xesha kwasekwa amabandla amabini amatsha.
Umvuzo Wokuhlala Kwisabelo Sethu
Ngowe-1998, impilo enkenenkene nokufuna ukuba kufutshane ebantwaneni bethu, yasibangela ukuba sifudukele eSão Gonçalo, eseRio de Janeiro. Ndisakhonza apho njengomdala webandla. Senza konke okusemandleni ethu ukuze sibe nesabelo rhoqo kumsebenzi wokushumayela. UMargaritha uyakuvuyela ukushumayela kubantu abakwivenkile ekufutshane, yaye ngobubele ibandla liye lasinika intsimi ekufutshane nomzi wethu, nto leyo eyenza kube lula ukushumayela xa impilo ivuma.
Mna noMargaritha sesigqibe iminyaka engaphezu kwengama-60 sikhonza uYehova ngokuzinikela. Sizibonele ngokwethu ukuba ‘akukho rhulumente nazinto zilapha ngoku nazinto zizayo namandla nakuphakama nabunzulu naso nasiphi na esinye isidalwa esinako ukusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.’ (Roma 8:38, 39) Yaye olunjani lona uvuyo okube lulo ukubona ukuhlanganiswa ‘kwezinye izimvu,’ ezinethemba elimangalisayo lobomi obungunaphakade kumhlaba ogqibeleleyo, ozaliswe yindalo entle kaThixo! (Yohane 10:16) Ukufika kwethu ngowe-1940, eRio de Janeiro kwakukho ibandla nje elinye kuphela, elinabavakalisi abangama-28. Kodwa sithethanje, kukho amabandla amalunga nama-250 kwakunye nabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwama-20 000.
Kwakukho izihlandlo ezazinokusenza sibuyele kwiintsapho zethu eYurophu. Kodwa isabelo sethu esisinikwe nguYehova silapha eBrazil. Hayi indlela esivuya ngayo kuba siye sahlala kuso!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ayisashicilelwa.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ayisashicilelwa.
c Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ayisashicilelwa.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
SikwiFama yoBukumkani, eSteffisburg, eSwitzerland, ngasekupheleni kweminyaka yee-1930 (Ndisekugqibeleni ngasekunene)
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Kwithutyana nje ngaphambi kokuba sitshate ngowe-1939
[Umfanekiso okwiphepha 23]
ECasablanca ngeminyaka yee-1940
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukushumayela njengentsapho
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Nangoku ndiba nesabelo rhoqo kubulungiseleli