“Yizani Kum, . . . Yaye Ndiza Kunihlaziya”
“Waluseni Umhlambi KaThixo”
“Nisoloko nilungele ukuphulaphula nokusikhuthaza ngamazwi eBhayibhile.”—Pamela.
“Siyabulela ngako konke enisenzela kona. Nisinceda gqitha.”—Robert.
UPAMELA noRobert baziva benyanzelekile ukubhalela abadala abangamaKristu abasemabandleni abo la mazwi oxabiso. Abanye phakathi kwabakhonzi bakaThixo ehlabathini lonke nabo banombulelo ngenkxaso nenkathalo abasoloko beyifumana kwabo ‘balusa umhlambi kaThixo.’ (1 Petros 5:2) Enyanisweni, abantu bakaYehova banombulelo ngezinto ezininzi abadala ababenzela zona nangendlela abazenza ngayo.
‘Banokuninzi Kokwenza’
Abadala abangamaKristu baneembopheleleko ezininzi. (Luka 12:48) Balungiselela iintetho zeentlanganiso zebandla yaye bashumayela kubantu bonke iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Imisebenzi yabo iquka ukutyelela amanye amakholwa ngenjongo yokwalusa. Abadala bachitha ixesha nabo bafuna ingqalelo ekhethekileyo—abalupheleyo nabanye—ngaphandle kokutyeshela impilo-ntle yokomoya neyezinto eziphathekayo yeentsapho zabo. (Yobhi 29:12-15; 1 Timoti 3:4, 5; 5:8) Abanye abadala bancedisa ekwakheni iiHolo zoBukumkani. Abanye basebenza kwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele okanye bangamalungu Amaqela Atyelela Abaguli. Yaye inkoliso yabo isebenza kwiindibano ezincinane nezinkulu njengamatsha-ntliziyo. Ewe, abadala ‘banokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Korinte 15:58) Akumangalisi ke ngoko ukuba aba badala bazibhokoxayo bexatyiswa kakhulu ngabo babanyamekelayo!—1 Tesalonika 5:12, 13.
Abadala abatyelela rhoqo amanye amaKristu emakhayeni awo okanye kwezinye iindawo ukuze bawomeleze ngokomoya balukhuthazo lokwenene. UThomas owakhula engahlali noyise wathi: “Ukuba bendingazange ndifumane inkxaso yothando nokhuthazo lwabadala, andiqondi ukuba ngendikhonza uYehova njengomlungiseleli wexesha elizeleyo namhlanje.” Ulutsha oluninzi olukhulele kwiintsapho ezinomzali omnye luyaqonda ukuba inyameko oluyifumana kubadala iye yalunceda ukuba lwakhe ulwalamano olusondeleyo noThixo.
Abo bakhulileyo ebandleni nabo bayawaxabisa amatyelelo okwalusa. Emva kokuba isibini esingabavangeli basemazweni esikwiminyaka engama-80 ubudala sityelelwe ngabadala ababini, sabhala: “Sivakalisa uxabiso lwethu ngotyelelo lwenu. Emva kokuba nihambile, saphinda safunda izibhalo enasifundela zona. Asisayi kuwalibala amazwi enu okhuthazo.” Umhlolokazi oneminyaka engama-70 ubudala wabhalela abadala esithi: “Bendithandaza kuYehova ndicela uncedo, yaye uye wathumela nina nobabini bazalwana ekhayeni lam. Utyelelo lwenu lwaluyintsikelelo evela kuYehova!” Ngaba uye wazuza kutyelelo oluye lwenziwa ngabadala ebandleni lakho kutshanje? Ngokuqinisekileyo sonke siyayixabisa imigudu yabo ekwaluseni umhlambi!
Abalusi Abaxelisa UThixo NoKristu
UYehova unguMalusi onothando. (INdumiso 23:1-4; Yeremiya 31:10; 1 Petros 2:25) UYesu Kristu naye unguMalusi wokomoya obalaseleyo. Eneneni, ubizwa ngokuba “ngumalusi omhle,” “umalusi omkhulu,” ‘nomalusi oyintloko.’ (Yohane 10:11; Hebhere 13:20; 1 Petros 5:4) UYesu wayebaphatha njani abo babefuna ukuba ngabafundi bakhe? Wabamema ngothando esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.”—Mateyu 11:28.
Ngokufanayo namhlanje abadala bazabalazela ukuba ngabahlaziyayo nabakhusela umhlambi. Amadoda anjalo ‘anjengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, abe njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.’ (Isaya 32:2) Abakhuseli abanobubele abanjalo bayahlaziya, bayahlonelwa ngumhlambi, yaye uThixo uyakholiswa ngabo.—Filipi 2:29; 1 Timoti 5:17.
Inkxaso Exabisekileyo Yabafazi Babo
Abantu bakaThixo banombulelo ngabadala abangamaKristu nangenkxaso enothando efunyanwa ngala madoda kubafazi bawo. Ukunikela inkxaso kudla ngokufuna ukuba abafazi abanjalo bazincame. Maxa wambi, baba semakhayeni abo ngoxa abayeni babo benyamekela imicimbi yebandla okanye besenza amatyelelo okwalusa. Ngamanye amaxesha, kuye kufuneke ukuba izinto ebezicwangcisiwe zibekelwe ecaleni kuba kuye kwavela ingxaki engxamisekileyo ebandleni. UMichelle wathi: “Sekunjalo, xa ndibona umyeni wam exakekile elungiselela iintlanganiso okanye amatyelelo okwalusa, ndiye ndikhumbule ukuba wenza umsebenzi kaYehova, yaye ndiye ndizame ukumxhasa kangangoko kunokwenzeka.”
UCheryl, naye otshate nomdala, wathi: “Ndiyazi ukuba abazalwana noodade ebandleni bafuna abadala abanokuthetha nabo, yaye ndifuna ukuba bavakalelwe kukuba banokuza kumyeni wam nangaliphi na ixesha bemfuna.” Abafazi abanenkxaso, abanjengoMichelle noCheryl, bayazincama ngokuzithandela ukuze abayeni babo banyamekele izimvu zikaThixo. Abafazi babadala bayabulelwa ngomoya wabo wenkxaso.
Sekunjalo, umdala oxakekileyo akafanele ayityeshele intswelo yokomoya neyezinye izinto yomfazi nabantwana bakhe. Umdala otshatileyo umele abe ‘ngongenakumangaleleka, indoda yamfazi mnye, enabantwana abakholwayo abangamangalelwa njengabanoburheletyo okanye abangalawulekiyo.’ (Tito 1:6) Umele ayinyamekele intsapho yakhe ngendlela yobuthixo evumelana noko iZibhalo zikuthethayo ngabaveleli abangamaKristu.—1 Timoti 3:1-7.
Kumdala oxakekileyo, umfazi omxhasayo uligugu! Bavakalelwa njalo abadala abatshatileyo abanolwazelelelo. Kunjengokuba iBhayibhile isitsho: “Kukho bani na ufumene umfazi olungileyo? Ufumene into elungileyo.” (IMizekeliso 18:22) Ngamazwi nangezenzo, abadala abanjalo babonakalisa uxabiso olunzulu ngabafazi babo. Ukongezelela kumthandazo onyanisekileyo nokufundisisa kunye, ezi zibini zitshatileyo zingamaKristu zizipha ixesha lokwenza izinto ezinjengokuhambahamba kunye elunxwemeni, ehlathini okanye ukubethwa ngumoya epakini. Ewe, abadala bayavuyiswa kukunyamekela abafazi babo ngothando.—1 Petros 3:7.
Abadala abanyamekela umhlambi kaThixo ngaphandle kokuzingca bayabahlaziya ngokomoya abantu bakaYehova. Ngokwenene ‘bazizipho ezingabantu,’ intsikelelo ebandleni!—Efese 4:8, 11-13.