Yoliswa Lufundisiso Lobuqu LeLizwi LikaThixo
“Ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.”—INDUMISO 77:12.
1, 2. (a) Kutheni sifanele sizibekele ixesha lokucamngca? (b) Kuthetha ukuthini “ukucamngca” “nokuphonononga”?
NJENGABAFUNDI bakaYesu Kristu, sifanele siluxhalabele ngokunzulu ulwalamano lwethu noThixo nezizathu zokumkhonza. Noko ke, inkoliso yabantu namhlanje bamaxhaphetshu kangangokuba abazibekeli xesha lokucamngca. Bazixakekisa ngezinto eziphathekayo, ngokuthenga izinto, nangokufuna ukuzonwabisa okungenanjongo. Sinokukuphepha njani ukusukela izinto ezililize? Kanye njengoko sibekela bucala ixesha suku ngalunye lokwenza izinto ezibalulekileyo, ezinjengokutya nokulala, ngokufanayo sifanele suku ngalunye sizibekele ixesha lokucamngca ngemisebenzi kaYehova nendlela enza ngayo izinto.—Duteronomi 8:3; Mateyu 4:4.
2 Ngaba ukhe uyeke ukucamngca? Kuthetha ukuthini ukucamngca? Esinye isichazi-magama sichaza eli gama ‘njengokuzikisa ukucinga: ukucinga nzulu okanye ukuphonononga into ethile.’ Yaye igama elithi “ukuphonononga” lithetha “ukucinga ngento: ukucingisisa . . . ukucinga okanye ukuqwalasela ingakumbi ngokuzolileyo, ngenyameko nangokunzulu.” Kuthetha ntoni oku kuthi?
3. Ukuhambela phambili ngokomoya kunxulumene nantoni ngokuthe ngqo?
3 Kaloku, kufanele kusikhumbuze oko umpostile uPawulos wakubhalela umzalwana wakhe uTimoti esithi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni, ndide ndifike. . . . Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” Ewe, kwakulindeleke ukuhambela phambili nenkqubela, yaye amazwi kaPawulos abonisa ukuba kwakukho ulwalamano oluthe ngqo phakathi kokuphonononga ngezinto zokomoya nokuhambela phambili. Kunjalo nanamhlanje. Ukuze sihambele phambili ngokomoya, simele ‘siziphonononge’ size ‘sendele’ kwizinto ezinokuthanani neLizwi likaThixo.—1 Timoti 4:13-15.
4. Ziziphi izixhobo onokuzisebenzisa ezinokukunceda ucingisise ngeLizwi likaYehova rhoqo?
4 Elona xesha lifanelekileyo onokucamngca ngalo lixhomekeke kucwangciso lwakho nolwentsapho yakho. Abantu abaninzi bacingisisa ngesibhalo seBhayibhile ekuseni xa befunda incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Eneneni, amatsha-ntliziyo amalunga nama-20 000 kumakhaya aseBheteli ehlabathini lonke aqalisa usuku lwawo ngokuqwalasela isibhalo seBhayibhile sosuku kangangemizuzu eli-15. Ngoxa kugqabaza abantu abambalwa kwintsapho yaseBheteli ntsasa nganye, abanye baye bacingisise ngoko kuthethwayo nokufundwayo. Amanye amaNgqina acingisisa ngeLizwi likaYehova ngoxa esiya emsebenzini. Aphulaphula iikhasethi zeBhayibhile nezephephancwadi IMboniselo noVukani! ezifumaneka ngeelwimi ezithile. Amanye amakhosikazi angaphangeliyo enza oku ngoxa ecoca amakhaya awo. Eneneni, baxelisa umzekelo womdumisi uAsafu, owabhala wathi: “Ndiya kulukhumbula uqheliselo lukaYa; kuba ndiya kukukhumbula ukwenza kwakho kwakudala. Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.”—INdumiso 77:11, 12.
Isimo Sengqondo Esihle Sibangela Imiphumo Emihle
5. Kutheni ufundisiso lobuqu lufanele lube yinto ebalulekileyo kuthi?
5 Kule mihla yethu yoomabonwakude, iividiyo neekhompyutha, abantu abasafundi kangako. Oko akufanele kube njalo ngamaNgqina kaYehova. Eneneni, ukufunda iBhayibhile kukunxibelelana noYehova. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo, uYoshuwa waba lilandela likaMoses njengenkokeli yamaSirayeli. Ukuze afumane iintsikelo zikaYehova, uYoshuwa wayefanele azifundele iLizwi likaThixo. (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:1, 2) Oku kuseyimfuneko nanamhlanje. Noko ke, kuba bengafundanga kuyaphi bambi baye bakufumanise kunzima okanye kukruqula ukufunda. Ngoko, yintoni enokusinceda ukuba sifune ukufunda nokufundisisa iLizwi likaThixo? Impendulo inokufumaneka kumazwi kaKumkani uSolomon abhalwe kwiMizekeliso 2:1-6. Nceda uvule iBhayibhile yakho uze ufunde ezi ndinyana. Siya kwandula ke sizixubushe kunye.
6. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngolwazi lukaThixo?
6 Okokuqala, siyabongozwa: “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; . . . ” (IMizekeliso 2:1, 2) Sifunda ntoni kula mazwi? Sifunda ukuba mntu ngamnye unembopheleleko. Cinga ngale meko “ukuba uya kuwamkela amazwi am.” Igama elithi “ukuba” libaluleke gqitha kuba inkoliso yoluntu ayinikeli ngqalelo kwiLizwi likaThixo. Ukuze sifumane uvuyo ekufundisiseni iLizwi likaThixo, simele siwamkele ngokuzithandela amazwi kaYehova size siwaphathe njengobutyebi esingafuni ukuphulukana nabo. Asimele sivumele ucwangciso lwethu lwemihla ngemihla lusenze sixakeke gqitha okanye lusenze singalikhathaleli iLizwi likaThixo, side silithandabuze.—Roma 3:3, 4.
7. Nanini na kunokwenzeka, kutheni sifanele siye size sinikele ingqalelo kwiintlanganiso zamaKristu?
7 Ngaba ngokwenene ‘sinikela ingqalelo’ size siphulaphule ngenyameko xa iLizwi likaThixo licaciswa kwiintlanganiso zethu zamaKristu? (Efese 4:20, 21) Ngaba ‘siyazithoba intliziyo’ zethu ukuze sifumane ukuqonda? Mhlawumbi isithethi asinamava kangako, kodwa ngoxa sisebenzisa iLizwi likaThixo, sifanele sinikele ingqalelo epheleleyo kuso. Kakade ke, ukuze sinikele ingqalelo kubulumko bukaYehova, simele, nanini na kunokwenzeka, sibekho kwiintlanganiso zamaKristu. (IMizekeliso 18:1) Khawube nomfanekiso-ngqondweni ngendlela abadana ngayo ababesenokuba babengayanga kwintlanganiso eyayikwigumbi eliphakamileyo eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E.! Nangona kungenzeki ummangaliso onjalo kwiintlanganiso zethu, kuxutyushwa incwadi yethu esisiseko, iBhayibhile. Ngaloo ndlela, intlanganiso nganye inokuba yintsikelelo kuthi ukuba sinikela ingqalelo size silandele oko kufundwayo kwiiBhayibhile zethu.—IZenzo 2:1-4; Hebhere 10:24, 25.
8, 9. (a) Ufundisiso lobuqu lufuna senze ntoni? (b) Ubuya kulithelekisa njani ixabiso legolide nokuqonda ulwazi lukaThixo?
8 Amazwi kakumkani osisilumko alandelayo athi: “Ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, . . . ” (IMizekeliso 2:3) La mazwi asenza sibe nesimo sengqondo okanye utyekelo olunjani? Kakade ke, asenza sibe nomnqweno wokufuna ukuqonda iLizwi likaYehova! Abonisa ukuba nomnqweno wokufundisisa ngenjongo yokufumana ukuqonda, ukuba nolwazi ngokuthanda kukaYehova. Kakade ke, oku kufuna umgudu, yaye oko kusikhokelela kumazwi nomzekeliso kaSolomon olandelayo.—Efese 5:15-17.
9 Uhlabela mgama esithi: “Ukuba uyaqhubeka ubufuna [ukuqonda] njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, . . . ” (IMizekeliso 2:4) Oku kusenza sicinge ngamadoda asebenza emigodini kangangeenkulungwane efuna isilivere negolide. Abantu baye babulalana ngenxa yegolide. Bambi bachitha ubomi babo bonke bezama ukuyifumana. Noko ke, ixabiseke kangakanani igolide? Ukuba ubulahleke entlango yaye ufile lunxano, ubuya kukhetha ntoni: igolide okanye iglasi yamanzi? Sekunjalo, hayi indlela abaye bayifuna ngenzondelelo ngayo igolide, engabalulekanga kangako nenexabiso elihla lisenyuka!a Sifanele sibufune ngenzondelelo enkulu kangakanani ke ubulumko, ukuqonda nokwazi uThixo nenjongo yakhe! Kodwa ziziphi iinzuzo esinokuzifumana ngokwenza olo phando?—INdumiso 19:7-10; IMizekeliso 3:13-18.
10. Yintoni esinokuyifumana xa sifundisisa iLizwi likaThixo?
10 USolomon uqhubeka esithi: “Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:5) Enjani ukumangalisa ingcamango—ukuba abantu abanesono banokufumana “ukumazi uThixo,” uYehova, iNkosi uSomandla wendalo iphela! (INdumiso 73:28; IZenzo 4:24) Iintanda-bulumko nabo kuthiwa zizilumko zeli hlabathi kangangeenkulungwane baye bazama ukufuna ukwazi ngezinto ekunzima ukuziqonda ngobomi nangendalo iphela. Noko ke, baye basilela ukufumana “ukumazi uThixo.” Ngoba? Nangona iLizwi likaThixo, iBhayibhile belikho kangangamawaka amaninzi eminyaka, baye bayigatya besithi ibubuvuvu yaye ngaloo ndlela baye abayamkela baze abayiqonda.—1 Korinte 1:18-21.
11. Ziziphi ezinye iinzuzo zofundisiso lobuqu?
11 Nalu olunye ukhuthazo uSolomon alubalaselisayo: “UYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.” (IMizekeliso 2:6) Ngokuzithandela nangesisa uYehova unika ubulumko, ulwazi nokuqonda kuye nabani na obufunayo. Ngokuqinisekileyo sinezizathu ezininzi zokuluxabisa ufundisiso lobuqu leLizwi likaThixo, enoba lufuna umgudu, ukuzimisela nokuzincama. Okuvuyisayo kukuba sinemibhalo eshicilelweyo yeBhayibhile yaye akuyomfuneko ukuba sizibhalele ngesandla imibhalo njengoko abathile benjenjalo mandulo!—Duteronomi 17:18, 19.
Ukuhamba Ngokumfaneleyo UYehova
12. Sifanele sibe nasiphi isizathu sokufuna ulwazi ngoThixo?
12 Siyintoni isizathu sokuba senze ufundisiso lobuqu? Ngaba ufuna ukubonakala ngathi ubhetele kunabanye? Ngaba ufuna ukubonisa ukuba unolwazi olubalaseleyo? Ngaba ufuna ukuba ngoyena mntu ugqwesileyo ngolwazi lweBhayibhile? Akunjalo. Injongo yethu kukuhamba, ukuthetha, nokwenza izinto njengamaKristu, sisoloko sikulungele ukunceda abanye, sinomoya kaKristu ohlaziyayo. (Mateyu 11:28-30) Umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Ulwazi luyakhukhumalisa, kodwa uthando luyakha.” (1 Korinte 8:1) Ngoko ke, sifanele sibe nesimo sengqondo sokuthobeka esabonakaliswa nguMoses xa wathi kuYehova: “Nceda undazise iindlela zakho, ukuze ndikwazi, nokuze ndikholeke emehlweni akho.” (Eksodus 33:13) Ewe, sifanele sifune ulwazi ukuze sikholise uThixo, kungekhona ukuqhayisela abantu. Sifuna ukuba ngabakhonzi bakaThixo abafanelekileyo. Sinokulufikelela njani olu sukelo?
13. Yintoni efunekayo ukuze ubani abe ngumkhonzi kaThixo ofanelekileyo?
13 UPawulos wacebisa uTimoti ngendlela yokukholisa uThixo, esithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.” (2 Timoti 2:15) Ibinzana elithi “uliphatha ngokufanelekileyo” livela kwisenzi sesiGrike esasithetha “ukusika ngokuthe ngqo.” (Kingdom Interlinear) Ngokutsho kwabanye abaphengululi, oku kufana nomntu othungayo osika ilaphu ngendlela ethile, okanye umlimi ovula ifolo entsimini, neminye imizekelo. Enoba wenza ntoni na, loo nto ifanele ithi tse. Eyona ngongoma ikukuba ukuze afaneleke aze abe ngumkhonzi kaThixo okholekileyo, uTimoti wayefanele ‘enze unako-nako’ ukuze aqiniseke ukuba iimfundiso zakhe neendlela zakhe zazivisisana nelizwi lenyaniso.—1 Timoti 4:16.
14. Ufundisiso lobuqu lufanele lukuchaphazele njani oko sikwenzayo nesikuthethayo?
14 UPawulos wadlulisela ingongoma efanayo xa wabongoza amanye amaKristu aseKolose ukuba ‘ahambe ngokumfaneleyo uYehova aze amkholise ngokupheleleyo ngokuvelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo esandisa ulwazi lwawo oluchanileyo ngoThixo.’ (Kolose 1:10) Apha uPawulos ufanisa ukuhamba ngokumfaneleyo uYehova ‘nokuvelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo’ kuquka ‘nokwandisa ulwazi oluchanileyo ngoThixo.’ Ngamanye amazwi, eyona nto ibalulekileyo kuYehova asiyondlela esilujonga ngayo ulwazi kodwa kwakhona yindlela esinamathela ngayo kwiLizwi likaThixo koko sikwenzayo nesikuthethayo. (Roma 2:21, 22) Oku kuthetha ukuba ufundisiso lwethu lobuqu lufanele luchaphazele indlela esicinga nesenza izinto ngayo ukuba sifuna ukukholisa uThixo.
15. Sinokuzikhusela size sizilawule njani iingqondo neengcamango zethu?
15 Namhlanje, uSathana uzimisele ukusenza buthathaka ngokomoya ngokusebenzisa indlela esicinga ngayo. (Roma 7:14-25) Ngoko ke, simele sizikhusele size sizilawule iingcinga zethu ukuze sizingqine sifanelekile kuThixo wethu, uYehova. Isixhobo esinaso ‘lulwazi lukaThixo,’ nto leyo ‘ethimba zonke iingcamango izenze zithobele uKristu.’ Eso sisizathu esingakumbi esifanele sisenze ukuba sinikele ingqalelo ekufundisiseni iBhayibhile imihla ngemihla, njengoko sifuna ukuphelisa iingcamango zokuzingca nezokwenyama kwiingqondo zethu.—2 Korinte 10:5.
Izinto Zokusinceda Siqonde
16. Sinokuzuza njani njengoko uYehova esifundisa?
16 Imfundiso kaYehova izisa iinzuzo zokomoya nezokwenyama. Asiyomfundiso nje yonqulo engabangeli mdla nengasebenzisekiyo. Ngaloo ndlela, sifunda oku: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) UYehova usenza njani ukuba sihambe ngendlela yakhe eyinzuzo? Okokuqala, sineLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile eNgcwele. Le yincwadi yethu esisiseko, esiyisebenzisa rhoqo. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba sijonge kwiiBhayibhile zethu xa ifundwa kwiintlanganiso zamaKristu. Inzuzo yokwenza oku inokubonwa kwingxelo engomTiyopiya olithenwa ebhalwe kwiZenzo isahluko 8.
17. Kwenzeka ntoni kwimeko yethenwa elingumTiyopiya, yaye oku kubonisa ntoni?
17 Ithenwa elingumTiyopiya laliguqukele ebuYudeni. Lalikholelwa ngokunyanisekileyo kuThixo, yaye lalizifundisisa iZibhalo. Lihamba ngenqwelo yalo, lalifunda umbhalo kaIsaya xa uFilipu weza kulo waza walibuza: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” Laphendula njani eli thenwa? “‘Ngokwenene, ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?’ Yaye lambongoza uFilipu ukuba akhwele aze ahlale phantsi kunye nalo.” Wandula ke uFilipu, ekhokelwa ngumoya oyingcwele, wanceda eli thenwa ukuba lisiqonde isiprofeto sikaIsaya. (IZenzo 8:27-35) Kubonisa ntoni oku? Kubonisa ukuba ukuzifundela ngokwethu iBhayibhile akwanele. UYehova, ngomoya wakhe, usebenzisa udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi ukusinceda ukuba siqonde iLizwi lakhe ngexesha elifanelekileyo. Kwenziwa njani oku?—Mateyu 24:45-47; Luka 12:42.
18. Udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi lusinceda njani?
18 Nangona udidi lwekhoboka luchazwa ‘njengelithembekileyo neliyingqondi,’ uYesu akazange athi liya kufezeka. Eli qela labazalwana abathembekileyo nabathanjisiweyo liquka amaKristu angafezekanga. Beneenjongo ezintle, basenokwenza iimpazamo, njengoko ayesenjenjalo maxa wambi amadoda enkulungwane yokuqala. (IZenzo 10:9-15; Galati 2:8, 11-14) Noko ke, baneenjongo ezinyulu, yaye uYehova ubasebenzisela ukusinika iincwadi zokufundisisa iBhayibhile ukuze sakhe ukholo lwethu kwiLizwi likaThixo nakwizithembiso zakhe. Esona sixhobo sisisiseko kufundisiso lobuqu ikhoboka elisinike sona yiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Ngoku ifumaneka, iphelele okanye iyinxalenye, ngeelwimi ezingama-42, yaye kuye kwashicilelwa imibhalo ezizigidi ezili-114 kumahlelo aliqela. Sinokuyisebenzisa njani ngokuphumelelayo kufundisiso lwethu lobuqu?—2 Timoti 3:14-17.
19. Ziziphi ezinye iinkalo ezikwiNew World Translation—With References ezinokusinceda kufundisiso lobuqu?
19 Ngokomzekelo, cinga ngeNew World Translation of the Holy Scriptures—With References. Ineembekiselo, imibhalo esemazantsi, “iSalathiso Samagama EBhayibhile,” “iSalathiso Samagama Semibhalo Esemazantsi (Footnote Words Indexed)” neAppendix egubungela imixholo engama-43, kuquka imaphu nezicangca. Kukwakho “INtshayelelo,” enenkcazelo eninzi esetyenziswe kule nguqulelo yeBhayibhile ekhethekileyo. Ukuba iyafumaneka ngolwimi onokuluqonda, zama ngazo zonke iindlela ukuqhelana nezi nkalo uze uzisebenzise. Eneneni, iBhayibhile yinto yokuqala esiyisebenzisayo kucwangciso lwethu lokufundisisa, yaye kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, sinenguqulelo egxininisa igama likaThixo njengoko ibalaselisa ulawulo loBukumkani bukaThixo.—INdumiso 149:1-9; Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10.
20. Yiyiphi imibuzo engofundisiso lobuqu ngoku efuna impendulo?
20 Ngoku, sinokuzibuza: ‘Luluphi olunye uncedo olungakumbi esilufunayo ukuze siqonde iBhayibhile? Sinokulwenza njani ucwangciso lofundisiso lobuqu? Sinokulwenza njani ufundisiso lwethu luphumelele ngakumbi? Ufundisiso lwethu lufanele lubachaphazele njani abanye?’ Kwinqaku elilandelayo kuza kuqwalasela ezi nkalo zibalulekileyo ukuze senze inkqubela njengamaKristu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukususela ngowe-1979 ixabiso legolide belisihla linyuka, ngowe-1980 iigram ezingama-31 zazibiza ii-$850.00 zaza ngowe-1999 zahla zaya kutsho kwii-$252.80.
Ngaba Usakhumbula?
• Kuthetha ukuthini ‘ukucamngca’ ‘nokuphonononga?’
• Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngokufundisisa iLizwi likaThixo?
• Sifanele sibe nasiphi isizathu sokwenza ufundisiso lobuqu?
• Ziziphi izinto esinazo ezinokusinceda siqonde iBhayibhile?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Amalungu entsapho yaseBheteli akufumanisa kusomeleza ngokomoya ukuqala usuku ngokuqwalasela umbhalo weBhayibhile
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ixesha elixabisekileyo linokusetyenziswa ngokuphulaphula iikhasethi zeBhayibhile ngoxa sihamba
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abantu babesebenza nzima ukuze bafumane igolide. Wenza umgudu ongakanani ukuze ufundisise iLizwi likaThixo?
[Inkcazelo]
Courtesy of California State Parks, 2002
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
IBhayibhile bubuncwane obunokukhokelela kubomi obungunaphakade