IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 12/1 iphe. 8
  • Ukutyela Etafileni Yomphathi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyela Etafileni Yomphathi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvakalisa Ukubuya KweNkosi (1870-1914)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukuncokola Nommelwane—Ngaba Bonke Abantu Abalungileyo Baya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ukuvavanywa Nokuhluzwa Ngaphakathi
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ixesha Lokuvavanywa (1914-1918)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 12/1 iphe. 8

Ukutyela Etafileni Yomphathi

ABANTU ababangel’ umdla, ukutya okuluncuthu, nencoko emnandi yenza ukutyela etafileni yomphathi kwinqanawa kube myoli. Kodwa ingxubusho eyayikwitafile yoMphathi uRobert G. Smith, weWhite Star Line, yaba sisidlo sokomoya.—Isaya 25:6.

Ngowe-1894, xa wayeneminyaka engama-24 ubudala, uRobert waba ngumphathi wenqanawa iKinclune of Dundee waza wathabatha uhambo lwakhe lokuqala ejikeleza umhlaba wonke. Kamva waba ngumphathi weenqanawa zeWhite Star, njengeCedric, iCevic neRunic.a Xa wayenqumla iAtlantic esuka eNew York esingise eLiverpool, eNgilani, ngenye yezi nqanawa, uRobert wamkela Charles Taze Russell njengondwendwe kwitafile yomphathi. Incoko yakhe noRussell yabangela ukuba uRobert abe nomdla kwisigidimi seBhayibhile, yaye ukuze akwazi ukufunda okungakumbi, wamkela ngovuyo imibhalo yeStudies in the Scriptures kuRussell.

URussell wayenxibelelana naye ngokumbhalela, yaye oko kwenza ukuba uRobert abe nomdla ongakumbi kwisigidimi seBhayibhile. URobert wabelana nomfazi wakhe ngolu lwazi lutsha awayelufumene. Kungekudala emva koko bobabini baba ngaBafundi BeBhayibhile abakhutheleyo, njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa njalo. Kamva uRobert waba nelungelo lokunikela iintetho zeBhayibhile. Ngokomzekelo, eBrisbane, eOstreliya, wanikela intetho ethi “Amafutha AseGiliyadi” waza wabonisa indlela iLizwi likaThixo eliqulethe ngayo isigidimi “esiphilisa zonke iingxaki zomhlaba.” ENgilani, umfazi nabantwana bakhe abaselula babencedisa ekudlaleni i-“Photo-Drama of Creation,” bedlala amazwi kaRussell ashicilelweyo njengoko kwakuboniswa imifanekiso.

URobert wadlulisela kubantwana bakhe ilifa lenyaniso yoBukumkani awayeyifumene. Namhlanje, izizukulwana zakhe ezihlanu, amalungu entsapho yakhe ali-18 axakekile esabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, enombulelo ngokutya awakufumana etafileni yomphathi.

Ngeempapasho zawo nangomsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile, amaNgqina kaYehova anceda abantu ehlabathini lonke ukuba bafunde isigidimi seBhayibhile esabangel’ umdla kuMphathi uSmith. Nawe usenokukufumanisa oko kwabangel’ umdla etafileni yomphathi.

[Umbhalo osemazantsi]

a Enye inqanawa eyayifana nezi, iTitanic, yayiphethwe nguMphathi uE. J. Smith (abazalani) kuhambo lwayo olwaba yintlekele.

[Umfanekiso okwiphepha 8]

URobert G. Smith

[Umfanekiso okwiphepha 8]

UCharles T. Russell

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share