Kutheni Abanye Betshutshiswa Ngenxa Yonqulo Lwabo?
NGABA ukholelwa kukuba abantu bafanele batshutshiswe ngenxa yonqulo lwabo? Mhlawumbi akunjalo—logama nje bengaphazamisani namalungelo abanye. Sekunjalo, kudala abantu batshutshiswa ngenxa yonqulo lwabo, yaye basatshutshiswa nanamhlanje. Ngokomzekelo, ngamaxesha amaninzi amaNgqina kaYehova amaninzi eYurophu nakweminye imimandla yehlabathi aye ahluthwa amalungelo awo aza aphathwa ngenkohlakalo ukutyhubela inkulungwane yama-20.
Ebudeni belo xesha, amaNgqina kaYehova aye atshutshiswa ngenkohlakalo, ngendlela ecwangcisiweyo nethabathe ixesha elide ngabo bobabini oorhulumente abangoozwilakhe baseYurophu. Oko aye ajamelana nako kusifundisa ntoni ngentshutshiso yonqulo? Yaye yintoni esinokuyifunda kwindlela aye ajamelana ngayo nokubandezeleka?
“Abayonxalenye Yehlabathi”
AmaNgqina kaYehova azabalazela ukuba ngabantu abagcin’ umthetho, abaseluxolweni nabaziphethe kakuhle. Akabachasi oorhulumente okanye angquzulane nabo, yaye akaziqhwayeli ukutshutshiswa kuba efuna ukuba ngabafeli-nkolo. La maKristu akananxaxheba kwimibandela yobupolitika. Oku kuvisisana namazwi kaYesu athi: “[Abalandeli bam] abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:16) Inkoliso yoorhulumente iyakwamkela ukuba ngoondilele kwamaNgqina. Kodwa abalawuli abangoozwilakhe abanantlonelo ingako ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngokuba amaKristu afanele angabi yonxalenye yehlabathi.
Isizathu soku sachazwa ebudeni benkomfa kwiUniversity of Heidelberg, eJamani, ngoNovemba 2000. Le nkomfa yayinomxholo othi “Ukucinezelwa Nokungagungqi: AmaNgqina kaYehova Phantsi Koorhulumente Abangoozwilakhe AbangamaNazi NamaKomanisi.” UGqr Clemens Vollnhals weHannah-Arendt-Institute for Research Into Totalitarianism wathi: “Oorhulumente abangoozwilakhe abanagunya nje kuphela kwezobupolitika. Kodwa balawula umntu ephela.”
AmaKristu okwenyaniso akanakuzinikela “umntu ephela” kurhulumente wabantu, ekubeni enze isifungo sokuzinikela ngokupheleleyo kuYehova uThixo kuphela. AmaNgqina ahlala kumazwe alawulwa ngoozwilakhe aye afumanisa ukuba maxa wambi uRhulumente ufuna oko kuchasene nonqulo lwawo. Aye enza ntoni kwiimbambano ezinjalo? Imbali ibonisa ukuba amaNgqina kaYehova aye asebenzisa umgaqo owavakaliswa ngabafundi bakaYesu Kristu abathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:29.
AmaNgqina amaninzi aye ahlala ethembekile kunqulo lwawo aza akabi nanxaxheba kwimibandela yobupolitika, enoba ajamelene neyona ntshutshiso ikrakra. Yintoni ewancede ukuze anyamezele? Awafumene phi amandla okwenjenjalo? Wavumele aziphendulele. Makhe sikhangele ukuba yintoni esinokuyifunda xa sisonke, amaNgqina nabo bangengomaNgqina, koko aye ajamelana nako.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
AmaNgqina kaYehova eJamani aye atshutshiswa ngenkohlakalo ixesha elide ngabo bobabini oorhulumente abangoozwilakhe kwinkulungwane yama-20
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
“Oorhulumente abangoozwilakhe abanagunya nje kuphela kwezobupolitika. Balawula umntu ephela.”—UGqr. Clemens Vollnhals
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Intsapho yakwaKusserow yahluthwa inkululeko yayo ngenxa yokuba yayingenakulutyeshela unqulo lwayo
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UJohannes Harms wabulawa kwintolongo yamaNazi ngenxa yeenkolelo zakhe