Olona Suku Lubalulekileyo
OLU lusuku olwayiguqula ngokupheleleyo impilo yabantu ukuze ibe ntle ngonaphakade. Alukho olunye usuku embalini oluye lwanempembelelo ngale ndlela kwikamva labantu. Olu yayilusuku uYesu awayigqiba ngalo yonke into awayeyizele emhlabeni. Ebethelelwe kumthi wentuthumbo, watsala umoya okokugqibela waza wadanduluka esithi: “Kufeziwe!” (Yohane 19:30) UYesu wayezele yiphi injongo?
IBhayibhile ithi: “UNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) UYesu wanikela ngomphefumlo, okanye ubomi bakhe, ukuze abantu basindiswe kwisono esasizuz’ ilifa nokufa. Eneneni, “uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Hayi indlela elixabiseke ngayo idini likaYesu!
Usuku uYesu afa ngalo lubalulekile nangesinye isizathu. Ngolo suku lo Nyana kaThixo wafundisa abapostile bakhe izifundo ezibalulekileyo ezaziya kubanceda bahlale bethembekile. Hayi indlela afanele ukuba abachukumisa ngayo abafundi bakhe amazwi akhe okugqibela! Yintoni awayeyifundisa? Sinokuzuza njani koko uYesu wabafundisa kona? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.