IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 11/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Umzekelo Wokuzinikela Nokunyaniseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UElisha Wabona Iinqwelo Zomlilo—Ngaba Uyazibona Nawe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Wanyamezela Ubomi Bakhe Bonke
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Ngaba Uyabaxabisa Abo Bakhulileyo Ukhonza Nabo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 11/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze uElisha acele “iinxalenye ezimbini” zomoya kaEliya?

Ngaphambi nje kokuba uEliya asigqibe isabelo sakhe njengomprofeti wakwaSirayeli, umprofeti owayengemva kuye ngeminyaka uElisha wenza esi sicelo: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini zomoya wakho zize kum.” (2 Kumkani 2:9) Ngengqiqo yokomoya, uElisha wayecela inxalenye ephindwe kabini njengaleyo yayidla ngokunikwa unyana olizibulo. (Duteronomi 21:17) Ukuyihlolisisa ngokufutshane le ngxelo kuya kusenza sicacelwe koku yaye kuya kusinceda sifunde nto koko kwenzekayo.

Ngokuvisisana nolwalathiso lukaYehova, umprofeti uEliya wathambisa uElisha njengowayeza kungena ezihlangwini zakhe. (1 Kumkani 19:19-21) Kangangethuba elimalunga neminyaka emithandathu, uElisha wakhonza njengomlungiseleli othembekileyo kaEliya yaye wayezimisele ukwenza oku de kube sekupheleni. Kwanangosuku lokugqibela lokukhonza kukaEliya njengomprofeti kwaSirayeli, uElisha wanamathela kulo mqeqeshi wakhe. Nangona uEliya wambongozayo uElisha ukuba ayeke ukumlandela, lo mprofeti uselula wamphendula kangangezihlandlo ezithathu esithi: “Andiyi kukushiya.” (2 Kumkani 2:2, 4, 6; 3:11) Eneneni, uElisha wayegqala lo mprofeti umdala kunaye njengoyise wokomoya.—2 Kumkani 2:12.

Noko ke, yayingengoElisha kuphela unyana wokomoya kaEliya. UEliya noElisha babeyinxalenye yeqela lamadoda awayesaziwa ngokuba ‘ngoonyana babaprofeti.’ (2 Kumkani 2:3) Ingxelo ekweyeSibini yooKumkani ibonisa ukuba aba “nyana” babenolwalamano olusondeleyo noyise wokomoya uEliya. (2 Kumkani 2:3, 5, 7, 15-17) Kodwa ekubeni uElisha wayethanjiswe njengelandela likaEliya, wayengoyena ubalaseleyo kwaba nyana bokomoya—wayefana nezibulo. KuSirayeli wamandulo, unyana olizibulo wayefumana iinxalenye ezimbini zelifa likayise, ngoxa ngamnye wabanye oonyana wayefumana inxalenye enye. Kungenxa yoko le nto uElisha wacela iinxalenye ezimbini zelifa lokomoya likaEliya.

Kwakutheni ukuze uElisha asenze kanye ngelo xesha esi sicelo? Kungenxa yokuba ngelo xesha wayeza kuphathiswa imbopheleleko enzima—leyo yokuthatha aph’ ebeyeke khona uEliya njengomprofeti wakwaSirayeli. UElisha wayeyiqonda into yokuba ukuze akwazi ukuphumeza esi sabelo sikhulu kangaka, wayefuna amandla okomoya angaphezulu lee kubuchule bakhe, amandla avela kuYehova. Wayefanele abe nenkalipho njengoEliya. (2 Kumkani 1:3, 4, 15, 16) Kungenxa yeso sizathu le nto wacela iinxalenye ezimbini zomoya kaEliya, umoya wenkalipho nowokuba “nekhwele ngokupheleleyo ngoYehova”—mpawu ezo ezinqwenelekayo neziveliswa ngumoya kaThixo. (1 Kumkani 19:10, 14) Wasabela njani uEliya?

UEliya wayesazi ukuba uElisha ucele into engaphezu kwamandla akhe, awayenokuyinikwa nguThixo kuphela. Ngoko ngokuthozama uEliya waphendula wathi: “Ucele into enzima. Ukuba undibonile xa ndithatyathwa kuwe, kuya kwenzeka kuwe ngolo hlobo.” (2 Kumkani 2:10) Yaye ngokwenene, uYehova wamvumela uElisha ukuba ambone uEliya enyuswa sisaqhwithi somoya. (2 Kumkani 2:11, 12) UElisha wakunikwa oko wayekucelile. UYehova wamnika umoya owawuza kumnceda ukuze afeze isabelo sakhe esitsha nokuze akwazi ukujamelana nezilingo.

Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo (maxa wambi abizwa ngokuba ludidi lukaElisha) nabanye abakhonzi bakaThixo banokufumana ukhuthazo olukhulu kule ngxelo yeBhayibhile. Maxa wambi, sisenokuvakalelwa kukuba asisifanelekelanga isabelo esitsha, okanye sisenokuswela inkalipho yokuqhubeka nomsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani njengoko sidibana nabantu abangenamdla nabachasileyo kwintsimi yethu. Kodwa ukuba siyambongoza uYehova ukuba asixhase, uya kusinika umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sihlangabezane nocelomngeni nokuguquka kweemeko. (Luka 11:13; 2 Korinte 4:7; Filipi 4:13) Ewe, kanye njengoko uYehova wamomelezayo uElisha ukuze akwazi ukufeza imbopheleleko yakhe enzima, uya kusinceda sonke sibufeze ubulungiseleli bethu, enoba siselula okanye sikhulile.—2 Timoti 4:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share