“Nkosi, Sifundise Ukuthandaza”
“Omnye wabafundi bakhe wathi kuye: ‘Nkosi, sifundise ukuthandaza.’”—LUKA 11:1.
1. Kwakutheni ukuze omnye wabafundi bakaYesu amcele ukuba abafundise ukuthandaza?
NGESINYE isihlandlo ngowama-32 C.E., uYesu waphawulwa ngomnye umfundi wakhe ethandaza. Wayengayiva into uYesu awayeyithetha kuYise, kuba wayethandazela ngaphakathi. Sekunjalo, akugqiba uYesu lo mfundi wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza.” (Luka 11:1) Yintoni eyabangela ukuba enze esi sicelo? Umthandazo wawuyinto eqhelekileyo kubomi nakunqulo lwamaYuda. Kukho imithandazo emininzi kwiZibhalo zesiHebhere nakwiiNdumiso nakwezinye iincwadi. Ngoko ke lo mfundi wayengaceli ukufundiswa into angayaziyo okanye angazange ayenze. Ngokungathandabuzekiyo, wayeqhelene nemithandazo yokuhanahanisa yeenkokeli zonqulo lobuYuda. Kodwa ngoku wayephawule uYesu ethandaza, yaye kusenokwenzeka ukuba wayephawule umahluko omkhulu phakathi kwemithandazo yoorabhi abazenza amalungisa nendlela uYesu awayethandaza ngayo.—Mateyu 6:5-8.
2. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayengathethi ukuba sifanele siwaphinde onke amazwi omthandazo wakhe ongumzekelo? (b) Kutheni sinomdla wokwazi indlela yokuthandaza?
2 Kwiinyanga ezinokuba li-18 ngaphambilana, kwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wabanika abafundi bakhe umzekelo wendlela abafanele bathandaze ngayo. (Mateyu 6:9-13) Kusenokwenzeka ukuba lo mfundi wayengekho ngelo xesha, ngoko uYesu ngothando waphinda iingongoma ezibalulekileyo zaloo mthandazo ungumzekelo. Okuphawulekayo kukuba akazange awaphinde onke amazwi awawathethayo, nto leyo ebonisa ukuba wayengenzi mbhedesho ofanele ucengcelezwe. (Luka 11:1-4) Nathi, njengalo mfundi ungabizwanga ngagama, sifuna ukufundiswa ukuthandaza ukuze imithandazo yethu isisondeze kuYehova. Ngoko ke makhe sihlolisise lo mthandazo usisiseko opheleleyo, njengokuba wabhalwa ngumpostile uMateyu. Uqulethe izicelo ezisixhenxe, ezintathu kuzo ziphathelele iinjongo zikaThixo yaye ezine zinokuthanani nokuxhalabela kwethu izinto zokwenyama nezokomoya. Kweli nqaku, siza kuqwalasela izicelo ezithathu zokuqala.
UBawo Onothando
3, 4. Kuthetha ukuthini ukubiza uYehova ngokuthi “Bawo wethu”?
3 Kwasekuqaleni, uYesu wabonisa ukuba imithandazo yethu ifanele ibonise ulwalamano olusenyongweni oluhambisana nentlonelo esinayo ngoYehova. Ngokuyintloko ebhekisa kubafundi bakhe awayehlanganisene nabo kufuphi nentaba, uYesu wabaxelela ukuba bambize uYehova ngokuthi “Bawo wethu osemazulwini.” (Mateyu 6:9) Ngokutsho komnye umphengululi, enoba uYesu wasebenzisa igama elaziwayo lesiHebhere okanye lesiAramiki, elo gama walisebenzisayo ukuthi “Bawo” lifana ‘negama umntwana’ ebeya kulisebenzisa xa ebiza uyise. Ukubiza uYehova ngokuthi “Bawo wethu” kubonisa ukuba nolwalamano olusenyongweni naye nokumthemba.
4 Ngokuthi “Bawo wethu,” kwakhona sivuma ukuba siyinxalenye yentsapho enkulu yamadoda namabhinqa amgqala uYehova njengoMniki-bomi. (Isaya 64:8; IZenzo 17:24, 28) AmaKristu azelwe ngokomoya amkelwa ‘njengoonyana bakaThixo,’ yaye kuye ‘anokudanduluka athi: ‘Abha, Bawo!’’ (Roma 8:14, 15) Izigidi zabanye ziye zangamaqabane awo athembekileyo. Aba baye babahlulela ubomi babo kuYehova baza bafuzisela uzahlulelo lwabo ngokubhaptizwa emanzini. Bonke ‘abezinye izimvu’ banokuthandaza kuYehova egameni likaYesu baze bambize ngokuthi “Bawo wethu.” (Yohane 10:16; 14:6) Sinokuthandaza rhoqo kuBawo wethu osezulwini size simdumise, simbulele ngazo zonke izinto ezilungileyo asenzela zona, size silahlele imithwalo yethu kuye siqinisekile ukuba uyasikhathalela.—Filipi 4:6, 7; 1 Petros 5:6, 7.
Ukuthanda Igama LikaYehova
5. Sithini isicelo sokuqala somthandazo ongumzekelo, yaye kutheni sifanelekile?
5 Isicelo sokuqala ngoko nangoko sibeka into yokuqala endaweni yayo. Sithi: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Ewe, ukungcwaliswa kwegama likaYehova kufanele kube yeyona nto ibalulekileyo kuba siyamthanda yaye sikuthiyile ukubona igama lakhe ligculelwa. Ngokuvukela kukaSathana nokulukuhla kwakhe isibini sokuqala ukuze singamthobeli uYehova uThixo wayegculela igama Lakhe ngokuthandabuza indlela uThixo ayilawula ngayo indalo yakhe. (Genesis 3:1-6) Ukongezelela, ukutyhubela iinkulungwane, igama likaYehova liye lagculelwa zizenzo ezibangel’ iintloni neemfundiso zabo bathi bangabameli bakhe.
6. Yintoni esingayi kuyenza ukuba sithandazela ukuba igama likaYehova lingcwaliswe?
6 Ukuthandazela ukungcwaliswa kwegama likaYehova kubonisa indima esinayo kwimbambano yolongamo lwendalo iphela—ukulixhasa ngokupheleleyo ilungelo likaYehova lokulawula wonke umhlaba. UYehova ufuna ukuba wonke umhlaba umiwe zizidalwa ezikrelekrele ezizithoba kulawulo lwakhe lobulungisa kuba zimthanda nezithanda konke okumelwa ligama lakhe. (1 Kronike 29:10-13; INdumiso 8:1; 148:13) Uthando lwethu ngegama likaYehova luya kusinceda sikuphephe ukwenza nantoni na esenokuzisa ugculelo kwelo gama lingcwele. (Hezekile 36:20, 21; Roma 2:21-24) Ekubeni uxolo lomhlaba wonke nabantu abahlala kuwo luxhomekeke ekungcwalisweni kwegama likaYehova nokuluthobela ngothando ulongamo lwakhe, umthandazo wethu othi “malingcwaliswe igama lakho” kukuvakalisa ukuqiniseka ukuba injongo kaYehova iya kufezwa ukuze adunyiswe.—Hezekile 38:23.
Ubukumkani Esibuthandazelayo
7, 8. (a) Buyintoni uBukumkani uYesu awafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele? (b) Yintoni esiyifundayo ngobu Bukumkani kwincwadi kaDaniyeli neyeSityhilelo?
7 Isicelo sesibini kulo mthandazo sithi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:10) Esi sicelo sinxulumene ngokusondeleyo nesokuqala. UYehova uya kusebenzisa uBukumkani bukaMesiya, urhulumente wakhe wasezulwini olawulwa nguNyana wakhe, uYesu Kristu, njengoKumkani onyuliweyo ukungcwalisa igama lakhe elingcwele. (INdumiso 2:1-9) Isiprofeto sikaDaniyeli sifuzisela uBukumkani bukaMesiya ‘njengelitye’ elaqhephuka “entabeni.” (Daniyeli 2:34, 35, 44, 45) Intaba imela ulongamo lukaYehova lwendalo iphela, ngoko ke ilitye elimela uBukumkani yimbonakaliso entsha yolawulo lukaYehova lwendalo iphela. Kwesi siprofeto, ilitye ‘liba yintaba enkulu, lizalisa umhlaba uphela,’ nto leyo ebonisa ukuba uBukumkani bukaMesiya buya kumela ulongamo lukaThixo ekulawuleni umhlaba.
8 Abanxulumene noKristu kulo rhulumente ubuBukumkani ngabali-144 000, abaye “bathengwa phakathi koluntu” ukuze balawule kunye naye njengookumkani nababingeleli. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1-4; 20:6) UDaniyeli ubabiza aba ‘njengabangcwele baLowo uPhakamileyo,’ abathi bekunye noKristu iNtloko yabo, bafumane “ubukumkani nolawulo nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke . . . Ubukumkani babo bubukumkani obuhlala ngokungenammiselo, yaye bonke abalawuli baya kubakhonza baze babathobele.” (Daniyeli 7:13, 14, 18, 27) Uchazwa njalo ke urhulumente wasezulwini uKristu awafundisa abalandeli bakhe ukuba bamthandazele.
Kutheni Sisafanele Sithandazele UBukumkani Ukuba Bufike?
9. Kutheni kufanelekile ukuthandazela uBukumkani bukaThixo ukuba bufike?
9 Kumthandazo wakhe ongumzekelo, uKristu wasifundisa ukuba sithandaze sithi uBukumkani bukaThixo mabufike. Ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kubonisa ukuba uBukumkani bukaMesiya bamiselwa ezulwini ngowe-1914.a Ngoko ke, ngaba kusafanelekile ukuba sithandazele obo Bukumkani ukuba “bufike”? Ngokuqinisekileyo, kunjalo. Kuba kwisiprofeto sikaDaniyeli, uBukumkani bukaMesiya, obufuziselwa lilitye, buchasene noorhulumente babantu bezobupolitika abafanekiselwa ngumfanekiso omkhulu. Ilitye liya kuwutyumza umfanekiso, lize liwucole ube ngumgubo. Isiprofeto sikaDaniyeli sithi: “Obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.
10. Kutheni sikulangazelela ukufika koBukumkani bukaThixo?
10 Silangazelela ukububona uBukumkani bukaThixo butshabalalisa le nkqubo ingendawo kaSathana kuba oko kuya kuthetha ukungcwaliswa kwegama likaYehova elingcwele nokushenxiswa kwabo bonke abo bachasa ulongamo lukaThixo. Ngokusuk’ entliziyweni sithandaza sisithi: “Mabufike ubukumkani bakho,” yaye kunye nompostile uYohane, sithi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.” (ISityhilelo 22:20) Ewe, ngamana uYesu angafika aze angcwalise igama likaYehova yaye athethelele ulongamo Lwakhe, ukuze azaliseke amazwi omdumisi athi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”—INdumiso 83:18.
“Makwenzeke Ukuthanda Kwakho”
11, 12. (a) Yintoni esiyicelayo xa sithandazela ukuba ukuthanda kukaThixo “kwenzeke . . . nasemhlabeni, njengasezulwini”? (b) Yintoni enye ethethwa ngumthandazo wethu wokuba kwenziwe ukuthanda kukaYehova?
11 Emva koku, uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Indalo iphela yabakho ngenxa yokuthanda kukaYehova. Izidalwa ezinamandla ezisezulwini zidanduluka zisithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) UYehova unenjongo ‘ngezinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’ (Efese 1:8-10) Ngokuthandaza sisithi ukuthanda kukaThixo makwenzeke, enyanisweni sicela uYehova ukuba afeze injongo yakhe. Ukongezelela, sibonisa ukuba silangazelela ukubona ukuthanda kukaThixo kusenziwa emhlabeni wonke.
12 Ngokuthandaza ngale ndlela kwakhona sibonisa ukukulungela kwethu ukuvumelanisa ubomi bethu nokuthanda kukaYehova. UYesu wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:34) Ngokufana noYesu, njengamaKristu azahluleleyo, siyakuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Uthando lwethu ngoYehova nangoNyana wakhe lusenza singaphileli “iminqweno yabantu, kodwa ekuthandeni kukaThixo.” (1 Petros 4:1, 2; 2 Korinte 5:14, 15) Sizama ukukuphepha ukwenza izinto esaziyo ukuba azivisisani nokuthanda kukaYehova. (1 Tesalonika 4:3-5) Ngokuzongela ixesha lokufunda nokufundisisa iBhayibhile, ‘siqhubeka sikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova,’ okuquka ukuba nenzondelelo ekushumayeleni “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani.”—Efese 5:15-17; Mateyu 24:14.
Ukuthanda KukaYehova Ezulwini
13. Ukuthanda kukaThixo kwakusenziwa njani ngaphambi kokuba uSathana avukele?
13 Ukuthanda kukaYehova kwakusenziwa emazulwini ngaphambi kokuba omnye woonyana bomoya bavukele aze abe nguSathana. Incwadi yeMizekeliso ithetha ngoNyana kaThixo olizibulo njengomzekelo ogqibeleleyo wobulumko. Isixelela ukuba kangangexesha elide, uNyana kaThixo ekuphela kwamzeleyo ‘wayechulumanca phambi kwakhe amaxesha onke,’ evuyela ukwenza ukuthanda kukaYise. Ekugqibeleni, waba ‘ngumsebénzi onobuchule’ kaYehova ekudalweni kwezinto zonke “emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo.” (IMizekeliso 8:22-31; Kolose 1:15-17) UYehova wasebenzisa uYesu njengoLizwi, okanye iSithethi sakhe.—Yohane 1:1-3.
14. Yintoni esinokuyifunda kwiNdumiso 103 ngendlela iingelosi ezikufeza ngayo ukuthanda kukaYehova emazulwini?
14 Umdumisi ubonisa ukuba ulawulo lukaYehova luphezu kwendalo yonke yaye inkitha yeengelosi ziphulaphula imiyalelo yakhe. Siyafunda: “UYehova uyimise ngokuqinileyo itrone yakhe emazulwini; ubukumkani bakhe bulawula phezu kwayo yonk’ into. Mbongeni uYehova, nina zingelosi zakhe, zomeleleyo ngamandla, zenza ilizwi lakhe, ngokuphulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke nina mikhosi yakhe, nina balungiseleli bakhe, abenza ukuthanda kwakhe. Mbongeni uYehova, nonke nina misebenzi yakhe, kuzo zonke iindawo zolawulo [okanye ulongamo] lwakhe.”—INdumiso 103:19-22.
15. Ukuzuza kukaYesu igunya loBukumkani kukuchaphazela njani ukwenziwa kokuthanda kukaThixo ezulwini?
15 Emva kokuvukela kwakhe, uSathana wayesakwazi ukungena kwiinkundla zasezulwini, njengoko kuboniswa yincwadi kaYobhi. (Yobhi 1:6-12; 2:1-7) Noko ke, incwadi yeSityhilelo yaprofeta isithi liya kufika ixesha xa uSathana needemon zakhe beya kugxothwa ezulwini. Kubonakala ukuba elo xesha lafika kungekudala emva kokuba uYesu Kristu efumene igunya loBukumkani ngowe-1914. Ukususela ngelo xesha, abo bavukeli abazange baphinde bavunyelwe ukuba bangene ezulwini. Bagcinwe emhlabeni. (ISityhilelo 12:7-12) Akusekho mgculeli ezulwini, kuphela ngabantu abazukisa “iMvana,” uKristu Yesu, nabathobela uYehova. (ISityhilelo 4:9-11) Enyanisweni ukuthanda kukaYehova kuyenziwa ezulwini.
Ukuthanda KukaYehova Emhlabeni
16. Umthandazo ongumzekelo awuvisisani njani nemfundiso yeNgqobhoko ngokuphathelele ithemba abantu abanalo?
16 Iicawa zeNgqobhoko aziwuquki umhlaba kwiinjongo zikaThixo, zithi bonke abantu abalungileyo baya ezulwini. Kodwa uYesu wasifundisa ukuba sithandaze sithi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Ngaba kusenokuthiwa, ukuthanda kukaYehova kwenziwa ngokupheleleyo kumhlaba ozaliswe lugonyamelo, ukungabikho kokusesikweni, ukugula nokufa? Unotshe! Ngoko ke sifanele sithandaze ngokunyanisekileyo ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni, ngokuvumelana nesithembiso esenziwa ngumpostile uPetros esithi: “Thina ke silindele amazulu amatsha [urhulumente obuBukumkani bukaMesiya olawulwa nguKristu] nomhlaba omtsha [ibutho labantu abalungileyo], ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13.
17. Yiyiphi injongo kaYehova ngomhlaba?
17 UYehova wayenenjongo ekudaleni kwakhe umhlaba. Waphefumlela umprofeti uIsaya ukuba abhale athi: “Ke uYehova, uMdali wamazulu, uThixo oyinyaniso, uMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe, utsho ukuthi: ‘NdinguYehova, akakho omnye.’” (Isaya 45:18) UThixo wababeka abantu bokuqala ababini kumyezo oyiparadesi, waza wabayalela esithi: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.” (Genesis 1:27, 28; 2:15) Kucacile ke ngoko ukuba injongo yoMdali kukuba umhlaba umiwe ngabantu abafezekileyo nabangamalungisa abakuvuyelayo ukuzithoba kulongamo lukaYehova baze baphile ngonaphakade kwiParadesi eyathenjiswa nguKristu.—INdumiso 37:11, 29; Luka 23:43.
18, 19. (a) Yintoni efanele yenzeke ngaphambi kokuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe ngokupheleleyo emhlabeni? (b) Yiyiphi eminye iinkalo eziphathelele umthandazo kaYesu ongumzekelo eziya kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
18 Ukuthanda kukaYehova ngokuphathelele umhlaba akunakuzalisekiswa ngokupheleleyo ngoxa umhlaba unamadoda namabhinqa angazithobiyo kulongamo lwakhe. Esebenzisa umkhosi woomoya onamandla olawulwa nguKristu, uThixo uya ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ Inkqubo iphela kaSathana engendawo, nonqulo lwayo lobuxoki, imicimbi yobupolitika eyonakeleyo, ezorhwebo ezinyolukileyo nezingathembekanga, nemikhosi etshabalalisayo, zonke ezo zinto ziya kutshatyalaliswa ngonaphakade. (ISityhilelo 11:18; 18:21; 19:1, 2, 11-18) Ulongamo lukaYehova luya kuthethelelwa negama lakhe lingcwaliswe. Oko koko sikuthandazelayo xa sisithi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:9, 10.
19 Noko ke, kumthandazo ongumzekelo, uYesu wabonisa ukuba sinokuthandazela nemibandela yobuqu. Ezinye iinkalo ngokuphathelele umthandazo ziya kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona isahluko 6 sencwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Impinda
• Kutheni kufanelekile ukumbiza uYehova ngokuthi “Bawo wethu”?
• Kutheni kubalulekile ukuba sithandazele ukungcwaliswa kwegama likaYehova?
• Kutheni sifanele sithandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike?
• Kuthetha ukuthini ukuthandazela ukuba ukuthanda kuThixo kwenziwe emhlabeni njengasezulwini?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Indlela uYesu awayethandaza ngayo yayahluke kwaphela kwimithandazo yokuhanahanisa yabaFarisi
[Umfanekiso okwiphepha 10]
AmaKristu athandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, igama lakhe lingcwaliswe, nokuthanda kwakhe kwenziwe