Abantu BakaThixo Bamele Bathande Ububele
“Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—MIKA 6:8.
1, 2. (a) Kutheni kungamele kube ngumnqa ukulindela kukaYehova ukuba abantu bakhe babe nobubele? (b) Yiyiphi imibuzo ephathelele ububele esinokuzibuza yona?
UYEHOVA nguThixo onobubele. (Roma 2:4; 11:22) Isibini sokuqala, uAdam noEva, simele ukuba sasikuxabisa ngokwenene oko! Kumyezo wase-Eden, sasingqongwe yindalo ebonakalayo neyayibubungqina bobubele bukaThixo ebantwini. Yaye uThixo usenabo ububele kubantu bonke, kuquka nabo bangenambulelo nabangendawo.
2 Ekubeni benziwe ngokomfanekiso kaThixo, abantu bayakwazi ukubonakalisa iimpawu zakhe. (Genesis 1:26) Ayingomnqa ke into yokuba uYehova elindele ukuba sibe nobubele. UMika 6:8 uthi abantu bakaThixo bamele ‘bathande ububele.’ Kodwa eneneni buyintoni ububele? Buhlobene njani nezinye iimpawu zikaThixo? Ekubeni abantu bekwazi ukuba nobubele, kutheni ihlabathi lizaliswe yinkohlakalo ngolu hlobo? Kutheni thina maKristu sifanele sibonise ububele kwabanye?
Buyintoni Ububele?
3. Ungabuchaza njani ububele?
3 Ububele bubonakala ngokuba nomdla onyanisekileyo kwimpilo-ntle yabanye. Buboniswa ngokunceda abanye nangokusebenzisa amazwi abonisa ulwazelelelo. Ukuba nobubele kuthetha ukwenza izinto ezintle kunezo zenzakalisayo. Umntu onobubele unobuhlobo, uyathantamisa, unovelwano, yaye unenceba. Unesandla esivulekileyo, yaye unolwazelelelo ngabanye. Umpostile uPawulos waluleka amaKristu ngelithi: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.” (Kolose 3:12) Ngoko ke, ububele buyinxalenye yesinxibo sokomfuziselo somKristu wokwenyaniso.
4. UYehova uye wawumisela njani umzekelo ekuboniseni ububele kuluntu?
4 UYehova uThixo uye wamisela umzekelo ekubeni nobubele. UPawulos wathi, ‘ububele nothando analo ngomntu uMsindisi wethu, uThixo, lwabonakaliswa ngokusisindisa ngokuhlamba okwasizisa ebomini nangokwenziwa batsha kwethu ngomoya oyingcwele.’ (Tito 3:4, 5) UThixo ‘uhlamba,’ okanye ucoca, amaKristu athanjisiweyo egazini likaYesu, esebenzisa ixabiso ledini lentlawulelo likaKristu kuwo. Enziwa matsha ngomoya oyingcwele, esiba “sisidalwa esitsha” njengoonyana bakaThixo abazelwe ngomoya. (2 Korinte 5:17) Ngaphezu koko, uThixo ubonisa ububele nothando lwakhe ‘nakwisihlwele esikhulu,’ esiye ‘sahlamba imiwunduzo yaso sayenza mhlophe egazini leMvana.’—ISityhilelo 7:9, 14; 1 Yohane 2:1, 2.
5. Kutheni abo bakhokelwa ngumoya kaThixo befanele babe nobubele?
5 Ububele bukwasesinye seziqhamo zomoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla akhe asebenzayo. UPawulos wathi: “Isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa. Akukho mthetho unxamnye nezinto ezinjalo.” (Galati 5:22, 23) Ngenxa yoko, ngaba abo bakhokelwa ngumoya kaThixo abamele babe nobubele kwabanye?
Ukuba Nobubele Bokwenene Asikokuba Buthathaka
6. Ububele buba bubuthathaka xa kutheni, yaye ngoba?
6 Abanye abantu bakugqala ukuba nobubele njengokuba buthathaka. Bavakalelwa kukuba umntu umele abe ngqwabalala, aze abe namaxesha okuba krwada, ukuze abantu babone amandla anawo. Kodwa ke, enyanisweni, kufuna amandla ukuba nobubele bokwenene uze uphephe ukubonisa ububele obuphosakeleyo. Ekubeni ububele bokwenene busesinye seziqhamo zomoya kaThixo, abunakuba bubuthathaka, okanye ukubetha ngoyaba ihambo ephosakeleyo. Kweliny’ icala, ububele obuphosakeleyo bubuthathaka obubangela ukuba umntu akuqwabazel’ iliso okubi.
7. (a) UEli wakubonisa njani ukungakhathali? (b) Kutheni abadala befanele bakulumkele ukubonisa ububele obuphosakeleyo?
7 Ngokomzekelo, khawucinge nje ngombingeleli omkhulu wakwaSirayeli uEli. Wayengakukhathalele ukuqeqesha oonyana bakhe uHofeni noFinehasi, ababengababingeleli emnqubeni. Ngenxa yokuba babenganelisekanga sisixa sombingelelo uMthetho kaThixo owawuyalele ukuba basifumane, babethuma umlindi ukuba aye kufuna inyama ngenkani kumntu oze nombingelelo ngaphambi kokuba amanqatha ombingelelo atshiswe esibingelelweni. Kwakhona oonyana bakaEli babesiba neentlobano zesini namabhinqa akhonza esangweni lomnquba. Noko ke, kunokugxotha uHofeni noFinehasi apho, uEli wabakhalimela nje ngendlela eyekeyeke. (1 Samuweli 2:12-29) Kungeso sizathu “lalinqabile ilizwi elivela kuYehova ngaloo mihla”! (1 Samuweli 3:1) Abadala abangamaKristu bamele bakuphephe ukubonisa ububele obuphosakeleyo kubenzi-bubi abanokulonakalisa ibandla ngokomoya. Ububele bokwenene abuwaqwabazeli liso amazwi nezenzo zobungendawo ezinxamnye nemilinganiselo kaThixo.
8. UYesu wabubonisa njani ububele bokwenene?
8 UYesu Kristu onguMzekelo wethu akazange abe natyala lokubonisa ububele obuphosakeleyo. Waba ngumzekelo omhle wobubele bokwenene. Ngokomzekelo, ‘wabasizela abantu ngenxa yokuba babehlinzekile yaye belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ Abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo babeziva bekhululekile ukuya kuYesu, besizisa nabantwana babo abaselula kuye. Khawucinge nje ngobubele novelwano awalubonisayo xa ‘wabawolayo aba bantwana waza wabasikelela.’ (Mateyu 9:36; Marko 10:13-16) Nakuba uYesu wayenobubele, wayekumela oko kulungileyo emehlweni kaYise wasezulwini. UYesu akazange akhuthaze ubungendawo; wayenamandla awanikwe nguThixo okukhalimela iinkokeli zonqulo ezingabahanahanisi. KuMateyu 23:13-26 waphindaphinda isibhengezo esithi: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini!”
Ububele Nezinye Iimpawu ZikaThixo
9. Ububele buhlobene njani nokuzeka kade umsindo nokulunga?
9 Ububele buhlobene nezinye iimpawu eziveliswa ngumoya kaThixo. Buhambisana ‘nokuzeka kade umsindo nokulunga.’ Eneneni, umntu onobubele ubonisa olo phawu ngokuzeka kade umsindo. Unomonde kwanakwabo bangenabubele. Ububele buhlobene nokulunga kuba budla ngokuboniswa ngokwenzela abanye izinto ezintle. Maxa wambi, igama lesiGrike elisetyenziswe eBhayibhileni elithetha “ububele” lisenokuguqulelwa ngokuthi “ukulunga.” Ukubonisa kwamaKristu okuqala olu phawu kwabamangalisa gqitha abahedeni, kangangokuba ngokutsho kukaTertullian, babachaza abalandeli bakaYesu ‘njengababalaseleyo ngobubele.’
10. Bunxibelelene njani ububele nothando?
10 Ububele bunxibelelene nothando. Ethetha nabalandeli bakhe, uYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Yaye ngokuphathelele olu thando, uPawulos wathi: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele.” (1 Korinte 13:4) Kanti kwibinzana elithi “ububele bothando,” elisetyenziswa rhoqo eZibhalweni, ububele bunxulunyaniswe nothando. Olu hlobo lobubele luphuma kuthando olunyanisekileyo. Isibizo sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi “ububele bothando” siquka okungakumbi kunomsa nje. Bububele obuthi ngothando buzihlanganise nento ethile de injongo yabo ngokuphathelele loo nto iphunyezwe. UYehova ububonisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo ububele bakhe bothando, okanye uthando olunyanisekileyo. Ungabubona nje nakwizenzo zakhe zokuhlangula nokukhusela.—INdumiso 6:4; 40:11; 143:12.
11. Sinasiphi isiqinisekiso ngokuphathelele ububele bothando bukaThixo?
11 Ububele bothando bukaYehova benza ukuba abantu batsaleleke kuye. (Yeremiya 31:3) Xa abakhonzi abathembekileyo bakaThixo befuna ukuhlangulwa okanye ukuncedwa, bayazi ukuba uya kubonisa ububele bothando kubo. Baqinisekile ukuba abasayi kudana. Ngenxa yoko, banokuthandaza benokholo, kanye njengomdumisi owathi: “Ke mna, ndikholose ngobubele bakho bothando; mayivuye intliziyo yam ngosindiso lwakho.” (INdumiso 13:5) Ekubeni uthando lukaThixo lunyanisekile, abakhonzi bakhe bayakwazi ukuthembela kuye ngokupheleleyo. Banesi siqinisekiso: “UYehova akayi kubashiya abantu bakhe, engayi kulishiya nelifa lakhe.”—INdumiso 94:14.
Kutheni Kugquba Inkohlakalo Kweli Hlabathi?
12. Lwaqala nini yaye njani ulawulo olucinezelayo?
12 Impendulo yalo mbuzo inxulumene noko kwenzeka kumyezo wase-Eden. Ekuqaleni kwembali yoluntu, isidalwa esingumoya esaqalisa ukuzingca nokuba nekratshi senza iyelenqe sifuna ukuba ngumlawuli wehlabathi. Ngenxa yeli yelenqe laso, saba nguye “umlawuli weli hlabathi,” ocinezela ngokwenene. (Yohane 12:31) Saba nguSathana uMtyholi, umchasi ophambili kaThixo nabantu. (Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9) Iyelenqe laso lokuzingca lokumisela ulawulo olunxamnye nolo lukaYehova lobubele labhencwa kwithutyana nje emva kokudalwa kukaEva. Ngaloo ndlela, kwaqalisa ulawulo olubi xa uAdam wakhetha ukuzimela geqe kulawulo lukaThixo, ebugatya ngokupheleleyo ububele Bakhe. (Genesis 3:1-6) Kunokuba bazilawule, eneneni uAdam noEva balawulwa nguMtyholi ozingcayo nonekratshi.
13-15. (a) Yiyiphi eminye yemiphumo yokugatya ulawulo lukaYehova lobulungisa? (b) Kutheni kugquba inkohlakalo kweli hlabathi?
13 Khawucinge nje ngeminye yemiphumo yoko. UAdam noEva bagxothwa kummandla womhlaba oyiparadesi. Baphuma kwindawo entle enohlaza, imifuno enempilo kwakunye neziqhamo, baza baya kuzifaka ebugxwayibeni ngaphandle komyezo wase-Eden. UThixo wathi kuAdam: “Ngenxa yokuba uphulaphule ilizwi lomfazi wakho waza wadla kuwo umthi endakunika umyalelo ngawo ndathi, ‘Uze ungadli kuwo,’ uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho. Uya kuyidla imveliso yawo usiva ubuhlungu yonke imihla yobomi bakho. Uya kukuntshulela ameva nenkunzane.” Ukuqalekiswa komhlaba kwakuthetha ukuba kwakuza kuba nzima kakhulu ukuwulima. Imiphumo yokuqalekiswa komhlaba onameva nenkunzane, yaviwa yinzala ka-Adam kangangokuba utata kaNowa, uLameki, wathetha ‘ngokuba buhlungu kwezandla zabo ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo uYehova.’—Genesis 3:17-19; 5:29.
14 Kwakhona uAdam noEva baziphulukanisa noxolo baza bathwaxwa ziimeko ezinxunguphalisayo. UThixo wathi kuEva: “Ndiya kuyandisa kakhulu intlungu ekumitheni kwakho; uya kuzala abantwana unenimba, ize inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, yona ikulawule.” Kamva uKayin, izibulo lika-Adam noEva, wenza isenzo esikhohlakeleyo ngokubulala umntakwabo uAbheli.—Genesis 3:16; 4:8.
15 Umpostile uYohane wathi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Kanye njengomlawuli walo, ihlabathi lanamhlanje lineempawu ezimbi ekukho phakathi kwazo ukuzingca nekratshi. Akumangalisi ukuba lizaliswe yinkohlakalo! Kodwa akusayi kuhlala kunjalo. UYehova uya kuqinisekisa ukuba eBukumkanini bakhe kubalasela ububele nomsa, kunenkohlakalo.
EBukumkanini BukaThixo Ububele Buya Kubalasela
16. Kutheni ulawulo lukaThixo ngoKristu Yesu lubalasele ngobubele, yaye oku kusikhuthazela entwenini?
16 UYehova noKumkani ammiseleyo woBukumkani Bakhe, uKristu Yesu, bafuna ukuba abalawulwa babo baziwe ngokuba nobubele. (Mika 6:8) UYesu Kristu wasibonisa indlela ulawulo alunikwe nguYise oluya kubalasela ngayo ngobubele. (Hebhere 1:3) Oku kunokubonwa kumazwi kaYesu awayebhenca iinkokeli zonqulo lobuxoki, ezazithwalisa abantu imithwalo enzima. Wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mateyu 11:28-30) Abalawuli abaninzi ehlabathini, enoba ngabonqulo okanye akunjalo, bathwalisa abantu imithetho emininzi esindayo baze bangababuleli ngemisebenzi yabo. Kanti yena uYesu unomdla wokwanelisa iintswelo zabalandeli bakhe. Ngokwenene, idyokhwe yakhe iyahlaziya kwaye yeyobubele! Ngaba oku akusikhuthazi ukuba sifune ukufana naye ekuboniseni ububele kwabanye?—Yohane 13:15.
17, 18. Sinokuqiniseka njani ukuba abo baya kulawula noKristu ezulwini kwanabo baya kuba ngabameli bakhe emhlabeni baya kuba nobubele?
17 Amazwi achukumisayo kaYesu awawathetha kubapostile bakhe abalaselisa indlela uBukumkani bukaThixo obahluke kakhulu ngayo kulawulo lomntu. IBhayibhile ithi: “Kwavela nempikiswano eshushu phakathi kwabo [abafundi] mayela nokuba nguwuphi na kubo obonakala engoyena mkhulu. Kodwa wathi kubo: ‘Ookumkani beentlanga baba ziinkosi phezu kwazo, nabo banegunya phezu kwazo babizwa ngokuba ngabaBabali. Ke nina ze ningabi njalo. Kodwa lowo ungoyena mkhulu phakathi kwenu makabe njengoyena mncinane, nalowo usebenza njengentloko abe njengalowo ulungiselelayo. Kuba nguwuphi na omkhulu ngakumbi, lowo ungqendeve etafileni okanye lowo ulungiselelayo? Asinguye na lowo ungqendeve etafileni? Kodwa phakathi kwenu ndinjengalowo ulungiselelayo.’”—Luka 22:24-27.
18 Abalawuli abangabantu bazenza “iinkosi phezu” kwabantu baze bafune ukubizwa ngamagama amakhulu, ngokungathi loo magama abenza babe bhetele kunabo babalawulayo. Kodwa uYesu wathi ukuze umntu abe mkhulu ngokwenene ufanele alungiselele abanye—athi gqolo ngokuzimisela ekukhonzeni abanye. Bonke abaya kulawula noKristu ezulwini okanye abaza kukhonza njengabameli bakhe emhlabeni, bamele bawulandele ngokuzimisela umzekelo wakhe wokuthobeka nokuba nobubele.
19, 20. (a) UYesu wakuchaza njani ukubalasela kobubele bukaYehova? (b) Sinokumxelisa njani uYehova ekuboniseni ububele?
19 Makhe sihlolisise esinye isiluleko sothando esanikelwa nguYesu. Ebonisa indlela obubalasele ngayo ububele bukaYehova, uYesu wathi: “Ukuba nithanda abo banithandayo, kuludumo luni na oko kuni? Kuba kwanaboni bathanda abo babathandayo. Yaye ukuba nenza okulungileyo kwabo benza okulungileyo kuni, ngokwenene kuludumo luni na oko kuni? Kwanaboni benza okufanayo. Ukuba nibolekisa ngaphandle kwenzala kwabo ninethemba lokufumana kubo, kuludumo luni na oko kuni? Kwanaboni babolekisa ngaphandle kwenzala kuboni ukuze bafumane kwakhona ngokukwanjalo. Ngokwahlukileyo koko, qhubekani nizithanda iintshaba zenu yaye nisenza okulungileyo, nibolekisa ngaphandle kwenzala, ningathembe kubuyiselwa nantoni na; kwaye umvuzo wenu uya kuba mkhulu, yaye niya kuba ngoonyana bOyena Uphakamileyo, ngenxa yokuba unobubele kwabo bangenambulelo nabangendawo. Qhubekani nisiba nenceba, kanye njengoko uYihlo enenceba.”—Luka 6:32-36.
20 Ububele bukaThixo abunako ukuzingca. Akabubonisi ngenjongo yokufumana imbuyekezo. Ngobubele uYehova ‘ulenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula uyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.’ (Mateyu 5:43-45; IZenzo 14:16, 17) Sixelisa uBawo wethu osezulwini, ngokuthi singaneli nje ngokuphepha ukubenzakalisa abo bangenambulelo, kodwa sibenzele ububele, kuquka nabo bazenza iintshaba zethu. Ngokubonisa ububele, sibonisa uYehova noYesu ukuba sinqwenela ukuphila phantsi koBukumkani bukaThixo, apho bonke abantu beya kubonisa ububele nezinye iimpawu zobuthixo.
Kutheni Sifanele Sibonise Ububele?
21, 22. Kutheni sifanele sibonise ububele?
21 KumKristu wokwenene, kubaluleke gqitha ukubonisa ububele. Kububungqina bokuba sinomoya kaThixo. Ngaphezu koko, xa sibonisa ububele bokwenene, sixelisa uYehova uThixo noKristu Yesu. Yaye kwakhona kulindeleke ukuba abo baza kuba ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo babonise ububele. Ngoko simele sibuthande ububele size sifunde indlela yokububonisa.
22 Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ububele kubomi bethu bemihla ngemihla? Oko kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Ungaphendula Uthini?
• Buyintoni ububele?
• Kutheni ihlabathi lizaliswe yinkohlakalo?
• Sazi njani ukuba kuya kubalasela ububele phantsi kolawulo lukaThixo?
• Kutheni kubalulekile ukuba abo banqwenela ukuphila phantsi koBukumkani bukaThixo babonise ububele?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Abadala abangamaKristu bazabalazela ukubonisa ububele emhlambini
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYehova ubonisa ububele bothando kubakhonzi bakhe ngamaxesha anzima
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ngobubele uYehova ubanika ilanga nemvula bonke abantu