Singakwazi Ukujamelana Naso Nasiphi Na Isilingo!
NGABA kukho isilingo ojamelane naso ngalo mzuzu? Ngaba uziva ufuna ukunikezela kuso? Ngaba ukhe uvakalelwe ngathi nguwe wedwa umntu onale ngxaki yaye akukho sicombululo sayo? Ukuba kunjalo, ungalahli themba! Nokuba zinjani na izilingo esinazo, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uThixo unokusinceda sijamelane nazo.
IBhayibhile iyavuma ukuba abakhonzi bakaThixo ‘bahlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo.’ (Yakobi 1:2) Phawula eli gama lithi “ezahlukahlukeneyo” (ngesiGrike lithi poi·kiʹlos). Ngendlela elalisetyenziswa ngayo kudala, lalibhekisela “kwintlaninge yezinto ezahlukahlukeneyo” okanye “ezimibalabala” yaye libethelela “ukwahlukahlukana kwezilingo.” Eneneni, kwintetho yemihla ngemihla, eli gama lalithetha “imibalabala.” Ngoko ke, “izilingo ezahlukahlukeneyo” zizilingo eziza ngokungathi kunjalo ziyimibalabala. Noko ke, uYehova uyasixhasa ukuze sikwazi ukujamelana nesilingo ngasinye. Kutheni siqiniseke ngolo hlobo nje?
‘Ububele Obungasifanelanga BukaThixo Bubonakaliswa Ngeendlela Ezahlukahlukeneyo’
Umpostile uPetros uchaza ukuba amaKristu ‘eva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.’ (1 Petros 1:6) Kwincwadi yakhe ephefumlelweyo uphinda athi, ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo bubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.’ (1 Petros 4:10) Ibinzana elithi “ngeendlela ezahlukahlukeneyo” linengcamango efanayo neyegama lokuqala lesiGrike. Ephawula ngeli gama, omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Le ngcamango imangalisa ngokwenene. . . . Ukuchaza inceba kaThixo [okanye, ububele obungasifanelanga] njengepoikilos kuthetha ukuba akukho meko anokuba kuyo umntu ize inceba kaThixo ingakwazi kumnceda ajamelane nayo.” Uhlabela mgama athi: “Akukho meko ingaphaya kwamandla, kungekho nangxaki ingxamisekileyo engenako ukuconjululwa yinceba kaThixo, ize yoyiswe. Akukho nanye into enokoyisa inceba kaThixo. Igama elithi poikilos lisenza sicinge ngaloo mibalabala yenceba kaThixo ekwaziyo kakuhle ukusinceda sijamelane nezinto zonke.”
Izilingo Zoyiswa Ngobubele
Ngokutsho kukaPetros, enye indlela uThixo abonakalisa ngayo ububele bakhe obungasifanelanga usebenzisa abantu abahlukahlukeneyo bebandla lamaKristu. (1 Petros 4:11) Mkhonzi ngamnye kaThixo unesiphiwo somoya, okanye amandla anokukhuthaza abo bajamelene nezilingo. (Roma 12:6-8) Ngokomzekelo, amanye amalungu ebandla abalasele ekufundiseni iBhayibhile. Amazwi awo okuqonda avuselela aze omeleze abanye banyamezele. (Nehemiya 8:1-4, 8, 12) Amanye ahlala etyelela ukuze aluse abo bafuna ukuthuthuzelwa kumakhaya abo. Loo matyelelo aba lukhuthazo, ‘athuthuzela iintliziyo.’ (Kolose 2:2) Xa abaveleli betyelela ukuze bomeleze ukholo lwabazalwana, babanika isipho somoya. (Yohane 21:16) Ebandleni kukho nabanye abaziwa ngobubele, uvelwano nokuthantamisa amanye amakholwa akhathazekileyo ngenxa yezilingo. (IZenzo 4:36; Roma 12:10; Kolose 3:10) Uvelwano noncedo lwabo bazalwana noodade banothando yimbonakaliso ebalaseleyo, okanye “umbala,” wobubele obungasifanelanga bukaThixo.—IMizekeliso 12:25; 17:17.
‘UThixo Wentuthuzelo Yonke’
Ngaphezu kwako konke, uYehova uyasithuthuzela. ‘UnguThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Ubulumko obufumaneka kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo namandla avela kumoya oyingcwele zezona zinto zisetyenziswa nguYehova ukuphendula imithandazo yethu. (Isaya 30:18, 21; Luka 11:13; Yohane 14:16) Sinokomelezwa lithemba eliphefumlelweyo elenziwa ngumpostile uPawulos. Wathi: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.
Ewe, enoba unjani na “umbala,” okanye uhlobo, lwesilingo esisifumanayo, kuya kusoloko kukho “umbala,” oya kufana twatse naso okanye imbonakaliso, yobubele obungasifanelanga bukaThixo eya kusinceda sikwazi ukumelana naso. (Yakobi 1:17) Ngexesha elifanelekileyo uYehova uyabaxhasa abakhonzi bakhe—kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izilingo okanye iimvavanyo abajamelene nazo—nto leyo ebubungqina ‘bobulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi.’ (Efese 3:10) Ngaba wena akuvumelani noko?
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
UYehova usinceda sikwazi ukujamelana nezilingo