IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 8/1 iphe. 21-25
  • UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Musani Ukoyika”—Ngoba?
  • Ixabiso Likangqatyana
  • “Iinyembezi Zam Zifake Kwintsuba Yakho”
  • Ukuba Ngumhlobo Osenyongweni KaThixo
  • Usijonga Njengabaxabisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Uxabisekile Emehlweni KaThixo!
    Vukani!—1999
  • Akukho Nto ‘Inokusahlula Eluthandweni LukaThixo’
    Sondela KuYehova
  • “UThixo Uluthando”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 8/1 iphe. 21-25

UYehova Uzibalile “Kwaneenwele Ezi Zentloko Yenu”

“Akukho namnye [ungqatyana] oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.”—MATEYU 10:29, 30.

1, 2. (a) Kwakutheni ukuze uYobhi azive eshiyiwe nguThixo? (b) Ngaba amazwi kaYobhi athetha ukuba wayesilwa noYehova? Cacisa.

“NDIKHALELA uncedo lwakho, Thixo, kodwa akundiphenduli; naxa ndithandaza, akunikeli ngqalelo. Undiphatha ngenkohlakalo; uyanditshutshisa ngandlela zonke.” Indoda eyayithetha la mazwi yayikwintlungu engathethekiyo, ibe siyavakala isizathu soko! Yayilahlekelwe yinto yonke enayo, abantwana bayo bebulewe yintlekele engaqhelekanga ibe nayo ngoku yayisele igulela ukufa. Le ndoda yayinguYobhi, ibe intlungu yayo ibhalwe eBhayibhileni ukuze kuncedwe thina.—Yobhi 30:20, 21, iToday’s English Version.

2 La mazwi asenokuvakala ngathi uYobhi wayesilwa noThixo, kodwa kwakungenjalo. UYobhi wayephalaza nje ukudandatheka kwakhe. (Yobhi 6:2, 3) Wayengazi ukuba nguSathana omzisela izilingo, ngoko ephazama wagqiba ekubeni ushiyiwe nguThixo. Ngesinye isihlandlo, uYobhi wada wathi kuYehova: “Kutheni ubufihla ubuso bakho uze undigqale njengotshaba lwakho?”a—Yobhi 13:24.

3. Xa kusehla izinto ezibuhlungu, yintoni enokuthi qatha engqondweni?

3 Namhlanje, abantu bakaYehova abaninzi bathwaxwa ziingxaki ezingapheliyo ngenxa yeemfazwe, iingxwabangxwaba zezopolitiko nezoluntu, iintlekele zemvelo, ukwaluphala, ukugula, ubuhlwempu, nokuvalwa umlomo ngoorhulumente. Kusenokwenzeka ukuba nawe ujamelene nezilingo ezithile. Maxa wambi usenokuvakalelwa kukuba uYehova uyazifihla kuwe. Umele ukuba uwazi kakuhle amazwi akuYohane 3:16 athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” Sekunjalo, xa ubandezeleka de ungaboni siqabu, usenokuzibuza oku: ‘Ngaba ngokwenene uThixo uyandithanda? Ngaba uyazibona izinto endityhubela kuzo? Ngaba undikhathalele?’

4. Yiyiphi ingxaki eyayithe mbende uPawulos kwaza kwafuneka ayinyamezele, ibe inokusichaphazela njani loo meko?

4 Cinga nje ngento eyenzeka kumpostile uPawulos. Wabhala wathi: “Ndanikwa iliva enyameni, ingelosi kaSathana, ukuba indimpakaze,” waza wongezelela esithi: “Ndayibongoza izihlandlo ezithathu iNkosi ukuba lisuke kum.” UYehova waziva izibongozo zakhe. Sekunjalo, wabonisa uPawulos ukuba akayi kwenza ummangaliso ukuze amncede kuloo ngxaki. Kunoko, kwafuneka uPawulos athembele kumandla kaThixo ukuze anyamezele “iliva enyameni.”b (2 Korinte 12:7-9) NjengoPawulos, kungenzeka ukuba kukho isilingo esikuthe mbende. Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ngaba into yokuba kubonakala ngathi uYehova akenzi nto ngengxaki yam ithetha ukuba akayiqondi imeko endikuyo okanye akandikhathalelanga?’ Akunjalo! Inkxalabo anayo uYehova ngomkhonzi wakhe othembekileyo ngamnye ityhilwa koko kwathethwa nguYesu kubafundi bakhe emva kokuba ebakhethile. Makhe sibone indlela anokusikhuthaza ngayo loo mazwi namhlanje.

“Musani Ukoyika”—Ngoba?

5, 6. (a) UYesu wabanceda njani abapostile ukuze bangoyiki izinto ezaziseza kubehlela? (b) UPawulos wabonisa njani ukuba unentembelo yokuba uYehova umkhathalele?

5 Abapostile banikwa amandla angathethekiyo nguYesu, kuquka “igunya koomoya abangahlambulukanga, ukuze babakhuphe baze baphilise lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.” Ukanti, oku kwakungathethi ukuba babeza kuchamza nje lula ngaphandle kwezilingo neengxaki. Ngokwahlukileyo, uYesu wazichaza ngokweenkcukacha zonke izinto ezaziza kubehlela. Noko ke, wababongoza wathi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.”—Mateyu 10:1, 16-22, 28.

6 Ukuze ancede abapostile bakhe baqonde isizathu sokuba bemele bangoyiki, uYesu wenza imizekeliso emibini. Wathi kubo: “Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na? Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ngoko ke musani ukoyika: nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Mateyu 10:29-31) Phawula ukuba uYesu wanxulumanisa ukungoyiki ubunzima nentembelo yokukhathalelwa nguYehova. Kucacile ukuba, umpostile uPawulos wayenaloo ntembelo. Wabhala wathi: “Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi? Yena lowo ungambandezanga uNyana wakhe kodwa wamnikela ngenxa yethu sonke, akayi kuthi na kaloku ngobubele asinike zonke ezinye izinto kwandawonye naye?” (Roma 8:31, 32) Nokuba ziziphi na izilingo ojamelana nazo, nawe unokuqiniseka ukuba uYehova ukukhathalele logama nje usanyanisekile kuye. Oku kuya kucaca ngakumbi njengoko siphonononga isibongozo esenziwa nguYesu kubapostile bakhe.

Ixabiso Likangqatyana

7, 8. (a) Babejongwa njani oongqatyana xa uYesu wayelapha emhlabeni? (b) Yintoni eboniswa kukusebenzisa kukaYesu isinciphiso segama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ungqatyana kuMateyu 10:29?

7 Imizekeliso kaYesu iyichaza kakuhle indlela uYehova akhathalela ngayo ngamnye kubakhonzi bakhe. Cinga nje ngalo mzekeliso woongqatyana. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, oongqatyana babetyiwa, kodwa ekubeni babelutshaba lwesivuno babegqalwa njengenkathazo. Babebaninzi nexabiso labo liphantsi kangangokuba wawunokuthenga ababini ngemali engaphantsi kweesenti ezingama-30 namhlanje. Xa uthenga abane wawunganikwa abane nje kuphela wawufumana babe bahlanu—lo wesihlanu esiba libhaso ngokungathi akaxabisekanga kwaphela!—Luka 12:6.

8 Khawucinge nje nangobungakanani bayo le ntaka. Neyona ikhule ngokupheleleyo kuzo iba ncinane xa ithelekiswa nezinye iintaka. Ukanti, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “oongqatyana” kuMateyu 10:29 sisinciphiso segama lale ntaka elithi “ingqabe”. Kucacile ukuba uYesu wayefuna abapostile bakhe bacinge ngeyona ntaka ingabalulekanga. Njengokuba enye imbekiselo isitsho, “uYesu ucaphula intaka encinane gqitha ingqabe, aze aphinde asebenzise isinciphiso sayo esithi, ungqatyana!”

9. Yiyiphi ingongoma enamandla efumaneka kumzekeliso kaYesu woongqatyana?

9 Kulo mzekeliso kaYesu woongqatyana sifumana ingongoma enamandla yokuba: Oko kubonakala kungabalulekanga ebantwini kubalulekile kuYehova uThixo. UYesu wabethelela le nyaniso ngokongeza athi akukho ngqatyana uya “kuwela emhlabeni” aze uYehova angakwazi oko.c Isifundo sizicacele. Ukuba uYehova ukhathalela neyona ntaka incinane ingabalulekanga, kobeka phi na ngabantu abakhethe ukumkhonza!

10. Atheth’ ukuthini amazwi athi: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke”?

10 Esongezelela kuloo mzekeliso woongqatyana, uYesu wathi: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.” (Mateyu 10:30) La mazwi mafutshane gqitha kodwa ayitsho icace ingongoma kaYesu yomzekeliso woongqatyana. Khawucinge ngoku: Ngokuqhelekileyo intloko yomntu iba neenwele ezimalunga ne-100 000. Unwele ludla ngokufana nolunye, yaye alukho olubonakala lufanelekele ukufumana ingqalelo ngaphezu kolunye. Ukanti, nwele ngalunye luyaziwa yaye lubaliwe nguYehova uThixo. Ekubeni kunjalo, ngaba ikho into angayaziyo uYehova ngobomi bethu? Ngokuqinisekileyo uYehova uyiqonda kakuhle indlela enziwe ngayo ngamnye kubakhonzi bakhe. Yena, “ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.

11. UDavide wakuvakalisa njani ukuqiniseka kwakhe ukuba ukhathalelwe nguYehova?

11 UDavide owayeqhele ukwehlelwa zizinto ezibuhlungu, wayeqinisekile ukuba uYehova uyakubona oko. Wabhala wathi: “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude.” (INdumiso 139:1, 2) Nawe umele uqiniseke ukuba uYehova uyakwazi. (Yeremiya 17:10) Ungangxami ugqibe kwelithi akukho yakho ukuba ungade ubonakale kumehlo kaYehova abona yonk’ into!

“Iinyembezi Zam Zifake Kwintsuba Yakho”

12. Sazi njani ukuba uYehova uziqonda kakuhle iimbandezelo abatyhubela kuzo abakhonzi bakhe?

12 UYehova akapheleli nje ekubazini abakhonzi bakhe, kodwa uziqonda kakuhle neembandezelo atyhubela kuzo ngamnye kubo. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayecinezelwe ebukhobokeni, wathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba xa sinyamezele izilingo, uYehova uyakubona oko aze akuve ukukhala kwethu! Akasuki nje avale amehlo akhe xa sibandezeleka.

13. Yintoni ebonisa ukuba uYehova ubakhathalela ngokwenene abakhonzi bakhe?

13 Indlela abakhathalela ngayo abakhonzi bakhe uYehova, inokubonwa kakuhle kwindlela awavakalelwa ngayo ngamaSirayeli. Nakuba iingxaki zawo zazisoloko zibangelwa kukungeva kwawo, uIsaya wathi ngoYehova: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.” (Isaya 63:9) Njengomkhonzi othembekileyo kaYehova, unokuqiniseka ukuba xa usentlungwini noYehova uba sentlungwini. Ngaba oko akukwenzi ube nenkalipho yokujamelana nobunzima nokuba uqhubeke usenza konke okusemandleni ukuze umkhonze?—1 Petros 5:6, 7.

14. Yaqanjwa phantsi kwaziphi iimeko INdumiso 56:8?

14 Ukuqiniseka kukaKumkani uDavide ekubeni uYehova uyamnyamekela nokuba umkhathalele kungqinwa yiNdumiso 56, awayiqamba ngoxa wayebaleka umbulali uKumkani uSawule. UDavide wabalekela eGati, kodwa woyika ukubanjwa xa waziwayo ukuba ungubani ngamaFilisti. Wabhala wathi: “Iintshaba zam ziqhubeka zindingqavula imini yonke, kuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.” Ngenxa yokuba sesichengeni kwakhe, uDavide wathembela kuYehova. Wathi: “Imini yonke baqhubeka bephazamisa imicimbi yam yobuqu. Zonke iingcinga zabo zibububi nxamnye nam.”—INdumiso 56:2, 5.

15. (a) Wayethetha ukuthini uDavide xa wacela uYehova ukuba afake iinyembezi zakhe kwintsuba okanye encwadini? (b) Yintoni esinokuqiniseka ngayo xa sinyamezela iimvavanyo zokholo?

15 Njengokuba INdumiso 56 ibonisa: uDavide utsho la mazwi achukumisayo: “Ukubhaca kwam wena ukuxelile. Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?” Enjani ukuchukumisa indlela achaza ngayo inyameko anayo uYehova! Xa sixinezelekile, sinokukhalela kuYehova. Kwanendoda efezekileyo uYesu yakhala. (Hebhere 5:7) UDavide wayeqinisekile ukuba uYehova uyambona nokuba uya kuyikhumbula intlungu akuyo, ngokungathi ugcina iinyembezi zakhe kwintsuba okanye uzibhala encwadini.d Kungenzeka uvakalelwa ukuba nezakho iinyembezi zinokuzalisa intsuba okanye amaphepha aloo ncwadi. Ukuba kunjalo, unokuthuthuzelwa kukuva oku. IBhayibhile isiqinisekisa ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.

Ukuba Ngumhlobo Osenyongweni KaThixo

16, 17. (a) Sazi njani ukuba uYehova uyakhathala xa abakhonzi bakhe bejamelene neengxaki? (b) Yintoni ayenzile uYehova ukuze abantu bakwazi ukusondelelana naye?

16 Isibakala sokuba uYehova ebala ‘neenwele zentloko yethu’ sibonisa indlela anenyameko ngayo uThixo esimnqulayo. Nakuba simele silinde de kufike ilihlabathi elitsha elithenjisiweyo ngaphambi kokuba ziphele zonke iintlungu nokubandezeleka, kukho into emangalisayo uYehova ayenzela abakhonzi bakhe kanye ngoku. UDavide wabhala wathi ngayo: “Ukusondelelana noYehova kokwabo bamoyikayo, kwanomnqophiso wakhe, ubabangela bawazi.”—INdumiso 25:14.

17 “Ukusondelelana noYehova.” Ibonakala ingenakwenzeka kwaphela loo nto kubantu abangafezekanga. Sekunjalo, uYehova umema abo bamoyikayo ukuba babe ziindwendwe ententeni yakhe. (INdumiso 15:1-5) Yintoni uYehova ayenzela iindwendwe zakhe? Ngokutsho kukaDavide uzazisa umnqophiso wakhe. UYehova uzityand’ igila kuzo, atyhile ‘umcimbi oyimfihlo’ kubaprofeti ukuze zazi iinjongo zakhe noko zimele zikwenze ukuze ziphile ngokuvisisana nezo njongo.—Amosi 3:7.

18. Sazi njani ukuba uYehova ufuna sisondelelane naye?

18 Kuchukumisa ngokwenene ukwazi ukuba nakuba singafezekanga sinokuba ngabahlobo abasenyongweni boMongami, uYehova uThixo. Enyanisweni, nguye othi masibe ngabo. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) UYehova ufuna sisondele kuye. Eneneni, sele enze namalungiselelo ukuze sikwazi ukusondela kuye. Idini lentlawulelo likaYesu liye lahlahl’ indlela ukuze sakhe ubuhlobo noThixo uSomandla. IBhayibhile ithi: “Thina ke, sinalo uthando, kuba wasithanda kuqala.”—1 Yohane 4:19.

19. Ukunyamezela kunokulomeleza njani ulwalamano lwethu noYehova?

19 Olo lwalamano lomelela ngakumbi xa sinyamezela izilingo. Umfundi uYakobi wathi: “Unyamezelo lwenu malupheleliswe, ukuze nibe ngabapheleleyo nabaphilileyo kwiinkalo zonke, ningaswele nto.” (Yakobi 1:4) Yintoni ‘epheleliswayo’ xa sinyamezela ubunzima? Khumbula “iliva enyameni” kaPawulos. Yintoni eyapheleliswa kukunyamezela kwakhe? Ethetha ngezilingo zakhe, uPawulos wathi: “Ngokuchulumanca okukhulu, ndiza kuqhayisa ngobuthathaka bam, ukuze amandla kaKristu ahlale njengentente phezu kwam. Ngoko ke ndiyakholiswa bubuthathaka, kukuthukwa, kukuswela, ziintshutshiso neenzima, ngenxa kaKristu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.” (2 Korinte 12:9, 10) Into awayifundayo uPawulos kukuba wayenikwa amandla afunekayo nguYehova—“amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” xa kuyimfuneko—ukuze akwazi ukunyamezela. Oko kwenza wasondela ngakumbi kuKristu nakuYehova uThixo.—2 Korinte 4:7; Filipi 4:11-13.

20. Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova uya kusixhasa aze asithuthuzele xa sisebunzimeni?

20 Mhlawumbi uYehova uye wavumela izilingo zakuthi mbende. Ukuba kunjalo, khumbula isithembiso sakhe esithi kwabo bamoyikayo: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Nawe uya kukuxhasa aze akuthuthuzele. ‘Kwaneenwele ezi zentloko yakho,’ uYehova uzibalile. Uyakubona ukunyamezela kwakho. Uyayiva intlungu okuyo. Ukukhathalele ngokwenene. Ibe akayi kuze ‘awulibale umsebenzi wakho nothando olubonisileyo ngegama lakhe.’—Hebhere 6:10.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amazwi afana nala akha athethwa nalilungisa uDavide noonyana abathembekileyo bakaKora.—INdumiso 10:1; 44:24.

b IBhayibhile ayisichazeli ukuba laliyintoni kanye “iliva enyameni” awayenalo uPawulos. Kungenzeka ukuba laliyintlungu ethile emzimbeni, njengokungaboni kakuhle. Okanye igama elithi “iliva enyameni” lisenokubhekisela kubapostile bobuxoki nabanye ababesilwa noPawulos ngokuba ngumpostile nomlungiseleli kwakhe.—2 Korinte 11:6, 13-15; Galati 4:15; 6:11.

c Abanye abaphengululi babonisa ukuba ukuwela kukangqatyana emhlabeni akubhekiseli ekufeni kwakhe nje kuphela. Bathi kulwimi lokuqala eli binzana linokubhekisela ekuhleni kwentaka ize kufuna ukutya emhlabeni. Ukuba kunjalo, oku kuthetha ukuba intaka uThixo uyinyamekela kubomi bayo bemihla ngemihla, kungekuphela nje xa ifayo.—Mateyu 6:26.

d Mandulo, iintsuba zazisenziwa ngeemfele zegusha, ezebhokhwe nezenkomo. Kwakugcinwa kuzo ubisi, ibhotolo, itshizi, okanye amanzi. Xa zisukwe kakuhle kwakugcinwa kuzo ioli okanye iwayini.

Uyakhumbula Na?

• Ziziphi izinto ezinokwenza umntu azive eshiyiwe nguThixo?

• Sifunda ntoni kumzekeliso kaYesu woongqatyana nowokubalwa kweenwele zentloko yethu?

• Kuthetha ukuthini ukufakwa kweenyembezi zikabani nguYehova “kwintsuba” okanye “encwadini” yakhe?

• Singakwazi njani “ukusondelelana noYehova”?

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Kwakutheni ukuze uYehova angalisusi “iliva enyameni” kaPawulos?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Yintoni esinokuyifunda kumzekeliso kaYesu woongqatyana?

[Inkcazelo]

© J. Heidecker/VIREO

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Xa sifundisisa iBhayibhile rhoqo, sinokufumana isiqinisekiso sokuba uThixo usikhathalele

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share