UYehova NguMalusi Wethu
“UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.”—INDUMISO 23:1.
1-3. Kutheni ingamangalisi nje into yokuba uDavide afanise uYehova nomalusi?
UKUBA bekunokuthiwa khawuchaze indlela uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe, ubuya kuthini? Ubuya kuyifanisa nantoni indlela abanyamekela ngayo ngothando abakhonzi bakhe abathembekileyo? Kwiminyaka engaphezu kwama-3 000 eyadlulayo, uKumkani uDavide wabhala indumiso echaza uYehova ngendlela ebalaseleyo, emfanisa nomalusi, umsebenzi awayewenza xa wayeselula.
2 Xa wayeselula, uDavide wayengumalusi, ngoko wayeyazi kakuhle indlela yokunyamekela izimvu. Wayesazi ukuba xa izimvu zishiywe zodwa, zinokulahleka lula zize zibe sisisulu sabaphangi okanye amarhamncwa. (1 Samuweli 17:34-36) Ukuba azinamalusi uzinyamekelayo, zisenokungawafumani amadlelo afanelekileyo. Nasekwaluphaleni, uDavide wayesalikhumbula ixesha elininzi awayelichitha esalusa izimvu, ezikhusela yaye ezondla.
3 Ayimangalisi ke ngoko into yokuba uDavide wacinga ngomsebenzi womalusi xa waphefumlelwa ukuba achaze indlela uYehova anyamekela ngayo abantu bakhe. INdumiso 23, eyabhalwa nguDavide, iqala ngala mazwi: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.” Makhe siqwalasele isizathu sokuba la mazwi afaneleke. Le ndumiso iya kusinceda sibone neendlela uYehova anyamekela ngazo abakhonzi bakhe njengomalusi onyamekela izimvu zakhe.—1 Petros 2:25.
Umzekelo Ofanelekileyo
4, 5. IBhayibhile izichaza njani izimvu?
4 IZibhalo zisebenzisa izibizo ezininzi xa zibhekisela kuYehova, kodwa isibizo esithi “uMalusi,” sesinye sezona zibonisa ukuba uyathantamisa. (INdumiso 80:1) Kukho izinto ezimbini esimele sizazi kuqala eziya kusinceda sisiqonde kakuhle isizathu sokuba kufaneleka ukubiza uYehova ngokuba nguMalusi. Eyokuqala, yindlela eziyiyo izimvu, ize eyesibini ibe yimisebenzi neempawu zomalusi olungileyo.
5 IBhayibhile idla ngokuchaza izimvu njengezisabelayo kuthando lomalusi (2 Samuweli 12:3), njengezithobelayo (Isaya 53:7), nanjengezingenakuzinceda. (Mika 5:8) Omnye umbhali owayesalusa izimvu kangangeminyaka wathi: “Izimvu azikwazi kuzinyamekela njengoko bambi besenokucinga ukuba ziyakwazi. Zezona zisoloko zifuna ukunyanyekelwa gqitha ngaphezu kwayo nayiphi na enye imfuyo.” Ukuze ezi zilwanyana zingakwazi kuzenzela nto ziphile, kufuneka zibe nomalusi onenyameko.—Hezekile 34:5.
6. Esinye isichazi-magama seBhayibhile sikuchaza njani oko kwakusenziwa ngabelusi bamandulo suku ngalunye?
6 Zintoni ezazisenziwa ngumalusi wamandulo suku ngalunye? Esinye isichazi-magama seBhayibhile sithi: “Kusasa umalusi wayekhokela izimvu azise edlelweni. Wayezalusa apho imini yonke eqinisekisa ukuba akukho ibhadulayo, ibe xa ithe yakho, wayeyifuna ngenyameko de ayifumane aze ayibuyisele emhlambini. . . . Ngorhatya wayezibuyisela ekhaya, aze azibale njengoko zingena esibayeni eqinisekisa ukuba akukho ilahlekileyo. . . . Kwakudla ngokufuneka azigade nasebusuku ukuze zingahlaselwa ngamarhamncwa, okanye zibiwe ngamasela.”a
7. Kutheni kwakukhe kufuneke ukuba umalusi abe nomonde aze athantamise ngakumbi?
7 Kukho amaxesha apho izimvu zaziye zifune umonde ngokukhethekileyo, ngakumbi iimazi ezimithiyo namatakane. (Genesis 33:13) Enye imbekiselo yeBhayibhile ithi: “Iimazi zidla ngokuzalela ezintabeni kude nesibaya. Ngoko umalusi uye anyamekele itakane elifuna uncedo alifunqule ze alithwale ngomphetho wesambatho sakhe de likwazi ukuhamba.” (Isaya 40:10, 11) Kuyacaca ukuba, umalusi olungileyo ufanele abe namandla aze athantamise.
8. Ziziphi izizathu ezichazwa nguDavide nezimenza abe nentembelo kuYehova?
8 “UYehova ngumaLusi wam”—ngaba le asiyondlela efanelekileyo yokuchaza uBawo wethu wasezulwini? Njengoko sihlolisisa INdumiso 23, siza kubona indlela uThixo asinyamekela ngayo njengomalusi onamandla nothantamisayo. Kwindinyana 1, uDavide uchaza indlela anentembelo ngayo yokuba uThixo uya kwenza onke amalungiselelo ukuze izimvu zakhe ‘zingasweli nto.’ Kwiindinyana ezilandelayo, uDavide uchaza izizathu ezithathu zokuba abe nale ntembelo: uYehova uyazikhokela, azikhusele aze azondle izimvu zakhe. Makhe sixubushe ngaso ngasinye kwezi zizathu.
‘Uyandikhokela’
9. Yiyiphi imeko yokuba seluxolweni uDavide ayichazayo, yaye izimvu zinokuba kuyo njani?
9 Okukuqala, uYehova uyabakhokela abantu bakhe. UDavide ubhala athi: “Undilalisa kumadlelo anengca; undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi. Uyawuhlaziya umphefumlo wam. Undikhokelela kumkhondo wobulungisa ngenxa yegama lakhe.” (INdumiso 23:2, 3) Apha uDavide uthetha ngomhlambi olele ngoxolo nonentabalala yokutya nto leyo ebonisa ukuba wanelisekile, uhlaziyekile yaye useluxolweni. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “amadlelo” lisenokuthetha “indawo entle.” Izimvu zisenokungakwazi ukuzifumanela indawo ehlaziyayo ukuze zilale ngoxolo. Ngumalusi wazo ekufuneka azikhokelele kuloo ‘ndawo intle.’
10. UThixo ubonisa njani ukuba unentembelo kuthi?
10 UYehova usikhokela njani namhlanje? Enye indlela asikhokela ngayo kukusimisela umzekelo. ILizwi lakhe lisibongoza ukuba ‘sibe ngabaxelisa uThixo.’ (Efese 5:1) Kule ncwadi yabase-Efese kukhankanywa imfesane, ukuxolela nothando. (Efese 4:32; 5:2) Eneneni, uYehova usimisela owona mzekelo mhle ekubonakaliseni ezo mpawu zithandekayo. Ngaba ubonisa ukungabikho ngqiqweni xa ecela ukuba sixelise yena? Akunjalo. Eso siluleko siphefumlelweyo sibonisa indlela anentembelo ngayo kuthi. Njani? Senziwe ngomfanekiso kaThixo, nto leyo ethetha ukuba ngokwemvelo sinotyekelo lokuziphatha okuhle nomdla kwizinto zokomoya. (Genesis 1:26) Ngoko, uYehova uyazi ukuba nakuba singafezekanga, singakwazi ukuhlakulela ezi mpawu anazo. Cinga nje ngoku—uThixo wethu onothando unentembelo yokuba sinokuba njengaye. Ukuba silandela umzekelo wakhe, uya kusikhokela, ngokungathi kunjalo asise ‘kwindawo yokuphumla.’ Kweli hlabathi linogonyamelo, siya ‘kuhlala sinqabisekile,’ sinoxolo olubangelwa kukwazi ukuba uThixo uyakholiswa sithi.—INdumiso 4:8; 29:11.
11. Ngoxa uYehova ekhokela izimvu zakhe, yintoni ayikhumbulayo, yaye oko kuboniswa njani koko akufunayo kuthi?
11 UYehova usikhokela ngothantamiso nangomonde. Umalusi uyakwazi oko izimvu zakhe zingenakukwenza, ngenxa yoko uzikhokela “ngokwesantya” sazo. (Genesis 33:14) Ngokufanayo uYehova ukhokela izimvu zakhe “ngokwesantya” sazo. Uyawazi amandla neemeko zethu. Eneneni, uyasilungelelanisa isantya sokwenza izinto, akafuni okungaphezu koko sinokukwenza. Ufuna senze izinto ngomphefumlo uphela. (Kolose 3:23) Kodwa kuthekani ukuba waluphele yaye akusakwazi kwenza oko wawukade ukwenza? Okanye kuthekani ukuba ugula kakhulu nto leyo ebangela ukuba ungakwazi ukwenza okungakumbi? Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova ufuna senze izinto ngomphefumlo uphela. Abantu abafani. Ukukhonza ngomphefumlo uphela kuthetha ukusebenzisa amandla akho ephela kangangoko unako enkonzweni kaThixo. Nangona ubuthathaka bunokuphazamisa isantya sethu, uYehova uyayixabisa indlela esimnqula ngayo ngomphefumlo uphela.—Marko 12:29, 30.
12. Nguwuphi umzekelo okuMthetho kaMoses obonisa ukuba uYehova ukhokela izimvu zakhe “ngokwesantya” sazo?
12 Ukuze ubone ukuba uYehova ukhokela izimvu zakhe “ngokwesantya” sazo, khawucinge ngeminikelo yetyala ekhankanywe kuMthetho kaMoses. UYehova wayefuna abantu banikele ngokuqhutywa ziintliziyo ezinombulelo. Kwangaxeshanye, kwakulindeleke ukuba umntu anikele ngokwamandla akhe. UMthetho wathi: ‘Ukuba akanako okwanele imvu, makazise amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amavukuthu.’ Kwakuthekani ukuba akanawo namantshontsho amabini amavukuthu? Wayenokuzisa ‘umgubo ocolekileyo.’ (Levitikus 5:7, 11) Oku kubonisa ukuba uThixo wayengafuni nto ingaphezu kwamandla alo mntu wenza umnikelo. Ekubeni uThixo engatshintshi, kufanele kusithuthuzele ukwazi ukuba nangoku akanakuze afune okungaphezu koko sinokukunikela; kunoko uyavuyiswa koko sinokukwazi ukumnika kona. (Malaki 3:6) Kuvuyisa ngokwenene ukukhokelwa nguMalusi onjalo!
“Andoyiki Nto Imbi, Kuba Unam Wena”
13. KwiNdumiso 23:4, uDavide uthetha njani ngendlela ebonisa ukuba unolwalamano olusenyongweni noYehova, yaye kutheni oku kungamangalisi nje?
13 UDavide uchaza isizathu sesibini sokuba abe nentembelo esisesi: uYehova uyazikhusela izimvu zakhe. Sifunda oku: “Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi, kuba unam wena; intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandithuthuzela.” (INdumiso 23:4) Ngoku uDavide uthetha ngendlela ebonisa ukuba unolwalamano olusenyongweni noYehova, kuba usebenzisa isimelabizo esithi “wena” xa ethetha naye. Oku akumangalisi, kuba uDavide uchaza indlela ancedwe ngayo nguThixo ukuze anyamezele ubunzima. UDavide wayehamba kwiintlambo ezininzi ezinethunzi elimnyama—apho ubomi bakhe babuphakathi kwenyama nozipho. Kodwa akazange avumele uloyiko lumongamele, kuba wayeqonda ukuba uThixo—‘ngentonga yakhe nomsimelelo wakhe’ wayenaye ukuze amkhusele. Ukwazi kukaDavide ukuba ukhuselwe kwamthuthuzela kwaza kwamsondeza ngakumbi kuYehova.b
14. Sisiphi isiqinisekiso iBhayibhile esinika sona ngokuphathelele indlela uYehova asikhusela ngayo, kodwa yintoni okungathethi yona oku?
14 UYehova uzikhusela njani izimvu zakhe namhlanje? IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba akukho mchasi—idemon okanye umntu—onokuzitshayela zithi tu izimvu zakhe emhlabeni. UYehova akanakuze akuvumele oko. (Isaya 54:17; 2 Petros 2:9) Noko ke, oku akuthethi kuthi uMalusi wethu uya kusikhusela kuyo yonke intlekele. Sijamelana nezilingo njengabo bonke abantu, yaye siyachaswa njengawo onke amaKristu okwenyaniso. (2 Timoti 3:12; Yakobi 1:2) Kukho amaxesha apho kuye kube ngathi ‘sihamba kwintlambo yethunzi elimnyama.’ Ngokomzekelo, siye sijongane nokufa ngenxa yentshutshiso okanye ukugula. Okanye ukugulelwa ngumntu de abe secicini lokufa okanye ade afe. Ngelo xesha libonakala ilixesha lobumnyama, uMalusi wethu uba nathi, yaye uyasilondoloza. Njani?
15, 16. (a) Ziziphi iindlela uYehova asinceda ngazo ukuze sihlangabezane neemvavanyo esijamelana nazo? (b) Balisa amava abonisa indlela uYehova asinceda ngayo ngamaxesha ovavanyo.
15 UYehova akathembisi ukuba uya kungenelela ngokungummangaliso.c Kodwa sinokuqiniseka ukuba: uya kusinceda soyise nawuphi na umqobo esijamelana nawo. Unokusinika ubulumko bokuhlangabezana “nezilingo ezahlukahlukeneyo.” (Yakobi 1:2-5) Intonga yakhe okanye umsimelelo umalusi akayisebenzisi nje ukuze agxothe utshaba, kodwa uyisebenzisa nasekubeni izimvu ziye kwindlela efanelekileyo. UYehova unokusikhokela, mhlawumbi esebenzisa omnye esikhonza naye asiluleke ngeBhayibhile kuze oko kutshintshe imeko yethu ngendlela ephawulekayo. Ukongezelela, uYehova unokusinika amandla ukuze sinyamezele. (Filipi 4:13) Ngomoya oyingcwele, unokusinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Korinte 4:7) Umoya kaThixo unokusinceda sinyamezele naluphi na uvavanyo lukaSathana. (1 Korinte 10:13) Ngaba akuthuthuzeli ukwazi ukuba uYehova usoloko ekulungele ukusinceda?
16 Ewe, kungakhathaliseki ukuba yiyiphi intlambo yethunzi elimnyama esizifumana sikuyo, akukho mfuneko yokuba sihambe sodwa. UMalusi wethu unathi, esinceda ngeendlela esingenakuziqonda kakuhle ekuqaleni. Cinga ngala mava omdala ongumKristu owafumanisa ukuba unethumba ebuchotsheni. Uthi: “Ndimele ndivume ukuba ekuqaleni ndandizibuza enoba uYehova undiqumbele okanye uyandithanda kusini na. Kodwa ndandizimisele ukuba ndingamshiyi. Kunoko, ndamchazela intlungu yam. UYehova wandinceda, wandithuthuzela esebenzisa abazalwana noodadewethu bokomoya. Abaninzi bandinceda ngokundibalisela indlela abaye bahlangabezana ngayo nesigulo esinganyangekiyo. Amava abo atsho ndaqonda ukuba andindedwa. Uncedo endandilufumana nobubele obuchukumisayo ababendenzela bona, konke oko kwandiqinisekisa ukuba uYehova akandiqumbelanga. Kakade ke, ndisalwa nesigulo sam, ibe andazi ukuba yozala nkomo ni. Kodwa ndiqinisekile ukuba uYehova unam yaye uya kuqhubeka endinceda kulo lonke olu vavanyo.”
“Ulungiselela Phambi Kwam Itafile”
17. UDavide umchaza njani uYehova kwiNdumiso 23:5, yaye kutheni oku kungangqubani nomzekeliso womalusi?
17 Ngoku uDavide uchaza isizathu sesithathu sokuba abe nentembelo kuMalusi wakhe: uYehova wondla izimvu zakhe, yaye ukwenza oko ngokuyintabalala. UDavide ubhala athi: “Ulungiselela phambi kwam itafile phambi kwabo babonisa ubutshaba kum. Intloko yam uyithambise ngeoli; indebe yam iyaphuphuma.” (INdumiso 23:5) Kule ndinyana, uDavide ufanisa uMalusi wakhe nomamkeli-zindwendwe onesisa olungiselela intabalala yokutya neziselo. Le mizekeliso mibini—umalusi onenyameko nomamkeli-zindwendwe onesisa—ayingqubani. Kakade ke, umalusi olungileyo umele azi apho anokufumana khona amadlelo aluhlaza namanzi aneleyo ukuze umhlambi wakhe ‘ungasweli nto.’—INdumiso 23:1, 2.
18. Yintoni ebonisa ukuba uYehova ungumamkeli-zindwendwe onesisa?
18 Ngaba uMalusi wethu naye ungumamkeli-zindwendwe onesisa? Akukho mathandabuzo kwaphela kuloo nto! Khawucinge nje ngokutya kokomoya okusemgangathweni, okuyintabalala nokuziintlobo-ntlobo esikunandiphayo ngoku. Esebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, uYehova uye wasilungiselela iimpapasho nocwangciso olwakhayo kwiintlanganiso, kwiindibano ezincinane nezinkulu—konke oko ekwenzela ukwanelisa intswelo yethu yokomoya. (Mateyu 24:45-47) Ngokuqinisekileyo sinentabalala yokutya kokomoya. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lavelisa izigidi ngezigidi zeeBhayibhile neencwadi zokufundisisa iBhayibhile, yaye ezo ncwadi ngoku zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-413. UYehova uye walungiselela iintlobo ezahlukahlukeneyo zoku kutya kokomoya—ukususela ‘kubisi,’ iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko, ukusa ‘ekutyeni okuqinileyo,’ iimfundiso zokomoya ezinzulu. (Hebhere 5:11-14) Ngenxa yoko, xa sijamelene neengxaki okanye kufuneka senze isigqibo esithile, sinokufumana kanye uncedo esilufunayo. Khawucinge nje ngemeko ebesiya kuba kuyo ukuba besingenako ukutya kokomoya. Ngokwenene uMalusi wethu ungoyena mondli unesisa!—Isaya 25:6; 65:13.
“Ndiya Kuhlala Endlwini KaYehova”
19, 20. (a) KwiNdumiso 23:6, uDavide uthi unayiphi intembelo, yaye sinokuba nayo njani loo ntembelo? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Emva kokuhlolisisa iindlela zoMalusi noMlungiseleli wakhe, uDavide uqukumbela ngelithi: “Ngokuqinisekileyo ukulunga nobubele bothando buya kundisukela yonke imihla yobomi bam; yaye ndiya kuhlala endlwini kaYehova imihla emide.” (INdumiso 23:6) UDavide uthetha ngokusuk’ entliziyweni ezaliswe ngumbulelo nokholo—unombulelo ngoko akwenzelwe kwixa elidluleyo yaye unokholo njengoko ejonge phambili kwikamva. Lo wayesakuba ngumalusi, uziva enqabisekile kuba esazi ukuba logama nje esasondele kuMalusi wakhe wasezulwini, ngokungathi uhleli endlwini yakhe, uya kusoloko enyanyekelwa nguYehova ngothando.
20 Sinombulelo gqitha ngamazwi amnandi abhalwe kwiNdumiso 23! Ayikho enye indlela ebhetele kunale uDavide ebenokuchaza ngayo indlela uYehova azikhokela, nazikhusela aze azondle ngayo izimvu zakhe. La mazwi kaDavide achukumisayo aye alondolozwa ukuze asinike intembelo yokuba nathi sinokumgqala uYehova njengoMalusi wethu. Ewe, logama sisondele kuYehova, uya kusinyamekela njengoMalusi onothando “imihla emide,” nangonaphakade. Noko ke, njengezimvu zakhe, sinembopheleleko yokuhamba noMalusi wethu omkhulu, uYehova. Kwinqaku elilandelayo siza kuxubusha oko kuthethwa koku.
[Imibhalo esemazantsi]
b UDavide waqamba iindumiso ezininzi edumisa uYehova ngokumhlangula ezingozini.—Ngokomzekelo, funda amazwi abhalwe ngentla kwiNdumiso 18, 34, 56, 57, 59, neyama-63.
c Funda inqaku elinomxholo othi “Xa UThixo Engenelela Sinokulindela Ntoni?” kwiMboniselo kaOktobha 1, 2003.
Uyakhumbula Na?
• Kutheni kufanelekile nje ukuba uDavide afanise uYehova nomalusi?
• UYehova usikhokela njani ngokuqonda?
• Ziziphi iindlela uYehova asinceda ngazo sinyamezele iimvavanyo?
• Yintoni ebonisa ukuba uYehova ungumamkeli-zindwendwe onesisa?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Njengomalusi wakwaSirayeli, uYehova ukhokela izimvu zakhe