IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 12/1 iphe. 17-19
  • Ukho Umvuzo Ekunyanisekeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukho Umvuzo Ekunyanisekeni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Musa Ukuzifihla Oko Ukuko
  • Ukunyaniseka Kunomvuzo
  • Yiba Nenyani Kuzo Zonke Izinto
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Nyaniseka Kwizinto Zonke
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Kutheni Kuluncedo Ukunyaniseka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Kuthetha Ntoni Ukuba Ngonyanisekileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 12/1 iphe. 17-19

Ukho Umvuzo Ekunyanisekeni

UKUNGANYANISEKI bekukho ukususela kumyezo wase-Eden. Sekunjalo, kusekho inkoliso yabantu abakuxabisayo ukunyaniseka nabajonga ukuxoka nokukhohlisa njengento elizothe nengamkelekanga. Yinto onokuziqhenya ngayo ukugqalwa njengomntu othembekileyo. Kodwa, iya isanda into yokugqala ukunganyaniseki njengento efunekayo ukuze uphile namhlanje. Uvakalelwa njani wena ngoko? Ngaba abantu bamele bazabalazele ukunyaniseka? Usebenzisa yiphi imilinganiselo ukuze wazi ukunyaniseka nokunganyaniseki?

Ukuze simkholise kakuhle uThixo, simele sinyaniseke kwintetho yethu nakwindlela esiphila ngayo. Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu wathi: “Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.” (Efese 4:25) Waphinda wathi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Injongo yokunyaniseka kwethu asikokunconywa ngabanye abantu. Sinyaniseka kuba sihlonela uMdali wethu ibe sifuna ukumkholisa.

Musa Ukuzifihla Oko Ukuko

Kumazwe amaninzi, abantu bayazifihla into abayiyo kuba benyeke okuthile. Bafumana amaxwebhu, izidanga nezazisi zomgunyathi ukuze bangene ngokungekho mthethweni kwamanye amazwe okanye bafumane umsebenzi okanye isikhundla esingabafaneliyo. Bambi abazali benzela abantwana babo izazisi zomgunyathi ukuze bafunde ixesha elingakumbi.

Noko ke, asinakuba ngabakhohlisi siphinde simkholise uThixo. IBhayibhile ithi uYehova ‘nguThixo wenyaniso’ olindele ukuba banyaniseke abo banolwalamano naye. (INdumiso 31:5) Ukuba sifuna ukuhlala sinolwalamano oluhle naye, asinakuxelisa “amadoda angenanyaniso,” abo “bazifihlayo oko bakuko.”—INdumiso 26:4.

Ixhaphakile into yokuba abantu bafihle inyaniso xa beqonda ukuba baza kohlwaywa ngempazamo yabo. Nakwibandla lobuKristu, umntu usenokulingeka ukuba axoke. Ngokomzekelo, kwelinye ibandla umfana othile wavuma kubadala ukuba wayenze isono esithile. Kodwa akavuma ukuba ubile nangona kwakukho ubungqina bokuba ukwenzile oko. Ekugqibeleni babhencwa ubuxoki bakhe waza wasuswa kubudlelane ebandleni. Ngaba kwakungayi kuba bhetele ukuba anyaniseke ngokupheleleyo ukuze ancedwe aphinde abe nolwalamano oluhle noYehova? Ngapha koko, iBhayibhile ithi: “Musa ukuyidelela ingqeqesho kaYehova, yaye ungatyhafi wakulungiswa nguye; kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha.”—Hebhere 12:5, 6.

Maxa wambi, umzalwana ofuna ukufanelekela iimbopheleleko ebandleni usenokuzama ukuzifihla iingxaki zakhe okanye indlela engafanelekanga awayeziphatha ngayo ngaphambili. Ngokomzekelo, xa ezalisa isicelo sokungenelela inkonzo ekhethekileyo usenokungafaki inkcazelo epheleleyo xa ephendula imibuzo ephathelele impilo nokuziphatha kwakhe, ecinga ukuba ukuchaza inyaniso kuya kwenza angamkeleki. Usenokuqiqa ngelithi, ‘Andikhange ndithethe buxoki,’ kodwa ngaba uye wanyaniseka wabachazela konke abanye? Cinga ngengongoma ekwiMizekeliso 3:32: “Umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.”

Okokuqala, ukuze sibe sinyanisekile, simele sinyaniseke kwiziqu zethu. Sidla ngokukholelwa esikufunayo kunokukholelwa okulungileyo okanye inyaniso. Yinto nje elula ukususa ityala kuthi silibeke komnye! Ngokomzekelo, uKumkani uSawule wazama ukuthethelela ukungathobeli kwakhe watyhola abanye. Ngenxa yoko, uYehova wamgatya ekubeni abe ngukumkani. (1 Samuweli 15:20-23) Wayengafani kwaphela noKumkani uDavide, owathandaza kuYehova wathi: “Ekugqibeleni isono sam ndisivumile kuwe, nesiphoso sam andisigubungelanga. Ndithe: ‘Ndiya kukuvuma ukunxaxha kwam kuYehova.’ Waza wena wasixolela isiphoso sezono zam.”—INdumiso 32:5.

Ukunyaniseka Kunomvuzo

Ukunyaniseka, nokunganyaniseki kunegalelo kwindlela abakujonga ngayo abanye. Bathi bakufumanisa ukuba ubakhohlisile, nokuba kukanye, bayeke ukukuthemba, ibe akubi lula ukuphinda bakuthembe. Kodwa, ukuba unyanisekile uzakhela igama elihle njengomntu onokuthenjwa. AmaNgqina kaYehova aye azenzela elo gama lihle. Khawucinge ngeminye imizekelo yoko.

Umphathi wenkampani waphawula ukuba abasebenzi abaninzi bayibetha olungophiyo inkampani leyo, ngoko wacela uncedo kwabakwantsasana. Wathi akuva ukuba phakathi kwabasebenzi ababanjiweyo kukho noliNgqina likaYehova, waya emapoliseni akhululwe ngokukhawuleza. Kwakutheni? Kungenxa yokuba wayesazi ukuba lalingumsebenzi onyanisekileyo yaye lalimsulwa. Waqhubeka esebenza apho, ngoxa abanye bagxothwayo. Amanye amaNgqina avuya gqitha, akuva ukuba ngenxa yendlela aziphatha ngayo igama likaYehova liye lazukiswa.

Abantu bayayibona ihambo entle. Kweny’ indawo, eAfrika abahlali babefuna ukulungisa ibhulorho enqumla kumgxobhozo omkhulu ekwakubiwe amaplanga ayo. Bagqiba ekubeni kuqokelelwe imali yokuthenga amanye, kodwa kwafuneka umntu owayeza kugcina loo mali. Bonke bavumelana ukuba loo mntu umele abe liNgqina likaYehova.

Xa kwavuka udushe lwezopolitiko nobuhlanga kwelinye ilizwe laseAfrika, elinye iNgqina elalisebenza kwicandelo lemali kwinkampani enamasebe kumazwe ngamazwe, loo nkampani yalithumela kwisebe layo elikwelinye ilizwe kuba ubomi balo babusesichengeni. Le nkampani yalungiselela ukuba lisebenze iinyanga ezininzi kwelinye ilizwe ngeendleko zayo de loo meko ithomalale. Kwakutheni? Kungenxa yokuba ngaphambili alizange livumelane negumgedle labantu ababefuna ukuyigqebha elingophiyo loo nkampani. Abaphathi bayo babekwazi ukunyaniseka kwalo. Ngaba babeya kulinceda ukuba lalisaziwa ngokunganyaniseki?

IMizekeliso 20:7 ithi: “Ilungisa lihamba ngengqibelelo yalo.” Umntu onyanisekileyo ngumntu ogcina ingqibelelo. Soze akhohlise okanye abethe abanye ngemf’ iphindiwe. Ngaba asiyondlela onqwenela ukuphathwa ngayo leyo wena ngabanye? Ukunyaniseka ngundoqo kunqulo lokwenyaniso. Yindlela esibonisa ngayo ukuba siyamthanda uThixo nabamelwane bethu. Ngokunyaniseka, sibonisa umnqweno wokuphila ngomgaqo wokuziphatha owachazwa nguYesu esithi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12; 22:36-39.

Maxa wambi, sisenokuba sengxakini ngenxa yokuhlala sinyanisekile, kodwa ukuhlala sinesazela esihle sokunyaniseka kubaluleke ngaphezu kwayo nayiphi na ingxaki enokubangelwa kukunyaniseka. Emva kwexesha, ukunyaniseka kuba nomvuzo ongathethekiyo. Inyaniso kukuba akunakuthelekiswa nanto ukuba nolwalamano oluhle noYehova. Kutheni usonakalisa olo lwalamano kuba nje ubaleka indlela oza kujongwa ngayo ngabantu okanye kuba ufuna ukuxhamla inzuzo engafanelekanga? Nabuphi na ubunzima esinokujamelana nabo, sinokuthembela kula mazwi omdumisi: “Inoyolo indoda eyomeleleyo ebeke inkoloseko yayo kuYehova nengabubhekisanga kubantu abadelelayo ubuso bayo, nakwabo baphambukela ebuxokini.”—INdumiso 40:4.

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

AmaKristu okwenyaniso akawathengi okanye awasebenzise amaxwebhu omgunyathi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share