IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 10/1 iphe. 3-4
  • Umlawuli Osisityebi Wenza Isigqibo Sobuyatha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umlawuli Osisityebi Wenza Isigqibo Sobuyatha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Nomlawuli Oselula Osisityebi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • UYesu Nomlawuli Oselula Osisityebi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • UYesu Uphendula Umlawuli Osisityebi
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • ‘Yiba Ngumlandeli Wam’​—Wayethetha Ukuthini UYesu?
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 10/1 iphe. 3-4

Umlawuli Osisityebi Wenza Isigqibo Sobuyatha

UMLAWULI osisityebi noselula wayenyanisekile, ewuthobela umthetho yaye eluthanda nonqulo. Weza kuYesu waza wawa ngamadolo wambuza: “Mfundisi Olungileyo, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

UYesu wathi ukuze afumane ubomi kwakufuneka agcine imithetho kaThixo. Xa wafuna ukwazi ukuba yiyiphi na loo mithetho, uYesu wathi kuye: “Uze ungabulali, Uze ungakrexezi, Uze ungebi, Uze unganikeli ubungqina bobuxoki, Beka uyihlo nonyoko, yaye, Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” Le yayiyimithetho ebalulekileyo eyayikuMthetho kaMoses. Lo mfana wathi: “Ndiye ndazigcina zonke ezi zinto; yintoni endisayisweleyo?”—Mateyu 19:16-20.

UYesu “waziva emthanda,” waza wathi: “Kukho nto inye uyiphosayo: Hamba, uye kuthengisa izinto onazo, unike amahlwempu, yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.”—Marko 10:17-21.

Ngoko nangoko, lo mfana wayefanele enze isigqibo esinzima. Wayeza kuthini? Ngaba ngokuzithandela wayeza kuncama ubutyebi bakhe aze abe ngumlandeli kaYesu, okanye wayeza kuhlala nezinto zakhe eziphathekayo? Ngaba wayeza kufuna ubutyebi basemhlabeni okanye obasezulwini? Kumele ukuba kwakunzima ngokwenene ukwenza eso sigqibo. Kucacile ukuba wayeluthanda unqulo, kuba wayewugcina uMthetho yaye efuna ukwenza okungakumbi ukuze amkholise uThixo. Wakhetha ntoni? “Wahamba ebuhlungu, kuba wayenezinto ezininzi.”—Marko 10:22.

Lo mlawuli uselula akazange akhethe ngobulumko. Ukuba wayenokuba ngumlandeli othembekileyo kaYesu, ngewayeyifumene into ayifunayo—ubomi obungunaphakade. Asazi ukuba kwaqhubeka ntoni ngaloo mfana. Kodwa ke, siyazi ukuba kwiminyaka engamashumi amane kamva, umkhosi wamaRoma wayiphanzisa iYerusalem nelakwaYuda. AmaYuda amaninzi aphulukana nobutyebi kwakunye nobomi bawo.

Ngokwahlukileyo kuloo mlawuli uselula, umpostile uPetros nabanye abafundi benza isigqibo sobulumko. ‘Bashiya zonke izinto’ baza balandela uYesu. Bangenelwa gqitha ngenxa yokwenza eso sigqibo. UYesu wabaxelela ukuba baya kwamkela okuninzi ngakumbi kunoko bakushiyileyo. Ngaphezu koko, babeya kufumana ubomi obungunaphakade. Babengayi kuzisola ngesigqibo abasenzileyo.—Mateyu 19:27-29.

Sonke sifanele senze izigqibo ebomini—ezingenamsebenzi nezibalulekileyo. Wathini uYesu ngezigqibo ezinjalo? Ngaba uza kulamkela icebiso lakhe? Ngokwenjenjalo, uya kusikelelwa ngokwenene. Ngoku makhe siqwalasele indlela esinokumlandela ngayo uYesu size singenelwe koko wakuthethayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share