IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 5/15 iphe. 21-25
  • Yenza Inkqubela Yokomoya Ngokuxelisa Umzekelo KaPawulos

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yenza Inkqubela Yokomoya Ngokuxelisa Umzekelo KaPawulos
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umkhwa KaPawulos Wokufundisisa
  • USawule Wafunda Ukuthanda Abantu
  • Indlela Awayezijonga Ngayo UPawulos
  • ‘Masilubaleke Ngonyamezelo’ Ugqatso Lobomi
  • Incwadi YeBhayibhile 44—IZenzo
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Ndimsulwa Egazini Labantu Bonke”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Ibandla ‘Laba Seluxolweni’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Yibani Nesibindi​—UYehova Uza Kuninceda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 5/15 iphe. 21-25

Yenza Inkqubela Yokomoya Ngokuxelisa Umzekelo KaPawulos

“Ndiwulwile umlo omhle, ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile.”—2 TIM. 4:7.

1, 2. Ziziphi iinguqu awazenzayo uSawule waseTarso ebomini, ibe nguwuphi umsebenzi obalulekileyo awaqalisa ukuwenza?

WAYEKRELEKRELE yaye engathi kusasa. Kodwa ke, ‘wayeziphatha ngokuvisisana neminqweno yenyama.’ (Efe. 2:3) Kamva wazichaza ‘njengomnyelisi, umtshutshisi nomntu osileyo.’ (1 Tim. 1:13) NguSawule waseTarso ke lo sithetha ngaye.

2 Ethubeni, uSawule wenza iinguqu ezibonakalayo kubomi bakhe. Wazishiya iindlela zakhe zangaphambili waza wasebenza nzima ukuze ‘angafuni ingenelo yakhe kodwa eyabona baninzi.’ (1 Kor. 10:33) Waba linene elithantamisayo nelinomsa kwabo babekade bezizisulu zakhe. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 8.) Esalek’ umsundulo wathi: “Ndaba ngumlungiseleli. . . . Mna mntu ungaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele, ndanikwa obu bubele bungasifanelanga, ukuze ndivakalise kuzo iintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu.”—Efe. 3:7, 8.

3. Yiyiphi indlela ekunokusinceda ngayo ukufundisisa iincwadi zikaPawulos nengxelo yobulungiseleli bakhe?

3 USawule, owayesaziwa ngokuba nguPawulos, wenza inkqubela ebalaseleyo yokomoya. (IZe. 13:9) Enye indlela enokusinceda senze inkqubela engakumbi enyanisweni kukufunda iincwadi ezabhalwa nguPawulos nengxelo yobulungiseleli bakhe size sixelise ukholo lwakhe. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 11:1; Hebhere 13:7.) Makhe sibone indlela ukwenjenjalo okuya kusikhuthaza ngayo sibe nesifundo sobuqu esizinzileyo, ukuze sihlakulele ukubathanda ngokwenene abantu, ngoxa sinembono efanelekileyo ngathi.

Umkhwa KaPawulos Wokufundisisa

4, 5. Ukufundisisa kwamnceda njani uPawulos?

4 NjengomFarisi owafundiswa ‘ezinyaweni zikaGamaliyeli wayalelwa ngokobungqongqo boMthetho wamanyange,’ uPawulos wayesele enalo ulwazi oluthile lweZibhalo. (IZe. 22:1-3; Fil. 3:4-6) Kanye emva kokuba ebhaptiziwe ‘waya kwelaseArabhiya’—mhlawumbi kwiNtlango yaseSiriya okanye kwenye indawo ezolileyo ekuSingasiqithi weArabhiya eyayifanelekele ukucamngca. (Gal. 1:17) Kuyabonakala ukuba uPawulos wayefuna ukucamngca ngezibhalo ezingqina ukuba uYesu unguMesiya. Ngaphezu koko, uPawulos wayefuna ukulungiselela umsebenzi awayeza kuwenza. (Funda IZenzo 9:15, 16, 20, 22.) Wenza unakonako ukuze acamngce ngezinto zokomoya.

5 Ulwazi nokuqonda iZibhalo uPawulos awakufumana kufundisiso lobuqu lwamenza wakwazi ukuyifundisa kakuhle inyaniso. Ngokomzekelo, ukuze uPawulos angqine ukuba uYesu wayenguMesiya kwindlu yesikhungu yakwa-Antiyokwe ePisidiya, wazicaphula ubuncinane kahlanu iZibhalo zesiHebhere. UPawulos waphinda wabhekisela kwizibhalo ezingcwele izihlandlo eziliqela. Iingxubusho zakhe zeBhayibhile zazinamandla kangangokuba “abaninzi bamaYuda nabangeni ebuYudeni ababenqula uThixo balandela uPawulos noBharnabhas” ukuze bafunde okungakumbi. (IZe. 13:14-44) Xa kweza kuye iqela lamaYuda aseRoma apho wayehlala khona kwiminyaka ethile kamva, uPawulos walicacisela izinto “ngokunikela ubungqina obucokisekileyo ngokuphathelele ubukumkani bukaThixo nangokusebenzisa ukweyisela kubo ngokuphathelele uYesu esusela kokubini emthethweni kaMoses nakubaProfeti.”—IZe. 28:17, 22, 23.

6. Yintoni eyanceda uPawulos wahlala omelele ngokomoya xa wayejamelene nezilingo?

6 Xa wayelingwa, uPawulos waqhubeka ehlolisisa iZibhalo yaye esomelezwa ngamazwi azo aphefumlelweyo. (Heb. 4:12) Ngoxa wayevalelwe eRoma ngaphambi kokuba abulawe, uPawulos wacela uTimoti ukuba amphathele ‘imisongo’ kuquka ethile “yesikhumba.” (2 Tim. 4:13) Kungenzeka ukuba leyo yimisongo yeZibhalo zesiHebhere eyayidla ngokusetyenziswa nguPawulos kufundisiso olunzulu. Ukufumana ulwazi lweZibhalo ngokuzifundisisa rhoqo kwakubalulekile ukuze uPawulos ahlale omelele.

7. Chaza iingenelo onokuzifumana ngokufundisisa iBhayibhile rhoqo.

7 Ukuyifundisisa rhoqo iBhayibhile, size sicamngce sinenjongo, kuya kusinceda sikhule ngokomoya. (Heb. 5:12-14) Malunga nokubaluleka kweLizwi likaThixo, umdumisi wathi: “Ulungile kum umthetho womlomo wakho, ulunge ngakumbi kunamawaka amaqhosha egolide nesilivere. Umyalelo wakho undenza ndilumke ngakumbi kuneentshaba zam, ngenxa yokuba ngowam ukusa kwixesha elingenammiselo. Ndizithintele iinyawo zam kuwo wonke umendo wobubi, ngenjongo yokuba ndigcine ilizwi lakho.” (INdu. 119:72, 98, 101) Ngaba unocwangciso lokufundisisa iBhayibhile? Ngaba uzilungiselela izabelo oseza kuzifumana kwinkonzo kaThixo ngokufunda iBhayibhile yonk’ imihla uze ucamngce ngoko ukufundayo?

USawule Wafunda Ukuthanda Abantu

8. USawule wayebaphatha njani abo bangekho kubuYuda?

8 Ngaphambi kokuba ngumKristu, uSawule wayenenzondelelo ngonqulo lwakhe, kodwa engabakhathalele abo bangekho kubuYuda. (IZe. 26:4, 5) Wayebukele ngomdla njengoko amanye amaYuda ayexuluba uStefano. Ukubulawa kukaStefano kumele ukuba kwamomeleza uSawule, mhlawumbi evakalelwa kukuba eso sisohlwayo esimfaneleyo. (IZe. 6:8-14; 7:54–8:1) Ingxelo ephefumlelweyo ithi: “USawule . . . waqhubana ngokuneengcwangu nebandla. Wayengenela izindlu ngezindlu, erhuqela phandle amadoda nabafazi, abanikele entolongweni.” (IZe. 8:3) ‘Wayede aye kubatshutshisa kwanakwizixeko ezingaphandle.’—IZe. 26:11.

9. Kwenzeka ntoni kuSawule ukuze atshintshe indlela awayebaphatha ngayo abantu?

9 Xa iNkosi uYesu yabonakala kuSawule, wayesendleleni eya eDamasko esiya kutshutshisa abafundi bakaKristu. Ubuqaqawuli boNyana kaThixo bamtsho uSawule akabona waza waxhomekeka kwabanye. Xa uYehova wathumela uAnaniyas ukuba avule amehlo kaSawule, yayisele itshintshe ngokupheleleyo indlela uSawule abajonga ngayo abantu. (IZe. 9:1-30) Akuba ngumlandeli kaKristu, walwa nzima ukuze aphathe bonke abantu njengoYesu. Oku kwakuthetha ukuyeka ukuba ndlongondlongo aze abe “noxolo nabantu bonke.”—Funda eyabaseRoma 12:17-21.

10, 11. UPawulos wabonisa njani ukuba ubathanda ngokunyanisekileyo abantu?

10 UPawulos akazange aneliswe nje kukuba seluxolweni nabanye abantu. Wayefuna ukubabonisa ukuba ubathanda ngokunyanisekileyo, ibe ukushumayela kwamnika elo thuba. Kuhambo lwakhe lokuqala lwabathunywa bevangeli, washumayela iindaba ezilungileyo eAsia Minor. Nakuba wachaswa ngokukrakra, uPawulos namahlakani akhe banikela ingqalelo ekuncedeni abalulamileyo bamkele ubuKristu. Babuyela eListra naseIkoniyo, nakuba abachasi bezo zixeko bazama ukubulala uPawulos.—IZe. 13:1-3; 14:1-7, 19-23.

11 Kamva, uPawulos neqela lakhe bakhangela abanotyekelo olufanelekileyo kwisixeko saseFilipi iMakedoni. Omnye owaguqukela ebuYudeni, uLidiya, waziphulaphula iindaba ezilungileyo waza wangumKristu. Abasemagunyeni bababetha uPawulos noSilas ngeentonga baza babaphosa entolongweni. Kodwa, uPawulos washumayela kumgcini-ntolongo kwaza oko kwaphumela ekubeni yena nentsapho yakhe babhaptizwe babe ngabakhonzi bakaYehova.—IZe. 16:11-34.

12. Yintoni eyanceda uSawule osileyo abe ngumpostile onothando kaYesu Kristu?

12 Kwenzeka njani ukuba uSawule owayengumtshutshisi amkele unqulo lwamaxhoba akhe? Yintoni eyabangela ukuba loo ndoda isileyo ibe ngumpostile onobubele nothando, okulungeleyo ukubeka ubomi bakhe esichengeni ukuze afundise abanye ngoThixo noKristu? UPawulos ngokwakhe uchaza athi: “UThixo, . . . wandibiza ngabo ububele bakhe obungasifanelanga, wacinga ukuba kulungile ukumtyhila uNyana wakhe kum.” (Gal. 1:15, 16) Ebhalela uTimoti, uPawulos wathi: “Ndenzelwa inceba [ukuze] njengoko imeko yam yayibalasele uKristu Yesu abonakalise ngam konke ukuzeka kade umsindo kwakhe, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye ukuze bazuze ubomi obungunaphakade.” (1 Tim. 1:16) UYehova wamxolela uPawulos, ibe ukufumana obo bubele bungamfanelanga nenceba kwamenza wabonisa uthando kwabanye ngokushumayela kubo iindaba ezilungileyo.

13. Yintoni emele isenze sithande abanye, yaye sinokukubonisa njani oko?

13 UYehova uyazixolela nezethu izono neempazamo. (INdu. 103:8-14) Umdumisi wabuza oku: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdu. 130:3) Ngaphandle kwenceba kaThixo, akukho namnye kuthi obeya kuxhamla le nkonzo ingcwele, okanye akhangele phambili kubomi obungunaphakade. Sonke siye sancedwa bububele obungasifanelanga bukaThixo. Ngenxa yoko, njengoPawulos, simele sithande abanye ngokushumayela kubo, sibafundise inyaniso size someleze abazalwana bethu.—Funda IZenzo 14:21-23.

14. Sinokulandisa njani ixesha esilichitha entsimini?

14 UPawulos wayefuna ukutyhalela phambili nobulungiseleli beendaba ezilungileyo yaye umzekelo kaYesu wayichukumisa intliziyo yakhe. Phakathi kweendlela uNyana kaThixo awalubonisa ngazo uthando olungenakulinganiswa ebantwini kukushumayela kwakhe. UYesu wathi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:35-38) UPawulos wenza ngokuvisisana naso nasiphi na isicelo asenokuba wasenza sabasebenzi abangakumbi ngokuthi yena abe ngumsebenzi onenzondelelo. Kuthekani ngawe? Ngaba akunakuyiphucula indlela oshumayela ngayo? Okanye akunakwandisa ixesha olichitha entsimini, mhlawumbi uhlengahlengise iimeko zakho ukuze ube nguvulindlela? Masibonise uthando lokwenene kwabanye ngokubanceda ‘babambelele ngokuqinileyo kwilizwi lobomi.’—Fil. 2:16.

Indlela Awayezijonga Ngayo UPawulos

15. UPawulos wayezijonga njani xa ezithelekisa namanye amaKristu?

15 Njengomlungiseleli ongumKristu, ikho nenye indlela awasimisela umzekelo obalaseleyo ngayo uPawulos. Nakuba wafumana amalungelo amaninzi kwibandla lamaKristu, wayesazi kakuhle ukuba akunyanzelekanga awafumane yaye akawafumananga ngenxa yobuchule awayenabo. Wayeqonda ukuba iintsikelelo azifumanayo wazifumana ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo. UPawulos wayeqonda ukuba namanye amaKristu angabalungiseleli abanobuchule beendaba ezilungileyo. Nakuba wayenegunya phakathi kwabantu bakaThixo, waqhubeka ethobekile.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:9-11.

16. UPawulos wakubonisa njani ukuthobeka nokuthozama kumba wolwaluko?

16 Cinga nje ngendlela uPawulos awalungisa ngayo ingxaki eyayikwisixeko saseSiriya yakwa-Antiyokwe. Ibandla lamaKristu apho lalahlulelene kumba wolwaluko. (IZe. 14:26–15:2) Ekubeni uPawulos wamiselwa ukukhokela ekushumayeleni kwiiNtlanga ezingalukanga, usenokuba wacinga ukuba uyakwazi ukuphatha abo bangengomaYuda ibe ngenxa yaloo nto ukufanelekele ukucombulula loo ngxaki. (Funda eyabaseGalati 2:8, 9.) Noko ke, akuwa phantsi kwimigudu yakhe, ngokuthobeka nokuthozama, wasebenzisa amalungiselelo awayekho waya kubuza kwiqumrhu elilawulayo eYerusalem ukuze lixubushe lo mba. Wasebenzisana ngokupheleleyo nalo yaye njengoko amalungu alo ayephulaphule, afikelela kwisigqibo aza amenza omnye wabathunywa bawo. (IZe. 15:22-31) Ngoko uPawulos ‘wakhokela ekuboniseni imbeko’ kwabo akhonza nabo.—Roma 12:10b.

17, 18. (a) UPawulos wayevakalelwa njani ngabo basebandleni? (b) Sifunda ntoni ngoPawulos kwindlela abasabela ngayo abadala base-Efese xa wayebashiya?

17 UPawulos othobekileyo akazange aziphakamise kubazalwana noodade ebandleni. Wamanyana nabo. Kumqukumbelo weleta eya kwabaseRoma, wabulisa abantu abangaphezu kwama-20 ebabiza ngamagama. Abaninzi kubo abaphinde bakhankanywe naphi na kwiZibhalo, yaye bambalwa kubo ababenezabelo ezikhethekileyo. Kodwa babengabakhonzi abanyanisekileyo bakaYehova yaye uPawulos wayebathanda ngokwenene.—Roma 16:1-16.

18 Ukuthobeka nokuba nobuhlobo kukaPawulos kwawomeleza amabandla. Emva kokuba edibene nabadala base-Efese okokugqibela, “bawela entanyeni kaPawulos baza bamanga, ngenxa yokuba babenziwe buhlungu ngokukodwa lilizwi awayelithethile lokuthi babengasayi kububona ubuso bakhe.” Ngebabengazange bakwenze oko ukuba bashiywa yindoda enekratshi nephakamileyo.—IZe. 20:37, 38.

19. Sinokukubonisa njani “ukuthobeka kwengqondo” kwindlela esiphatha ngayo amanye amaKristu?

19 Bonke abafuna ukwenza inkqubela ngokomoya bamele bathobeke njengoPawulos. Wabongoza amaKristu ukuba ‘angenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, ebagqala abanye njengabongamileyo kunawo.’ (Fil. 2:3) Sinokusithobela njani eso siluleko? Enye indlela kukusebenzisana nabadala bebandla, sithobele ulwalathiso lwabo size sixhase izigqibo zokugweba abazenzayo. (Funda amaHebhere 13:17.) Enye indlela kukuxabisa bonke abazalwana noodade esikhonza nabo. Amabandla abantu bakaYehova adla ngokubunjwa ngabantu beentlanga, inkcubeko neemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Ngaba asimele sifunde ukubaphatha bonke ngokungenamkhethe kanye njengoPawulos? (IZe. 17:26; Roma 12:10a) Sikhuthazwa ukuba ‘samkelane, kanye njengokuba noKristu wasamkelayo nathi, ngokubhekisele kuzuko lukaThixo.’—Roma 15:7.

‘Masilubaleke Ngonyamezelo’ Ugqatso Lobomi

20, 21. Yintoni eya kusinceda silubaleke ngempumelelo ugqatso lobomi?

20 Ubomi bomKristu bunokufaniswa nogqatso lomgama omde. UPawulos wathi: “Ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile. Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kuthi iNkosi, umgwebi olilungisa, indinike sona njengomvuzo ngaloo mini, kanti ingendim kuphela, kodwa kwanabo bonke abo bakuthandayo ukubonakaliswa kwayo.”—2 Tim. 4:7, 8.

21 Ukuxelisa umzekelo kaPawulos kuya kusinceda silubaleke ngempumelelo ugqatso lobomi obungunaphakade. (Heb. 12:1) Masenze konke esinako ukuze siqhubeke sisenza inkqubela yokomoya ngokuba nocwangciso lokufundisisa, ngokubathanda ngokunyanisekileyo abanye nangokuqhubeka sithobekile.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• UPawulos wancedwa njani kukufundisisa rhoqo iZibhalo?

• Kutheni kubalulekile nje ukuba amaKristu okwenyaniso abathande abantu?

• Ziziphi iimpawu ezinokukunceda ubaphathe ngokungenamkhethe abanye?

• Umzekelo kaPawulos uya kukunceda njani usebenzisane nabadala bebandla lakho?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Yomelezwa ziZibhalo kanye njengoPawulos

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Bonisa uthando kwabanye ngokubashumayeza iindaba ezilungileyo

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ngaba uyayazi into eyabangela ukuba uPawulos athandwe ngabazalwana bakhe?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share