Sondela KuThixo
UThixo Okulungeleyo Ukuxolela
“KUBA wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5) Ngala mazwi achukumisayo, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uYehova uThixo uxolela ngesisa. Isiganeko esenzeka kumpostile uPetros sibonisa ngokucacileyo ukuba uYehova “uxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.
UPetros wayengomnye wamaqabane kaYesu asenyongweni. Kanti ngobusuku bokugqibela bukaYesu esemhlabeni, uPetros wonganyelwa luloyiko waza wenza isono esinzulu. Entendelezweni eyayikude kufuphi nendawo awayemangalelwe kuyo uYesu, uPetros wamkhanyela izihlandlo ezithathu. Emva kokumkhanyela isihlandlo sesithathu uYesu ‘wajika wamjonga.’ (Luka 22:55-61) Ngaba unokuyicingela indlela awayevakalelwa ngayo uPetros njengoko uYesu wayemjongile? Esakubuqonda ubunzulu besono sakhe uPetros “woyisakala wasuka walila.” (Marko 14:72) Lo mpostile waguqukayo usenokuba wayezibuza enoba wayexolelwe na nguThixo emva kokukhanyela uYesu kangangezihlandlo ezithathu.
Emva kokuvuswa kwakhe uYesu wancokola noPetros, lo ncoko yasusa nawaphi na amathandabuzo mayela nokuxolelwa kwakhe. Akazange athethe naye rhabaxa okanye amgxeke. Kunoko wabuza uPetros wathi: “Uyandithanda na?” UPetros waphendula wathi: “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndinomsa ngawe.” UYesu wathi: “Yondla iimvana zam.” UYesu wambuza kwalo mbuzo isihlandlo sesibini yaye uPetros waphendula ngendlela efanayo, mhlawumbi egxininisa ngakumbi kwesi sihlandlo. UYesu wathi: “Yalusa amatakane am ezimvu.” UYesu wabuza lo mbuzo okwesihlandlo sesithathu: “Unomsa na ngam?” “UPetros waba buhlungu” waza wathi: “Nkosi, wena uyazazi zonke izinto; uyaqonda ukuba ndinomsa ngawe.” UYesu waphendula wathi: “Yondla amatakane am ezimvu.”—Yohane 21:15-17.
Kwakutheni ukuze uYesu abuze loo mibuzo ukuba wayesele ezazi iimpendulo? UYesu wayekwazi ukufunda iintliziyo ngaloo ndlela wayesazi ukuba uPetros wayemthanda. (Marko 2:8) Ngokumbuza le mibuzo uYesu wanika uPetros ithuba lokuba amqinisekise ukuba wayemthanda izihlandlo ezithathu. UYesu waphendula ngokuthi: “Yondla iimvana zam. . . . Yalusa amatakane am ezimvu. . . . Yondla amatakane am ezimvu.” La mazwi amqinisekisa lo mpostile uguqukileyo ukuba wayesathenjwa. Emva kwale ngxubusho uYesu wayalela uPetros ukuba anyamekele izinto zakhe ezixabisekileyo—abalandeli bakaYesu abanjengezimvu. (Yohane 10:14, 15) UPetros ufanele ukuba wahlaziyeka akufumanisa ukuba wayesathenjwa nguYesu.
Licacile elokuba, uYesu wamxolela lo mpostile. Ekubeni uYesu ekwazi ukubonisa iimpawu zikaYise ngokugqibeleleyo, sinokuqonda ukuba uYehova naye wamxolela uPetros. (Yohane 5:19) UYehova “ukulungele ukuxolela” aboni abaguqukayo kuba unguThixo onenceba. Ngaba akukhuthazi oko?