‘Amehlo Aqaqambileyo’ KaYehova Ahlolisisa Bonke Abantu
“Amehlo aqaqambileyo [kaYehova] ahlolisisa oonyana babantu.”—INDU. 11:4.
1. Ngabantu abanjani esitsaleleka kubo?
UVAKALELWA njani ngabantu abakuthanda ngokunyanisekileyo? Abaveza uluvo lwabo ngobunjalo balo xa ubacela. Abangazibandeziyo kananjalo xa ucela uncedo. Abakucebisa ngothando xa kuyimfuneko. (INdu. 141:5; Gal. 6:1) Ngaba akuziva utsalelekile kubantu abanjalo? Unjalo kanye ke uYehova noNyana wakhe. Xa sitheth’ inyaniso, akakho umntu onokuze akuthande ngendlela abakuthanda ngayo, yaye abayenzi loo nto benyeke enye into; eyona nto bayifunayo kukukunceda ‘ufumane ubomi benene.’—1 Tim. 6:19; ISityhi. 3:19.
2. UYehova unomdla kangakanani kubakhonzi bakhe?
2 Umdumisi uDavide wachaza indlela uYehova asithanda ngayo xa wathi: “Amehlo [kaYehova] ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa oonyana babantu.” (INdu. 11:4) Eneneni, uThixo akapheleli nje ekusijongeni, kodwa uyasihlolisisa. Kanti uDavide wathi: “Uyigocagocile intliziyo yam, uyivelele ebusuku . . . Uya kufumanisa ukuba andicebanga nto.” (INdu. 17:3) Licacile elokuba, uDavide wayeyiqonda indlela uYehova amthanda ngayo. Wayesazi ukuba wayeya kumkhathaza gqitha uYehova xa ekuceba ukwenza isono okanye ayile amayelenqe. Ngaba uYehova ungumntu wokwenene kuwe kanye njengokuba wayenjalo kuDavide?
UYehova Ubona Intliziyo
3. UYehova ulubonisa njani kuthi ulwazelelelo njengoko singafezekanga?
3 Eyona nto anomdla kuyo uYehova, koko sikuko ngokwenene ngaphakathi. (INdu. 19:14; 26:2) Ngenxa yothando lwakhe, akasinqali ngeentsilelo nje ezingephi. Ngokomzekelo, xa uSara umfazi ka-Abraham engazange athethe inyaniso kwingelosi eyayibatyelele, le ngelosi yaqonda ukuba uSara uyoyika yaye uphoxekile, ngoko yamnika nje isiluleko esingephi. (Gen. 18:12-15) Xa usolusapho uYobhi wavakalisa ukuba “umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo,” uYehova akazange ayeke ukumsikelela, kuba waqonda ukuba uYobhi wayebandezelwe gqitha nguSathana. (Yobhi 32:2; 42:12) Ngokufanayo, uYehova akazange akhathazwe kukuthetha phandle komhlolokazi waseTsarefati kuEliya. UThixo wayiqonda into yokuba wayesentlungwini yokulahlekelwa ngumntwana ekuphela kwakhe.—1 Kum. 17:8-24.
4, 5. UYehova walubonisa njani ulwazelelelo kuAbhimeleki?
4 Ngenxa yokuba ehlolisisa intliziyo, uYehova ubonisa ulwazelelelo nakwabo bangakholwayo. Cinga nje ngendlela awamphatha ngayo uAbhimeleki, ukumkani wesixeko samaFilisti saseGerare. Engaqondi ukuba uAbraham noSara batshatile, uAbhimeleki wathabatha uSara ukuze amenze umfazi wakhe. Noko ke, ngaphambi kokuba uAbhimeleki abe neentlobano zesini naye, uYehova wathi kuye ephupheni: “Nam ndiyazi ukuba ukwenze ngentliziyo enyanisekileyo oku, ndaza ke ndakunqanda ukuba ungoni kum. Kungenxa yoko le nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise. Ngoko ke mbuyisele umfazi wale ndoda, kuba ingumprofeti, kwaye iya kukwenzela isikhungo. Ngoko qhubeka uphila.”—Gen. 20:1-7.
5 Ngokuqinisekileyo, uYehova ngewayemohlwaye qatha uAbhimeleki owayenqula oothixo bobuxoki. Kodwa wabona ukuba le ndoda yayikwenze ngokunyaniseka oko. Ngolwazelelelo uYehova wabonisa lo kumkani indlela awayenokuxolelwa ngayo aze ‘aqhubeke ephila.’ Ngaba akuvuyiswa kukunqula uThixo ololo hlobo?
6. UYesu wamxelisa ngaziphi iindlela uYise?
6 UYesu wamxelisa ngokugqibeleleyo uYise, enikela ingqalelo kwizinto ezintle ezazisenziwa ngabafundi bakhe yaye ekulungele nokuxolela iimpazamo zabo. (Marko 10:35-45; 14:66-72; Luka 22:31, 32; Yoh. 15:15) Indlela awayesenza ngayo izinto ibonakala kakuhle kumazwi akhe akuYohane 3:17 athi: “UThixo wamthumela uNyana wakhe ehlabathini, kungekhona ukuba aligwebe ihlabathi, kodwa ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.” Eneneni, uYehova noYesu basithanda ngokwenene yaye baya kuqhubeka besenjenjalo. Loo nto ibonakala kwisibakala sokuba benqwenela ukuba sifumane ubomi. (Yobhi 14:15) Olo thando lusichaza kakuhle isizathu sokuba uYehova esihlolisisa, asijonge ngendlela asijonga ngayo aze enze ngokuvisisana noko akubonayo.—Funda eyoku-1 kaYohane 4:8, 19.
Usihlolisisa Ngothando
7. UYehova usihlolisisa ngayiphi injongo?
7 Kuphosakele ngokupheleleyo ukucinga ukuba uYehova ulipolisa elisezulwini elijonge ukona kwethu ukuze lisibambe. Oyena mntu unjalo, ungaboni nto intle nohlala esigxeka nguSathana. (ISityhi. 12:10) Ude asityhole ngokuba neenjongo ezingafanelekanga nakuba kungenjalo. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5) Umdumisi wathi xa ethetha ngoThixo: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdu. 130:3) Kakade bekungayi kubakho namnye! (INtshu. 7:20) Kodwa uYehova usijonga ngeliso elinenceba nobubele njengomzali onenkathalo ofuna ukukhusela abantwana bakhe abathandekayo. Usoloko esilumkisa ngokungafezeki nobuthathaka bethu ukuze siphephe ukuzenzakalisa.—INdu. 103:10-14; Mat. 26:41.
8. UYehova ubafundisa aze abaqeqeshe njani abakhonzi bakhe?
8 Uthando lukaThixo lubonakala kwindlela asifundisa nasiqeqesha ngayo ngeZibhalo nangokutya kokomoya akulungiselela ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45; Heb. 12:5, 6) Enye indlela asinceda ngayo uYehova libandla lamaKristu ‘nezipho zalo ezingabantu.’ (Efe. 4:8) Ukongezelela koko, uYehova unikela ingqalelo kwindlela esisabela ngayo, kuqeqesho asinika lona yaye ukulungele ukusinceda ngakumbi. INdumiso 32:8 ithi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” Ngoko ke, kubaluleke gqitha ukuba sihlale simphulaphula uYehova! Simele sihlale sizithoba kuye, sikhumbula ukuba unguMfundisi noBawo wethu onothando.—Funda uMateyu 18:4.
9. Yiyiphi imikhwa esifanele siyiphephe yaye ngoba?
9 Kwelinye icala, ngamana singangaze sibe ngoontamo-lukhuni ngenxa yekratshi, ukuswela ukholo, okanye “amandla akhohlisayo esono.” (Heb. 3:13; Yak. 4:6) Amaxesha amaninzi, le mikhwa iqala xa umntu eneengcamango okanye iminqweno engafanelekanga. Usenokude angasifuni isiluleko esimncedayo seZibhalo. Okubi nangakumbi kukuba, usenokude abambelele kweso simo sengqondo sakhe singathandekiyo okanye iindlela ezimbi de abe lutshaba lukaThixo—imeko embi ngokwenene ke leyo. (IMize. 1:22-31) Cinga nje ngoKayin, izibulo lika-Adam noEva.
UYehova Ubona Yonke Into Aze Athabathe Amanyathelo
10. Kwakutheni ukuze uYehova angakholiswa ngumnikelo kaKayin, yaye uKayin wasabela njani?
10 Xa uKayin noAbheli bezisa kuYehova iminikelo yabo, uYehova wayengenamdla kwizipho zabo kuphela, kodwa nakwiintshukumisa ababenazo. Ngenxa yoko, uThixo wakholiswa ngumnikelo ka-Abheli kuba wanikelwa ngokholo, ngoxa engazange akholiswe ngokaKayin, owabonisa ukungabi nalukholo kwakhe, ngandlel’ ithile. (Gen. 4:4, 5; Heb. 11:4) Kunokuba afunde kweso siganeko aze atshintshe isimo sengqondo sakhe, uKayin wavutha ngumsindo ngakumntakwabo.—Gen. 4:6.
11. Yintoni eyabonisa ukuba intliziyo kaKayin inenkohliso yaye kusifundisa ntoni oko?
11 UYehova wasibona eso simo sengqondo siyingozi waza ngolwazelelelo wathetha noKayin, emchazela ukuba xa wayenokwenza okulungileyo wayeya kuphakanyiswa. Okubuhlungu kukuba, uKayin waligatya elo cebiso loMdali wakhe waza wambulala umntakwabo. Intliziyo eyonakeleyo kaKayin yantanywa yimpendulo engenambeko kumbuzo kaThixo othi: “Uphi na uAbheli umntakwenu?” UKayin waphendula wathi: “Andazi. Ndingumlindi womntakwethu yini na?” (Gen. 4:7-9) Intliziyo inenkohliso engathethekiyo—ingade isenze sigatye nesiluleko esingqalileyo esivela kuThixo! (Yer. 17:9) Simele sifunde kwiingxelo ezifana nale size sikhawuleze ukugatya iingcamango neminqweno engafanelekanga. (Funda uYakobi 1:14, 15.) Xa sifumana icebiso elisuka eZibhalweni, kwanga singalixabisa size silijonge njengembonakaliso yothando lukaYehova.
Akukho Sono Sifihlakeleyo Kuye
12. UYehova usabela njani xa kusenziwa okubi?
12 Bambi basenokuvakalelwa kukuba, xa kungekho mntu ubabonileyo besona, banokubhungca kwisohlwayo. (INdu. 19:12) Xa sithetha inyaniso, asikho isono esifihlakeleyo. “Zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Heb. 4:13) UYehova nguMgwebi ohlolisisa ezona ntshukumisa zeentliziyo zethu, yaye ulungisa ubungendawo esebenzisa okusesikweni okugqibeleleyo. ‘UnguThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.’ Sekunjalo, abo bangaguqukiyo ‘akakhe abenze msulwa befanelwe sisohlwayo’ ngoxa ‘beqhelisela isono ngabom’ okanye bekhohlisa. (Eks. 34:6, 7; Heb. 10:26) Oku kwabonakala kwindlela uYehova awenza ngayo kuAkan nakuAnaniyas noSafira.
13. Kubonakala ukuba ukucinga phosakeleyo kwaba naliphi igalelo kwisono sika-Akan?
13 Esaphula umyalelo kaThixo ngabom, uAkan wazithabathela izinto ezithile kwisixeko saseYeriko waza wazifihla kwintente yakhe, kucaca phofu ukuba intsapho yakhe yayisazi ngaloo nto. Sathi sakubhencwa isono sakhe, kwabonakala ukuba uAkan ebebazi ubunzulu baso, kuba wathi: “Ndonile kuYehova.” (Yosh. 7:20) Kanye njengoKayin, uAkan wayenentliziyo eyonakeleyo. Eyona ngxaki ka-Akan yayikukubawa, yaye loo nto yabangela ukuba akhohlise. Ekubeni ayemele anikelwe kuYehova amaxhoba aseYeriko, uAkan wayesiba izinto zikaThixo, ibe yena nentsapho yakhe babulawa ngenxa yoko.—Yosh. 7:25.
14, 15. Kwakutheni ukuze uThixo angakholiswa nguAnaniyas noSafira, yaye sifunda ntoni thina kuloo nto?
14 UAnaniyas nomfazi wakhe, uSafira babengamalungu ebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala eYerusalem. Emva kwePentekoste yowama-33 C.E., kwasekwa ingxowa-mali yokunyamekela iintswelo zabo babesandul’ ukuguquka eYerusalem bevela kwimimandla ekude. Le ngxowa-mali yayixhaswa ngeminikelo yokuzithandela. UAnaniyas wathengisa intsimi waza wanikela ngenxalenye yaloo mali. Noko ke, umfazi wakhe wayesazi ukuba, uzenza ngathi unikele ngayo yonke. Akuthandabuzeki ukuba, esi sibini sasifuna ukujongelwa phezulu libandla. Kodwa sasikhohlisa. Ngendlela engummangaliso, uYehova wamtyhilela umpostile uPetros ngobu buqhetseba, yaye wabuza uAnaniyas ngale nto ayenzileyo. Kwangoko uAnaniyas wawa phantsi wafa. Kungethuba lide emva koko, noSafira wafa.—IZe. 5:1-11.
15 UAnaniyas noSafira abazange baqutyulwe bubuthathaka nje kuphela. Baqulunqa ububi baza baxoka bezama ukukhohlisa abapostile. Okubi nangakumbi, ‘baxokisa umoya oyingcwele noThixo.’ Indlela awasabela ngayo uYehova ibonisa ngokucacileyo ukuba ukulungele ukukhusela ibandla kubahanahanisi. Ngokwenene, “kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo”!—Heb. 10:31.
Gcina Ingqibelelo Ngalo Lonke Ixesha
16. (a) USathana uzama njani ukonakalisa abantu bakaThixo? (b) Ziziphi iindlela ezisetyenziswa nguMtyholi kwindawo ohlala kuyo?
16 USathana wenza nantoni na anokuyenza ukuze asonakalise size siphulukane nenkoliseko kaYehova. (ISityhi. 12:12, 17) Iinjongo ezimbi zikaMtyholi zibonakala kakuhle kwihlabathi, elithe tii kukuziphatha okubi ngokwesini nogonyamelo. Ngoku imifanekiso yamanyala sele ifumaneka lula kwiikhompyutha nakwezinye izixhobo zobugcisa. Ngamana singangaze sinikezele kwezo ntlaselo zikaSathana. Kodwa, ngamana singatsho amazwi afana nawomdumisi uDavide owathi: “Ndiza kwenza ngokunengqiqo ngendlela engenasiphoso. . . . Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam ngaphakathi endlwini yam.”—INdu. 101:2.
17. (a) Kutheni uYehova ekugqibeleni ebhenca izono ezifihlakeleyo? (b) Simele sizimisele entwenini?
17 Namhlanje, uYehova akazibhenci ngokungummangaliso izono ezinzulu nenkohliso njengokuba wayekhe enjenjalo ngaphambili. Sekunjalo ubona yonke into aze ayibhence ngexesha lakhe elifanelekileyo. UPawulos wathi: “Izono zabanye abantu zibonakala ekuhleni, zikhokelela ngqo ekugwetyweni, kodwa ezabanye zibonakala kamva.” (1 Tim. 5:24) Eyona njongo kaYehova ekubhenceni izono luthando. Uyalithanda ibandla yaye ufuna ukuligcina linyulu. Ngaphezu koko, ubonisa inceba kwabo baye baqutyulwa sisono kodwa abasele beguquke ngokwenene. (IMize. 28:13) Ngoko masizame ukulondoloza intliziyo epheleleyo kuThixo size siphephe zonke iimpembelelo ezonakalisayo.
Hlala Unentliziyo Epheleleyo
18. UKumkani uDavide wayefuna avakalelwe njani unyana wakhe ngoThixo?
18 UKumkani uDavide wathi kunyana wakhe uSolomon: “Uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo nangomphefumlo onoyolo; kuba uYehova uyazigocagoca zonke iintliziyo, akuqonde konke ukutyekela kweengcamango.” (1 Kron. 28:9) UDavide wayefuna ukuba unyana wakhe enze okungaphezu kokukholelwa nje kuThixo. Wayefuna uSolomon ayiqonde indlela uYehova abaxabisa ngayo abakhonzi bakhe. Ngaba nawe umazi ngolo hlobo uYehova?
19, 20. Ngokutsho kweNdumiso 19:7-11, yintoni eyanceda uDavide wasondela kuThixo yaye thina sinokumxelisa njani uDavide?
19 UYehova uyazi ukuba abantu abanotyekelo olufanelekileyo baya kutsaleleka kuye baze bachukunyiswe kukwazi iimpawu zakhe ezintle. Yiyo loo nto, uYehova efuna simazi size siqhelane nobuntu bakhe obumangalisayo. Sikwenza njani oko? Ngokufundisisa iLizwi lakhe nangokufumana iintsikelelo zakhe.—IMize. 10:22; Yoh. 14:9.
20 Ngaba ulifunda yonke imihla iLizwi likaThixo, unoxabiso uze uthandazele ukuba likuncede? Ngaba uyakubona ukubaluleka kokuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile? (Funda INdumiso 19:7-11.) Ukuba kunjalo, ukholo lwakho kuYehova nokumthanda kwakho kuya kuqhubeka kukhula. Ibe yena uya kusondela ngakumbi kuwe aze ahambe nawe ngokungathi ukubambe ngesandla. (Isa. 42:6; Yak. 4:8) Ngokwenene, uYehova uya kukubonisa indlela akuthanda ngayo ngokukusikelela aze akukhusele ngokomoya njengoko uhamba kwindlela emxinwa esa ebomini.—INdu. 91:1, 2; Mat. 7:13, 14.
Ungaphendula Uthini?
• Kutheni uYehova esihlolisisa nje?
• Yintoni eyabangela ukuba abathile babe ziintshaba zikaThixo?
• Sinokubonisa njani ukuba uYehova ungumntu wokwenene kuthi?
• Sinokwenza njani ukuze sihlale sinentliziyo epheleleyo kuThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UYehova usinyamekela njani njengobawo onenkathalo?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Yintoni esiyifundayo kumzekelo ka-Ananiyas?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Yintoni eya kusinceda siqhubeke sikhonza uYehova ngentliziyo epheleleyo?